Title
eng U Mr. De Wet Nabatembu (IMVO_1885-12-09_i017)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-12-09
Identifier
eng IMVO_1885-12-09_i017
Word Count
eng 2185
Print Page
eng IMVO_1885-12-09_p002
Page Spread
eng 2.4-3.1
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 3
Print Column
eng 4
eng 1
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Ekubeni sivile ukaba u Mr. De Wet uyakuba se Queen's Town ngo 25 Nov. lo, sibe ngumnyama ukusinga kona, yangu. mntu kwamdaka. Sifikile sangena ngento entle esixekweni, ngababini-ngababini, sakutontelana ngase markeni ; sisiya sibuhlungu ngenxa yesipendu sofuduso olupakati kwetu. Senziwe sati cwaka sipulapule inteto ezakusingiswa kuti ngu Mr. De Wet; ote kwa ukuqala ukuvula umlomo :—' Ndiyamangaliswa ukunibona nilapa nina Batembu base G'en Grey; nibizwe ngubanina nilapanje, kuba andinibizanga, nifane nipika nabantu abati bayanitetelela babe kungeko nento bezenzela awabo amalungelo, ndiyakolwa nemantyi yenu ayinazi nilapanje ; hambani nimnke, nigoduke, ndiyakuba se Lady Frere ngo 27 Nov., apo ndohlangana nani kona, nditemba kanjalo ukuba nakumbona apo u Rulumeni ukuba ngumhlobo wenu wokugqibela.' Watsho wekwitshi, wabangati u Mtembu andingependuli na, waselesitsho eqolo ubuso sebusinge 1®. Ngo 27 November sibekelele kwakusasa sasinga e Lady Frere, sesihamba ngemizimba etyafileyo, 'ngenxa yempendulo enjengaleyo. Sifikile kona sahamba ngababini kungengangamntu, saya pambi kwe ofisi. Sakahlela sati A! De Wet. Emva koko kusuke u Mr. Jenner imantyi yetu wati: —'Ndiyavuya ukubona u Mr. De Wet eko pakati kwenu ingumhla wokuqala ndiyimantyi yenu abakoyo pakati kwenu ; u Mr. De Wet uzakunenzela inteto, aze emva koko apendule yonke imibuzo eniza kuyisingisa kuye, watsho wahlala pantsi. Wesuka u Mr. De Wet wati: Zibonda nabantu besiqingata sase Glen Grey ndiyavuya ukunibona apa niko namhlanje kuba umcimbi mkulu kakulu esizakuteta ngawo, ngakumbi wolufuduso niti nina lufuduso mna ndingalubizi ngokuti lufuduso, ndisiti lutshintsbelwano ngendawo. Bekuya kulunga kakulu ukuba nibe niko ngokupela kwenu, nive nonke isigqibo se Palamente ngawo lomcimbi njengokuba ndiqonda ukuba nitate indlela zolahlekiso kulento. Kule Palamente igqitileyo elinye ilungu lavelisa indawo yokufuduselwa ku Qumbu naku Tsolo, ixoxiwe lento ipelele kwesigqibo sokuba ewe ukuba bayavuma kubekwe entandweni yabo, bazinyulele indawo abangayitandayo ngokwabo banganyanzelwa, ke u Rulumente ukupe indoda engawuhambisa kakuhle lomcimbi, londoda ke ngu Mr. Frost, enditetnbayo njengokuba ndizihonile izihambiso zake ukuba akanyanzelangamntu. U Mr. Frost ekufikeni kwake wenza intlanganiso yezibonda, wafika seninomoya wokuti uzokunifudusa, wanicazela ke ukuba akunjalo uze yena ngokutunywa ngu Rulumente, kubeka pambi kwabo umhlaba ka Qumbu no Tsolo ukuba bati abatandayo bazinyulele