Title
eng Imfundo E Lovedale (ISIG_1885-02-02_i002)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
SubType of Article
eng Education
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-02-02
Identifier
eng ISIG_1885-02-02_i002
Word Count
eng 959
Print Page
eng ISIG_1885-02-02_p001
Page Spread
eng 1.2-2.2
Start Page of Article
eng 1
End Page of Article
eng 2
Print Column
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
LENYANGA idluleyo ibaluleke ngentlanganiso zabamnyama ozibekoyo ngapesheya, nanga ponotshono kwe Nciba. Sibe netamsanqa lokutunyelwa ingxelo zazo esizishicilela kwesi Sigidimi. Enye ib'iyeyabafundileyo, enye izibika ukuba ayinjalo. Sisuka ekufundeni zona ezongxelo ngoku, safumana ukuba kwenye yazo bekuyawa dubula inkanunu zamazwi, namabongo ayawantinge abeka 16 emalengelengeni; —nje ngeli gwebu lesepa kutiwa ngama Ngesi yi ' bubble ' lis'azeke livutelwe zintsapo ngenqawa yetambo, mhlaumbi ngeximiheya—liti lakuba lite mpu ngu moya, ize lintingele pezulu, liyinqukuvana, likazimla, lilihle ; liti usabukela,— suka gqabu, tshabalala! Sinamanqakwana esesiwabekise kweya kwa Centana; asikabi nakuyingena namhla eyase Debe,—eyabafundileyo. Leyo ibaluleke ngenteto esimangalisileyo ka Rev. ELIJAH MAKIWANE, umfundisi we Free Church, wase Rwarwa. Icala azinikele kulo, kuyo lengxoxo asite nqa tina ukuba azibike kwase ntloko, nje ngokutsho kambe kwe Mvo Zabantsundu, eziti ute—' Ndiyazi ukuba ndiza kuzifaka ema- lahleni.' Iyinina kona? U Mr. JOSEPH Moss wafunda kwi ntlanganiso yabantsundu e Diamond Fields kunyaka odluleyo, ipepa elatakazeIwa yinto eninzi yamakowabo, nje ngokuba nakule yase Debe intlanganiso ike yacofwa lomvaba yasikwa, yaliwa nguye; ilugadla, imasi ayole kunene. Pakati kwezinye izinto awazitetayo wati, ' Isiqalo esenziweyo ukusekwa nokuqutywa kwe mfundo pakati kwabantsundu beli lizwe, siposisekile, sigwenxa.' Saxonxa indlebe siba uza kuti ' Ngebete aba Fundisi ukuqala kwabo bati; ' mhlaumbi, ' Nje ngokuba kunjenjenje bafanelwe kukuti ukuhambisa kwabo ngoku,'—kuba kaloku yena utwasile, wabona eb'ekungavelelwanga mntu wumbi. Kanti ke ngu Notshe, kude kube namhla nje, isuke yangu lagqabu-tshabalala wala ' bubble ' sizekelise ngayo. Azi ukuba aba Fundisi abeze kulibeka 'eloqelana landayo ' kweso siqibi ' sokupaula okuposiswayo,' bebeya kulinda oluhlobo lokuveliswa kwamacebo, ' nokuboniswa kwezinye izinto ' zase mfundweni ateta kona u Mr. MAKIWANE, ib'ingayi kuba kukuza kuka NXELE na ukukanyiselwa kweli lizwe? Ngonyamezelo olukulu, nenyameko engumzekelo, baquba bona umsebenzi wabo abafundisi, nangona bexulutywa zimbokotwe zabo babavusileyo, nje ngo DAVID exulutywa ngu SHIMEI kula- nduli yase Behurim. Kwi Sigidimi sika November odluleyo sateta lamazwi:— ' Kuko inkolo pakati kwabanye abati bafundile kumzi ontsundu, enxamele ukulahlekisa amakowayo ngokuti imfundo iyehliswa kuti belo bala, okanye kuyakohliswa ngaba bati balinga ukunyusa ngayo olo luhlanga. Akuko nto injalo e Lovedale, nokuba kungaba kunjanina kwezinye indawo. Lomzi uko nje ukolo ukunyusa uhlanga olumnya- ma Iwase Afrika ; izakiwo namalinga akade esenziwa, nasa xatalazelwa ukwenziwa nanamhla, anqina ukuba abo bateta ngokunjalo babukuqa uninzi ukuba lulahleke.' Sinovuyo ukuti ngalondawo,—' lamalinga asaxatalazelwa ukwenziwa'—namhla sifike encamini yokuyibika ukuza kufezeka kwayo. Intsuku ezintatu kususela ku 23 kuye kolwa 25 ku September. 