Title
eng Intlanganiso Yo Manyano Nge Mfundo (ISIG_1885-08-01_i002)
Found in Newspaper
Article Type
xho Organization
SubType of Article
eng Meeting
eng Education
productionCompany
eng Umanyano Nge Mfundo (Native Educational Association)
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-08-01
Identifier
eng ISIG_1885-08-01_i002
Word Count
eng 1325
Print Page
eng ISIG_1885-08-01_p001
Page Spread
eng 1.1-3.2
Start Page of Article
eng 1
End Page of Article
eng 3
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
UKUBA zonke izinto ziqube ngokohlobo ezisahamba ngalo, kuyabonakala ukuba intlanganiso yo ' Manyano nge Mfundo,' izakuba yenye yezimiso zakwa Xosa. Isiqalo siseyeka, mhlaumbi; kodwa oku kufuzisa zonke izidalwa zelizwe esilihleliyo, eziqala ebuncinaneni, nase kweyekeni, kanti zoti ngokunyanyekelwa ngaba ninizo zifikise ebukulwini, nase kwandeni, Yaqala ngamalungu amahlanu, namhla likulu elina shuminye (110) ezincwadini. Igama lale ntlanganiso alilitsha ezindlebeni zabafundi betu, kuba kwa ngonyaka we 1880, sazingisa Isigidimi ukubabikela ihambiso yebandla lo ' Manyano nge Mfundo,' xa lite lahlangana ukuquba intlanganiso yalo eba koyo kabini ngonyaka,—ngo January, no July. Sibuya kwenye yezo ntlanganiso. Ukuba ke ngoko bayatanda abalesi betu, sobaqubela indaba zale ib'iye yomnyaka. INTLANGANISO YASE PIRIE, KWA HLEKE. Apo ngo ' Ncayecibi,' kwakuhlokoma inkanunu yemfa- zwe, u Mlungu encediswa ngumzalwana wetu wase Mbo,— besilwa nom-Xosa, bekuhlangene namhla ngendlela zoxolo ezo zizalwana zintsundu zozibini, ziyila amaqinga okuncedisana ukuxuma uhlanga. Londlukazi inkulu yesikumbu- zo somsebenzi osekeke waba nefa ka ' LOSE ' omdala,—eku- biza use le ngobunzwakazi—ibe namhla yinkundla yengxoxo zolu Manyano nge Mfundo, imihla emibini ye 14 ne 15 ku July. Intlanganiso iqubeke ngohlobo olundilekileyo, yabonisa umoya ovanayo wobuhlanga okunene, wokuhlonelana, njengokokunjalo kuzo zonke intlanga, kuba abantu aba bazindidi ngendidi, asinto yake ya mnta-ka-Ngqika ngokufanayo. Yafika kumzi wase sikolweni, wakwa Tixo ; ebubeleni obudala, apo kungabangako nekwinibana elincinane lenkalazo nakubani, nangantoni, yada yasuke yacitakala lontlanganiso inkulu, imnandi kunene. Apo kungwevu ne ngwevukazi zinobubele obungadikwayo, kubantu abavanayo, bancedisana kulomsebenzi wokukonza abasemzini, ngohlobo olungasa kulibaleka msinya. Ekwanjalo u Nyawontle wakona ongu Rev. BRYCE BOSS, ukuwuxasa lomsebenzi wale ntlanganiso; wabonisa yena ngokuti noko angabanga nalungelo lokuba kb ngokwake, ngenxa yezixakeko ebezingena kutiwani, waqondisa ngokuvumela ukuba intlanganiso iqubeke etyalikeni yake; wanjalo kunye nabancedisana naye. Umlungiseleli wayo, ibingu Mr. WM. KOBE NTSIKANA, ilungu lo Manyano, omnye we Titshala ezindala. Umgcini-Sihlalo ongapantsi komkulu, ekutiwa ngoku- kumsha yi Vice-President, yaye ingu Mr. JOHN TENGO- JABAYU, U Mgcogeli we Mvo Zabantsundu; ote xa asesihlalweni apo wabe ezite wambu ngesivato sewonga lokupumelela kwake uviwo lwe Matriculation. 