Title
eng Izinto Ngezinto (ISIG_1885-02-02_i007)
Found in Newspaper
Article Type
xho Announcement
SubType of Article
eng News Reports
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-02-02
Identifier
eng ISIG_1885-02-02_i007
Word Count
eng 1533
Print Page
eng ISIG_1885-02-02_p005
Page Spread
eng 5.2-7.1
Start Page of Article
eng 5
End Page of Article
eng 7
Print Column
eng 2
eng 1
Coder
eng Sipile Nqiyama
EZALE KOLONI. U REV. J. MACKENZIE ubekise e Barkly West ngokumalunga nemicimbi yela Bahlambeli. Kutiwa ubiziwe ngu. Col. Warren. INDLALA.—Liti ipepa lakwa Adam Kok, bade bababini abe Sutu, bexela abantwana babo abancinane bebapeka, babatye inqwalatyisi. Obu budlabantu bubangwe yindlala. U HON. J. AYLIFE, COLONIAL SECRETARY onesi sifo kutiwa yi rheumatics, ubekise e Ngilane ngenxa yamayeza. Bonke akutandabuzeki ukuba baya kuvuya ukuba ute wakauleza ukubuya kwake epilile nokupila. UMSEBENZI.—Liti ipepa lase Qonce: Abantu abantsundu bakohliwe kukuyihlaula irafu ngenxa yokuswela imali, kanti noko abafuni kusebenza. Bati bakohliwe apo bangawufumana kona, kanti u Mr. Geo. Pauling ufuna amakulu amatandatu amadoda, nge 3s ngemini, aze indawo yokulala ayifumane kwakuye. Aye kusebenza la Loliwe wase Gqili; ke akafumani mntu noko. UKUQOBISA — Liti ipepa lase Bofolo kute ngobusuku be Nebidyala, kwako gqiza labantsundu likwi shumi linambini inani, lauzibela umzi lo pakati kobusuku, lipetwe nto apa iti ukuzibiza ingu Capt. Springbok. Ezo nkewu ziyile kuzo zonke izindlu zatna Bulu, ziwamemeza ziwa- nqangazela ngamagama awo, zisiti: ' Pumani ma Bulu,' zatsho zati ukumka kwazo ya ngama tyo tyo tyo Koko ama Bulu ayembalwa kulo mzana, ngekubeko isipitipiti.. , AMARE AMABI,—Liti ipepa lase Bofolo, kuko amare okuba kuko umXosa obetwe wade wafa ngama Bulu. Kutiwa kute ngase Mpofu, kwakukwele mafama mabini ehamba ngomendo lo wakomkulu, suke aqubisana nale ndoda, liti elinye i Bulu lilingise ngale nqatshi yalo. Um Xosa, uhlanganise wade wagoqa ngentonga zake abe zipete. Yinto ke leyo ebete ama Bulu ayoba yimisindo, ate kuqala amwisa pantsi ngelitye, andulake ukumduda ngoko Ntliziyo-tye. Lomfo ke ubulewe koko kundilatwa, ufile kwapela. IPEPA lase Bafu libalisa ngengxoxo ebipakati kom Lungu ne Bulu, ekute kuyo lakalazela indawo yemfundiso eyenzeIwa abamnyama ngabafundisi, abe wona namanye amafama engayizuzi imfundiso enjalo, latsho lakalazela nendawo yokuba abamnyama befundiselwa ukuba bayiqonde indawo yokuti nabo bawalwele amalungelo abo, obuvoti, okunyula abatanda ukunyula bona, nakuba londawo liti ukuyiteta, abamnyama basuke kuba bengazinto sebe mane bexelelwa kutiwe 'ze ninyule utile, suke be wo kuye bonke, bengazi nokuba ngumntu oluhlobo lunina, eya kubenzela ntonina kanjalo. UMPANGA.