Title
eng Lipina Igunya Lemiteto Lezikolo? (ISIG_1885-02-02_i010)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Xulu, Henry
SubType of Article
eng Education
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-02-02
Identifier
eng ISIG_1885-02-02_i010
Word Count
eng 167
Print Page
eng ISIG_1885-02-02_p007
Page Spread
eng 7.1-7.2
Start Page of Article
eng 7
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
NKOSI YAM,—ndincede undifakele lombuzo endiwubekisa kwingcingi zoluntsundu. 1. Imantyi zidalelwe ukukangela izonakalo zomhlaba, umntu wonke oxwebileyo nobomvu, bangalwi ngamasimi nempahla. Zimise ke izibonda ukuba zibe ngamehlo azo. Siyema nesibomvu pezu kwesikolo. Anditsho ke ukuti oku kuposisekile. Kodwa nditi lento yokuba iti into ilindele imantyi nesibonda ayifezi nto ngokweli xesha ; kunganjanina kufunwe abantu bezikolo ukuba bangalindeli kwi mantyi nezibonda, babe negunya lokuzimisela imiteto yezikolo zabo, abayakuti bakuqonda ukuba into etile iyonakalisa bahlangane bayenzele umteto otintelayo, ze ati akuba ubani esilwa nawo bakwazi ukumtetisa? 2. Abafundisi ke basinceda kakulu kulento ngamaxesha obu- denge, ngoku babuye umva bakubona ukungaviwa kwabo, kuba benge- na kwenza nto ngapandle kokukupa erementeni, kodwa yena umntu lowo angayeki ukuzikolisa ngalonto. Selekohlwa kuba angati eke wenza enye into ngoku zosezimtsibela inqola ezi. Kufuneka ke kuko imbumba (common bond) etile eyakuba nokunceda umfundisi ngapandlo kwe remente. Ngoku ne dyakana azinaluncedo; zininzi ke izikolo ezisezibangile yilento, zininzi ezisaya kubanga. Yena u Nobenza-Bedela ade atakazele nje uti umfo wase Ngcwazi wobehle afeze umteto wase Ngcwazi na? Ndisesenu isicakana