Title
eng Umanyano Ngemfundo (ISIG_1885-02-02_i006)
Found in Newspaper
Article Type
xho Announcement
SubType of Article
eng Education
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-02-02
Identifier
eng ISIG_1885-02-02_i006
Word Count
eng 1248
Print Page
eng ISIG_1885-02-02_p005
Page Spread
eng 4.2-5.2
Start Page of Article
eng 4
End Page of Article
eng 5
Print Column
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
Lentlanganiso yeli Bandla yenzeke e Debe, kwa Marela, ngosuku Iwe 6 ku January 1885. Kuqalwe ngokufundwa incwadi yo Monga- meli, u Rev. E. Makiwane, yokuzibika, ngendawo yokungabi nakufika kwase ntloko koko eyakubako kweya ngokuhlwa. Kucelwe ukuba ke kubambe u Rev. E. Magaba esihlalweni, yavulwa ke intlanganiso ngomtandazo, inani elaliko yayi ngama 36. Kufundwe ingxelo yentlanganiso yomnyaka eyayise Bofolo ngo July 1, yako ke yavundiswa. Kungene ezincwadi zaba ngabangako zixela izizatu zokoko. Abanje ngo Messrs. J. K. Bokwe, Ebon. Mhlambiso, N. J. Bovula, Wm. Mama, Rev. W. Philip nge ka Mr. Bokwe, no Mr. S. Dlakiya. Zonke ezozizatu zamkelekile, kupunyiwe ngentsimbi ka 2.30 p.m. Kupindiwe kwangenwa ngentsimbi ka 4. Kwangeniswa amagama .amalungu amatsha ango Bovs. P. J. Mzimba, B. Mama, D. Msikinya, nabanye, babe li 10 bebonke. Emva koko kufundwe ingxelo yentlanganiso ekwagqityelwa ngayo, kongezwa ezinye indawana, zaze zavunywa. U Mr. J. BOVULA obeyi Secretary yentlanganiso yokugqibela ula- ndule impendulo yase Batenjini, ngendawo yokuba yayicela ukuba zihlangane, akuba wayitumela izimiso zale yabo. Kufundwe ingxelo ye Komiti yonke ngu Mr. B. Sakuba, i Secretary. Kwasizeleka indawo yokungabiko kwemali yokuxasa u Manyano kwase kumiswa lendawo, ' Ukuba bonke abahambi abangengawo amalungu, abayakuxaswa yiyo, boti emnye arole 1s. ukuncedisa kwindleko ezo.' Yapuma intlanganiso. Ipindile ukungena ngokuhlwa, ubeseleko umongameli u Rev. E. Makiwane, oyivule ngomtandazo. Kufundwe ipepa elivela ku Mr. E. H. Burness elibike intlanganiso eyilwayo eyakuba se Bayi yokukumbuza i Jubili ye Nkululeko yama Koboka. Ingxoxo yayo ishenxisolwe kwezayo. U Mgcinimali u Mr. J. K. Bokwe kute kuba ebe ngabangako, kwatiwa makabanjelwe ngu Mr. B. Sakuba, u Mr. Bovula ak'abambe ubu Secretary. Ite ke yakuba iroliwe imali, yati i Treasurer, imali eseleyo emveni kokubatalwa kwendleko yi El 3s. 9d. U Rev. E. MAKIWANE uqube nganteto mbini, nge yesi-Ngesi neyesi-Xosa, ngendlela ebalulekileyo inteto edla ngokwenziwa ngu Mgcini- sihlalo. Ibende kunene, sinosizi ukuba singena situba sakulifaka nam- hlanje ipepa elifundiweyo. Kodwa umongo walo silikangele, siyifumene inteto yake ipete indawo ezine ezona zinkulu, ngendawo esisand' ukuxoxwa kutsha nje nge mfundo yaba Ntsundu. 1. Ukuzilinganisa kwaba Mnyama naba Mhlope.—Lendawo uyiha- mbile kunene ngamazwi abonisa ukuba isizukulwana esivelayo esitsha, ngokukodwa solo manyano Iwalo ntlanganiso ibise Debe apo, ukuba akukoleki ukuba kungaba kuko namnye ngokwase mfundweni, obanga indawo yokuba selelingana nama-Ngesi asel' eneminyaka engamawaka mabini enako ukukanya. Uqubile ko ngendawo ezininzi ukubonisa ukungabiko kwento enjalo, nokuposisa kwabacinga nabateta njalo. Kodwa ke ngelinye icala, wabe wabonisa indawo yokuba abantu abantsundu abatsho ukuti wonke umntu omhlope ungapezu kwabo. Utsho walinganisela ngabantu abatile abamnyama kwindawo ngendawo ati ngabo, abo bantu bazindwa-luto kwezo ndawo, akungetshiwo ukutiwa bonke abamhlope abakwezo zitili bangapezu kwabo. 