Title
eng Ezababaleli (oye E-putukezi (IMVO_1885-04-08_i024)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Mashaba, Ndevu Robert
SubType of Article
eng Report
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-04-08
Identifier
eng IMVO_1885-04-08_i024
Word Count
eng 1042
Print Page
eng IMVO_1885-04-08_p003
Page Spread
eng 3.2-3.4
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 2
eng 4
Coder
eng Sipile Nqiyama
OYE E-PUTUKEZI. Lourenco Marques, Delagoa Bay. NKOSI YAM,—Mhleli wendaba zamanene Njengokuba ndinezihlobo ezininzi apo ezindaziyo, ndiyakolwa ukuba kuyimfuneko kum ukuba ndibalise, ngokufutshane, ngohambo Iwam. Ndikucela kengoko ukuba undinyamezele Mhleli, kuba inteto yam iyakubande. Ndesuka e-Kimberley ngomhla wa 30 ku December 1884, nge post cart; kute ngenxa yobuninzi babelungu, kwabonakala nikuba amaqaban' am akanandawo ekarini apa, u-Mr. M. M. Kosani ne ledi etile, \bandicela ukuba nditi ndakufika e-Gqili (Orange River Station) ndibalinde. Ndahambake ubusuku bonke obo, kuba kambe sesuka sekuhlwile ngexa lesixenxe, ndiqonda ukuba indlela inde, kuba sada sawakulula katandatu amabashe, sihamba sifaka amatsha kuzo zonke ezondawo, sibopa ngamane, kwada kwasa, saye sihamba siqubisana nemikosi ebeka kwela Eahlambeli. Kute ngexa lika 9-30 a.m. sagaleleka epontini, sabambeze leka apo ixesha elide, kwati kunini sawela saya kufika e-Station ngexesha lika 11. Kulapo ndaqala kona ukufuna ibala elimhlope lifunyanwa kona, kuba ndafika kuzele ngamabandla akomkulu, ndaba ngati intloko emnyango we hotele kwatiwa go out here! Ndakumbula kanene ukuba libala eli libanga oku, kuba nakuba indawo ibixinene noko amawabo ayeyifumana indawo, nokoke ndaqubisana na Msamariya utile ongakatalanga libala. Ndawucitela apo unyaka omtsha, bafika nabalingane bam kwangonyaka omtsha njalo, esite sakubuza i-train, kwatiwa iha- mba ebusuku ngexesha lika 12, salinda kwada kwaleloxa, esite xa sise sitishini sati ngokuncokola oku namagxagxa kwa- fumaneka ukuba sivela e-Dayimani, apo kuko ingqakaqa. Kwatiwake asinakuhamba singaqunyiselwanga; asibangasenza nani nati, saya msinya kulondawo yokuqumisela, sayenza lonto sagqiba wada kwasondela ixesha, yasitwala inqwelo yakomkulu, salala tina kuba sisazi ukuba iyakusisa apo sitanda kona. kwenenek kute kubeta ixa lesitandatu kusasa saye sigaleleka kuhlanganeni kwendlela evela a Kapa nevela kwicala lase Bayi (Deaar), segqita emva kweminiti ezilishumi lina- ntlanu idlulile esitandatwini, sagaleleka e-Hanover Road ngexesha lesitoba, sa- dlula apo saiuwa e-Dwaltfontein, sisukile nalapo saya kufika e-Fischgat, ukusuka apo sayakuqubisana ne train evela e- Colesberg e-Naauwpoort ngexesha le 11, sabuya sasuka ukukumbula e-Middleberg Road esavifikelela ngexesha lika wani, sahlala iyur yonke apo sasuka ngo 2 o'clock, safika e-Cradock: ngo 6 p.m., sisu- kile apo sazakufika e-Cook: House ngo 10 p.m. Sahlukana apo namaqabane am, abeka wona e-Rini, ndaye ndisiya mna e- Nyara. Labuya lafika kwakona ibala eli- mnyama, sendilibele lonke elixesha ndi- hamba nge train ukuba ndimnyama. Ndaguquka ndasidenge apo emnyango wehotele, ndabangati indawo zinkosi ndi- funa ukulala, basuke bonke ababantu ba- ngabi ngabo abanini hotele, bapate luti kuxinene, bapate kanti asingabo abanini hotele, kute kunini kwatiwa mandiye ku- cela indawo Imingcini mahashe, ndiyile okwenene ndafika kumfo onobubele (iba- sitile), owaye mana elila ngokuti naye ngumhambi, kuba inkosikazi yake engenayo apa eyishiye e-Rini, etetate nango- kungalungisi kwabelungu ukuhlala beke- ta amabala bangabi nakumpa umntu indawo naxa anemali yake. Kusile susasa wandibungezela umfo wazisa yonke into ebifuneka ndinayo ngeloxesha, ebetile unayini, kuba lixesha lokusuka kwe kari elo eya e-Nyara, andibanga sawutwala umtwalo warn, wapatwa ngumfo lowo, ndenza intwana zokumbulela nam sahlukana; sayakufika e-Bedfort (Nyara) ngexesha le 11, yayingu Mgqibelo; kwatiwa iposi enokuya kundifikisa e-Bofolo yesuka emva kwemini, nge Cawa, kwafuneka ndilele apo ukulinda loposi ye Cawa. Andibanga sazikataza ngokuya 'ezihotele- ni, ndati ngenxa yokuba ndibona imizi yeminye imidaka