Title
eng Amangqika Phesheya Kwe Nciba (ISIG_1885-02-02_i005)
Found in Newspaper
Article Type
xho Announcement
SubType of Article
eng Meeting
eng Education
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-02-02
Identifier
eng ISIG_1885-02-02_i005
Word Count
eng 1643
Print Page
eng ISIG_1885-02-02_p003
Page Spread
eng 3.2-4.2
Start Page of Article
eng 3
End Page of Article
eng 4
Print Column
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
INTLANGANISO YOKUQUBELA PAMBILI INKUTALO. NGOSUKU Iwe Nibidyala bekuko intlanganiso emnandi kunene emzini ka Mr. A. Gontshi, e Alloeville ekungeneni kwe Tyityaba e Nciba. Into ebizelwe yona yayikukuqonda indawo ezimbini ezibonakele e Sigidimini siku 15 August, 1884, kwincwadi ka TAND'-UHLANGA owati, ' Amangqika asezanti ngemisebenzi yenkutalo.' Eyesibini indawo ikwa sencwadini ka TAND'-UHLANGA e Sigidimini sika December 1884, ate, ' Amadodana afundileyo akanamizi, ngamahilihili, namaqokolwana apile ngokutshonisa abangafundanga'' Nokuba kuyilwe intlanganiso enje ngalo ixelwe entloko. Kwakuko kuyo u Feni Tyali (inkosi), u Kondile Tokwe (inkosana), u Ndamase Kona (inkosana) no Pistoli Sandile (inkosana) ; kumanene kwakuko umnini-kaya, o Messrs. W. F. Bassi wase HebeHebe, J. Peters (Hebehebe), Chas. Nkente (Engqosi), L. M. Gongwana (Teko), W. Bombo (Alloeville), T. G. Soga (Centani), no J. Kota wase Kobonqaba. Intlanganiso yavulwa ngomtandazo ngu Mr. W. F. Bassi. Egqi- bile usukile u Mr. Gontshi waxela ngokufutshane into ebizelwe yona intlanganiso, wacela ukuba inkosi u Feni atabate isihlalo. Ute namhla uyakupuma esikweni, acele inkosi ukuba ipose amazwi noko ibambe isihlalo, izinto nemeko yezinto ayifani. Ute ke u FENI ulusizi ukuva amazwi ka Tand'-Uhlanga. Nokuba ngubanina, ngumnina u Tand'-Uhlanga, utete into eyinyaniso, ngoku- kodwa ngendawo yamadodana afundisiweyo. Ute bona bangamaqaba abafundiswanga, usapo Iwabo nabaninawe batatyatwa (kufupi nekulu lamakwenkwe) yi Governor u Sir George Grey, kwatiwa luya kufundiswa ubulumko nengqondo entle, luze lunyuse ama Ngqika. Bebuyile kubuye amanxila, amahilihili, nabalahlekisi bentombi zabantu. Akuko namnye kwelo qela onomzi onokusela namanzi kubo. Nakweli buto lifundiswe kweli lizwe ababoni nto. Bambona umntu ofundileyo elihilihili eti akufunda agqibe ilizwe, amlahle uyise nonina, ingabonakali nento ayisebenzelayo, ekubeni ngemfundo yake makancede izihlobo zake usuke azicase, eze enamatyala okulahlekisa intombi zabantu ekaya. Imfundo yona akayideli ngokwayo, umntu ontsundu yena uyaliwa yiyo. Zipina iziqamo zemfundo, siboniseni tina zidenge. Niteta ngokuba sifundise usapo Iwetu, kanixele iziqamo kuqala. Silindele ukuba ikaba elifundileyo libonise imisebenzi yemfundo ukuze situmele usapo Iwetu emfundweni. Inkosana u KONDILE ute inteto yake yileyo itetwe yi nkosi u Feni. Uyambulela u Tand'-Uhlanga lomfo ungaziwayo ngokubala ngezi ndawo. Okunene ama Ngqika akayilimi ingqolowa nehabile izinto ezinyusayo. Lixesha ke ngoku ukuba ezonto zilinywe, oko kwake uyatembisa ukuba uya kuqala kwangalo nyaka alime. Okunene bayakala ngabantu abafundisiweyo. Ipina imizi nezikundla zabo? Unanina umntu ontsundu ofundisiweyo lento ahlala eqeshwa kupela engena mzi? Ipina nento esetyenzelwa ngabafundileyo? Uyavumelana no Tand'-Uhlanga ngezi ndawo zombini. Masizame ukuqubela pambili imisebenzi yenkutalo. Ubeka igama