Title
eng Imfundiso Yabantsundu (ISIG_1885-04-01_i005)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
Author of Article
eng Rev, Moir W.J.B
SubType of Article
eng Education
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-04-01
Identifier
eng ISIG_1885-04-01_i005
Word Count
eng 2486
Print Page
eng ISIG_1885-04-01_p004
Page Spread
eng 4.1-6.2
Start Page of Article
eng 4
End Page of Article
eng 6
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
I Lovedale Literary Society yaziqala intlanganiso zayo ze 1885 ngokuhlwa kolwe sihlanu, ngosuku Iwe 13 ku February. Tsoko lenteto esukuba iyi Ngabula-zigcawu idla ngokwenziwa ngumntu ongu Mpati-sihlalo ngalo Seshoni, ke kodwa kute namhla londawo yatatyatwa ngu Mr. .Moir, owalesa ipepa elimalunga nendawo ezitele xungu zona intliziyo zoninzi Iwabantsundu ezinje nge zitundu zamalungelo abo, nezobume bomntu ontsundu. Umongo welopepa wawusenjenje:— ' Kalokunje kuko intshukumo etile ekoyo equbekayo pakati kododana olufundileyo kwa nolusafundayo Iwaba ntsundu eyalata into, yaye kananjalo inendawo zokutyandwa amadlala. Ngenxenye yiutshukumo yengqondo etile epuma ezingqondweni zabo sendibaxelile, ngendawo ababona zona, nabafunzele kuzo ngemixelo, kwa namatemba amatsha, kunye nendawo ezibafezileyo. Lentshukumo seyiludunkunku oluse lunexesha luko, olute kaloku Iwabonakala lufikisa, Iwampuluza inteto-nteto zohlobo olutile, zaye ngokwenjenjalo zixaya indawo yokuba make zikangeIwe ngoluhlobo ke lutsha. ' Ibike yati nqu lento kuninzi, yahlala kwabanokwazi okupangaleleyo kokwabanye; nokute kwazika kwendela ezingqondweni kunabanye. Kodwa ngoku ite gqi yaliga-. langa elinje ngemini, ete kaloku ayanela kukubonwa kodwa, iyakufuna ukuba mayide ibonwe, yondelwe nokuba zihlobo nokuba zintshaba. Eyona nto yokuqala yokupaulwa kulento yile yokuba, abona bantu itapuluka kubo lento iko nje, nababona bayimpumlo kuyo ludodana. Lonto ke yodwa ibanga ukuba kuti tyaba indawo ezininzi emxelweni. 'Intshukumo le esukuba ipetwe ludodana, yoti mhlaumbi ipume egusheni yamkeleke, ngoburazala, ilindeleke ukufeza uluto. Kuyo lentshukumo koqondeka ukuba into enayo kukungahloneli bani, nasentweni eseyiqelekile nelisiko kuba kukade isenziwa. Ayizilumkele, kunjalo nje inobutyut tyutu, kwano bumfama bokungazikangeli ingxaki kwanengozi ezingavelayo kuyo lento. Lendawo yona siyazi ngokuqinisekileyo yokuba iqayiya lendodana ngamandla, asibubo ubulumko. ''Make lentshukumo siyolule ukuyikangela. Lento iyinqu yento malunga nani dodana Iwezizwe ezintsundu, kuba yoti mhlaumbi inoyisele engozini, okanye elungelweni. Akumatanda ukuba uninzi Iwenu luya kuyingena. Ndiyatemba ukuba nonke ninga lendawo ingaqutywa kakuhle ize ke ngoko incede. Nakwizihlobo zenu ikwa nyanyeke- Iwe,—ngokukodwa ngabafundisi benu bonke, ekute ukuze kube njenjenje namhla kwabanje ngenxa yomsebenzi wabo bewenzela nina. ' Babe lizinyo lekuba lo Tixo u Somandla ngabula uteto isakutsho 'bafike baqandula