Title
eng Umxube Wesi Xosa (ISIG_1885-02-02_i012)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Maneli, J
SubType of Article
eng Medicine
Language
Locations Mentioned
eng Canterbury
Date
4 December 1884
Newspaper Code
eng ISIG_1885-02-02
Identifier
eng ISIG_1885-02-02_i012
Word Count
eng 355
Print Page
eng ISIG_1885-02-02_p007
Page Spread
eng 7.2
Start Page of Article
eng 7
Print Column
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
NKOSI,—Ngenxa yokuba kude ndiya kuhlala ndisiva zidlule, ndipendule into ekungasatetwa yona. Kutekani na ngale ndawo kutyo- tywana ngayo yinxenye yaba baleli be Sigidimi, yokufaka amazwi esi Ngesi e Sigidimini Sama-Xosa? Nditsho kuba ngu nawe-nawe. Uti omnye esola omnye abe naye engemsulwa kulonto asola omnye ngayo; nje ngo ka Ganda oti, Madubela ukwafana no Maqubela nawe ufumana isizatu kuye nje. Ndingayi kude, nditi nawe ka Ganda ukwafana nabo bazalwana babini kuba kwakumgca wokuqala wenteto yako ufake isi Ngesi, nangona ndingaziyo ukuba utsho ukulipina icala wena. Ukutsho andinigibi nganto nonke nina enicase amazwi esi Ngesi kwi Sigidimi. Umntu ocase inteto yesi Ngesi ukuba ifakwe esi Xoseni ngolu hlobo yenziwa ngalo, ubefanele ukutelelwa ngamadoda amemeza ngelokuti, ' Pambili 'nto zak'wetu,' angasuke atete into engananzwa bani, esuke ibe ludunkanka. Kunyuswa lupina uhlanga olu konakali- swa ubungcwalisa balo? Inteto yesi Xosa ayisemva kwanteto ngokuba mnandi, okokuba ingabamba ihlonyelwa ngamazwi asemzini ingaswele awayo. Abe Lungu masibutande nganto zimbi, kungabi ngoku nyelisa inteto yohlanga. Nditi kuku nyelisa inteto oko, kuba uti usapulapula ukuma kwayo, suke umntu wakona afake nteto yimbi yasomzini, kusuke kuteze umzimba, itshabe nalonto, mhlaimbi akulazi nelozwi lesi Ngesi alifakuyo, ude ufumane ugqite ungayivanga nalonto abe eyiteta. Ungateta isi Xosa esimnandi ngapandle ko of course, in fact, only, triumphantly too, esizele ngabo i Sigidimi sika October. Bantu bafundileyo niya kuhlala nirorelwa, kusitiwa niti oyihlo zi tayi, Ungafika kwinkoliso yezinto enizenzayo umntu eteta ngendodana yakowabo, amadoda amakulu ayapi na, kungenxa yokuba ongena kunyusa luhlanga na wona? Inqina lonto lento yokuteta isi Ngesi o Sigidimini. Anibakumbuleli abantu abangabanga natuba lokusifunda esi Singesi, kuba ndikolwa ukuba bako abasamke- layo Isigidimi, bengasazi isi Ngesi. Bona abe Lungu abati bakubona inteto yama Xosa isenjiwa nje ngabaniniyo, bati kumhla kusingiswa pina? Ndihlala ndiba nentloni ndinge ndinguzifaka emhlabeni ndakuva abantu abumnyama beteta isi Ngesi. Anditeti nto ngamaqabane xa sukuba ewodwa. Ingeyiyo into endaka ndahlangana nayo e Mtata, endaqubisana nomhambi wendlela endingazange ndimbone ngapambili, wandibuza indlu ka sibanibani nge Singesi, mhla ndasuka ndakohlwa. Ukuba ndandinomnye ngendandite makandikumshele ndimxelele, ndade ngokukohlwa ndamxelela kwa ngesi Xosa, kanti uyasiva. Ukutsho nditi madoda enipete inteto yohlanga ngokupata i Sigidimi yikangeleni lento. Bekufanele ukuka ibe yenye yezinto ezibangela ukuba ingamkelwa inteto yomntu obala nge