lake ukuba abe lilungu lentlanganiso. Inkosana u NDAMASE ute u Tand'-Uhlanga ubeke kuqala ityala kuma Ngqika onke nganeno kwe Nciba lokuswela inkutalo, bamelwe ukuba balipendule elotyala ngalo lonke ixesha abangenako ukuti iko inkutalo. Okwesibini ubeke kudodana Iwaba ntsundu olufundileyo lonke ityala lobuhilihili. Uyavumelana no Tand'-Uhlanga. Yena uliqaba akaboni ziqamo zilungileyo kwabafundisiweyo. Umbona ofundisiweyo engena mzi, engasebenzeli nto ingaluncedo Iwanto elu- hlangeni, kusuke kuye kunyuke iratshi nokuzinyusa. Zipina iziqamo ezilungileyo zemfundo nemizekelo enyusayo eluhlangeni. Ute igama lake malibekwe abe lilungu. Inkosana u PISTOLI ubulele u Tand'-Uhlanga noko angamaziyo uya- mtanda ngokuvelisa ezindawo. Ngokukodwa ngendawo yesibini— engamabuto afundisiweyo—inteto yake yileyo itetwe yi nkosi u Feni. Ipina imizi yabantu abafundisiweyo? Ipina imisebenzi nemizekelo emihle yenkutalo neyokunyusa uhlanga? Uyatemba ukuba lentlanganiso iyakuvelisa imisebenzi elungileyo enyusa uhlanga. Ute ulilungu layo naye. U Mr. LUDIDI M. GONGWANA (Teacher e Teko) ute ubulela kuqala ku Tixo ukufumana lemini yokuqala enyakeni, nezihlobo zake esapilile. Ezindawo zitetwe ngu Tand'-Uhlanga zinzima. Eyokuqala iteta ngokusweleka kwenkutalo kuma Ngqika. Okunene ingqolowa nehabile azikatalelwe kulinywa ngama Ngqika kweli lizwe. Yindawo yokuke icingwe ngama Ngqika alapa ngokukodwa, kwenziwe iqinga kwanamhla, esi sigxeko kuti ma-Ngqika simelwe ukupendulwa. Ngendawo yesibini udanile njengomnye wabafundisiweyo ukuva umzi ukala kangaka ngabafundisiweyo. Yimfanelo yetu tina bafundisiweyo ukuba sifune iqinga, sizame ukubonisa imizekelo emihle nenyusayo eluhlangeni. Intlanganiso mayiyilwe kwanamhlanje yokuqubela pambili inkutalo—igama lake ufuna libekiwe elilungu layo. U Mr. W. F. BASSI (Teacher O Hebehebe) ute okunene indawo yoku- qala etetwa ngu Tand'-Uhlanga inkulu, imisebenzi yenkutalo kuma Ngqika ayiko. Ute ngeyesibini indawo ateta ngabafundisiweyo iseyikangelwa e Koloni zintlanganiso zemfundo i Native Educational Association ne Teachers' Association. Ngendawo yokuqala uvuyile ukubona inkosi. Intlanganiso mayimiswe yokuqubela pambili inkutalo. Igama lake ufuna libekiwe. U Mr. W. BOMBO (umlimi e Aloeville) ute ubulala u Tand'-Uhlanga ngokubala ngezi ndawo. Okunene ama Ngqika abeka emva ngemisebenzi yenkutalo. Imfundo yona ilungile, ityala lisebantwini. Intlanganiso mayibeko yenkutalo. Igama lake ufuna libekwe abe lilungu. U Mr. CHARLES NKENTE (umlimi e Ngqosi) ute uyavuya ukubona inkosi namanene akwa Ngqika elapa Okunene u Tand'-Uhlanga ubale indawo ezinkulu zombini. Kuma Ngqika kuqala, nakudodana olufundisiweyo Iwabo bonke abantsundu ezindawo mazilingwe. Intla- nganiso mayimiswe yenkutalo. Igama lake ufuna libekiwe abe lilungu layo. U Mr. Tiyo G. SOGA (umbali e ofisini, Centana) ute Uvuyile ukubona inkosi namanene akwa Palo eko apa. Uyavumelana nendawo esibalwe ngu Tand'-Uhlanga, into inye kwindawo yokuqala, nge engatshongo ukuti ingqolowa nehabile zipantse ukungaziwa. Ama Ngqika asafika kweli lizwe ebengelindelwe ukuzilima ezo zinto. Intlanganiso okunene mayimiswe—igama lake ufuna libekiwe abe lilungu layo. U Mr. J. KOTA (umcweli) ute uyambulela u Tand'-Uhlanga ngoku- velisa ezindawo. Intlanganiso mayibeko, igama lake ufuna libekiwe abe lilungu. U Mr. J. PETERS (wase Hebehebe) ute okunene yinyaniso