Title
eng Izinto Ngezinto (ISIG_1885-04-01_i006)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Bulletin
SubType of Article
eng Global News
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-04-01
Identifier
eng ISIG_1885-04-01_i006
Word Count
eng 1150
Print Page
eng ISIG_1885-04-01_p006
Page Spread
eng 6.2-7.2
Start Page of Article
eng 6
End Page of Article
eng 7
Print Column
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
EZALE KOLONI. IMFUDUKA.— Ipepa lase Monti libika ukuti impahla isentloko yomzi ontsundu ukuwela i Nciba ngenxa yendlala, kuba ngati elo lelinyakamileyo. LUMKELA IVATALA.— Liti ipepa lase Qonce wakuti ivatala xa usel'uyicandile, uyidle uyigqibe, ungayenzi umbeko; kona uke wayenza lonto sukuba sewufuna ukushiya ukuncunza. ONOTENGA BASE RABULA NE DIVISIONAL COUNCIL.— Liti ipepa lase Qonce, bekwenziwe isicelo ngo notenga base Rabula, sokuba ilungiswe indlela ukususela e Ngqeqe ukuya e Xesi lika Lanki. KUBABALELANI.— Incwadi ka Mr. K. Ncapai siyifumene lingaseko ituba lokuba ibonakale kwa kwesi Isigidimi, seyobonakala kwe sizayo ; nati besinento esiyibalileyo ngo mfi lowo u Rev. D. Gezani. Enye esiyifumeneyo yeka Mr. Robt. Ndovu Mashaba, Delagoa Bay. I BULU NE TOLOFIYA.—Ipepa lase Tinara lixela ukuti ' Asingo Nondala ne mfene zodwa kanti ezizinceda nge tolofiya. Kute nga Cawa itile kwabonwa indodana entsha ye Bulu, isel'inqwilanqwila ezitolofiyeni, sada saba siqingata seyure ite roqo. Lavakala lisiti,—' livana nento embi ukusuke zibehle zipele lingekahluti; ' laseliya kufuna mifuno yimbi. Kuyiwe kukangelwa kufikwe kwabonwa ikulu elineshumi linesihlanu 115, elizidlileyo.'—[Nonyaka lendlala ikwele ko Ntlebi no Mguye.—-ED. Isigidimi.] UKUBAMB' ISISILA SEHOBE.—Liti ipepa lase Bayi kuko abantu abantsundu abebemana bebeka inkozwana zabo ku Noyi otile, ozisheleni, nekulu leponti, njalo-njalo, suke ngamhla utile u Misisi wehla nomcinga nayo yonke lomali ibe isel' ingamawaka amabini eponti, £2,000, basala bebambe isisila sehobe abaniniyo. UKUZIBULALA.—Kuko intombazana ezibulelo ngabom kwilali ka Thomas Tshacila, ebudala buyiminyaka eyi 12. Kutiwa, mbangi yokuba izibulale, ubete unina wayitetisa ngepezolo, eyitetisela amasi, yaya kulala inyembezi inqumla umbombo. Kusilo, ilinde ukuba bade bemke abantu abakulu, kusale ezinye intsapo, yanda ke ukuzixoma ngo 8 wakusasa. UKUXOMA AMAKWAPA. —E Bofolo kuliwe kakubi nge bola. Kubonakala ukuba kuko ndawo kungaviswananga ngayo, kanti ke selilicekwa. Yimpi entsundu ke leyo, amabandla ka Ntsasana. Akwabi zinduma nje, kuba kaloku iqubisene ngenkonyana zemiti, wati yena omnye wapantsa ukushiya ukuncunza, ude wasiwa endlwini yaba- fayo (Hospital) esel' eyoba. EZELIPEZULU. KUVAKALA ukuba u Mshwete, enye yenkosi zaba Lolweni, uti yena ufuna ukupatwa ngama Ngesi. UCINGO luti, abafazi nabantwana baka Sibolai basabele elunxwemeni lo Mrugwane (Caledon river), kodwa u Ludziya ute malubuyele kwase makaya. U Masumpa uselapa, akakavumi nanamhla ukurola irafu. Uti magoduke