akuko lunyanzelo, nina ke nitata umoya wokuti u Rulumente uze kunifudusa namnkela umoya wolahlekiso, endingazi ukuba nawutata pina, kuba ndipaule kwisicelo enisitumele kum ngemantyi yase Queen's Town namhla naninkele umoya wabaxalisi, andazi ukuba bekutenina ukuba niye e Queen's Town niyishiye imantyi yenu, ndingatsho ukuti oko kuposizekile emtetweni, kodwa kukunganiki mbeko emantyini yenu, nto nibangele ukuba ndinibone nizihlwele e Komani ibiyintoni; nishiya imantyi yeau ; niyokwenza intlanganiso kona, koko abaxalisi abamana ukunilahlekisa, anditeni nezizatu abaugazinikiyo bona, kodwa nditata into enjengoko injalo. Anikahambiseki ngangokuba nibe nentlanganiso zenu nodwa njengale beninayo e Qoqodala; kusafuneka nikokelwe ngumntu omhlope, intlanganiso zenu mazibe pambi kwemantyi yenu le, ndinyanisekile ukuba benizise kuyo lomcimbi nibe niwuse kumantyi yase Komani, ngaye niqondisile kwaoko yaba lento ibingabanga njengoku injalo, kuba yona inazi ngapezu kwaleya yase Komani. Ndiyatemba ukuba niwuqo. ndisile ke lomcimbi u Rulumente ebewutumele Frost okokuba awunalunyanzelo njengokuba naye enganyanzelanga mntu. U Rulumente akasakuze afuduse mntu nokuba umnyama nokuba umhlope xa asalulamele umteto wake ezipete kakuhle. Enye indawo nicela itayitile zomhlaba asikuko nokuba lonto ilungile kodwa mandiniqondise: xa nihleli kakuhle nizirola irafu zenu, nilulamele imiteto ka Rulumente, kulomhlaba kunjengokuba senine tayitile zawo nakuba ke ita. yitile ezi zimenza umntu aqiniseke ngapezulu zona. Kulungile ukuba nizicele zona nihlangane nibe zwinye nitumele zwinye ku Rulumente ngemantyi yenu ; ke mna ndingenza yonke imizamo yokuba nizifuma ne itayitile zenu ndinganizamela ngako konke endinako ngazo naknba kuko indawo ezixakayo ekuninikeni nina bantu bantsundu itayitile ze fama nganye, noko lonto avinqandi mizamo ndingayenzayo ukuba manifumane itayitile zefama ngefama, nakwezoke ikwako enye indawaua exakayo kuba xa ifileyo enye indoda kulomadoda yosala nabanina londawo, kuba nina nizeka isitembu abafazi ngababini umtshato ke ongeko mtetweni we Koloni. Ibingalunga kanye lonto xa umteto owaka wangeniswa e Palamente ngamafa enu ude waqiniselwa, pezu koko ndiyakwenza yonke imizamo mna ukunizamela ukuba nizifumane iziqiniselo, (kwabetwa izandla). Ngoku ndonifundela ingxelo yemantyi yenu, eyenze ngawo lomcimbi wolufuduso ; yataho kaloku yagcuntsa ama. doda ngamagama awayebonakalise ukuba unyanzelo luko mhla ayeteta e Qoqodala entlanganisweni. Nanga lomadoda, H. Kalipa, T. Zwedala, J. Pelem, R. Twaku, Mhlanjeni &c. Wati, u Kalipa akateti uyaniso ukuti abantu bayalila babuhlungu kuba befuduswa ezindaweni zabo, ngokuba akuko mntu ususiweyo efameni yake. U T. Zwedala akateti nyaniso ukuti abantu banyanzelwa ngu Frost; kuba kulofama yake bonke abantu abafudukileyo beza kucela ngokwabo ku Frost, wabanika