'Beke kodwa sabanjwa isihlalo ngu Rev. WALTER RUBUSANA wase Ncemera, xa umniniso eb'engekafiki. Ibe liqela elikulu elihlanganisene kulentlanganiso yana- mhla. Sakwalamanisa, alikazange libeko kangako kwiminyaka emihlanu sililungulayo. Sipaule kwaba beko, ukuba le yanamhla ibolekwe (pakati kwezinye izihombo) ukundileka, ne ngqondo, ngamalungu 'ango Bev. F. J. MZIMBA, Messrs. WM. KOBE NTSIKANA, PETER TYAMZASHE, ALEX. NJOKWENI, no THOMAS BOTTOMAN, ababe zintloko ekuteteni. Ibolekwe ubuciko, nokuhlambuluka kwenteto yesi Xosa ngu Mr. WILLIAM GQOBA; ibolekwe ngu Mr. DANIEL MARELA, ilungu elitsha, ukuwucana ngamazwi ambalwa, nenteto ecacileyo, umoya wengxoxo yamacala asukuba ahlulelene. Sinikwe itemba likaba elitsha elinje ngo WM. ZAZE SOGA, B. NYOSI-GABA, WILLIAM MAMA, nabanye, ukuba benabaluleki abanje ngabo sesibakankanyile, u Manyano nge Mfundo aluyi kuswela ukubukeka kwezizayo imini: Sifumene iyinyaniso indawo yokuba akuko qela labantu bequkene ndawonye njengoko besihlangene, noku- ba luduli na, nokuba lilipina ibuto, eliti lingabi naye u ' Nomazakuzaku ' walo,—oko kukuti, iyolisa lalontlangano. Itwala-ndwe ngalo ndlela kule ntlanganiso yase Pirie, ibingu Mr. ROBERT GOSA wase Debe. Yabukeka okunye intlanganiso bubuko bamanenekazi akwangamalungu, o Miss DIKWENI, MEYILE, YAKE, no MAVUSO. Kuba Patiswa-Micimbi, u Manyano nge Mfundo belufa- nele ukubulela itamsanqa lokuba no Mr. BENJAMIN SAKUBA, wase Peuleni, owupete umsebenzi wobu Secretary ngokuncomekayo, nangenyameko; wabe enomncedisi owupapeleyo umsebenzi wentlanganiso, u Mr. JAMES J. BOVULA. Asinakuteta ngo Mgcini-Ndyebo, kuba lowo noko atandwayo nje, ngu ' Mbojaboji ' wentlanganiso, ohlala elixala kubaninzi, ngokukodwa abo basemva nge mali zo Manyano! IMICIMBI. Kungenwe ke ngo 12 wolwesi-Bini, nge 14 ku July, 1885. Yavulwa intlanganiso ngomtandazo. Ekute ke kwafundwa ingxelo yentlanganiso yase Debe, yemihla ye 6 ne 7 ku Sama-Xosa sanga Pambili, nesa Ngoku Zitelekiswe. Beli yimbali yama Xosa etabatele ku Tshawe yezisa neno; inteto eyicwangcise kakuhle, iyolile. Besizondelele ukuba seyi- fumana ukuyishicilela e Sigidimini, koko umnini pepa akakasiniki. Lincomeke kakulu elopepa, wabulelwa ngamxelo mnye lu Manyano umninilo. Kufumaneke ukuba kodwa imbali leyo inemikamo emikulu esafunwa ukuzaliswa. U Mr. GQOBA ubamangalise apo ke abebe ngamazi ukuba ulinyange eku- yazini imbali yase kaya, nenteto yakowabo. Kupele ixesha bekuza kuleswa olika Mr. WM. KOBE NTSIKANA, ebe lingo Dodana Olufundisiweyo Iweli Lizwe. Kube