—Kwindlu ka Tshawe kuwe omnye wemiti emikulu, amapepa anikelana ngokubikela ihlabati ngokububa kwalo nkosi ingu Ngangezwe. Wanga unyana wake omkulu osele nesikundla. sake angati ukuwupata kwake umzi ka Hala, ka Tembu, ka Ngcwangu, ka Tshawe, awupate ngokuwululekela endaweni yokuluqonda, ulululamele ulaulo avelele pantsi kwalo. Wanga angalungelwa ekulauleni kwake pantsi ko Mntan'Omhle; apulapule iziyalo zoyise o Nyawontle aba bondle bayala, basindisa uyise kumabona ndenzile elipakade, wade watshonanje namhla. Unga angalumkela indawo yokubapata abantu ngoburalarume. UKUKUTSHWA EBU VOTINI.—Liti ipepa lase Qonce ke kwako intlanganiso enjalo yokukupa amagama atile enanini lobuvoti. Ite ke into ka Mabandla yacela kwa u Mr. R. W. Rose Innes, kuba kwesi sitili bekusaleka amagama ama 225, waye u Mbovane lowo waye kwele nama 30 amadoda. Kwatike kuba abacasi balomagama bengavelanga, aba ayangena njalo lawo magama U Mr. Innes, kwakuba pandle ute abantu abebengeko masebebulela umteto, okanye maze baqondiswe ukuba kungati emva kweminyaka emibini babuye bamangalelwe. Ke ngoko maze babeko bonke ukuza kubonisa ilungelo abanalo nabo ekuvoteni. U Mbovane ute ke waposa amazwi okubulela ku Mr. Innes ngokubamela, kuba wayeko nalamini wayetetelela eyase Dikeni, waye emazi nokuba umkuluwe wake u Advocate Innes, M.L.A., yonke imicimbi emalunga nabamnyama uyinonelele kanye, nokuba abamnyama ubalungele. Kwa- hlukene ngelisisiyalo ku Mr. Innes eyaleza kwalandawo ebete maze ilunyukelwe kuba ingabuye yenzeke emva kwe minyaka emibini, babulele ke abantsundu batembisa ukuba bowuxelela wonke umzi ngezondawo. EZELIPEZULU. KUVAKALA nokuba u Mushwete uyayi kanyela indawo yokuba umhlaba wake ube wunikele pantsi kwama Bulu. UMLILO.—E Bloemfontein kutiwa kutshe indlu kwa ne shop yomcweli zati nqu, kodwa impahla enje ngozitulo isi- ndile. Kutiwa zezika Mr. J. Smith. KWELA MA BULU.—Ke kwako intlanganiso ye Africand¬er Bond e Potchefstroom, kwagqitywa ngendawo zokuba kubeko umanyano olute ncam pakati kwe Free State ne Transvaal. KUKO amare okuba u Sir Charles Warren asikupela komsebenzi lo awunikwe pesheya wokulungisa lemicimbi yela Bahlambeli, ute oko ebepesheya wayikankanya lendawo yobume bakwa Zulu, ekungati angati efezile apa abekise kwelo. IZOPU EZISHUSHU.—Liti ipepa lase Fauresmith, izopu ezibushushu bunefutaniselo, zitshabalalisa zivela entshona- langa, ke zaninzi kweli kwezi nyanga ntatu zidluleyo. Into okute ukuba i embile yamanzi ibekwe pandle, itshe qoko, kungasali netontsi. AMASELA KWELA BAHLAMBELI.—Eza nkomo zilikulu elinamanci amatandatu zakwa Mankoroane, zazimke nama Bulu ase Stellaland, lawo masela abanjiwe amatandatu o Cleghorn, Webers nabanye. Asiwe pambi kwe Mantyi yase Vryburg ngetyala lobusela. AMA BULU E LUSUTU.— Kuvakala amare okuba ama Bulu avakalise ku Besutu indawo yokuba bavingce amazibuko bevingcela ama Ngesi kuba eza kuhluta ubukosi babo (abe Sutu). Ingaba abe Sutu bovuma ukukohliswa bubumenemene bama Bulu na betu? INKOMO YEYELE!