ipasi, nembuyiselo yamasimi abo. U James Pelem akateti nyaniso ukuti u Frost wati ifama ezintlanu, eyase Swaartwater, Vaal Bank, Bowden, Tsembeyi mazifuduke, ziti ukuba aziyi e Qumbu, singene kwindawo ezipakati kwe District; kuba wati u Frost yena ezofama zipakati kufupi nemihlaba yabelungu, ngako ukuba ziyatanda mazizinvulele indawo kwimihlaba eze pakati kwe District. U Pelem nguye umbangeli obangele isizwe ukuba sihlale emaxaleni, ngumxalisi Wesizwe apo yonke lento ivela kona kukuye, kanti yena akanalungelo kulomhlaba kuba ungu Mngqika, abefanele ukuzipata ngokuzola, ukuba angauba zizicaka zika Rula•_ *—i. ziposisile kanye, koukuba zilahlekisiwe ba uko apa ndingavuya amnkele esisiyalo sam, azangabuye enze into enjengale yokuxalisa isizwe, kodwa ke naye njengoko senditshilo, ukuba uyakuzipata kakuhle, u Rulumente akakuze amsuse ; nani Batembu ezintlanganisweni zenu nimlumnkele kuba uzibonakalisa njengofundileyo pakati kwenu abe engumntu ongenalo neshishini alipeteyo esindwa ngumzimba wake, kodwa namhla sisamyala kodwa., ukuba azilumnkele. Ke kundawo yezibonda ebezimisiwe ngokuba beziye entlanganisweni, izibonda azinamfanelo yokuya kwintlanganiso ezinjalo zize zifike zitete, kuba zizicaka zikaRulumente, asiyomfanelo kanye ukuba ziye kwintlanganiso ezinjalo: ziposisile kanye, kodwa ke kuyabonakala ukuba zilahlekisiwe ngababaxalisi, nemantyi itsho ibuye yazixolela, nam ke ndizixolele kodwa zezingabuye zipinde ziye kwintlanganiso ezinjalo. Kuqala mazibeke pantsi umsebenzi ukuba zitanda ukungena intlanganiso. Ngokufuphi emva koko kusuke u Mr. S. Sigenu, wati: 'Siyabulela ukubako kwaka apa, sidana yi nteto enjengale, imantyi lo besingasingise nto kuyo ngalento koko yiye ezifakayo, tina besisati isafika. Tino apa e Batenjini kwa ka Tato no Mtirara, umntuubekulela apa nokuba yi Mfengu nokuba ngu Mgcaleka kungatshiwo ukutiwa ngumnaketsi makanga teti, kude kwaku Warner kunjalo sifike ke tina luhlanga luntsundu sinjalo ; oMtembu uvakulela kwa Ngqika no Gcaleka njalonjalo, njengokuba nasemlingwini tina siti kunjalo, knba i Bhulu liyamiswa lipate abantsundu nabamhlope,nom Scotch nom French njalo-njalo. Lento iyasindanise tina namhla sakuva into enjengale, knba tina inhlanga luntsundu siti entweni esizakuyiteta simise umntu abemnye oyakuba ngumlomo wetu, nanamhla ke senjenjalo, simise lomfana ka Pelem ukuze asiqnbele inteto yetu kuwe. (Kwabetwa izandla.) Kanjalo kulento yezibonda ziti zisateta zinqunyulwe imilomo, mhla kwaketwa izibonda tina apa e Batenjini kwamiswa amadoda abeziziteti kwase zinkosini, asaziswa ukuba asisokateta namhla, ukubake lento inje mabulahlwe ke ububonda (kwabetwa izandla, no ewe mabulahlwe), latsbo lahlala igeza lika Zokufa. Wesuka umfo ka Pelem, wati: 'njengo kuba sendisaziwa kusitiwa ndingumxalisi wesizwe, indawo yobuxalisi bam ndoka ndiyiveke okwangoku, ndobuya