lusizi kanye kwintlanganiso ngalondawo, yasol' imcela ukuba avume libe ngumbeko wezayo. Ngokoyikela ukuti hleze libe kanti lotshitshelwa ngamaxa oko, silibolekele abafundi betu. Ulenjenje ukulibala kwake:— UDODANA OLUFUNDISIWEYO LWELI LIZWE. Lendawo ndiyicubileyo ukuba ndixoxe ngayo, pakati kwenu, ngo dodana olufundisiweyo lweli lizwe iyintloko ngamatuba amaninzi, ange lingane pepa linye. Iyintloko, kuba ibekiswa kwaba fundisiweyo, ku- ngekuzo izi aha-aha. Kananjalo abo bate bafundiswa pakati kwabantu beli lizwe, babazel we amehlo ngabamazwe afundisiweyo; nangokunye izi- zwe ezingazi luto zibate nqokoqo ; ezoke zokuqala zondele ihambiselo pambili ngoluvo olutandabuzayo ezi ke zokugqibela zivuyiswa kukungapumeleli ukuze zibe netuba lokuyigweba imfundo. Ke, oteta ngendawo enje makayipimisele inyaniso njengoko injalo. Lendawo yengxoxo yam, ndiyahlulahlule indidi ezintatu zododaaa olufundisiweyo :— 1. Olokuqala lolo lute, kwalusafunda alwazi nokwazi ukuba lufundi- selwa ntonina. Olubuyela emakayeni alo lungafumananga bulumko ; lufike luzilahlele ebunqenereni, luhlale ndawonye namaxego angena ku- sebenza. Bahlale bezisweli, ize ke, ababangqongileyo bamane bebuza ukuba yayi lahlelwa nina imali emfundisweni xenikweni kuyakubanje? Baze bati ke, abo basese bunyameni abangekakwazi ukwahlula Imfundo, Nobunyama, bayigxeke ngalonxa. Besiti ke iyatshabalalisa, ayimisi luhlanga. Uvel' apo ke umbuzo wapesheya kwe Nciba ovela kuma Ngqika, oti, ' Inamsebenzi mnina imfundo? kuba, laya ngapina ikulu letu lamakwenkwe esawatumela e Kapa ukuya kusitabatela ubulumko? Abambe misebenzi minina?' Imfundo ke ngelobanga iyanyeliswa yoyikwe. Kubaliswa nge nkosi u Mhlontlo, owatabata incwadi wabiza enye yamadodana ake eyayise Koloni ngomsebenzi esiti,—''Yiza kundifundisa uku lesa.' Yati ukupendula indodana, ' Andikwazi nam .ukulesa.' Yabuza inkosi ukuba, ''Ubuye kwenzanina e Koloni? Ubungaye na kutabatela isizwe sakowenu ubulumko? ' Yamti nqo ngengalo ; yati hlasi intonga, yake yamxelela isiti, ' Bendiba uyokutabatela ubulumko abo base bunyamani! ' Mabati bonke abalunge kolu luhlu balumke, ngoko kwenziwa kule ndodana yinkosi. Ekulushiyeni kwam olu luhlu ndingati, abo bangayamkeliyo, beyamkelela ukurabayiya ngayo kwindawo ezinje ngo mitshato, nenkanti, bayakuti kupela baye begabadela ngokugabadela, enkohlakalweni, endaweni yokuhambela pambili. 