2. Ukuswela umbulelo kuba Fundisi.—Ubonise ukuba londawo ayiko kwabantsundu, nenteto ezenzekileyo zibekisa kulo ndawo ziposisile. Wada xa aquba londawo waza kukankanya inteto ka Mr. J. Moss, eyaxaya inteto, wafike wapaula ndawo 'mbini kulo nteto,—(1) Ifike lendawo yaqinisa inxenye, abanye sebehluti yiyo, yokuba abafundisi abasafuneki kwabantsundu. (2) Nokuba ekuliveni kwake yena elopepa lika Moss akuko nto iyilonto entetweni yalo. Wabonisa ukuba indawo ekoyo kulutsha yeyokuba umfundisi naye unokupikiswa kuba engumntu, nokuba nakubo ingapaulwa nangontsundu umntu indawo eposiseki- leyo ; labe eloqela lisanda. 3. Ukufundisa Umtinjana.—Ubonise ngokukulu ilungelo layo lendawo ngemilinganiselo ebonakalayo, wayigudisa kanye ngohlobo oluvakalayo. Ukuqeqeshwa kwawo, ukulungisela izihlalo zobufazi oza kuzitabata. Akuko sizwe siya kuze sinyuke ngapandle kokuba kulungiswe amakaya aso; akuko kaya linokulunga ngapandle komfazi. Umfazi ngoko unga angaqeqeshelwa imfanelo zokupila. 4. Ingxakeko ezipambi kwemfundo yomntu ontsundu.—Kanjalo lendawo ubonisile kuyo ukufana kwengqondo yomhlope neyo ntsundu xa base se mfundweni, nesahlula-hlobo esikoyo kubo xa sebepumile esikuleni. Imikwa, intlondi amasiko, angenani-nani ngokwasekaya, kodwa axakileyo kumntu ofundisiweyo. Inqwitela ezisingisa ekonakaliseni izimilo ezibeta kudodana oluntsundu zivutuzela ngamandla. Ngabantu abafanele ukuvelwa. Kungumangaliso nokuba libe ngaka iqela elipumelela ezi nqwitela. Utsho kodwa esiti akakuseli mawabo ate akapumelela napezu kwezo ndawo. Waqukumbela ngeliti, ' Imfanelo yamalungu asikuko ukuxoxa kodwa, nokuba kulunge kangakananina ukwenjenjalo; koko kukuzinikela ngentliziyo emsebenzini opambi kwetu, ukusebenza amaxa onke, kukuvuma ukuba ' umsebenzi awanele kuba yinto esimeleyo, koko yinto engumhlali; bobona bom bomntu, ongati uwususile, usapo Iuka Adam lube lubulewe.' Kukuqonda nokwenza ezinyaniso okuya kugqiba inkani.' Abake baposa amazwi kulonteto ngo—Messrs. S. Makapela, B. Sakuba, R. Gosa; Revs. P. J. Mzimba, B. Mama, D. Msikinya; kwa- no Messrs. J. W. Gawler, J. Bovula, A. Xanti, W. K. Ntsikana, P. Tyamzashe no Caleb Mahlutshana. Kuvunyelwene ngendawo yokuba elipepa litunyelwe kuwo omabini amapepa esi Xosa ukuba lishicilelwe. Yapuma intlanganiso ngo 2'30. kusasa. Ngolwesi-Tatu, 7th Jan., 1885. Kute kuba u Mongameli ebesel' emkile kwakusasa, ngenxa yezixakeko, kwanyulwa u Mr, P. Tyamzashe ukuba atabate isihlalo. U Mr. P. TYAMZASHE uvelise indawo yezi zikula zonganyelwe ngaba Fundisi ukuti, azipumelelanga kakuhle ukuza kufikisa kwezi zigama. Ke ngoko,—' U Rulumente makacelwe ukuba asel'ezilabata zibe pantsi kwake ngako konke.' Ixoxiwe ke lendawo, intlanganiso ivumelene ngezindawo zimbini: (1) Le yokuba lentlanganiso iva into embi ngokunganyamekeli kwabazali ukuzihlaula ititshala. (2) Nokuba lentlanganiso iyazicela ukuba ititshala ke zinyamezele kuba kunje ke, abantu bexakekile ; kuba ke ingati lendawo kuqutywe ngayo, ifike ixakanise kwezinye intlanganiso ne Institutions, ize kananjalo ixakise umzi ontsundu ngokongezwa kwe rafu. U Mr. DANIEL MINI—Uvelise indawo yokuba, ' Ukulobola kulungile, kuba kunika isitunzi kongu myeni, kanjalo ikazi sisonka sabazali bomfazi.' U Mr. R. GOSA, usuke