Title
eng Ipepa (consumption) (ISIG_1885-04-01_i002)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
SubType of Article
eng Disease
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-04-01
Identifier
eng ISIG_1885-04-01_i002
Word Count
eng 480
Print Page
eng ISIG_1885-04-01_p002
Page Spread
eng 2.1-2.2
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
ESISIFO silipepa siyabonakala ukuba siya sitabata amandla kanye kuti bantu bantsundu, sibe sibangelwa zindlela ezininzi. Kuqala,—Tina sonke bantu balufipa belilizwe, imizimba yetu ibiqelene nengqele, kuba umntwana esemncinane ub' ehlala etyukudwe ngamafuta, abanye amafuta nembola, nakwabakulu abantu, zati ke ngoko intunja zomzimba zahlala zivingcekile. Ubesiti umntu agcine ingubo yake emvuleni, nakukb konke ukunyakama, nokuba yona inqu yomzimba ifumana ubumanzi. Bekuti ke ngoko kungabiko ngozi yanto emntwini. Namhla ke akusenjalo, kuba imizimba yenxenye sekusele . ibala lodwa ukuba mnyama, sona isiqelo sokuwupata umzimba sinye nesa Belungu, ngokuqela ukuhlala intunja zomzimba zinganmholoholo, ngenxa yokuwuhlamba futi, ukususa lontsila ibingumtwebeba ovingca ezontunjana zipuma ukubila komntu. Lonto ke yodwa, ilungile pofu, inengozi xa umntu angazilumkelanga kuyo uhlobo awupete ngalo umzimba wake, ukuwunqabisa ekungenweni yingqele ngokuhlala nengubo ezimanzi, ukuhlala emhlabeni ofumileyo. ukuziqelisa ngezinto ezishushu, zobusika, ehlotyeni,— ezinje ngezikafu, ityali, idyasi ezinkulu—noko lite ho' ilanga ize iti ngemini engeziba ziluncedo kuye, mhlana kubandayo zingabi sabi nalo, kuba umzimba usele uziqelile. Ukuba umntu ontsundu unetile yimvula, akuyiyo nto ukuhlala nezo ngubo zake zide zinqumele kuye.—Umhlaba lo ufumileyo asinto yaziwayo ukuba unokuzuzana nengqele umntu ngokulala, mhlaumbi ngokunqenqa kuwo. Uti noko asel'ede wangenwa kukukohlela, nalipika, ibe kokukona uyakufika elele pandle elangeni, kulomhlaba ufumileyo, liti elocala alele ngalo lizuzane nobucekeceke, linqume igazi (oko kukuti libe lihlwili mayelana londawo), angenwe ke lihlaba. Ezifuba zikoyo zidalwa zingqele angenwa zizo umntu ngezizatu ezinokulunyukelwa ngabo ukuba ingqondo baya yisebenzisa. Ingubo engamandla negeinwe kunene ngamakowetu yeyokulala. Kanjalo ngabantu abati nase kuzitengeleni kwezingubo zase Mlungwini, bazitengele intsanyuntsanyu ezonakala kwangoku. Imbangi yezi nkohlo-nkohlo kukungambatiswa kakuhle kwomzimba, uhlale uyimpengempenge kwingqele nobumanzi, kuba kunxitywe amadlavu, mhlaumbi amayacuyacu. Makangenwe ke yingqele, aqale ukukohlela. Zimfikela nje ezozinto, akanangubo ipilileyo, nalobatyi inkulu ayimncedi Iuto kuba waqeliswa ngayo umzimba,—ayisamfudumezi. Ude angcungcuteke elibele kukuti,—' Ke betu asikuko nokuba ndiyakohlela kwakuhlwa.' Esitsho nje akazikatazi nangokuya kosiyazi, ide igqibele ukutsha indlu pofu ngewucinyiwe umlilo. Oku kubonisa ukuswela inkatalo.—Inkoliso ayinyali ukundweba seline Pepa, kwaye kungasancedi luto. Okwesibini.—Esinye isizatu esibonakalayo sesi.—Obutywala buselwa nge ngqumbo ngabantu abantsundu: abubulali bona bodwa, benzakalisa nenzala yabo, Kuqala butshabalalisa imipunga angenwe li Pepa umntu eliti lakuti gqi, lihambe limkise lowo ngokukamsinya elizweni.— Abantwana bazalwa inxenye benalo, ngokulizuza kwigazi lomzali, mhlaumbi labazali, abebesela. Okwesitatu.—Kuko nenye into esandisa ngakumbi esisifo, njengazo zonke izifo ezisulelayo. Lento yokubolekana izinxibo kuti bantu bantsundu, asikuko nokuba iyawuvutela umlilo ud'ube lubebezulu olungena kucinywa Iwezifo ezininzi ezisulelayo. Woti umntu ezazi kakuhle ukuba unesilalo esitile esisulelayo, asuke kube kokona anxamelene nempahla yabanye; okanye inguye onento ezintle zokuhomba, wotyibela ukuboleka ngazo abanye esazi, nabo besazi, ukuba unesifo esisulelayo,—noko kambe zidla ngokuzotywa ngamagama atambileyo ukuze zingoyikeki; lonto ke yandise kunene pakati kwezinye izifo esi sili Pepa. Okwesine.'—Tina, bantu bantsundu sitanda kunene, ukupuzisana ezinqaweni, ukugqutelana ozintshongo, uku- ncwebelana omagwada ngengcebetsha enqaweni neqaga lo- mntu onesilalo esitile, nokuba sesomqala, nokuba ngumbefu, sat'utwane, pepa, kutyiwa mlambo (kuba kutshiwo kambe ukuhonjiswa kwezifo ezitile ukuze zingandwetyelwa). Yonke ke lento inesulelebe, elibangele oku kwanda kungaka kwezinto ebezifuda zingeko, ubuninzi bazo nezingakanka nywanga zihla uninzi ngezindlela zikankanyiweyo. Fundani ke ukuzilumkela izifo, nezisulelayo, ngokuzigcina ngokwenu; niyinqabise imizimba yenu kuzo zonke ezongozi sizixelileyo.