ukuwukubela umhlaba wengqondo yo Ntsuudu, aba ke namhla benjenje, yinxalenye yesiqamo sengxamleko zabo, Kungati ukuba kuko abanexala nesitukutezi ngenxa yalo oludushe, besoyikela ukuti lomkisa uninzi Iwabalubinqeleyo pakati kwabantsundu, bemka nomkukula uye kubalahla kude, bangaba abo banjalo banesihlahla sokuba kutiwe banengqondo enga- pezulu yokuqonda ingozi ezisakuvezwa ludushe olunjalo, kunabo sebengene kulo, abangazange babone, bafunde nokufunda ngesibonakalo esinjalo, kubantu abasand'ukuti tu ebuginweni nasekunquleni iminyanya. Isipani abalinga ukusiqeqesha, sidlile sahluta, sipapile, sidlamkile kambe, sitsala ngako konke esinako ngomkala ekubonakala ukuba siza kwenza umdabazo, sidlandlateke singasateni nabubuni bomtwalo esiwutsalayo, singateni nazingozi nezipazamiso ezipambi kwaso. ' Koludushe iko into eyona iyiyo. Ubuko obu kodwa bona bento le, hayi, abunani. Kwi Ngxelo yetu yokugqibela kuko indawo eti akuko nto ilimaza inqubelo pambili njengokuzisikela enqateni (apathy). Lamadodana ke elawo wona azenza abantu abango Tand'-Uhlanga esenjenjenje. Ati kambe afuna ilungelo lamakowawo; umnqweno wawo ngowokunyusa umzi wakowawo. Kungati ukuba kube kunjalo, sibe singancoma ukuti kuvuka ilunda lobuzwe akunaninani. Ukuba ke ngulomoya lo uquba lamadodana antsundu, angaba afanelwe kunconywa, aze kananjalo abe nokuvelwa usizi kulonto, ngohlobo lokuwakutaza. Indawo ajonge kuyo ilungile, ngoko ke ayikufumane itiwe qwe. ' Ndikumbula ukuti singe sikolwa ukuba mazibe ziyinya- niso ezinto bazitetayo, nokuba mababe bango Tand'-Uhlanga okunene, banyanisile, ngezindawo bona bagwebe ngazo, kwa nesi simbonono senziweyo leliqelana labantsundu. Ndiyakolwa nokukolwa ukuba bonke abafundisi bayavuma, bexunele ekukolweni ukuba okunene kunjalo. Kuyo lento kungati kanti kuko ukozo olulunge nakubani; ekungati ke ngoko noko ingozi le ikbyo, libe lona icebo eli aligqibelele ukungalungi. ' Lomnqweno wokuba yiminqananqana, ungati ukuba awuveliswanga ratshi, kanjalo kuvele into yokuvela okunene, kutiwe hayi ngumnqweno olungileyo. Izeyisi ezike zako ehlabatini apa ngabantu abenzela abanye. Kodwa ke singake silibale ukuba Iona elotye, kanye, kulapo aqekekele kona atshabalala amacebo amaninzi alungileyo. Kanene lamadodana anga amakowawo angahluma na ekuqondeni, ekwazini, nokuwaqonda into ayiyo lamaxesha, ukuba babe nomsebenzi kweli lizwe lakowabo? Ayalungisa. Ukuze ke lomnqweno wawo uzaliseke yintonina ke aselecopele ukuyenza? Ayateta. Ayabala. Ayashicilela. Enza ozi- ntlanganiso. Acacisa indawo ezisafunekayo. Avelisa indawo zezikalazo. Konke oku kungaba kusalungile. Zindlela ezo ezazekayo kunene kubantu abamhlope zokwe- nza udushe. Abalumkileyo mabati okulungileyo bakuvu- me, babakutaze abasukuba bete bangenwa yinto elungileyo ngohlobo lokuyilumkela nokuyizondelela. Masiti ke sonke siyincome lentshukumo, ibe ilupau lokuba ingqondo yontsu- ndu selide emveni kwako konke yayifika kwindawo yokuba lento