walekela kulomazwi. U Mr. J. W. GAWLER uyitasile indawo yekazi, awati uyisikweni. U Mr. ALEX. M. NJOKWENI, usukile wafika wagalela kwinteto ka Mr. D. Mini, wati, ngezimini umntu ongumfuzi akanakaya, nokuba upetwe njanina yindoda yake. Uti akubalekela ku yise, suko umyeni sele balekela kwa Mantyi, emmangalela usomfazi ngendawo yokusuke akusele umkake, kengoko abayeni bezimini abafazi babupeto nje nge kati. U Mr. JOE NANGU, naye ugalele kwakwelo. U Mr. W. K. NTSIKANA ute, Ikazi eli linemikono nemilenze ; asinto ihamba yodwa kowayo; ukwambata imiposwa, ukutyata iminqayi, ukubonisa ubuyeni kanye ngohlobo Iwabo; kuba zingabangako ezondawo kungabako isikeu. Ukuba ikazi livumelekile, umtshato wase zityalikeni nowase zi ofisini maupele, abafundisi masibagxote bemke, singabi nazikula kanye. Bavumelene no Mr. Ntsikana o Messrs. C. Mahlutshana, J. Bovula B. Sakuba. Ute ke umntu oyivelisileyo lendawo akayinyanzela ukuba igqitywe; yati ke ngoko yafane intlanganiso yayivundisa, yayibeka inca. Kwesi qibi kugqitywe kwelokuba ' Kumiswe i Komitana kuzo zonke intlanganiso, yokukangela izihlele zonke indawo ezisukuba ziza kungena entlanganisweni, ukuze ikangele imfanelo yakuza kwazo engxoxweni.' U Mr, J. W. GAWLER ungenise indawo yokuba bonke abongameli bezi kula (School Managers) mabacelwe ukuba batelele kuyo lentlanganiso, kuba londawo ingawenza lula umsebenzi wabo, kuba bengazazi izikalazo zo titshala, into ko leyo ebiya kuwanika omabini lomacala ituba lokuzixoxa ezondawo, nezingamacebo angake alingwe. Oko kukuti—' Abongameli zikula bavunyelwe ukungena zonke ingxoxo zentlanganiso nje ngamalungu.' Kuvunyelwene ke ukuba bavulelwe ukuba bangene bonke abanga bangangena ku Bongameli bezikula. Ngobume bevoti, bebe li 15 abayivumayo, bebane (4) abayicasayo. U Mr. B. SAKUBA uvelise ukuti: ' Ummiso (Constitution) wale ntlanganiso mawushicilelwe ngesi-Xosa nesi-Ngesi.' Kodwa ibuye ya- yekwa londawo ngenxa yokungabiko kwemali. U Rev. B. MAMA uvelise indawo yokuba, ' Kulentlanganito inteto yesi-Xosa mayimiselane nesi-Ngesi ngelungelo kuzo zonke izixoxo zayo, ngokukodwa kwezibekisele kwabantsundu.'' Yonk' intlanganiso ivume londawo. Utsho wati, Wona kanyo lamapepa ayo lentlanganiso makabaIwe ngazo zombini ezinteto, kunge njalo, kube kuyakutolikwa entlanganisweni. U Mr. J. BOVULA, uvelise indawo yokuti,—Onke amapepa alungise- Iwe ukuze afundwe kulentlanganiso, aza kodwa intloko zawo (intsusa- mabandla) azatunyelwa kwi Secretary ukuba zishicilelwe, makabekelwe bucala ngemini enje, alinde ezayo ngesizatu sokungawuzalisi lomteto' Kuba lonto iyawaxaka amalungu, kuba eza engenanto yalomapepa azilungisele yona ngoku ngayazi into aza kuteta yona. Kuvunyelwene ke ngalondawo. U Mr. J. W. GAWLER ufunde ipepa eliteta nge ' Nteto-Yabantsundu.' Ekute emva kokufundwa kwalo kwabako ingxoxo, engenwe ngu Rev. B. Mama, no Messrs. C. Mahlutshana, J. Bovula, W. K. Ntsikana, P. Tyamzashe, no P. Xiniwe. Kwagqitywa ekubeni elipepa lishicilelwe lodwa kumapepa omabini esi Xosa. Yaba iyapela ke ngoko intlanganiso. Amapepa angafikelelanga lelika Mr. Hay, we Cape Mercury, elite kanti liposwe eposini; nelika Mr. W. Mjokozeli, ongatumelanga sizatu ngokungafiki kwalo. Amapepa entlanganiso ezayo ofundwa ngo Messrs. P. Tyamzashe, W. K. Ntsikana, no C. Mahlutshana. Intlanganiso ezayo yoba se Pirie, Pantsi kwa Mahlati ngo July 1885.