ama Ngqika asemva nge nkutalo, ingqolowa nezinye izinto ezinyusayo mazilingwe. Ngendawo yesibini yododana olufundisiweyo uvumelana no Mr. W. F. Bassi ngalo ndawo, iq'inga selifunwa e Koloni zezi ntlanganiso azixelileyo. Ufuna elilungu. U Mr. GONTSHI (umnini-kaya) nte uyavuya ukubona inkosi namanene akwa Ngqika apa namhlanje. Ngalemini yokuqala kunyaka omtsha uyabulela e Nkosini ulondolozo kumnyaka ogqitileyo, mabaziyaleze kwakuyo kuwo lomnyaka mtsha. Uyazibulela inteto zama Kosi namanene, ngokukodwa imvumelwano yokuba intlanganiso ye Nkutalo ibeko. Uyibize lentlanganiso ngenxa yokupaula kwincwadi ka Tand'-Uhlanga e Sigidimi sika 15 Aug. 1884, ate emveni kokuquba ihambiso yaba Tembu nama Mfengu, encoma izakiwo ezihle nenqubelo pambili, wati kuma Ngqika,—' Ama Ngqika asezantsi ngemisebenzi ye Nkutalo, ingqolowa nehabile zipantse ukungaziwa'' Ute ke usakuke aqale atete ngale ndawo—ucinga ukuba lendawo lityala elite dzu kuma Ngqika anganeno kwe Nciba, lokunqena noku- beka emva kwimisebenzi yenkutalo nenyusa uhlanga. Njengom Ngqika uva into embi ukuba engenako ukumpendula u Tand'-Uhlanga ngokubukali alipike eli tyala. Nakuba ityala lilibi, litoba, bamelwe kukuliginya. Imisebenzi yenkutalo ndifikile kweli lama Ngqika oku- nene ayiko. Ingqolowa nehabile zipina? izindlu ezifanelekileyo ziko na? Uyacela nokuba ngubanina kule ndlu ongavelayo ati ngoku ezo nkutalo ziko. Akuncedi nto ukuzidla ngobu Ngqika nobu Palo, into efunekayo ngala maxesha yimisebenzi enyusa uhlanga, simelwe njengamadoda ukuba siyiqonde lendawo. Ama Ngqika—noko kukubi ukutsho—asemva kanye emisebenzini enyusayo, andikunifihlela mna. Ndadana ndakufika kweli lizwe, ndibone ama Ngqika enje ukuba semva. Ama Ngqika ngabantu bokuqala ukuhlangana no Mlungu, kodwa imfundiso zenkutalo abazibone kube Lungu befikile kweli lizwe bazifake ezingxoweni zabo, barola ubuvila nokunqena. Ute uyababuza bonke ukuba bangama Ngqika enene na, nokuba yimifane- kiso yawo? Ukuba bangawo uyababuza ukuba baxolile na ukuhlala pantsi basonge izandla, bati asinakwenza nto iyimisebenzi yenkutalo, nokuba bayo kulinga? Ukuba baxolile ke maibe la angoku ama Ngqika ayimifanekiso yalawo akudala— imifanekiso emibi kanjalo. Ukuba bangama Ngqika enene uyatemba ukubona imisebenzi kwakamsinyane. Ama Ngqika akudula ebengatandi ukwanyelwa zezinye izizwe nokuba kukuyipina into, kodwa nina niyanyelwa ngaba Tembu, nama Mfengu, ngemisebenzi yenkutalo. Ikwele alincedi nto nisemva. Ute ucinga ukuba abasesikolweni nabafundisiweyo banetyala ngapezulu bona kuba ngebekokela. Ute ulusizi ukuti abafundisiweyo bawuyekelele umzi obomvu ebudengeni. Ipina imisebenzi yetu tina sifundisiweyo nabase sikolweni kwa Ngqika apa. Ute uyitiyile intlalo .ehalafu ngokukulu. Into zimbini, enye yuzo masibe yiyo, Ukuqubela pambili, nokubeka emva. Ukuba tina basesikolweni usivumi ukuhambela pambili masilahle kwanamhlanje ezingubo zase Mlungwini ezalata ukuqubela pambili. Kulunge ngapezulu ukuba sixele ngoku ukuba soyisiwe kukukanya, sibuyele kwingubo ebomvu, silule nati ecaleni kotango njengomzi wakowetu obomvu, sigcine abafazi ngababini abalambileyo nabanqinileyo (njengoko banjalo abafazi benqenera), sishwabanise ubuso pezu kwabo sizingca ngobudoda obungena msebenzi, (kwahlekwa). O! intlanganiso iyahleka, ukuba ke eso simo sibonakala singalihlazo simelwe ke kukuqubela pambili. Into efunekayo