u Ludziya, koko yena akavumi uti woti ukuze agoduke ike igqitywe lendaba yefafu. LITI ipepa lase Dayimani, ama Bulu akufupi nase Griqua Town, ate patsha, ati ukuba kuke kwadutyulwa isitonga e Stelleland, aseleya kufunzela e Griqua Town. KWAKONA e Mariko, kutiwa inkosana engu Kalifan izifake amatole, ibekisa kwela Bakwena, kwa Sitshele. Uti uruqukile yimpato yama Bulu, akuko nto iwanelisayo. ONTANA BAKA MASUMPA —Kuke kwaqubisana onyana baka Masumpa ababini, u Napo no Sibolia ngenxa yomda womhlaba U Napo wanxwelerwa kwafa omnye kubantu bake. U Masumpa ub'ete mabangalwi. U SIR GENERAL WARREN uke waya kwela Barolong, kwa Montsioa, wamkelwa kakuhle kunene ngabo Besutu, kwayiwa kubizwa inkosi u Menziwa, kuba ube sendaweni ekutiwa yi Kanya ke ngoku usel'ede wafika. U Mongameli i President yase Bloemfontein kutiwa ifumene ucingo luvela kwi nkosi yase Lady Brand (Landdrost) oluti kuyakubako (mbizo, ingabula Besutu ' Pitso ' ngenxa yokubulala kuka Sibolai, u Mama Ludziya kona. U Sir Charles Warren uzuze umteto wokuba ahlale sele copele ukutwabululela ulaulo Iwake hude luye kufika kwelika Khame kwa Mzilikazi noko ke kusate nqumama okwa- ngoku, KUKO amare okuba kuko amadoda amakulu asixenxe e Mariko azibopele kwindawo yokuba akasoke abakupe ababulali baka Bethel abanikele ku Rulumente wama Ngesi Abo babulali ngu Van Rooyen no De Bruin, AMASIMI anganeno komda wama Bulu ayapela ngaba- pangi bama Bulu nakuba ikona pofu inkosi yawo leyo isemdeni ikufupi nalo masimi, noko ayikabambi mntu. Okwangoku i General leyo ayikade iwabambe ama Bulu amane ewugqita umda engenancwadi. INKOSANA yaba Lolweni ese Langberg ib' isund' ukucelwa ngama Bulu ukuba maze iwalwise, koko yona ite ayifuni kulwa, ate ke ama Bulu ukuba ayiwaucedanga ayakuyiwela, ayitimbe nemfuyo zayo. Amane etuma nezigitshimi eziya e Kuruman eziti, ezozizwe zingakona maziti ukuba azikulungele ukunceda, zishenxe kulomhlaba. KUVAKALA ukuba, ama Bulu ase Transvaal, aza kupuma umkosi, oya kuhlasela kwela Mandebele kwa Mzilikazi, afuna ukuya kucita esosizwe, aze afumane lomhlaba. Kuza kupuma iwaka elinamakulu omahlanu, 1,500, nokuba ngamawaka amabini, 2,000. Elozwe seli no Khame, no Lobengula onyana baka Mzilikazi ngoku. LITI ipepa lase Qonce u Capt. Ingram ub'edutyulwa e Vryburg ngo March, ngomhla wa 24. Bekute kwavakala isitonga, wati ke akubon' ukuba ukwele ehasheni esiya kukangela lonto, wadutyulwa izitonga ezide zazitandatu nazixenxe, zipuma kwi hotele yama Jamana elapo, abanjiwe omabini siteta nje, kodwa akubangako ngozi mntwini. UCINGO lo Mhlekazi i Ruluneli, lubekisa ku President Kruger, lulandula indawo ekutiwa lemikosi yapesheya ipetwe ngu Sir Charles Warren iyakuti yakufika emdeni ibize isitabataba (indemnity), nokuba kukuhlaulwa ngama Bulu, ati ukuba londawo akayenzanga u Sir Charles Warren asel'etsala e Pretoria nase Bloemfontein, amabotwe ama Bulu. Ute ke u Mhlekazi i Ruluneli akuko nyaniso kulo mare atshoyo. UKUBANJWA KWABA CANDI NGAMA BULU.