1884, kwahlanganwa e Rini ngabafundisi abamhlope abatandatu, bamahlelo amatatu,—o Revs. Dr. STEWART, wase Lovedale, no BRYCE ROSS, Pirie, abe Free Church; JOHN A. CHALMERS, wase Rini, no WM. LEITH, wase Somerset, abe Presbysterian; no T. D. PHILIP, B.A., wase Graaff Reinet, no S. J. HELM, wase Rini, abe Congregational Union. Intlanganiso, yabo ngokutunywa zintlanganiso ezinkulu zalomahlelo-hlelo yaye iyeyo kulungiselela zonke indlela zemfundo equbela pambili,— ngokukodwa ngokubekisele kweze Lizwi izifundo; noku- sulungwa kokuqeqeshwa kwa bafundela ubu Fundisi e Lovedale; nokuba bu Vangeli, okanye ubushumayeli nje kodwa, okutiwa bu Lesi-Zibalo, nje ngokohlobo eyakutambela yona intloko yomfundi, namatuba ayakuba semandleni ake. Icebo labo,— esel'ibuvunywa zintlanganiso zabafundisi abalaulayo apa e Koloni, engoku lisingiswe esinqeni peshe- ya,—lipelele kwindawo ezongezelele kwezo besezibuleleka kade; ayakuti umntu omnyama ote wafumana lomfundo ngokuzeleyo, angaze abe nakoyikela sigxeko sokuswela imfundo ebukekayo, napakati kwalipina ibuto laba mhlope. Ngokufutshane zezi indawo ezisaveliselwa. ukumiswa lolu lumanyano Iwala mahlelo matatu siwakankanyileyo. 1. I Professor—oko kukuti abafundisi abapakamileyo abatatu, ileyo iyakubalelwa isibaxa eyakutabata sona uku- fundisa. 2. Izifundo ziya kususela kosele epumele kuviwo Iwa- kwa Rulumente, oluyi Elementary Teachers' Examination, okanye apumelele olwe Cape University School Examina¬tion. 3. Umfundi oza kungena kofuneka eze nencwadi zobu- hle besimilo sake, ezipuma kumfundisi avela kuye; ati ukuba uza kufundela ubufundisi, avelise incwadi yobu Krestu bake. 4. Izifundo ziya kutabata iminyaka emitandatu, eyakuti eyokuqala yomitatu ibe yeye zifundo ze Arts Course ezibe- kiselele ke kubulumko bento zelizwe. Iminyaka leyo iya kwahlulwahlulwa ngoluhlobo:— KUNYAKA WOKUQALA:— Inteto yesi-Ngesi ne Ncwadi zayo ezityebisa ukupuhla kwayo; Imbali ye-Zizwe; ne Zibalo zokuhluza ubucopo ekutiwa zi Mathematics ne Algebra. Soti isi Latin sifundiswe xa sukuba sifuneka kuviwo Iwakwa Rulumente. KUNYAKA WESIBINI:— Inteto yesi-Ngesi, ne Ncwadi zayo ; Ubulumko bokuhluza i Ngqondo, ekutiwa yi Mental Science ; no Bulumko bokuhlelwa kwemi Ciza, ekutiwa yi Chemistry. Koti kubeko isi-Bulu nesi-Xosa kowoti afune ukuzifunda ezonteto. KUNYAKA WESITATU :— Inteto yesi-Ngesi, ne Ncwadi zayo; Ubugcisa bokuhluza Isimilo, ekutiwa yi Moral Science; ize ke ekucedululweni kwezinto zokuma kwe Mvelo, ekutiwa yi Elementary Physics. Kwabo baya kufuna imfundo yobu Fundisi, eyakutabata iminyaka ekwa mitatu, kofuneka bepumelele uviwo loko bakufunde kule Arts Course yokuqala iminyaka aiyicazileyo. Ezabo ke izifundo zoqutywa ngolu hlobo :— KUNYAKA WOKUQALA,—Kucedululwe Izibalo ze Testamente Endala; Kupendlwe into eyiyo Imbedesho—eso kutiwa yi Systematic Theology; kulandwe Amavo e Remente ze Testamente Endala. KUNYAKA WESIBINI,— Kuqutywe kwanje ngowo kuqala unyaka nge Zibalo ne Mbedesho; ize ke kutatyatwe Imbali zama Bandla; kongezolelwe eyo Kunaba kwe Lizwi kumazwe elite latunyelwa kuwo, {History of Missions.) KUNYAKA WESITATU,—Kucedululwe Izibalo ze Testamente Entsha; kugqityelelwe ukupendlwa kwe Mbedesho nokwaziwa kuka Tixo; kutatyatwe Imbali zama Bandla; kupengululwe Ukwazi kwo Kondliwa kwe Mipefumlo, ekutiwa yi Pastoral Theology. Ngokubekisele kwinteto zesi Grike nesi Hebere kuvunyelwene ekubeni ' Nakuba libonwa ixabiso lazo ezinteto, akuqondwa mfuneko ipi, okwangoku, ukuba inyanzelwe imfundo yazo. Ukuba kodwa kuko 'Hlelo litile libona ukuba umfundi walo uzifanele ukuba azazi ezonteto, loti elo 'Hlelo lilungisane ne Professor ezo ngokufundiswa kwake ezo nteto.' Abafundi beta abavanayo nesi-Ngesi, bozifumana ingxelo zalo ntlanganiso yabo bafundisi batandatu kwi Christian Express, icazwe ngokuzeleyo nokucacileyo ngapezu koko isi Xosa sinokuyimisa ngako. Injalo imigudu eyilwa e Lovedale ukunyusa imfundo. Asikuko ukuba kukona iqalwayo namhlanje lomigudu, kuba o Mr. MAKIWAME no Mr. Mosa abo babala ezinteto ngezi- mini ngabanye bokuqala abaziqabelayo ezonkalo bona kanye, kona e Lovedale apa kwiminyaka edluleyo. Into entsha lumanyano olu Iwamahlelo ngamahlelo; ebe singati ngendlela emfutshane ngalo, kutatyatwa ibanga lokuqala elisi- ngisa ekusekeni i 'University yaba-Mnyama' e South Africa, nakuba okwangoku iseye yobufundisi kupela. Kokwenu ke dodana Iwakowetu ukuyikutaza lomigudu, okanye niti ngezi nteto zibeda amadlaba, nibuyisele emva amalinga abahlobo benu, abapantse ukungalali ubusuku nemini ngamaxala okunyusa, noku lupanda oluhlanga Iwakowenu.