Title
eng Ubukumnkani Obupambeneyo. (IMVO_1885-11-04_i014)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
Language
Locations Mentioned
eng Cofimvaba
Date
16 October 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-11-04
Identifier
eng IMVO_1885-11-04_i014
Word Count
eng 304
Print Page
eng IMVO_1885-11-04_p003
Page Spread
eng 2.5-3.1
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 3
Print Column
eng 5
eng 1
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
NKOSI MHLELI WE 'Mvo' zohlanga oluntsundu ndincede mnumzetu ndiyakubongoza, ndifakele epepeni le Mvo olusizi lwam nabaninzi bakwa Ngubengcuka, umzi owaziwa kakuhle luluntu lonke ukuba auzange umbinze u Rulumente ngapandle kwenkosana zakowabo o Magcina nama Qwati nama Ndungwana ezi zonke zibangele Amamfengu aselevuya zizikonkwana kulomihlaba. Kodwa yona lendlu yakomkulu isemi nanamhlanje, Amamfengu akakabi nazikonkwane kuwo ekubonakala ukuba Amamfengu ayazama ukuba lendlu iwe nayo. Nditsho ngokuba kusand' ukubako unyana ka Ngangelizwe ucela emantyini ese Mtata ukuba makavunyelwe azokulwa na Mamfengu; ezindaba zixelwa nga Mamfengu. Isipelo salonto kuvakele ukuba unyana ka Ngangelizwe ucele emantyini ukupuma ingqina, into yoxolo ingqina. Emva koko abonile Amamfengu ukuba lendlu ilele impela sozifumana ninina izikonkwane. Wode uqonde enditsho ngako. Kute ku Sept. 16, 1885, kwapuma umkosi wezibonda ezibini zase Mamfengwini u William Kwebulana okwa Hange, no Tshangana ose Qombolo bavingcela esika Bini batimba igusha 136 emzini ka Kafa Mazingi indoda engumkrestu, wati akupuma kanti sebemlalele kuba bengemasela beyimpi efezekileyo eze kubusa indlu ka Mtirara ukuba ilwe iwe ife bamnkele izikonkwane bamdubula u Kafa Mazingi wawa kwalapo. Ngokuhlwa okulandelayo bafunza kwakona kwakulomzi, bafike kulindwe isidumbi igamadoda amahlanu, aposwa ngembumbulu abaleka engapete zintonga, Amamfengu azenzela ezipuluweni nase zinkukwini nemiqokozo. Oh, bahlobo, namhla sinengcwaba elisimanga kuba lomzi ngumzi omdala, u Mr. Warner isikolo abehlala kuso, umzi ongazange ungenwe mkondo kude kube namhlanje. Ukufa kwalomntu akubangwanga nayinto encinane mntu isizatu. Bahlobo) izizatu zemfazwe zenziwa nga Mamfengu zafezeka koko u Mtembu akanamfazwe nangoku umele ukuzibuzela into ayenzileyo. Ke ndafunda epepeni lezi Mvo indawo eti u Mr. De Wet impato ondele kuyo yeyokuba kungabiko nkosi yontsundu kuba sekufunwa ukuba kuwe usapo luka Mtirara. Abalungileyo bakuvuya kuba aba Tembu ababulandelanga obubunciniba ba Mamfengu. Oh, lusapo lwase Mbo namhla nidyobile ilizwe enihleli kulo ngegazi. ligazi elidyoba ilizwi Leseshani encwadini ye Mibalo xxxv. — 33-34. Mandipele ndobuya ndazise ngendawo yesipelo salento nezigwebo. Ndixolele kuba ndidle indawo; kodwa uzundincede nkosi yam undipe indawo. Ndim MSHUMAYELI WENDABA ZOXOLO.