ikukuzuzwa koluto, ngabantu aba Ntsundu, ayisoze izuzwe ngamkonto. Ukuba ke kunjalo singaba sinesihlahla sokutsho ukuti iko inqubelo pambili, nokulahlwa kwento zobuginwa, kusamkelwa ezona zizizo. ' Make kaloku sikangele kwi ngozi engabakoyo kolu dushe. Ezongozi zininzi, zinkulu. Kodwa soke sikangele ezimbalwa namhlanje. Iko ingozi yokuti kanti oludushe luyakupelela ekuteteni oku nje kodwa. Yinto elula lento ikukuteta, ngokukodwa kona ukukalaza. Kanti ke uku- wuvakalisa nje kodwa umnqweno asiyona nto ikuyifumana lonto ibinqwenelwa. Ukukupa amaho ezikalazo, akususi zona. ' Amazwi emfeketo, endaweni yezenzo zenene,' lonto iyakonakalisa ayikunceda luto. Umnqweno wona nokuba selungakanani, uyinteto, usemapepeni, use uzondelele njani, awusoze uncede mntu, ndingasateti kona ngesizwe sabantu, ukuncedeka kubunzima obunje ngokunyuka intaba. Kanjalo kuko nengozi ngokuti umntu indawo ajonge kuyo yena ngokwenza oludushe, azenze umntu owenzela amakowabo, londawo ndobuye ndiyingene, kanjalo kukwesi siqibi nje embalini yaba Ntsundu, ukuti kubeko abakokela abanye apa napaya, njengoko kunjalo e Ireland, apo bakusa ngamakowabo xa bafuna indawo zokubaqubela pambili bona ngokwabo. Leyo ke yeyona ngozi ebantwini, nakwabo babarolayo. Ekungati ukuba lonto ingaba iko kolu dushe, kungaba isipelo sabantu aba Ntsundu siyakuba sibi kunesiqalo sabo. ' Kanjalo ikwako lengozi yobu butyututyutu bukoyo kwabo bapambili kwabanye, nabasaqubela kwapambili. Ukuba bayagaxaza abasayi kubamemeka abantu bakowabo. Baninzi abantu, ngakumbi abazidenge abangenako ukuzola, okanye bati xa bayenzayo into banyombole kuhle bangayeki. Kunzima ukubashukumisa, nokuti ke beshukumile banyombole, bangemi. Kodwa ukuba bate aba babarolayo—(izwi ndingalitandi ke betu) —bagaxaza, bakauleza, abantu bayakusala le emva, bangabi luncedo nto kubo. Ukuba ke bango Tand'-Uhlanga benene, lengozi mabayilumkele. Isenzo sabo sesona soyicofa eyona ndawo bajonge kuyo ize kanjalo icofe kwanobulumko babo. Kuseko nenye ingozi, yile yokuti indawo ekufunzelwe kuyo ibe nesikaba esipezulu kangaka. Akuko nto ingati ukufunyanwa kwayo ibuqwe. Abasayi kuti abantu beli lizwe bafumane ukuqubela pambili, emfundweni, kwinto zaselizwini, kwezentlalo, kwezolaulo, kwezeziqu zabo ngabanye, nezibatunge bonke, bazifumane ngaxanye, bona bangaxelisi abantu bamanye amazwe naboukuzifumana kwabo. Umntu lo yinto eke ipumele nto 'nye kuqala. Kanjalo ikwako ingozi ekutini kanti kunyulwa ezona nto zingayi kusiza, kuba zingapicotwanga ukukangelwa, zize ke ngoko zipetshwe. Eyona migudu iyiyo kwinto ezifunwa ludodana oluntsundu Iwale Koloni yiyipina? Ngomnye na ke lo? Soke sicapule kwi Cape Mercury ka January 27, lendawo iti:—'Abantsundu abati bafundisiwe, bekanyiselwe ngokwase bu Kristwini, bamelwe lityala elikulu. Baninzi bade bagqita kubo abalibele zizililo zokuti abamkeleki kwabamhlope kuba bentsundu, kanti babuyeka utywala base Mbo, kanjalo ababungenanga nobo Mlungu. Kunjalo