2. Uluhlu lwesibini lolo lute lwakuti tyi ngokwazi kunamakowalo lwakukumala liratshi; yaye ke lento imfundwana encinane iyinto enengozi kakulu. Yati eyona nto luyinqwenelayo kwakuba lube banye nabelungu ; kwaza ke ngenxa yalonto lwazenza utywine-tywine kubelungu, kunokuba lube luluto ngokulunga olukuziselweyo. Lwawacekisa, amakowalo, luze luti ngamaxesha embandezelo luqale ukuwabuyela. Oluluhlu lupokele; luvelisa isonakalo esikulu kuti tina bantu abautsundu. Ngokuba ngubanina onengqondo ebengeke atsho ukuti olu luhlu, olucekisa amakowalo, lolwenza okulungileyo. Kuba, ngendawo yokuqala : lufike lushiye amakaya alo, abazali, nalo lonke uyolo Iwasekaya obeluya kuba yintsikelelo ebalandelayo kuti endaweni yalonto bafumane ilishwa. Ngokuba umzali engenakuba nobudlelana nonyana oman'ukumdanisa. Uti nokuba ute wufumana ixesha lokugoduka afike ubudlelana bungeko. Kona ukuk'ahlale ubusuku yeyona nto angasayicingiyo, ekubeni esele ngongapezu kwabo. Ekubeni aba bexunele ukuba banye nomntu omhlope, badaniswa kakulu bakuba bengamkelelwa emalekweni abelungu ngendlela ababe yilindele. Bayuqala ke ukubatiya, nokuba noluvo olubi ngakubo, noku- tyola imfundo besiti—lnceda ntonina imfundo? Inalungelo yantonina? Kuba kaloku bengalifumananga ibongo labo : ize bati bakubuyela koma- kowabo, balike nawo ebalahlile. Ukuba ke ngoko abo bafundisiweyo buyasicekisa isizwe sabo— Sisipina isizwe esingayi kwenjenjalo? Ngubanina ke oyakunceda esi sizwe ukuba kwa abantu baso abancedani ? U Moses wayincama ingcobo yase Jeputa; wati ngayo imfundo, noku- kanya away' enako, ezonto wazisebenzisela ukunceda isizwe sake. Ate u-Tixo ngayo lonto wamtwebula ukuba abe ngumhlanguli wohlanga olunyuliweyo. Oluluhlu bekulungile ukuba lupicote, lubone eyona ncam yemfundo ; luze luyi sebenzise kakuhle. 3. Olwesitatu lolo lufuna ilungelo yamakowalo asebunyameni ngento zase moyeni, nezasenyameni. Oludidi kunezinye, kufuneka sinobudlelana nalo. Ngendawo yokuqala, isizwe sakowalo esisese bunyameni sinobudlelana obuncinane ngakubo ngenx'enokuba singekayazeli luto imfundo, nencubeko, engati ifunwa lulo kubo. Lusuke lwenzelwe ikwele lundwetyelwe. Ngendawo yesibini, umlungu uqinisekile ngoku ngapumeleli kwalo; ekubeni esiti xa atetayo nguwupina umntu ontsu- ndu welilizwe owazawaka wapumelela. Ndivala ngeliti mabati abo bafundisiweyo bazondelele ukubonisa ngobom babo, nemisebenzi, ukulunga kwemfundo, nakananjalo bukokele abanye ukuba babone ukulunga kokuxasa abo basebenzayo besebenzela bona ngokwase moyeni, nokwase mzimbeni. Ngokuba buyakuba ngakananina obo bunyama ukuba aba basusiwe? Imibulelo. Kuvunyelwene ngemibulelo emayinikelwe kuba Lungise- leli bentlanganiso yo Manyano nge Mfundo ngokukodwa u Mr. no Mrs. NTSIKANA, nabancedisi babo ; ku Mfundisi wase Pirie ngokusiboleka ityalike ; ku Mgcini-Sihlalo obesele ingu Mr. J. W. GAWLER ngelo xesha, kuba i Vice President ibiselemkile ngenxa yemisebenzi yayo, ebange ukuba izokuvalwa ngokuhlwa kwe 15 ku July intlanganiso eyole kunene. Ezayo yolungiselolwa e Rura, Fort Peddie ngo January 1886. Eyase Pirie ite ke ngoko yavalwa ngomtandazo ngu Rev. W. B. RUBUSANA, kwacitakalwa, yangulowo wazi elake ikaya.