Title
eng Izinto Ngezinto (ISIG_1885-08-01_i006)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Bulletin
SubType of Article
eng News Summary
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-08-01
Identifier
eng ISIG_1885-08-01_i006
Word Count
eng 1712
Print Page
eng ISIG_1885-08-01_p006
Page Spread
eng 6.1-7.2
Start Page of Article
eng 6
End Page of Article
eng 7
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
EZALE KOLONI. KUBA BALELANI.—Siyayibulela incwadi ka Bev. E. Makiwane abeka elinye Ilitye Lesikumbuzo pezu ko Mr. Bennie. Yofakwa kwesizayo, ifike sesixinene kwesi sanamhla, ku kwanjalo kweka Mr. J. M. Vimbe. UKUDUTYULWA KOMNTU KWAKONA.—Liti ipepa eliyi Crocott's Penny Mail kuko umXosa oyawa dutyulweyo, iyawa yingozi. Lomntu udutyulwe e Cala. UKUDUTYULWA.—Kuko umntu odutyulwe ngase Mpongo yindoda egama lingu Hempel, kutiwa ubeye kuba igusha. Umbulali lowo usamelwe kambe nge £450. EZE PALAMENTE.—U Mr. Innes uvelise indawo yesicelo sika Rev. Bryce Boss wapantsi kwamahlati nabanye balo mandla, sokuba kungatengiswa utywala obunxilisayo kubantu abantsundu. UKUDUTYULWA.—Kaloku nje abantu bayapela kudutyu- Iwa. Ati amapepa kuko umntu oyawa dutyulweyo e Sidutyini (St. Mark's) kwango busela. Umbulali lowo ngumntu ontsundu namhla, kanjalo usel'esezandleni. OTSHE WADE WAFA.—Liti ipepa lase Kapa kuko umfazi otshe nengubo zake wade wafa, yaye nendoda yake ingena kumnceda, kuba bekunxiliwe kungeko ngqondo kakuhle. Igama lake kutiwa ngu Catherine Nolan. KWIBALA lezelipezulu kuko indawo ehlab'ekosi kwabafuna imisebenzi yobutoliki nokutitsha kwelipezulu. Ngati Ngati londawo iya kulungela abantu abazana kakulu nenteto ye Sisutu, INGQAKAQA,—Amapepa ati ingqakaqa ingene kwaba mhlope ngoku e Burghersborp. lseliko kwindlu ezimbini. Ivakala ukuba ingene nase Qolora nase Tutura pesheya kwe Nciba. lvukile kwa Gaga ngoku kanjalo. IMALI yombulelo ka Rulumente, ebulela u Hon. Charles Brownlee ngomsebenzi wake weminyaka emininzi—Kuvu- nyelwene e Palamente ukuba amelwe liwaka leponti, £1000, yonke iminyaka yokupila kwake nje ngokuba ngoku epelelwa zimini zokusebenza kukungapili, ekubeni ewupumelelise umsebenzi ka Rulumente ngemini zangapambili, UMPANGA OLUZIZI KUNENE.—Ati amapepa umfi u Rev. Stephen Mnyakama uzibulele ngokuzixoma ngo Mgqibelo, nge 18 ku July, 1885. Lomfundisi ibingo wase Tshatshi, ubebekwe etandwa kunene ngabamhlope nabantsundu. Kutiwa lomntu esenza lento nje, ube selenomnyaka engate qete ezingqondweni zake. UKUZIBULALA.—Liti ipepa lakwa Komani kuko inkwe- ukwe ezibuleleyo, ngokuzixoma nge qamesi. Kuvukwe kusasa ipilile ingenanto, wati umna esate gqi, wafika selifile, ite guqalala ngamadolo, intambo ise yelile kubongwana yade yapoteka. Kutiwa ibisuke yangxoliselwa ukuba ihashe ebeliqeshiwe ingalisanga apo beliqeshiswe kona ngumntu oyiqeshileyo u James Mategebeta. IZIPITIPITI E BATENJINI.—Ati amapepa elo lase Batenjini lahlala Iinemikosana emane iblatywa ngenxa yabapembi zipitipiti abalapo abamane bevuselela abantu ukuba bapitizele. Kuke kwati ngamhla utile u Mdonya nabanye bevela komkulu kwaqiwula ihashe labo, bati ke xa balifanayo bagqita mzini utile, basebehlatyelwa umkosi, kwake kwapitizela kunene ngalonto e Batenjini. IMPOSISO.