Title
eng Ukububa Kuka Tunyiswa Ndungane (ISIG_1885-02-02_i004)
Found in Newspaper
Article Type
xho Announcement
SubType of Article
eng Deaths
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-02-02
Identifier
eng ISIG_1885-02-02_i004
Word Count
eng 163
Print Page
eng ISIG_1885-02-02_p003
Page Spread
eng 3.1
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 1
Coder
eng Sipile Nqiyama
UKUBUBA KUKA TUNYISWA NDUNGANE. Sibika ukububa kuka TUNYISWA umfo ka NDUNGANE wase Cwengcwe. Kumzuzti engumlali, enengqangqambo ezinkulu. Ute kutsha nje waya kunyana e Tsojana ngokufuna umoya wenye indawo, kodwa ke uye sesimpakamele isifo; akabanga nakuncedeka. Wadlula ngosuku Iwa 23 Iuka December. Mhla wemka wati maze abuliselwe kumfundisi wake, u Rev. B. Ross wa Pantsi kwa Mahlati, nosapo Iwake, nakwamanye amadoda amakulu entlanganiso, nakwibandla lonke elikoliweyo; wati umka etembe ukuba uya kubabona bonke befika kulo ndawo aya kuyo. Lomfo ub'enendawo ezibalulekileyo ebu Kristwini bake. Eyokuqala, ubezicasile kanye into zobuheyideni, ub'ebona ukuba ziyatshabalalisa ngokuba zezemvelo endala engavumaniyo no Tixo, ubengazicengi ngakuba izezasekaya. Eyesibini indawo, ubeyinyamekele kakulu imfundo. Wabasa kuyo bonke abantwana bake. Kwaba zintombazana waka wanga unalomoya wokuti ngabantu basemzini. Wabuya wabona akuti umfundisi, ukuba ubafundisile woba uncede umsebenzi we Nkosi, noko uncede umzi wasemzini. Wazisa ke zonke intombi zake emfundweni. Ngoku ebesifa nje wati, ' Ubenyanisile umfundisi ukuti mandizifundise intombi zam; ngabona bantu bandincedayo.' Akwaba bebenje ngaye ngezondawo zombini bonke abahambisi bomsebenzi we Nkosi kweli lizwe.