Title
eng Ize Nibe Yimbumba Yamanyana (ISIG_1885-01-01_i002)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
SubType of Article
eng Politics
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-01-01
Identifier
eng ISIG_1885-01-01_i002
Word Count
eng 506
Print Page
eng ISIG_1885-01-01_p001
Page Spread
eng 1.1-2.1
Start Page of Article
eng 1
End Page of Article
eng 2
Print Column
eng 1
Coder
eng Sipile Nqiyama
WATSHO ukuyolela u NTSIKANA umfo ka GABA, icamagu lakwa Ngqika,—waya kutshona encwabeni. Ukuba icebo lake, eteta oko kulungileyo kodwa, lalite lagcinwa, kwaza ukuyolela kwake kwabekwa, ngesibona 'ziqamo zimbi namhla nje; ngesibuka zenzo zimbi kunezo zibuninzi budanisayo. Sinovuyo kodwa ukuti esanamhla isenzo esikumbuze lenteto yake, asiso esidanisayo. Sibala siswayitile kuba sincamle itamo elileli—' Umanyano Ngamandlanokuba waye ebona ubunyaniso boko lowo wayolela wati, ' Ize nibe Yimbumba Yamanyama.' Ukuba izinto zeli pakade bekungekuko ukuba zimtyibilizi nje ngolusu Iwe palanga, ngesiba siyabala siti, izolo beku-kanye, namhla kuka-bini sisoyisa, tina bandla levoto entsundu yase Dikeni, ekufumaneni ngomanyano ikete leyetu intliziyo; tanci, ekutumeleni e Palamente umfo ongekabi nasikwa-silima sigxeka ingqondo zabanyuli bake abantsundu ekumeleni yena, bamtuma ukuze aye kuba ngumlomo, nommeli wabo; mva nje, ekulweni imihla emitatu ngo 2, olwe 8, nolwe 4 ku December idabi lelungelo yetu esilivulelwe ngumteto lokuba ngabavoti, nanje ngalipina i Bulu le Afrikander Bond. Abufundi betu bokumbula ukuba sabazisa kwi Sigidimi siku November, ukuba oba ngakananina amalinga aya kwenziwa yinxenye yabamhlope e Dikeni, ukucasa abamnyama ukuba bangangeniswa encwadini yo ' Voto.' Sawacebisa amakowetu ukuba aze ayilwe lemfazwe; kwenziwe intlanganiso ingekafiki lomini, kuyilwe amaqinga empumelelo; kufunwe umcazi-mteto oya kuwatetela; kumanyanwe kuko konke okwenziwayo, kungabiko okwakucekecana kokuti lo li Lawo, lo yi Mfengu, okanye nguMxosa, iseso isizwe sizibonele. Icebo latatyatwa. Intlanganiso zabako; kwacelwa u Mr. R. W. ROSE-INNES oyena mcazi-'mteto utshatsheleyo e Qonce, ongumninawe we ' lungu letu ' le Palamente, u Advocate INNER, M. L. A Lomihla yomitatu ka December, yaba ngumnyama idolopu yase Alice yimidaka eze ngesihashe sayo, ixwaye kunene iziqiniselo zemihlaba yayo, kunye nobunye ubunqina eyayinabo, ukubonisa ukufanela kwayo ukufakwa encwadini yo Nyulo. Asisakuba sangena kokwenzekayo lomini; koko sonqu mla siti uninzi Iwapumelela; nabasileleyo inkoliso babangwa kukungaveli ngeziqu zabo. Kutelekelelwa ngababe namatuba okuwabala amanani, ukuba ngoku abanyuli abamnyama bodwa besitili sase Dikeni, kuqukwe nesase Ngqushwa, bapakati kwama 300 nama 400; ekungati ukuba kunjalo, sibe netemba lokuti elunyulweni olutsha Iwamalungu e Palamente, izwi letu aliyi kwabelwa indawo ezaleni nje ngexazi elingena msebenzi. Ngemigudu ka Mr. INNES, nebuyambo lika Mr. WATSON owati, njengendoda, wazixela mhlope ukuba, ' 0 ! ndiyabona ukuba ndiposisile ngoninzi Iwala magama—bendiba akafanelekile ngokohlobo mna umteto ebendiba uteta Iona [ixabiso lezindlu kupela] ukuba angene; andiyi kuwacasa, kuba kanti kuhleliwe nje kuqukwa nomihlaba ezimi kuwo ezondlu, ne zilima wona, kwelixabiso ligwebayo.—Bendingaze kwenza oku ngabutshaba kumntu ontsundu, njengoko ndidunyelwe ukuba ndilulo, kungenjalo kodwa; kananjako bendingaze kwenza nkani nje kodwa, bendilwela ubulungisa.' Yenjenjalo intsingiselo yenteto yalondoda, yacasa mahlanu kupela endaweni yamashumi amahlanu eyaye izilungiselele wona. Asikuko nokuba libalele ilanga apa e Dikeni, nendlala iyonke; kodwa sasite sahlanganisa imalana emayela kwi £4 10s, ukubulela u Mr. INNES, ngoncedo Iwake, nokuncipisa indleko zake. Koko ute ngobubele obukulu, nesisa esincomekayo wala ukuyamkela lomali, ngetuba lokuti ebeze kusinceda njekodwa, kunjalo nje uyazi ukuba kuyalanjwa emakaya ; indleko ezo zesiqu sake wosel'ezitwala ngokwake; imali leyo besiyihlanganisile masiye kwabela ababetekilevo zintswelo zokutya. Site sisancoma isenzo sokoyisa kobuciko bake, ukutetela into eninzi kangaka, ekute bambalwa kanye abamposileyo kwababeko, ngeziqu zabo,—Be ngnga imilomo kaloku ukumangaliswa sisisa esiqukumbele eso senzo. Bafundi, zileseleni ngokwenu nantso incwadi yake awabalela, esel' esekaya, amadoda away' eze kuwalwela e Dikeni, ukuzinzisa inteto awayiteta kuwo ngo mlomo;—