ngayo ndakugqiba inteto va Batembu, abandicele ukuba ndibaqnbele yona. I. Into eyabanga isipitipiti pakati kwa Batembu kukutatyatwa kwefama ekwatiwa zitatyatelwa uloliwe, lonto yabavisa ubuhlungu Abatembu, bada badhala incwadi bayisa emantyini yabo u Mr. Driver ukuba ayigqitisele ku Rulumente, besala ukufuduswa; ute umantyi ekuyigqitiseni kwake, wabhala neyake ati kuyo—Abatembu bebevumile ukufuduka ahancamanga ke, batuma amadoda ukuya e Cape Town, yenye yalomadoda le iqale yateta u Sam Sigenu, nam, no Thomas Zwedala nomfundisi wetu obekekileyo u Mr. Warner, nomhlobo wetu osand ukusishiya u Petros Mahonga ; sifikile kona u Rulumente ute utanda ukusipata kakuhle; kanjalo asisokubuye sifnduswe ngapandle singade silwe naye masisebenze sonwabe; Abatembu balahlekwa zimali zabo ngawo lomhlaba nasoke isiqalo sobupitipiti nokungonwabi. II. Emva koko sabona isicelo esatunyelwa ngama Bhulu, esitl: 'u Rulumente makafuduse Abatembu e Swaartwater, Oscral, Vaal Bank, Bowden, Tsebeyi, kuba bayeba, ukuba akabafudusi bakubafudusa ngokwabo ngemipu. Sotuka yilonto sabhala incwadi, saoela u Rulumente ukuba ayale lonto, satsho sacela isiqiniselo somhlaba wonke (Tribal Tittle) ute ukusipendula u Rulumente umhlaba enihleli kuwo ngowexoba (crown lands) ngako wonke ubani owufunayo kuni bantsundu uyakuwutenga, ukuhlala enihleli ngako nisanyanyezelwe nje; yati ke lempendulo kuti yangqinelana nesasicelo sa Mabhulu, ngako sahlala ebuhlungwini obukulu. III. Emva kokutu u DuPlessis e Palamente Abatembu besiqlnga sase Glen Grey mabafuduswe bangamasela; into engummangaliso indoda ukuba nepapu lokuti into engaka yesizwe ingamasela yonke, singapiki ukuti akako njengezizwe zonke, nati asiwatandi ukuba besinokunceda. Lento yasibangela ubuhlungu sakuyibona e Palamente ngamapepa endaba. IV. Namhlanje kufike u Frost etunywe ukuza kuhambisa isigqibo se Palamente nga. lomcimbi, ubize intlanganiso; indawo eku. twa yayiyeyezibonda zodwa ngandiyipikisa ukuba ibingatetwa zinkosi, sendoti kodwa nokuba yayiyeyezibonda ke, kodwa yayikwangaka U Mr. Jenner' msukuyeka ngokuba nditshilo.' U Mr. Pelem, inkosi indi. vumele ke mna nditi yayingeyazihonda, yayikwangangale mhla u Folosi wawungenisa umcimbi lowo. Sati sonke ngazwinye asifnni kufuduka; ute yena kaniye kucinga. Ewe, simnkile, nto iyinyani izibonda azibanga naxesha emakaya ukuhlangana nabantu. U Folosi akemnkangake ase izwi letu, nto siyibonileyo upumile ngokwake wahamba pakati kwesizwe: kwati ke emkondweni wake kwafuduka abantu; kanjalo nkuba indawo yefama ezintlanu epikwayo namhla ukuba akazange ayikankanye ngakuyifudusa lonto ngendiyipikisa ukuba ayitetwa zinkosi, kodwa noko mandivunyelwe ukuba wazikankanya, wada walata emi apa, wati zingakangelelwa indawo nalapa, ukuba akunjalo ingaba indlebe zam zaposa ukuza, okanye itoliki ibe ayilungisanga, kodwa kwaba njalo. V. Indawo