Title
eng Icebetshu Lokusinda (ISIG_1885-01-01_i012)
Found in Newspaper
Article Type
xho Editorial
SubType of Article
eng Accidents
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-01-01
Identifier
eng ISIG_1885-01-01_i012
Word Count
eng 128
Print Page
eng ISIG_1885-01-01_p006
Page Spread
eng 6.2
Start Page of Article
eng 6
Print Column
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
ICEBETSHU LOKUSINDA.— Kute nga Cawa itile kwako kali itile ipuma e Tekwini (Durban) e Natal ibeka kwindawo ekutiwa yi point. Makuti kwakubon' ukuba kuxa idzulileyo lekali, sezingxatile tu inkabi zamahashe, suke gqi umntu kwalapa epetwe kubi yinja, waye ikali le engazi 'nto ngayo. Suke yati yakubon' ukuba selikwalapa, yay'ingenako nokujikwa, waqala ukuyibona, akwabi sabako kumbi, waselesuke esuka umtsi, wati akubon' ukuba kuxa sele ziletile, watshiwo kunene ntliti yi desilboom le wakuti shwenye ngapantsi; wati umbexeshi ebefuna ukulunguza akabi nako ngokukauleza kwamahashe, kodwa ke ikali ubesel' eyibrekile. Bate aba bakwele kule kali balindela ukuti fanel' ukuba utiwe sukusuke tu ; kanti baya kuti tu xa arubuluzayo ngesisu esiti gqi pakati kwevili ezi engena- yo nento le, ngapandle kwendawana ebixuzuke esandleni ngokunyatelwa lihashe. Bati ababeyibonela lonto licebetshu elalilibi limanyumnyezi kanye.