—Iposisile Imvo ukuti intlanganiso yo Manyano nge Mfundo ebihlangene e Pirie nge 14 ne 15 ku July, imnyule no Mr. B. Gosa ukuba aze abale naye ipepa lembali yama Xosa. Ngu Mr. Wm. W Gqoba yedwa onyulelwe ukuze abale ipepa elinjalo, ukuze lifundwe kwi ntlanganiso eyakuba se Bura (Peddie) ngo January ozayo; nakuba no Gosa lowo angabalayo ukuba uyatanda, ngokuyazi ayazi ngako. WATSHO pantsi mfondini ubale kwi Kaffrarian Watch¬man, uzibiza ngokuti ungu Justice, ube upikisa ingxelo yomnye waba fundisi. Musa ukuti wakubona utywala buncitshiswa upumele ukutshabalalisa umsebenzi olungi- leyo waba fundisi, usuke ungabi nantloni ukupikisa inteto yalowo kungumsebenzi wake ukulwa nentshaba zelizwi le Nkosi. Akunguye u Justice ungu Monakalisi, nalo igama elikufaneleyo. UKUDUTYULWA KO MXOSA.—Liti ipepa lase Kapa ela Jamana lase Mpongo lalidubule um Xosa owaye siba igusha lisindisiwe. I Solicitor-General ayivumanga ukubaliqutywe elo tyala ngezizatu ezilunge kwelo tyala lodwa. Ityala lesityolo sika Pelser, (ngabula bona), sokudubula umXosa ngase Burghersdorp, liman galele u Bev. J. D. Don no Mr. Geo. A. Hay base Qonce, langena ngomhla wa 23 ku July. Bamelwa ngu Attorney Innes, obuciko busuke bawapitize- lisa kwamhla mnene amacebo ka Pelser. Ityala lisabuyiswe ngomva. Tshotsho! ABANTU base Batenjini, sebe zinzola ukundweba kwaba. Kuvakala ukuba ke bafikelwa lizwi livela ku Oliver (Dal'indyebo) naku Nehemiah Tile lokuba kuza kukutshwa umkosi oza kubadla ngenxa yenkosi zabo ezingo Bacela, Mhlobo, no Moni, kuba zayicasayo intlanganiso eyayise Mtata, pambi kwe Secretary ye Micimbi Yabantsundu ngendawo yokugxotwa kozi mantyi. Kuvakala ke ukuba lomkosi ude wafika, uyakufumana umngeni, uyakuke ume kakuhle. Kanjalo kuvakala ukuba u Rili no Pali bahlangene no Oliver, kwaye ke yonke lonto kutiwa iveewa ngo N. Tile lowo. UKUNCWATYWA KWE NQANAWA ZINTABA ZOMKENCE.—Ati amapepa ite nqanawa bati yi Themis, isuka e Havre, isiya e Miramichi, suke shinyi inkungu. Kute ngobusuku obulandelayo kwabonakala ukuba inqanawa isondelelene nentaba zomkence zontatu. Enye yazo ifike yenqu enqanaweni apa, yatsho kwako izonakalo ezikula kwaoko. Kukutshwe iboti kwa oko, yapuma i captain nosapo Iwayo, nabo bouke omatoloshe, bangena kule boti. Kute kwase mva koko kancinane beva isambantlanya sokuroboka kwe nqanawa leyo, kodwa ababi nakubona nto kuba kwa kumnyama, beqonda kodwa ukuba inqanawa, ezintaba zidadayo zihlangene ngayo, zayiroboza. UKUBANJWA kuka Nogqwashe e Qonce, kwa Ruluneli, ngu Diok Nqanda isibonda sakona. U Nogqwashe. ogama limbi lingu Sesiwe ufunyenwe enxibe ingubo zamankazana kwa Mnqayi, ebeke waqeshwa intsukwan'ezimbalwa, wabuye waranelwa kwa oko, kwabonwa ukuba lomntu asinkazana, angaba kambe ungu Nogqwashe. Wasele sihla nomcinga kwa oko ukuze afunyanwe sisibonda eso, asel' ebanjwa. Koko usuke wanikwa ityala lepasi kupela ayangenwa leudawo ebebanjelwe yona. Lo Nogqwashe ute akubuzwa into aze kuyifuna e Qonce wati, ' Wala indoda abendele kuyo,' kanti ngamampunge odwa, asazi ke ukuba lento ukuyenza kwake ubejonge pina ngomxelo wake. UKUVUYA, NOKUDANA.