—Kutiwa ama Bulu awomela kwela Bahlambeli apo ingqongqo ilindelwe ukungati iyakuba kona. Kutiwa ingxawa iyalala ku ma Bulu ase Goshen, kuba ixesha eli ebeyigcogelela; kutiwa ahleka ayayateke akuva kutiwa aza kugxotwa ngo Nojokwe, amabandla ako Nibe. UKUPANGA—Liti ipepa lase Dayimani ke kwapangwa i Bulu eligama lingu Boshoff, litwale ifulara ezisuka e Colesberg zisiya e Kimberley ngenqwelo ezine. Liyituleke imitwalo, lite mazipume inqwelo lobuye lilandele lakuyifumana imali. Liteke lakuti tu ngase Resisini, kwetu imigxadalala yenkabi zamahashe ikwelwe zinto zone, zasezifika sezijolisile kade ngale mipana mifutshane kuye, zisiti: ''Ukuba ubucopo bako usabutanda, rola yonke lomali.' Liputuzele layiti rutyu yonke kwaoko, iponti ezi £125. Bajika kwaoko abaf' abakulu babekisa kwase Kimberley. EZOMHLABA.—Izitili zabantsundu ezinje nge la Besutu, la Mampondo, nela Bahlambeli, zite kwa kulonyaka udluleyo, zamane zinezipitipitana zemfazwe. Ela Bahlambeli Iona lenziwe kungenelwa ngabapangi abamhlope, abahambe beziketela imihlaba emihle kulomhlaba, bazenza abaniniwo wonke abawudakadileyo. ISAQWITI.—Kuke kwafika isaqwiti esikulu, esibete utuli Iwacima ilanga kwapantsa ukuti shinyi ubumnyama, zati zona izindlu zentsimbi zemka, nezifulelwe ngayo, be tu lomifulelo, zada zalishumi elinesine ezibe njalo, zati i tank zamanzi zabukuqwa, zati i varanda zakwayilonto. Inkulu indleko eyenzekileyo kulomzi, nasemi mnxunyeni ekumbiwa kuyo i dayimani. UKUMKA NOMLAMBO.—Kumke inqwelo yeposi namahashe ayo kumlambo ekutiwa yi Crocodile kodwa iposi ibuye yafumaneka. Bekuko nabantu ebebe kwele kuyo u Mr. de Vogel nonyana wake, no Miss Webb. Kuko ulure lokuba imizimba yabo ifumanekile ezantsi, imayile ezilishumi elinezibozo ukusuka kwelo zibuko bemke kulo, kodwa londawo isatandatyuzwa. E FREE STATE kubaleke amakonxwa, awashiya ewabu- shulisile ukuwapanga amadindala. Kutiwa amanye ebeke enjenjalo esuka e Jabosdal esiwa e Bosofu, suke awati qwaka qwaka abeka pantsi kumapolisa, awapanga oziwotshi nemali, ade awakulula nengubo ngamandla, awanxiba ezo zawo zobukonxwa, andula ke ukunyantsula emke, ewashiya lomapolisa ukuba kusale kubanjwa wona zizibo- nda. U PRESIDENT KRUGER, NO SIR CHARLES WARREN.—Ati amapepa amhla ngolwesi-Ne evekini, ngosuku Iwe 15 January, 1885, u President Kruger wase Transvaal uvelise indawo yokuhlangana no Sir Charles Warren wati kungalunga nokuba kuse Bloemhof, nokuba kuse Christiana, nokuba yiyipina indawo eyobalungela bobabini. Ute u Sir Charles Warren, angavuya ukuhlangana naye e Barkly West. EZASE NATAL. UMNYAMANA, isalela lenduna zakwa Zulu ngoku upilile. Kwake kwatiwa ufile, utakatiwe. UKUZIBULALA.—Umfo ogama lingu May, ute enxila wa- linga ukuzibulala, wayifaka imela emqaleni, wati qwenge kunene kwa ngayo esiswini. Ubeke engumntu osela kuhle kuqala. UBUHLWEMPU.—Kalokunje ubuhlwempu obukoyo emzi- ni wase Tekweni (Durban) bubonakala ukuba buvelise amagqiza amanyangaza, izinto esezi ngo Malibenje ukuba nokugqoba izindlu. IFUTE.— Kutiwa kufe abantu abatatu e Natal, bafunyenwe befele esiseleni sombona kutiwa babulewe lelifute lompunga osakuba sesiseleni xa sivingciweyo sine nto, nokuba sesi likobo xa sivingciweyo singangeni moya mtsha. UMBANE.