Title
eng Intlanganiso Yama Mfengu E Maclarfan (ISIG_1885-04-01_i009)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Kenu, Ngcwangushe
SubType of Article
eng Meeting
Language
Date
10 March 1885
Newspaper Code
eng ISIG_1885-04-01
Identifier
eng ISIG_1885-04-01_i009
Word Count
eng 324
Print Page
eng ISIG_1885-04-01_p008
Page Spread
eng 8.1-8.2
Start Page of Article
eng 8
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
INTLANGANISO YAMA MFENGU E MACFARLAN. KUWE MHLELI welo pepa labuntsundu,—Kute mhla nge 10 March, 1885, e Macfarlan kwamiselwa ukuba izibe yiyona ndawo apo kuya kuhlanganwa kona zinkosi zonke zama Mfengu. kute noko lonto yayigqitywe kwelo nje, ezinye azaba nakufikelela, noko ke andingebi salandalanda zinto. Zifikile ke ezo zafikayo. yangena ngexa lase mini 12 o'clock, saza isihlalo satatwa ngu Mr. Green Sikundla, umfo ondilekileyo. Kute ke nakubeni kungabangako ngxelo yangapambili, kuba noko yintlanganiso yamadoda amakulu. asel'esiti wona ingxoxo azibale entloko, ezafutwayo zona ngumsi, angagcina into angeze ayigcina lamarashalalana ati tina sifundile. Nto ihlanganisene ngayo lendimbane ngolusuku lukankanyiweyo nantsi, ' Masenze isicelo sokuba sibuye sipatwe yi Nkosazana, kulaulo Iwetu oludala, ingelulo olu Iuka nqapela ndikule.' Kute noko kuba ingxoxo zasezanele kwintlanganiso ezaziko ngapambili kwe yayise Burnshill, apo kwakugqitywe kwelokuba ubani nabani ofuna epetwe apa azatsho, ati ofuna ukutumela isicelo eso atsho kwa naye. Nto ndayipaulayo kukuteta okuhle kwamadoda amakulu. Ndihamba nje bendingazange ndicinge ukuba obawo aba kanti banako nabo ukuyiteta into ipele ngexesha, kuba izinkabi ezike ziyolule into noko ziyivayo. Ezona nkosi zenene ema Mfengwini, ingeyiyo lento sesaba pakati kwa Belungu ekuti inkosi kutiwe zizibonda zemiti into egxunyekwa incotulwe ngotandayo. Ndapaula induna umfo ka Mabandla, i Bele, u Mbovane, indodana ebuciko bungummangaliso, kuba lomntu upape kangaka akazange abone necapaza eli lemfundo, noko unako ukufunda engazanga waya nakusipina isikula, abale nokubala. Wanga lomfo ka Mabandla angaqubela pambili ekuluvuseni uhlanga Iwakowabo. Eyesibini yayiyinto yasema Zizini, into ka Wulana, i Zizi lenene; neka Socishe, i Kuze, nezinye ezi ke ngekutiwa zibonda kufaneleke xa kutshiwoyo kuzo. Andingebali zintoyinto, kwagqitywa kwelokuba kutunyelwe ke eso sicelo. Lento ndiya yibulela kuhlanga oluntsundu, kanjalo mna okukokwam ndingati,— ' Pambili mabandla amnyama! ' Ningabi sayimatela lentlanganiso, yinto entle wakubona umzi uhlangene, kuba apa e Mlungwini izinto zigqitywa yintlanganiso, eti apo kuhlangenwe kona kupicotwe izinto ngezinto, izimeko ezingati zincede uhlanga Iwakowabo nezingonakalisa Iona, yiyo lento ke olupato lunzima ngakuti sodwa midaka. Uxolo Mhleli ngokwenza nde inteto yam, andinanto ingapezulu kwaleyo. Manditshonele ngeliti—' Pambili Mamfengu! ' nashiywa eludakeni.