—Kute e Ma- fikeng, ngosuku Iwa 23 ku March, kwavakala ukuba ama Bulu ababambile abacandi, lawa akufupi ne Kuruman. Ibehle yaludunkunku, kwafuneka beye kuhlutwa kwaoko. Makuti qata inkosi epete imikosi emdeni wama Bulu, ifike nayo iwe kwangazo ukuba okunene abacandi babanjiwe. Ute kwa oko u General Warren watuma abantu bokuwatyela lonto ayenzileyo ukuba azayazi, kanjalo ib'ingafuneki. Ke abobantu bebengekabuyi. EZAPESHEYA KOLWANDLE. PESHEYA KOLWANDLE, sekuko amawaka amashumi ma- hlanu (50.000) omkosi osel' ucbpele ukusinga kwe lama Indiya, e Afghanistan, ngensa yentshukumo yama Russia ebekisela ngase Herat. KANJALO e Indiya sekuko amawaka amashumi mabini anesihlanu (25,000) emikosi, ukuya kwase Afghanistan. UCINGO luti sek usukuzana i England ne Russia, kunjalo nje ama Irish ayangxumbuza azizincu ezimashiyi, seku- ngcunguzelana ke. Amajamana ikwa yilonto, afuna kwa ukumisa imisila nawo, ukumisela u Xoz' umti. EZOCINGO ziti ulaulo Iwa Pesheya lode luye kuti ga kwe lika Schele, kubalelwe njalo u Mhlekazi u Sir Hercules Robinson, pesheya endlu-nkulu. EZOCINGO. — Luti ucingo Iwapesheya kolwandle imfazwe seyilicekwa pakati kwama Russia nama Ngesi nge Afghanistan. Ati ama Ngesi mayisuswe imikosi yama Russia kona ke ama Russia akaka qubeli kulandawo ilicekwa asate finini, kwa kwele zolo.—Ama Jamana ayitule iqiya yama Ngesi kwe lase Cameroon, axoma eyawo. ISHEYI.:—Okunene u General Gordon kubonakala ukuba ange esemi e Khartoum, ukuba akadange afunyanwe ngeqinga zingcatsha ezimbini, ngokukodwa i Pasha zelo zwe. Enye izenze umntu oya kulwa nemikosi ye Mahdi ngase Metammeh, kanti ilahla amagxulusha. Enye yasala ivulela ondiyalwa amasango omzi obubanqabele unyaka wonke, kwafa itye nembokotwe. U MAHDI watimba imipu le ijikwayo (Krupp-guns) ema- shumi mabini ananye (21), kwane mfakadolo ezi 15,000, nento eninzi yeruluwa. Zatinjwa e Khartoum ezompahla. INCWADI zokugqibela zika General Gordon ziqinisela inda- wo yokuba okunene akaseko, wabulawa ngesheyi okunene. Kude kutiwe ngomnye umntu obegcina incwadi zake: nokuba imikosi le yayibehle yatika, ub' engasayi kusinda noko kula mabedengu mabini enze eligqebeqe, kuba eb' esazi ukuba amolwe kukohlwaywa ngenxa yobungcatsha bawo> ate noko eb'esele eyazi lonto u General Gordon wanga akayiboni, njengoko zitshoyo nencwadi zake. LITI ipepa ekutiwa yi Niagara,—Ingcatsha leya yabulalisa u General Gordon, yayitengwe ngamawaka amabini namakulu amabini anamashumi amahlanu eponti £2,250— koko wanikwa amakulu asitoba kupela (£900), wati ke akuyigungqela londawo waselexonywa. Tshotsho ntondini! KUSAND' UKUBA KO elinye idabi elikulu eliliweyo kwase Soudan, kwafa kweli icala inkosana zantlanu (5), nabantu abamashumi mahlanu ananye (51), nenxwelra ezilikulu linamashumi osixenxe (170), Iwati Iona utshaba Iwasizilwa Iwapanziswa. Kodwa kona amadoda la angawo, akancami noko ngati sekunjalo, opulwa selekwapakati izwe nezolo, kuba wona yinca le ukuba maninzi, nangati asengondilele, azizincu ezimashiyi; kuba kaloku ingamaputi ahlati'nye.