inkosi le eyikankanyileyo ziqiniselo, siyibulela kakulu, kanye sitemba kanjalo ukuba xa i Palamente ingenayo sakuyibona imizamo yayo eyakusenzela emapepeni tina sifunda amapepa, kanjalo siqonda ukuba yiyonanto iyakubangela uku. ba bapele oxalisa abantu, (kwabetwa izandla) ingake inkosi yetu ingasizamela ngomxelo wonke wayo. Kwindawo yam yokuba ndixalise abantu kanjalo ndingu Mngqika, ndingenalungelo apa, ndingati tina safundiswa ngabafundisi betu, abamana besiti kuti, yibani banye ningacalulani ngobunantsi-nobunantsi, kude kwangakumbi kulaulo esipantsi kwalo, lo Mntana omhle apo zonke izizwe zipetwe ngokufanayo kungeko kuketa luhlanga nabala ndiyonwaba ke; kodwa liyandotusa elilizwi litetwa yinkosi yetu, lokundahlula ngo uzwe. Asikuko nokuba ndidanile, nkuba iti imantyi yam endiyibeke kangaka, nendati kwamhla yafika apa ndenza icebo lokuba Abatembu beze kuyamnkela, endite nangolufuduso xa abantu bebengxamele ukuyirorela; ndati kubo ningayiroreli imantyi, imele ukusebenza njengoko, njengesicaka sika Rulumente, kanti noko pezu kwalomizamo yam iti ukundivuza—Pelem ungu Mngqika, akunalnngelo apa uxalisa abantu. Nto mna ndiyaziyo njengabanyuli bonke ndiyanynlwa nga Batembu, ukuba ndibaka- ngelelele inowadi zabo, ngokoke pezu kokukuba bendicinga ukuba ndinelungelo kuba ndikwangumntu ontsundu, ngapezu koko ndinyuliwe, ngako ndinelungelo njengabo bonke abanyuli. Emva koko kusuke u Thomas Zwedala, wati, mna ndandingeko mhla ngentlanganiso yokuqala, ndifikile ekaya bate kum Abatembu befama yam, ngomso u Folosi uyakuba Be Guba. Kuse ndikwela ndisiya kona, ndifike xa afikayo komnye umzi, ebala amasimi, ute umnini masimi, 'nali iboma nendlu yam '' ite impendulo, zitwale ezonto uye nazo e Qumbu. —Oh! yeka, u De Wet uyayilahlekisa intlanganiso, pendula lombuzo ngoku : lamntu wanyanzelwana nokuba watandela ?—U Thomas, ndinyamezele nkosi ndiquba into endafika ndayibona ngawam amehlo. —Yayinto endala kujamelene lomadoda mabini ngalombuzo; wasele sifa na- zwana oka Zwedala, kuba amadoda akafani, afana ngendevu zodwa. Ute u Zwedala ku- ndawo ekutiwa abantu befama bafudukile, ndiyayipikisa ngesisizatu. xa abantu bafu* dukayo bosiwa sibonda emantyini ukuya kubhala impahla yabo. —U Mr. De Wet uyifumana pi lonto? Akuko nto injalo, umntu unokuya nempahla yake emantyini wonke otanda ukukufuduka ayibhale ahambe. U Zwedala, tina lisiko esalinikwa zimantyi; kuba umntu angasuke abhale impahla yomnye umntu ngokuyiba emnke nayo, iko tina lonto apa, angavela oti akunjalo. U Zwedala akanikwanga tuba ngu De Wet, usuke wamana embeta emlonyeni, kuba ku ko amatumba ebeza kugqabnka entsebenzo ka Folosi. Kusuke u Kalipa wati, mna nto nditeta ngayo ngabantu befama yam abangazange bacela nakufuduka, abasuke banikwa isaziso sokuba maze bati bakugqiba ukuvuna babatube, kodwa besala bona, yiyo ke into enditeta ngayo