nje lonke eloxesha nango umsebenzi uhleli ute filikihli eminyango yabo, ekufuneka bewenzile kupela, umsebenzi wokunyusela amakowabo, kweso siganga nabo bakuso. Ukuba abadange lomfanelo bayenze, esosizwe sakowabo umasitshabalale, baze ke bona bangapumeli kulo mabongo abo ba- wenze ngobutyamfele, bequtywe nali'ratshi lobuzwe.' ' Gxebe oludodana Iwetu lujonge kupela kwindawo zolaulo na, ezalata izikundla, namandla, ukwalatela ezoncwana zifundileyo zimbalwa, ukuze uninzi olungafundanga lumane luyeyezela, lubonela ukuzuka kwabanye 'abantu? Mabati abo bangenwe yindawo yokuvuselela amawabo, bacube ezona ndawo zingabaqubela pambili bonke. Kungenjalo lonke eloteko liyakutshaba. ' Make kaloku sibonise inxenye yendawo ezizona zingaveza okulungileyo, zize nezo ngozi zipetshwe kwinto enkulu kangaka elilungelo laba Ntsundu kolu dushe sibe siteta ngalo. Kuqala make sikangele ukuba imbangi ebange oludushe yintonina. Lombangi ngumsebenzi waba Fundisi. Kufundiswe abantsundu, baqeqeshwa ukuba ba- nxamele pambili, bapakanyiselwa kwisiganga sokuba kube nokwenzeka ukunxameia pambili, ngaba fundisi. Lonto ayenziwanga Rulumente, kunjalo nje abazange bazenzela e Africa apa, nje ngase India apo bacinga ukwenjenjalo. Akuko na Ntlanganiso yale Koloni eke yenza into enjalo- Anditsho ukuti abo abananto bake bancedisa ngayo. Kodwa wona umtwalo apo ubunzima bawo bukona, nabantu nomsebenzi, nemali yonke lonto ibe yimigudu yaba Fundisi ekungekute ukuba ibingabangako, Iwaba noludushe belungenakwenzeka, akuko nobe yakuba nokupupa ngalo kuyo leminyaka ilikulu sihamba kuyo. Abantsundu base Africa le sikuyo yonk'into abanayo bayizuze ngenxa yabafundisi abapakati kwabo. Kwaye ke kunjalo nje, abona bantu bapukelweyo, ngabo kanye benza oludushe lukoyo. Akutshiwo ukutiwa indlela, nendawo abavelise zona abafundisi zingeketwe madlala, kanjalo kungatshiwo nokutiwa umsebenzi osewenziwe kade ngabafundisi uqulunqekile kwe tu. Kodwa, maungalityalwa, maukunjulwe. Yeyona nto ke ngoko ibifanele ukulunyukelwa kunene, ikangelwe ngengqondo, nomoya wokutand'uhlanga, nangohlobo Iwezinto zaselulaulweni ukuba ingavelisi kubahlula abantsundu, abakokele abanye, kwanabalandelayo kubafundisi. Lento ifanele ukulunyukelwa inxa zombini, ngecala labafundisi dekube ngakumbi ngecala labantsundu. Ukuba abafundisi bebeyilela ekukwelwe ngayo ngabantsundu, mabangati ke bayikabe bayilahle. Abakafiki pezulu eku- peleni kwayo lolela okwangoku. ' Eyona nqubelo pambili iyelungileyo yengagaxaziyo. Kulaponje make ndityebise njekodwa ngokuti i Greece (elama Grike ke elo) yati ukuze ibe yiyo nje kwayitabata iminyaka emakulu matandatu, 600; i Rome, amakulu osixenxe anamashumi mahlanu eminyaka, 750; i Britain (elama Ngesi ke elo) iwaka linye linamakulu mane eminyaka, 1,400, ukuze zifikelele obu bukulu zinabo, kuba i Kaffirland ayingeze ibe yinto ezaziyiyo ezondawo, kanjalo ayinakuba yinto eziyiyo ngoku. Andikatalele kuvelisa magama anewonga, noko kodwa