ngoku yintshukumo ebekisa pambili kwimisebenzi yenkutalo. Kwanele sidiniwe ngamanyatelo abeka emva. Ilizwe lenu lilizwe elilunge kakulu engqoloweni nase zihabileni—ingqele ayilali ebusika umntu angalima ajikelise—layo likauleza ngokungumangaliso. Make ndilinganise— ndifikile apa ndenze amalinga ndahlwayela umbona ekupeleni kuka August, ndamtya umbona omtsha nge 30 November. Ingqolowa endayihlwayela ngelinga nge 15 October, yiyo leyo eniyibonayo elungele ukusikwa pambi kwe 15 January lo. Ucinga ke ngoko ukuba lihlazo ukuti umhlaba unje ukulunga kwawo bangawasebenzisi amalu- ngelo awo. Ulindele bonke bona balapo kwangalo nyaka ukuba balime babonise imisebenzi emihle equbela pambili. Ute uyatemba ukuba lentlanganiso u Tixo woyisikelela emizameni yayo ukunyusa nokuvuselela umzi. Kodwa uyawayala amalungu ayo ukuba alumkele intshaba zayo, eme ati nqi njengamadoda. Maze nilumkele ukuti ' Abantu bayakuli'' akuko nto itiyeke njengokuva umntu esiti andina kuyilinga into etile abantu bayakuti. Kangelani apa, umntu nokuba ngabantu abanamsebenzi ngalo lonke ixesha abaya kutintela icebo elilungileyo. Lomntu otintelwa ngabantu ekwenzeni into akayiyo indoda. Umntu uya kukwenza ntonina—ukatala yinina wena nguye ungasuke wena wenze lonto. Umntu akanamsebenzi, angateta ngokutanda, agxeke, ancome ukuba uyatanda, kangela umsebenzi wako wena. Uyatemba ukuba akuko nomnye kule ntlanganiso oyakuze aviwe esiti ' Abantu bayakuti?' U Nongqause eyinkazana wasoyisa isizwe wasilahlekisa eyedwa. Kunqabe ntonina ke tina kuti singa madoda sibaninzi nje ukuwoyisa umzi wakowetu ngemisebenzi emihle enyusa uhlanga. Kule ntlanganiso kufuneka izenzo, akufuneki madinga kupela. Kwincwadi kaTand'-Uhlanga e Sigidimini sika 1 December 1884, upaule imbali ka Professor Humiston umqali we mashini wokunqanda ukubola [refrigerating machine'), kutiwa elo nene lenza amalinga angapezu kwe waka lingapumeleli, lazama Iona lada loyisa. Ucela amalungu ale ntlanganiso ukuba maze nawo atate lomoya wokungadinwa, asiyonto nokuba kuqala amalinga akapumeleli, linga wena wode woyise. Xa ubunzima bukoyo masilwe nabo singasuke sihlale sikwine pantsi kwabo, masizame ukoyisa, yinto embi ukuqoshwa-qoshwa bunzima, kodwa kumnandi ukuloyisa iqina uqabele ngapaya. Baninzi abaya kuti, ' U! keneva, mawo! onantsi, kutiwa balinga izinto ezitile.' Maze nina ningazikataleli ezo zigxeko nikangele pambili nicinge ngoloyiso ngapaya kobunzima. Ngendawo ebekisela kwabafundileyo—yinto embi ukubona umzi ungena kusitemba, nivile kambe isikalo ngati. Masizame ukuba ubuhilihili bupele, masizame imisebenzi yokunyusa uhlanga ukuze nomheyideni abone iziqamo ezilungileyo ze mfundo. Okokugqibela ute lentlanganiso mayibalele incwadi ku Capt. Blyth, C.M.G., emazisayo ngale ntlanganiso, necela uncedo Iwake kuyo. Ute u Capt. Blyth linene alibuka kunene ngento enye—imizamo yalo imihla ngemihla ukuziyala izizwe azipeteyo ezintsundu ukuba ziqubele pambili inkutalo. Baninzi abazicingela ukuba banyusa uhlanga oluntsundu, kodwa u Capt. Blyth yena uyakubonisa oko ngezenzo nangenteto zake ezintlanganisweni zonke abakoyo kuzo zaba ntsundu. Ute uyakolwa kulaulo Iuka Capt. Blyth kanye, unga yena angabonisa ubukali obungapezulu ukunqanda ubuheyideni nobu- vila. Incwadi ivunyiwe. U Mr. L. M. Gongwana uyivale intlanganiso ngomtandazo. Yapela ke intlanganiso emnandi kunene nevuselelayo.