ndaqiniseka ukuba bo- na boti nokuba bayalandula indawo ndi- fumane ndincatame nokuba kupina ngase zintlantini. Ndite ndisati ukubuza kumfana osebenza eposini apo walandula yena ukuba akanandawo ngenxa yokuba kungapiliwe kowabo, wandiyaleza kodwa komnye umzi okwakufupi nowaZulo- mfo abati ngu Samuel Mabope. O! nda- fika kumfo onobubele kakulu nenkosikazi yake, umfo ozitandayo omzi mhle. Wandenzela konke abenako ukuba ndizifumanise ndisekaya nam. Kusile nge Cawa zabeta intsimbi saya kubedesha site sipuma apo ndaye ndilungisa ukuba ndi- hambe, kanti ixesha liseko ngenxa yoku- libala kwe posi e-Cook House sada saha- mba ngexesha lesine kanti ixesha layo ngu wani. Sahambake, ati amadodana ase Nyara andikapa, kwakuhle kanye kum ndabona ukuba ndipuma ekaya kwaye Zuzele ehoteleni apo isukela kona iposi. Safika e-Kobonqaba (Adelaide) sabuya sadlula kwa oko, sakufika e-Luku- ko (Yellow Wood) ngentsimbi yesixenxe ngokuhlwa. Laye likumezela Zumnya- ma, sati ukusuka kwetu apo salahleka; sahamba itafa isituba esimayela neyure ezimbini, kwada kwapuma inyanga saqa- la ukuyifumana indlela apo ingaZona, safika e-Bofolo ebusuku ngexesha le 11. Ndaye apo ndikumbule kona kuse Love- dale, ndase ndidlula kwaoko, ndakuva ukuba. akuko posi iya kwelocala ide ibe lolwesiNe; ndakumbula ezakowetu nda- nyatela ngazo ndafika kusasa ngo Mvulo e-Lovedale. Ndafika kukubi e-Lovedale ngenxa yokuba amadodana abengeko ku- ba ibilixesha lokupumla, kwakubi ngape- zulu kuba amadoda omzi ebendifuna uku- wabona ndingawabonanga onke. Ubu- beleke endabulumana apo andinamazwi okubuxela, kuba ndazifumana ndingumntwana wakona, ndemka ndingatandi ndati kodwa ngenxa yokubona ukuba ixesha lam liyadleka kwabanjalo ukuze ndi yishiye i-Lovedale. Ndasuka kona ngo- Iwesi-Hlanu ngomhla wesitoba ku Jan., 1885, ndabekisa kwase Bofolo ukuya kuli- nda ebeka e-Rini iposi, ndafika ndawushi- ya umtwalo warn ehoteleni, ndakumbula e-Nxukwebe, kwainfundisi u-Mr. Dwane, yati into embi ndafika kusitiwa akako eka- ya; ndati kuba ndandingena ndawo e- Bofolo ndahlala, yaye neledi ebigeine indlu yomfundisi kuko ufifana lokwazana lokuba saka sabonana e-Lovedale, kwase kuba sekaya; wanobubele kakuluumntwa- na wabantu, wati naxa umfundisi waye ngeko ndalusizi ngendawo yokungambo- ni, kodwa kona ngempato ndakoliseka ka¬kulu. Kwasa ndemnka kwakusasa ngo Mvulo ukukumbula e-Bofolo, kuba kuti- wa iposi imnka ngolosuku ngexesha lesi- bozo kusasa, Ndayakufika okwenene ku- selixesha. Ebetile u-eyiti sabopa ukuku-mbula e-Rini, safika kona emva kwexesha lesine kakulu. Ndacita imini kona kwasa ndikwela ukukumbula e-Bayi, endalifikelela ngexesha lesitoba ngoku¬hlwa; yayingumhla we 14 ku January 1885. Ndafika izihlobo zindilindele kwi- ngxingwa zonke, ukwenzela ukuba ndibo- nane nazo, ndazimiscla ukuba ndicite iveki ezintatu. Zonkeke ezoveke zontatu ndazicita kakuhle, kamnandi, benobubele nabantu. Ngomhla wesibozo ku Feb., nge Cawa kwafuneka ndibushiyile ubu- mnandi obo, ndakukwela kwinqwela ya- semanzini (steamer) abati yi Danube. Ndafumana umzi omhle wase manzini, ndonwaba kwanga kuse kaya; ndaye ndi- kwele namadoda alungileyo ase Germany, enye ingumpati wesiZolo esitile kwela Mainpondo, enye isinga e-Transvaal . Sa¬fika e-Natal ngexesha le 12 ngolwesi-Tatu ngomhla we 11 ku Feb., 1885. Ndafikela kwindlu yomfundisi wase Durban, ogama lingu Henry Matembula. Ndafika eno- bubele ndawonye nenkosikazi yake. Benza ngako konke abanako ukundonwabisa nokundenzaowasekaya. Ngomhla wama 20 ku February kwafuneka ndikwele kwakona. Emva kwemini yasitabata inqwelana ukusisa kwenkulu. Sifikile apo kwabonakala ukuba asinakusuka ngalomini, salala apo kwada kwangengomso, efikile ungomso sabopa ngexa lesitoba, yasiquba lonqwelo, abati yi Dunkeld. Kwaye kuko namadodana ase Glasgow endaqubisana nawo apo esinga pakati kwe Africa (to the African Lake Company). Yayi- ndlela emnandi kunene, andibuka kakulu amadodana lawo sada sahlukana sisata- ndana. Ngokuhlwa kwe Cawa ngexa le¬sitoba ngomhla wama 22 ku February 1885 sayibeka i-anchor kwi Bayi lase Delagoa. Kwasa zafika izikitshane zokusikupela ngapandle. Lwaba luyapela uhambo Iwam apo.