Title
eng Incwadi Zababhaleli (ISIG_1885-02-02_i008)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
SubType of Article
eng Complaints
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-02-02
Identifier
eng ISIG_1885-02-02_i008
Word Count
eng 114
Print Page
eng ISIG_1885-02-02_p007
Page Spread
eng 7.1
Start Page of Article
eng 7
Print Column
eng 1
Coder
eng Sipile Nqiyama
[SIZAMKELE incwadi zababaleli betu esinosizi ukuba singena kuzifaka: (1) Eka ' ROBERT MAQUBELA ' okalazela ukutetelwa kwamatyala enkundleni pandle endaweni yasendlwini. (2) Eka ' MGUBELA ' ebula laminyani midala kade idujwa yobu Tempile noqwelo, kodwa akuko nto intsha ayivelisayo. (3) Eyomnye umzalwana, esililibeleyo igama lake, oteta ' ngokunqaba kwe matshisi, engoko aba Fundisi mababuyele kozidosha, babe bekokela iremente zabo ukuze zibonele kubo!' Kanene ngaba Fundisi bodwa na abatshayayo? Ezoncwadi ayibonakali eyona nto ziteta yona; azinaxabiso kuti lipi, ngapa- ndle mhlaumbi kokubanga intsini nokumangalisa osukuba ezifunda ukude umntu adle ixesha, nemali zake, ngokubala atumele ubuvuvu obunje. Wena ''CAS' UKOZELA,'' ngeyako eteta ngokozela etyalikeni yase Bayi, cebisana nabapati msebenzi balo tyalike. Ukuba iqinga lako linefa bolamkela.—EDITOR Isigidimi.]