Title
eng Iii. Eyomvumo (ISIG_1885-01-01_i006)
Found in Newspaper
Article Type
xho Announcement
SubType of Article
eng Celebration
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-01-01
Identifier
eng ISIG_1885-01-01_i006
Word Count
eng 594
Print Page
eng ISIG_1885-01-01_p003
Page Spread
eng 3.2-4.1
Start Page of Article
eng 3
End Page of Article
eng 4
Print Column
eng 2
eng 1
Coder
eng Sipile Nqiyama
Kudla ngokuti kulomzi uyi Lovedale, ekupeleni komnyaka kubeko izinto ezimnandi zokuqosheliswa. Umhla we 28th ka November, e Lovedale apa nase Alice awuyi kufumane ulityaIwe. Kude kwati kona ngolosuku Iwe 28th November, 1884, kwancama ukuyola, kwapata kuba lusizi ngamanye amaxesha. Ukuyola kubangwe kuqala yindawo yokuba, bonke ababantu babevuma, ngabantsundu bodwa, Enye indawo ebangele uvuyo kuye wonke umntu otand' uhlanga, yile yokuba umntu ofundisa ababantu ukuvuma kakuhle kangakanana ngumntu ontsundu u Mr. J. K. Bokwe. Bewagcina amaxesha afunekayo, bengaxokozeli ukuvuma kwabo, kuba uninzi, luba oyena mntu uvuma kakuhle ngopakamisa ngapezu kwabanye, nokuba seletswina ngokwe hanguna, nokuba selenza amabavumo aziwa kupela kwi kwaya lezinja anconywe noko. Namhla kule ezonto bezingeko. Ndati ndakuti tu emnyango, nde nqumama ndetu kwindlu evatiswe kakuhle, izele ngabantu abatsha kwanabakulu. Isel' iyingcobo entle kunene kulendlu, ibuto lihleli ngacalanye ijaka ngelinye icala, sel' iyintw' entle kunene. Baye abafundisi, belapa. Aye kungela amaqela ngamaqela amanene namane- nekazi avela e Dikeni paya (Alice.) Yaye lendlu ihonjiswe ngamagotyana emiti, emihlana, injijivana ezivumba limnandi kunene. Kwaye kunjalo nje sonke amehlo sesiwatsalele pambili paya. Kute kusenjalo langena elijaka liza kuvuma, abantsundu bodwa. Bepetwe yinkosi yabo umfo oyitwaseleyo lento ikuvuma nokuvumisa. Livunyiwe elokuqala, hai zangcwenga inyembezi sati angati ukuba ayakuba nje onke ibe yintsomi. Kute kusenjalo lakuyekwa elo, kupa omnye wabafundisi, omane esiti ezitubeni alese imbali. eyati ukuvu- melana kwayo nezingoma yayincamisa. Yayenyi' nto ke leyo. Ababantu ukuvuma kwabo basuke ngababini, okanye asuke abemnye, zekuti kwakufika ndawen' itile limkaulele lonk' ijaka ngento emnandi kunene. Andizange ngapambili ndive ukuvuma okulungelelene ngoluhlobo kwimvumo zabantsundu, imitswino nokuvungama ezonto zingeko, kuba asililo ngoku ixesha lo: ' Ncuk' isejojweni,' no ' Et'ibaty'am leyo.' Kute kusiya ekupeleni sasite nka, sesifane sakangela, intliziyo zibuhlungu, zine zinqala ezendeleyo, sakucinga ukuba kanene aba benjenje ngaba ntsundu bodwa. Asilulo nohlanga ukuba luhle olu luntsundu, xa luzipete kakuhle, luyenza into njengoko ibifanele ukwenziwa. Yintw' eyabeta ndalibala nokuba kuko izinto ezingo zindlala, omalanga ukubalela, ozi ngqakaqa, kwabonakala indawo enye, nantsi: ''Makowetu ! tumelani kunene kule seshoni izayo udodana nomtinjana esikuleni, Iwonke obeluseluko apa kade zenilutumele, nolutsha, nigalele kunene. Musani ukubonela abantwana nibazala, Ati akuqala ukuzivelela intaba zelizwe lakwa Mfundo, esazibona elundini, emfankungweni, esiteketa ukusiteta, nokusibala, nokusilesa isi Ngesi niti nina hayi ngoku unyana wam sityudeni intombi yam sityudenikazi upumelele kuviwo Iwo Titshala wazuza isiqiniselo. Ezo ke zinkalo ati tu kuzo ukuze abone ukuba naliya ilizwe elinentaba ezinde, ezintle, zinamariwa aluhlaza. Nenzanina makowetu ukwenjenjalo? Xake bakulo ntanga yemfundo, kuxa basemagxwala, basarola baserwada abakavutwa. Fanukuba inxenye yenu yenziwa kukuba ningekabeva befunda. bevuma, bashicilela ozincwadi, becwela bekanda besitini. Nimane nina nisiva marerere, nabake beze apa abaziqondi kakuhle ezozinto njengomntu ohleli kufupi nendawo zemfundo. Imfundo yinyamekeleni ngapezulu kwoku mabandla akowetu, asiyiyo nento ukunyusa uhlanga nibonanje. Musani ukuyigaxazelela niyopule iserwada indodana nokuba yintombazana. Nokutya akulungi kwakwopulwa kurwada, kuyacekiseka kumntu wonke xa kunjalo. Yabonanike ikwanjalo imfundo encinane, ifana nokudla okurwada. Imbi, ayifuneki, ayitandeki, kuba iyaqumbela njengokutya okungavutwanga kuqumbela umntu okudlilevo; izeke izihlobo zake sive into embi, nebuhlungu, ziti, lomntu udlisiwe. Ikwanja- loke lemfundwana incinane. Yiyo lento abazali abaninzi bati bakonakala abantwana babo, ngokuqunjelwa yiyo lemfundwana yale minyakana imbalwa, balile ngemfundo, endaweni yokulila ngeliti, bafa abantwana betu ngama ram-ramana empokwe zemfundo esibakupe esikuleni, inxenye idubule nti isapokwe, bati ke, kuba nani nisazi ukuba wonke umntu uyazi ukuba impokwe zokuqala zikolisa ngokubola, kutiweke intanga zisabolisa. Kukwanjalo emfundweni makowetu. Tumelani abantwana emfundweni, eli lixesha lemfundo. Lipelile elamapulo, amaleqe, imidudo, imitshilo, imingqungqo, imisino, elo lidlule kwatwasa elemfundo. Umntu eposiwe lixesha lo- kuhlwayela into etile ngexa layo usileleke ngoko, akavuni luto. Uti okumbule mva selidlule elona xa lifanelekileyo Iokulima, kutshaze oko kudla kwake, wumbi angafumani nengumza ezi, agqibe ngalomitwane abeke wayifumana, zi- tshaze zonke ezo mpuzi kwa nayo yonke lonke ibilinyiwe. Ukutshoke nditi nyamekelani imfundo.