ndokwenza oko ndibe ndifuna kwa ukutyebisa lendawo. Anjengo—Milton, Shakspere, Bacon, Lincoln, Garfield, Gladstone—lomawonga ke afunyanwa ngeminyaka emini- nzi yokusebenza nzima, enamandla engqondo into aqale ngayo. Kuba imihla yo Milton aba Ntsundu no Gladstone aba Ntsundu ayikabikb okwangoku. Yona lendawo yoku- zilinganisela nalo magama ingalahlekisa. Kodwa yona lendawo iyinqobo eyinene, yokuba ubundwaluto obu asinto ifumane ifunyawe ngokwenza umtsi, nokuba ngumntu omnye, nokuba sisizwe. Imbongi le iteta yona ngokuti kwenjiwanje ukufikelelwa:— ' Ngokubeka izito ngakumbi nakumbi, Kwezi nduli zibu nkungu ezeletw' ixesha.' ' Izulu asinto ifikwa nga munye umtsi, Kodwa senza ilela esinyuka ngayo Emhlabeni, siye esibakabakeni, Sikwele 'de sizungule incopo zayo. ' Sinyuka ngezinto esinyatele kuzo, Ngentw' esizoyise ngokulunga, nenzuzo, Sitotywe liratshi, ufile nomnqweno, Ze shwaka nezimbi siqubisana nazo.' ' Iqaji Iona ukuyiteta kwalo lento liti—' Nkwenkwe yam bambalwa abangayiqalela pakati ilela ukuyikwela, ze baye kufika pezulu, umhlaumbi wena nam asingabo abelo nani.' U Mcasi-nkohlakalo yena wenjenje ukuyiteta kwake— 'Ukuba ufuna ukuya kuti gqi pezulu-, qala kwapantsi kanye. Ukuba ufuna ukuqanana, kaukwazi kuqala ukuse- benza ngezandla,'—oku kukuti okudelekileyo. Ezindawo ke zenjiwanje zibekiswa kwabamhlope, ke akumatanda ukuba, abantsundu abantu zimandundu ngakumbi kubo izinto abafanele ukuzoyisa kunaba mhlope. ' Kunceda ntonina ukuyikanyela londawo? Ukuba aba Ntsundu bayakuze babe yinto eluncedo kweli Komkulu lama-Ngesi nakuyo le Koloni—abanakuze babe ngabantu abazimeleyo, bebengafanele nokuyinxamela londawo, kufu- neka besekelwe ngoseko olubanzi, olwendeleyo. Kufuneka kwenziwe umsebenzi womonde, wobulumko, ngapandle kokuqwatyelwa izandla. Siyatemba ukuba esi sizukulwana sikoyo sododana singayenza inxalenye yalo msebenzi. Ufuna abantu abawulingeneyo, betenjwa nazihlobo zabo ukuba okunene banjalo. Ke inxenye yezinto kungatshiwo ukutiwa zizinene. ' Lendawo inkulu kangaka ayikufunyanwa okunye iqutyelwe pambili, ngokuti ukuqutywa kwayo ngawo xa ati enziwa liratshi lobuzwe, ibekiswe kwicala lemfundo epakamileyo, nefileyo, okunye ibekiswe kwicala lokufumana umsebenzi Komkulu, e Palamente, nokuba kuse Ofisini ya Komkulu, nokuba bubu Mantyi. Ingani nase India londawo yatandatyuzelwa kwa ngamapepa awo, ukuti indawo ezinjalo seziwafanele. Ke i South Africa isemva le kune India. ' Esi isizukulwana saba Ntsundu asiyi kuti gqi pezulu. Kodwa ke esi sizukulwana sokwenza na esinako, ukuze siti esizayo sibe nako sona? Siyavumana ukuseka isiseko? Siyavuma na ukuzincamela kanye? Siyavuma na ukusebenza bugungu, pandle kwentswahla, pandle kokubongwa? Ukusebenza ukuze kubongwe abanye, ukuhlwayela ukuze kuvune abanye? Sibuza sikatele, ukubuza udodana ukuti lunawo na umonde, ukuzincamela kulomsebenzi umelwe kukwenziwa Okanye sel' exolele ukuba kutshabe ilungelo lumakowabo na, lexa elizayo, xa