Title
eng Izinto Ngezinto (ISIG_1885-01-01_i013)
Found in Newspaper
Article Type
xho Announcement
SubType of Article
eng News Reports
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-01-01
Identifier
eng ISIG_1885-01-01_i013
Word Count
eng 669
Print Page
eng ISIG_1885-01-01_p007
Page Spread
eng 7.2
Start Page of Article
eng 7
Print Column
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
INGQAKAQA.—Ngase Monti sekufe abantu ababini, unina nomntwana. INGQAKAQA.—E Cumakala kuvakala ukuba selingene ingqakaqa. UKUNGAPILI KUKA HON. J. AYLIFF.—Silusizi ukuva ukuba impilo yake ayiqubeli pambili kakuhle, izihlobo zake sezinesitukutezi ngalondawo. UBUSELA E KAPA.—Inkoliso yamatyala avakala ngakona ngawokuba inkoliso yawo. Siqonda tina ukuba kambe eyona nto inkulu asikukubiwa kwempahla ehambayo kupela, hleliwenje kanti kubiwa nezambatwayo ngokufanayo. PESHEYA KWE NCIBA.—Ezimarkeni kukalwa ngesokuncola koboya obuvela Pesheya kwe Nciba. Kutiwa selide nenani loboya latotywa ngenxa yoko. Okuke konke kuhlambulula inteto ka ' Tand' Uhlanga ' ye Sigidimi esidluleyo. NGASE Kobonqaba ngapa, siva ukuba kuko kona umtikazi omkulu we Orange obukulu bumangalisayo. Kutiwa inxenye yamasebe makulu kangangokude abe nokwenza i disselboom yenqwelo.ye Transport. Kunconywa nokuqama kwawo kananjalo. OTYAPAKE NGEBAQO.—Kutiwa ngapa ngase Free State kuko indodana etyapake iliso, ngokuti ib'ilungisa intsimbi yamaxesha, ezi zona zinkulu, kwasuka kwapuluka isitshixo saqekeza i glass, elite ke elinye iceba leyo langena larazula imbumbulu yeliso. Yaba iyatyapaka njalo londoda. PAMBI KWE JAJI e Rini kutiwa yati enye yamadoda awaye enikwe ityala lo kuxela inkunzi yenkomo yafama litile, aza ke ngoko atiwa nka ngeminyakazana yomitatu, ite nxa ipumayo inkewu ematyaleni, isingisa kumnini nkomo. ' Uze ube utyebisa inkomo ezo zako wena, ndakupuma, ndako- mula ngenye kade.' Yininale! EZAKWA ZULU.—Ama Bulu akwa Zulu kubonakala ukuba afuna ukunga anganobuhlobo no Rulumente wa Pesheya. Liti ke eli kutiwa yi Cape Times, indawo enjalo ingeyikutazwa ngendlela emfutshane, le yokuba kungeni- swe i St. Lucia Bay ize ke ngoko umhlaba wakwa Zulu ube utwatyululwe ukuze zide zipele ezinkatazo ziba pakati kwama Bulu nama Tshaka. UBU KRISTU E JAPAN.—Kuko inteto eqiniselayo, ede yashicilelwa e Japan eti, inani labaguqukileyo likufupi kumawaka angamashumi asibozo (80,000). Kwelo nanike amawaka amashumi matandatu (60,000) ngama Roman Catholic, ke amawaka amashumi amabini ngama Protestant (iremente ezicasene neyase Roma). Inani leya ma Grike alimiswa kodwa ke likwa likulu. UHLOBO OLUTSHA LOKOHLWAYA AMASELA, siluva luka- nkanywa e Qonce. Kutiwa lidubule nge tyuwa. zeke lizifumane intlungu, kuba nakuba ingapuli tambo ibulale ziyakuma zona; kwaye kunjalo nje lingayi kuya kumangala ndawo, kuba lisazi ukuba alinacala Iona lingaya ngakulo, ngapandle kokuya kubikela amanye, ayakutike wona oyike ngakumbi ukubuya aye ngelocala. OVUVWE UMLENZE —Ngakwa Komani umlungu umfo abati ngu Botha wayeya kugaula izibonda ngamhla utile kunye namadoda atile, ute ke, kuba kwakushushu, esapumle pantsi komti, ukuba konakele pina, kwavakala kuqengqeka ilitye entla kwake ate engakabi nakusuka ayepi lakwela, into ke etsho yawuvuva tu omnye umlenze malungana entla kwedolo. Umlenze lowo ulungiselelwa ukunqunyu- Iwa. OKATYWE WADA WAFA.—Ngapa ngase Cradock siva ukuba ngamini itile ipolisa ladibana nenye indoda engu Mxosa ebonakele ukuba yeyase mzini. Lifike ngokubuza i Pass. Hayi ute omnye, ' Unamsebenzi mnina wena wokude undibuze i Pass ndisityebi nje mna? ' Jikejike yabonakala indoda leyo seyibeteleka endlwini gqi nomnqa- yazana, yekake! Kute noko ke kwanga liyapelelwa ipolisa lada ekugqibeleni lakupa ngonyawo, ncoro elucabangeni endodeni leyo, yaya yefolokohlo, kanti ke seyikupela. NAKULUMKA BAFUYI.—Ukutyumba—siva kutiwa u Mr. George Luke wase Rini ute kwifandesi ebelisand' ukubako, watenga amatokazi amabini, waqesha ndodana apa yaseMamfengwini ukuba izigoduse izise e Harmans, e Nxuba, kanti ke kugqibelana nazo oko kude kube yile mini. Uvel' esiti emapepeni , ' Bonisani, aningemboni na u Nyale into ka Ntshabalala, utyumbe inkomo zam umntu ondilandisileyo ndingamnika neponti.' Lumka ke Nyale kusahleliwe emkondweni wako, ingabi ufike wasel' utwala, waza wazi- lobola! UKUDLIWA.—Luti ucingo kusand' ukudliwa ndodana apa kutiwa ngu Thomas Dick, yadliwa £5—iti ingenazo ihlale intsuku ezimashumi matatu entolongweni ngokuhlal' inxila. Ite ke xa seligwetyiwe, xa selisemnyango yabuza umbuzo oti, ' Yinina ukuba nenze into enje nina magwa- ngqa, ukumane nisitengisela ibulanti tina bantu bantsundu ngabom? Nanku sendigwetyelwe ukuya kusebenza nzima inyanga yonke ngenxa yenu. Musani ukusitengisela lento, asisoze sibe nto yimbi kunale siyiyo ngoku, nide lento niyeke ukusitengisela.' Iti ke eny' into kwelopepa, ' Lityala likabani ke elo ? '—Journal. UKUTEMBEKA INTO ENTLE.— Kute kwa Loliwe e Sitishi sase Kapa, wati umvuleli akut' ukuti ukuvula kwi fas-klasi, Yo! nangu umqulu wamapepa ayimali axabiso linga makulu amane £400. Lemali uyingenise kwaoko egumbini le nkosi ye sitishi, kute ke kwaputuzwa kunene ukufunwa umnini wale mali, wafunyanwa lo mnumzana, wayinikwa imali leyo. Suke lomnumzana nqadalala, waye enjalo nje engumfo onesisa, wamti ngqi ngeshumana lesheleni umvu- leli lowo ngalo nxamleko yake. Siyoyika londoda iya kuzivuza ngokwayo kamva, ngokungakutazwa nguwabo amncedileyo.