— Liti ipepa lase Natal kwehla ingozi embi kwifama ka Milichan, eno Mr. J. Allison ngoku. Kute emva kwedinala, kwindlu ebi nabantu abalishumi linanye bengaba ntsundu, kwaye kududuma kunene; suke menye umbane, wangena kuyo lendlu, wayitshisa. Kwafa abantu abahlanu kwaoko, abatatu bazi nxwelera, kwati kwenye indlu watatyatwa omnye umfo waposwa ngamandla kwelinye icala lendlu. Kute kwakusa baya onyana baka Mr. Allison ababini bafika lomadlaka equngquluze kwezondawo eberolelwe kuzo. Kwabafayo ibe ngunina, nentombi esezi- nkulu zambini, nenkwenkwana eminyaka mihlanu ubudala, nentombazana eminyaka ilishumi ubudala. Into engummangaliso yile yokuba, lentombazana ibipete usana, lusuke Iwatiwa hlutu ezandleni zayo, lonake lusapilile. EZAPESHEYA KOLWANDLE. UCINGO.—Luti ucingo intshaba zika General Gordon- eziraule i Khartoum zinto ezifileyo yindlala, inxenye iyabungca iyemka, inxenye iyafa yindlala. IGQEBEQE.—Kuvakala e Botwe, Downing Street, ukuba indaba ziyahambelana pakati kwama French ase Cairo, ne Camp ka Mahdi kwase Africa apa. Ama French amane etumela onke amacebo enziwayo yimikosi yama Ngesi, azeawenzele amareshenga amaqinga angacaswa ngawo. U GENERAL GORDON.—Ezokugqibela indaba ziti u General Gordon usapilile, nokuba okaka-kampetu (rebels) ude wake wabatyela ukubabulal' oku. Uba dudumise nge ruluwa abe yinxale kwimi bolompo abo yimbile yakuti citi pantsi kwemizi yotshaba. Inqaba zalo ozise Omderman zidudunyisiwe, kwafa intw'eninzi yondiyalwa. I MAHDI.—Amapepa ama Arab, ati i Mahdi iyazoyikela ukuba ayikupumelela kufike lomfo ungu Lord Wolseley nje. Uyaqonda ukuba ilishwa elake lehlela u King Theodore wama Abissiniya beli pezu kwake oku inguye nje. Kutiwa ne ntente yake ihleli iraulwe zingcamba ezintatu zentlola zimane zikululana; kwaye kungeko bani unokuke asondele etenteni yake ebusuku nangomgama ozinyawo ezi 30. I Mahdi, selisoyika nokudliswa, selipekelwa ngu mkayo emtanda kunene, nentombi zayo ezimbini. UBUGQWIRA.—Kuko abantu abazibekele ukwenza umse- benzi oncolileyo, Pesheya, ekutiwa zi ' Shawm.' Abanye kwesi sizwe kutiwa ngama Irish, basalwa lamfazwe indala yokuzama inkululeko kuma Ngesi, ukuze azilaule ngokwawo. Bamanyane namawawo ase America ngomsebenzi omdaka wokugcayisela nge ruluwa izilauli, nendlu zakwa Rulumente. Ezokugqibela indaba zibika ukutiywa emcancatweni we London Bridge epantse ukonakala. Ucingo Iwale veki lubika ukugcayiselwa kwendlu ye Palamente, nendlu ekufupi netyalike enkulu encwabela inkosi, nezikulu ekutiwa yi Westminister Abbey. Konakele ezinye izindlu nakuba ityalike leyo isindile. Azi obu bugqwira bopela ninina? EZASE LIVINGSTONIA. KWELA BANGONI.—Abahlobo betu u Mr. Koyi, no Mr. George William a bebe sapilile. U Mrs. Koyi ufikile kona. Umsebenzi usaqubeka kakuhle. E BLANTYRE.— U Mr. Kagaso Sazuze utshatiswe no Miss Jane Bisset ngo 13 September, 1884, ngu Rev. D. C. Scott, umongameli weso sikolo, yaluvuyo olukulu lomini, u Kagaso lowo uyafundisa. Omnye umhlobo wetu u Mr. Joseph Bismark wazeka naye, intombi yelakowabo. Yena uqale isikolo esitsha imayile ezimashumi mahlanu ngapaya kwe Blantyre. Uquba kakuhle.