Title
eng Akuketi Ukufa (ISIG_1885-04-01_i008)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Wauchope
SubType of Article
eng Deaths
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-04-01
Identifier
eng ISIG_1885-04-01_i008
Word Count
eng 562
Print Page
eng ISIG_1885-04-01_p008
Page Spread
eng 8.1
Start Page of Article
eng 8
Print Column
eng 1
Coder
eng Sipile Nqiyama
YATSHO imbongi eyacinga amazwi eliculo lama 212. ' Uyaketa Kufa! '—Litshilo igqobokakazi elidala lase Bayi, ndakulibikela ukuba kufike ucingo luvela e Tinara, lubika ukuba u Emily, intombi ka Bangani, ububile e Tinara ngentsasa yomhla wa 23 ku February. ' Uyaketa Kufa—uwupumele nganina umzi womfo ka Ntetana.' Ndite nqumama ndacinga. Ndikumbule umhla otile malunga nenyanga engu December, 1870, ekwangena esikuleni sam intokazi ka Puru, umka Mxoli. Ndite yini dade upuma pi usiya pi? Ute, ' Hayi ndikuzisele umtwalo.' Upi lomtwalo? ' Nangu pandle.' Kanti ngu mnakwabo u Zani Puru uyafa—ngoku kumasikizi. Situnedzile sasa ekaya. Ekufeni kuka December l879 ubuye wabuyela e Bayi, wesuswa wabekiswa ngecala lase kaya, wapelela e Rini ngo February 1880, apo incwaba lake likona. Sisalila e Tinara ufikile kanjako u Mrs. Ntetana. Yini namhla? ' Hayi namhla ndize nomnye umtwalo kuwe Cizama. yindoda yam, yalala kwasemva kokububa komnakwetu.' Sabutyabutya songa, yabinqa omfutshane intombi ka John Lukalo ukonga sabona usifa umnyaka we 1880. Kute ngamhla utile ngexa ekukubi seva umntu ofayo esiti,—ndikupeni pandle ndifuna ukubona ilanga, wakutshwa. Uwapose elangeni amehlo, wavakala ememeza ngento enkulu ilizwi esiti,—' Ndakubona langa bendingazi ukuba ndobuye ndikubone—ndingeniseni.' Wangeniswa, basana ngamehlo abantu—elapa unyana wake u Makisi, elapa oka Baso u Hendili, elapa oka Keti u Luke, elapa umfazi wakowetu. Azibanga ntatu intsuku, wanduluka (1881). Kwamalunga nelo xesha kufike indaba zokububa kwexego u Puru e Xesi. Lungekapumi ezileni usapo kuhle kwabonakala ukuba u Makisi unyana omkulu ka Bangani akapilile, usinge naye e Tinara, unina wawa ngapa nangapa, hayi sahambela pambili isifo. Kuqalile ukuvela inkalo ezoyikekayo kuba namhla lo ulele pantsi ngu yise wenkedama—wabuba ngo 22 October, 1883. ' Akunalusizi kufa! Akunako ukucengwa, Bubuninzi benyembezi, Akuna kupazanyiswa! ' Ute akuwati cimi amehlo u Makisi, walila ngombuzo onje unina ku Tixo wake:—' Yini Somandla! yinene uyandihluta lentwana yam, ndenzeni? ndosala nabani? ' Esalila kufike incwadi exela ukuba u Nqishinga, intombi yake eza mva ko Makisi, ebiseyi nexesha isifa, ibambeke kakulu e Bayi. Uyitabatile wayisa e Tinara. Ndiyile nge Cawa (5 October 1884), ndafika intombi ka Bangani isuke yalubelu inzwakazi ebuso bungena xala. Ite kwa ndisangena—' Ufikile ompi? umpefumlo wam wonwabile ngoku. Ndinje ke ompi, bendingazi kodwa ukuba esi sifo siza kumka nam, kodwa uma wati kum ngenye imini ' Nqishinga! uyazi kodwa ukuba uyafa—ufa kakulu ke, zilungi- sele indlela yako ulincame eli lizwe.' Ndotuka kakulu ompi. ndaqonda ukuba uma kuko into ayibonayo. Ndaqala ukuzamana no Msindisi wam. Uqalile u Satana wandinxamela ngokuti, mawo lixesha eli lokuba ufune u Tixo, kanti wazalelwu pantsi kwezwi lake ongazange ulamkele? watsho u Satana ndafun' ukuncama. Sizamene sada sashiyana ndakulila ngokuti Yesu weza kufela aboni abanje ngam! Namhla indlela yam imhlope, ndinoxolo empefumlweni.' Apela apa amandla okuteta. wati kwakugqitywa umtandazo—' Amen.' Kusasa ngolwesi-Bini, 7 October, 1884, wapuma umpefumlo. Kufike kum ucingo oluxela lompanga, kute ukuvalwa kwamatyala ndaya kubikela usapo Iuka Bangani olulapa e Bayi. ndite ndingena endlwini ndakauleIwa ngu Henry Baso ngezokuba akulalwa u Emily ubeta igazi ngo mlomo, (lo Emily ngopambi ko Makisi). Unyukile unina ngosuku olusemva kokuncwaba. Noko uke wanga uyazomeleza, wamana etabata omayeza e Hospital. Kusenjalo kuwe umfana ka Keti kwa womzalwana ka Puru. okwakule ndlu. Ubube ngomhla we 8 ku December, 1884, esongiwa kwa, ngu Mrs. Bangani no Henry Baso. Ubuye wanyukela kwase Tinara no Emily pambi kwe Nibidyala, kute cwaka, kwavakala ukuba uyafa u Emily. Ndifumene ucingo ngo Mvulo, 23 February, 1885, oluti ububile u Emily. Asisabalileli abo bemkileyo kuba baye ekayeni letu sonke, kodwa sililela lowo upilileyo utwele zonke ezi ntsizi.