ezintlanganisweni. Kusuke u Mankai Tabata wati, nam ndi- nabantu abanikwe kwa isaziso esinjengeso sakwa Kalipa, ababantu babefudusiwe nge- laxa lokufuduselwa uloliwe, abantu besikolo sakwa Ndonga, baza banikwa indawo ngasentla ko Ndonga, kwatiwa mabalime bonwabe kona ngu Mr. Driver no Saner, wabuye waleka, bada bakubela ; namhla ute u Folosi kubo ' zeningabuye nilime nakugqiba ukuvuna, niyakumnka paya, yibani nifuna indawo ngako Ngcuka no Bungu, sekugqi. tyiwe utatyatiwe lomhlaba, u Driver wona ukunisusa ku Ndonga, abuye anibeke kwaku Ndouga.' Bate abanye senze ntonina, ute akutshiwo ukutiwa kuko nto niyenzileyo, bate bona kugqitwe nabanina ke kuba aku- tetwanga nati; ute senisemva. Maze nibhale impahla yenu nentsapo zenu; bate bona asisokuyenza lonto, asivumi kufuduke. Ute ku Mankai uze ubhale impahla yalamadoda ati wona akakuyenza lonto. Ayibhale impahla yetu singamnikelanga. U Mr. De Wet, adiyivile into etetwa nguwe Mankai, ke ababantu bakufupi nomda wabelungu knyaku. hlala kuko izipitipiti namatyala, ke ngoko kulungile ukuba bafudulwe bafunelwe umhlaba onje kwangalowo, ndakutsho imantyi ize ibafunele umhlaba olungileyo olingana nalowo. Ute u Mankai bati baxolile ukwenzelana umda nabelungu kunokuba bafuduswe. Lanyatelwa ngenyawo kwatiwa imantyi iyakubafunela enye indawo; oku lomadoda inyembezi zipalala yonke lemihla; ekubeni enjenje u De Wet. Emva koko kusuke enye yalamadoda u Stofel Nell wati, bendingazi mna ukuba u Rulumente uyaxoka naye, uteta futi kuba u Sauer wayete, anisokubuye nifuduswe. U Mr. De Wet, wavetenina pofu ukuba wayetshilo ukuze e Palamente angateti, kuba iyinto embi ukwapulwa kwezitembiso. Emva koko kusuke iqela labafuduswa ugo- kwabobema pambiko De Wet, bezisa izikalo zabo, abamnkelwa bona ekuvalweni intla- nganiso. Wesuka u De Wet wayala, wabuya wakwela pezu ko Pelem, wamenza, wateta ngento ezimana zisindwa yimizimba yazo zingenawo nomsebenzi eziwenzayo. Pelem ubuteta ngamadama nemijelo, unedamana wena, lipi? Apo ndihlala kona. Pi kona? e Agnes. Ndakuza kulikangela. Ndingauya. Pezu kwako konke ekubeni besiye sisiti sisa izikalazo zetu kubawo wetu sifumene izidubulo, nokunyeliswa okubi. Unga umfana ka Pelem akangetyafi, wanga angalwela uhlanga pezu kwako konke oku, akangele azi ukuba umhlaba ulaulwa zi Africander Bond. Bapina o Saul Solomon, no J. J. Irvine no Innes? Yinina ukuba kuti cwaka? Upina u Kumnkanikazi? Sayana yinene ekutsaleni inqwelo; woyisiwe yinenena nga Mabhulu. Zizwe ezintsnndn funani imali kukutshwe amadoda kwizizwe ngezizwe, e Lnsutu, e Mampondweni, kwa Gcaleka kwa Ngqika, naku Bahlambeli kuwelwe ulwandle, kwenziwe iqinga lokugqibela, kuyiwe ku Kumnkanikazi, sand' ukubuya ngokutsala inqwelo. Lamadoda oxela kwamhla mnene ukuba akusipata ngesandla esomeleleyo (strong hand), ati azintshaba zemvelo zomntu ontsundu (natural enemies of the natives).