— Kwipepalase Kapa (Cape Argus) le 15 ku July, siqubiseue norozo lwamagama apumeleleyo kuviwo lwe Matriculation, savuya ukubona igama lika Mr. W. P. Grimmer, osebenza e Kimberley, ob'efudula efunda e Lovedale apa. Sifike sadana sugqibelela sakubona kungeko nalinye igama kwabantsundu ababe bikiwe emapepeni ukuba batunyelwe yi Healdtown ukuya kolo luviwo, kwaye kanjalo belivakalise njalo ipepa lika Mr. Caleb Mahutshana eli- fundwe entlanganisweni yo Manyano nge Mfundo, e Pirie, nge 15 ka July, 1885. Akapumelelanga kanjalo omnye omhlope obezilungiselela apa e Lovedale, evela e Lusutu. UKUDUTYUBWA KWAKONA.—Kudutyulwe omnye kwango busela e Mtontsi (Fort Fordyce). Lendoda ibiman' iranelwa ngabanini zigusha, kanti okunene yiyo. Ligcisa ebuseleni, litsho ipepa, kuba yinto eyaviwa seliputaputa u Mr. Timm omnye wabalaleli kunye no Mr. Anderson, efuna igusha etyebileyo, kwati ke emva koko kwaba ngama duntsu-duntsu, kwada kwesana ngapandle kwesibaya segusha, pululu inkewu yabaleka, wasel'ebasa u Mr. Timm lowo, wayenza inxwelera londoda, sel'iqauka seku- ntsuku idutyulwe, yatyila mhlope entetweni yayo pambi kokububa kwayo ukuba okunene lengozi iyifumene ibiye kuba igusha. INTLANGANISO yengqungqutela yabafundisi ibise Qonce ngolwe 2 ku July, bakolisa ukubako abamahlelo ngamahlelo. Kuleswe ipepa kulo ntlanganiso ngu Mr. Jooste umfundisi oli Bulu, angati ongayibonanga lonteto yalo kumapepa ase Qonce, azifikisele kwi Christian Express. Lonteto iyatyabula kanye kumntu ontsundu, kulusizi kanye, inteto ezinje azingi zingavela kubantu abagama lingaba fundisi, kuba elo icala siba tina lilo elingum Samaritan wetu, kuba tina sinje ngaba wele ezandleni zamanyangaza azindidi ngendidi. Ke baninzi abaman' ukugqita kuti, babekele le bebengafanele, kwade kwafika lom Samaritan ungumfundisi. Sinovuyo kodwa ukuba lacaswa ngabanye abafundisi, abasaziyo isimo somntu ontsundu. ABAQUTYWE YINDLALA.— Amalawo amabini u Pita no Tshali babebangwe yindlala ukuze bade bebe, banqina njalo abafazi bawo. Kanjalo kuko omnye umfo ontsundu ode weba igusha yenkosi yake kwa ngenxa yokulamba. Ite imantyi u Mr. Garcia yakwa Komani yakumbuza u Mr. Scott oyinkosi yesela elo, ukuti yinina ukuba umvimbe ngolu hlobo ukudla, uti akakuba na? suke ati ukupendula, 'Lisiko lam ukwenjenje ukwamkelisa umxesho kuzo zonke izicaka zam.' Ite ke imantyi leyo ukugweba, yati kwisela eli, kuyabonakala okunene ukuba umxesho wako awanele, uqutyelwe ukuba ude wenze lento, ke kodwa unge ungeba- nga, kuba ngokomteto umelwe sisigwebo sonyaka wonke Usetolongweni, nemivumbo emashumi mabini anesihlanu ngekatsi, kuba ubumelwe kukuza kumangala apa xa ubulawa ngendlala. Kodwa ke ngetuba lokuba ndiyiqonda kakuhle lendawo yokuba uqutywe yindlala sendiya kukunika icawa ibe nye entolongweni usebenza kanzima. USIZANA GLUNGU JOHN DANIELS.—Liti ipepa lase Qonce eliyi Watchman,—kute ngamhla utile u John Daniells (kuba ulelesile) akuti bakata ezitupini ze ofisi yamatyala suke xamfu liqela lamatshabane ahamb'esona izinto, atsho akawuva nomhlaba, apata kumfutelanisa, wasiwa kwi High Street, ne Hill Street, nakwi Harper's Row, apo ate emva kokuba enxalwe ngodaka nomgubo ocolekileyo kwehliwa naye ukuyiwa ngezantsi kwe malike ngase Beaufort Street, apo alike seletiwe qwenge-qwenge ozibatyi aba, watyikilwa kunene ngetela entloko apa, nase busweni, nase sifubeni. Yafike ihempe le yakululwa, yadyojwa kunene ngetela, kweziwa nenxowa yentsiba, zahlikihlelwa kule tela, suke lalixakaxaka le ncanda. Kute kaloku wafunjatiswa i flag evange ngabomvu namnyama