Iona luzizuzele igama, nokuba yimalana, lube ngondaba mlonyeni ke ngezondawo ngoku na? Kunako na ukwalatwa indlela esingati isizu. kulwana esiqubileyo, sifundile, sikutele sododana IwabaNtsundu esingawupata siwuncede ngayo umzi wakowaso? Into enjalo ingenzeka na? Ukuba okunene bayafuna ukubenzela elona likulu ilungelo, kwesi siqibi sembali yabantsundu, inye kupela indlela ekuqinisekileyo ukuba yopumelela yile yokuba yonke imigudu yabo bayibokoxele ekushumayezeni abaginwa bakowabo, nokuba babafundise bade babeke nasebu Kristwini. Ukuba bafuna eyona ndlela ilungileyo yokubakonza abantu bakowabo,—(ingaba na betu ukukonza kuba mfaninye noku kokela?) Mabakonze u Kristu pakati kwabo, basitantase isonka sobomi besitabata ezandleni zo Msindisi ukusisa kweza nkwamba zilambileyo zamadoda, nabafazi, nabantwana abancinane. Fan'ukuba asiposisi xa siti udodana olungene kulondawo lukolise ukuba ngama Kristu ngokuse mhlotsheni. ' Inxenye ingaba iti, tina asiva ukuba sibizwe ukuba sisebenze ngolohlobo, nokuba yona ingabanceda abantu bakowayo nangazimbi indlela kunezo zase nkonzweni. Okunenene abangeze beqongqololo ukuba ngaba fundisi abantu. Impendulo iti kulondawo okwangoku akukabiko nto ingaxakayo kubo bonke abafundisiweyo, amadoda okukanya, napambili ekufumaneni umsebenzi kwindawo ndawo zonke nezingekuko ukushumayela, kuba bengekabi baninzi kuyapi. Yaye ke eyona nto ingamandla yokuqala kumntu ontsundu, ingeyiyo ivoti, kanjalo ingekuko uku. pumelela kwembinana yezolo kozi Matriculation. Yona into eyiyo yi Gospeli ka Yesu Kristu. Inkulu into efunekayo kwaba bantu. Uvuno lubanzi, luvutiwe, lulungile, baye bona abasebenzi bembalwa. Ikwanjalo ubuncinane balendawo yokubizelwa emsebenzini. Leyo ke kade inikwa. Lento iswelekileyo asikuko ukubizwa. kukusabela eyona nto ingekoyo. Umsebenzi wona ulindile, unjalonje uya biza Into enzima yimvume, nokuwufanela emabawungene. yiyo into enqabileyo ukufunyanwa. Nditintela ingcinga elungileyo yeratshi lobuzwe, ndibe ke ngoko ndimgolozisa umntu ontsundu emigudwini yake ndisuke ndamwexulela calanye? Akunjalo. Tina bafundisi asingabo abantu bokwenza into enjalo. Ndilinga ukufaka elona ratshi lililo Ufanelekileyo, lingena kuzibeka macala, lifana no Kristu, lase zulwini Iona lingelase mhlabeni, nokuti umgudu wontsundu ndiwufake kowona inkulu umbolompo owake wampompoza umsebenzi wento engumntu. Kanti ke andingeke ndiwugwebe umsebenzi ozondelelweyo wenyaniso nakuba utandabuzeka njengeminye, unika isitukutezi njengenxenye enjalo malunga nezindawo zizona kujongwe zona. Ngani na ukuba iti lenteto ukuwa kwayo, iwe kule ntlanganiso yododana ngoku kuhlwa? Kungokuba itemba letu likuni, nini izihlobo zabantu bakowenu Njengoko ke amatemba etu akuni, zikwanjalo ingozi esizoyikayo eziyakuhlela nina. ' Lentshukumo iqalile nje ayikupela ingenzanga ngozi mhlayimbi kulunga kukulu. Nanko kambe kusezandleni zenu ukulungisa nokungalungisi; into tina, kunivusa, sininike amacebo. Ukuba anikwazanga uku patana nosizi lwamatemba amahle, nokudana, noko umsebenzi wokuxuma nina ukanti ukwango wetu. Ukuba niquba kakuhle, nati sovana nokuyola xa nipumeleleyo. Icala endinidulusele kulo seninonke nabagqite abanye, lelipantsi kanye, linjalo nje linobunzima obukulu bomsebenzi, nomvuyo mncinane, kunjalo nje akuko kunconywa nganto, nakubongwa bani kulo. Kufuneka icebo elimiyo lentliziyo, lomonde, lokuzitoba, nokuzinikela okungcwele. Kufuneka kuko inceba. Akwaba u Tixo angabalondoloza abantsundu ekubeni bangabi ngo Tand'-Uhlanga nje kodwa bengaqutywa nceba yake, nakukwazi kobu Tixo bake kwa namandla ake. Kodwa le ke yona ikukupela kweyona ndlela yokunyusa uhlanga, kuba ibekisa ebulungiseni, kwaye ke neyure iselidlule, kule ntsimbi yamaxesha yeli pakade yokuba lento iluhlanga ingade inyuke ngandlela yimbi. ' Mandise ndiqukumbela ngokwenza amazwi amabini ayishwankateleyo yonke lento. Lonke udodana olufundileyo maluti lentshukumo luyingene ngohlobo olululo, lukokelwa ngamacebo asoko lililo, ngokukokela kakuhle, luhambe emigceni eyiyo enefa. Makungabiko mhlantla pakati kwalo nabafundisi, kwabo bafuna ukuqubela pambili abantsundu beli lizwe. Bahlanganiswe ngu Tixo. Hayi ilishwa lodushe, nelo mntu, oke wabahlula! ' Kute ke kwingxoxo elandele lenteto yelo pepa, u Mr. SMITH wati, oludushe nakuba Iweyekile, luyinto. I India ike yafumana ubunzima kwangenxa yododana olufundileyo olutile olwazenza Ingqondi, olwafunda ezi Kolejini zakwa Rulumente ebezingafundiseli kwa Tixo. Ke, apa, akuko qela linjalo, kuba konke oku kuvela nje, kupuma kwimfundiso yabafundisi. Okwangoku onke lamadodana asenze okucitayo ngendawo azigxekayo. Abonisa indawo ezizikewu ezingenziwanga. Ke, make enze into emiyo, azidibe ezindawo ati azenziwanga. Kodwa ke nokuba kwenzeka ntonina, yona lendawo mayingake yenzeke, eyokuti lamadodana enze uluhlu olumelene nabafundisi. Ukuba oludodana luyapapazela luyemka kubafundisi, alukuya kude. U Rev. Mr. MZIMBA usuke ngendawo eti, lanteto yenzeka kwintlanganiso yase Debe, yokuba izikula ezipetwe ngabafundisi azipumelelanga, yagwetywa buninzi bentla- nganiso, fan'ukuba umniniyo akayiqondanga. U Ggira (Dr. STEWART) uyiqukumbele ingxoxo ngenteto emnandi kunene. Ute, lonteto yase Debe asiso saci santeto kodwa, yindawo eb'ekusekugqitywe kuyo ngoyingenisileyo. Abafundisi abayi kuba natyala ngomhlantla obonakalayo ukuba uko pakati kwabo nabo bazinjuze ezipambili kolu dushe. Abafundisi basemi kwa kula ndawo babemi kuyo kade. Idibi eli, ukuba ingaba liko, bako bona abenzi balo, abangabambi. Inxenye yaba bantu iteta nge nifundo. Kodwa bona abafundisi abateti ngamlomo, bayafundisa, elixa lamadoda alibele kuteta ngo mlomo, bona bayasebenza. Abafundisi abateti nto ininzi bona kodwa into yabo kukwenza wonke umsebenzi lo. Nabo batetayo boba netuba elingapezulu lokupulapulwa, nelokuteta ngokulumkileyo, xa bate bawenza ngokwabo umsebenzi lo, okanye babancedise abo bawenzayo bona.