amabala, nenko- nxana yetela kwesinye isandla, waqutyelwa kwakwi High Street, apo ahlangatyezwe yimikwazo nentsholo yezigxwalo zabo bebefeketa ngaye. Ute efikile ematyaleni apo waye- kwa, waye sel'enamapolisa kaloku. Kanti usaza kudyojwa kwakona epata kugalelwa ngamanz'ashushu, wasicululwane ngakumbi. Walandelwa yindimbane ehambe ihlekisa ngaye xa asiwa kwixotyongwana ebe limiselwe oko, bamdu- mela kwade kwakatatu ngezigulo, bacitakala. Lempato enjiwa nje kutiwa sikupisile ngokuncola isimilo sake. EZELIPEZULU. UKUXOTYELWANA.—Ati amapepa kute elu-Sutu, u Colo¬nel Clarke wakupa amapolisa ukuba aye kucita inkanti ebisemhlabeni ka Bereng, basuke Abesutu bapuma nobude, bela emincongweni, alungelwa kubuya engenzanga nto amapolisa. EZAZE LUSUTU.—Ati amapepa kubulewe u Morosis, umntu ka Nehemiah. Kuranelwa kubantu ekutiwa nga Bahlascana. Imantyi itumele amapolisa ukuya kubuzisa ngaye. kodwa akanceda nto. Kupants'ukuhla into embi pakati kwamapolisa lawo na Besutu. U Nehemiah ubapete kakubi abantu bake ebadubula ngeruluwa. Kuko isirano sokuba ubume bezinto buyakalazelwa ngabantu bake. UKUGITYWA KWEGQWETA.—U Harry Mtombeni umfana wakwa Sonjica (Kamastone) ubecele ubugqweta kwa Komani, suke amagqweta akona alulwavivi, akakatsho. Imantyi yakona londawo isayite gedle, ikangele isigqibo se Palamente malunga nemicimbi enjalo. EZAKWA MANKOBOANE.—Kuvakala ukuba u Mankoroane umangalele umhlaba wake ohlutwa ngama Bulu ase Stelle- land, angavumiyo nokuba inkomo zabantu bake zisele namanzi, ebe amapolisa elibele kumane esiti kuye, kaulinde. Uyabuza ke ukuba wayangapina lamnqopiso kwakuvunyeIwene ngawo, wokumisa i Commission yomhlaba? KUVAKELE nge pepa lase Monti ukuba, kusate nqu tu kwelase Lusutu. Ne rafu irolwe kano bom namhla, ifikelele kwindawo ebilindekile ekuma waka amahlanu ngonyaka £5,000. No Masumpa namhla urole njengabantu bonke. Eyonanto iyinqaba kalokunje ekubalauleni a Besutu, ku kuba, sekunqabile ukuke uyifumane inkosi yo Msutu inganxilile, into ke leyo ekohlileyo ukube kungatiwanina. LONKE U Sutu selonakele ngala manzamlilo into leyo ebipants'ukungaziwa kwelo, pambi kwale mfazwe yokuhlutwa kwemipu yokugqibela. EZAPESHEYA KOLWANDLE. EZOCINGO.—Kuvakala ukuba ama Russia aya esongeza ngo kongeza imikosi e Mery nase Pul-J-Khisti. U Mr. Peacock no Capt. Yate basinge e Herat, apo i Commission yemida isingisa kona. ISINTSOMPOTI.—Kuko amare abuntsomi avakalisa indawo yokungati u General Gordon ngumntu osekoyo, ode ake abonwe nokubonwa kwezinye indawo, kokoke kodwa konke oko kubonakele ukuba akunanene. INZONDO NE MPINDEZELO EMBI EYENZEKE ELWANDLE.— Ati amapepa inqanawa ekutiwa yi Valetta yayifike e Ply¬mouth ivela e India, kwaye kuko kuyo u Mr. no Mrs. Abbot, nesi cakazana esi ngum Japan, nabantwana babo. Ke u Mrs. Abbot ute wasitetisa isi cakazana eso kanti ke lonto siyi qumbise kunene. Makuti ngokuhlwa u Mr. Abbot amane ehleli kwindlwana ekutiwa yi saloon ese nqanaweni apo, ehleli eyalusa lentombazana, ukuba pata kwayo abantwana, kuba eyiqondile ukuba iqumbile kunene kokwa kutetiswa yinkosikazi yayo. Makuti kuse njalo. esuke u Mr. Abbot ukuya kutabata i tea yake, ute akuti tshiki umhlana wake; suke esisi cakazana saqubula lomntana uyi ntombazana, sam kupa ngentunja, samposa elwandle, saze sazi posa kona naso ngokwaso. Kwaba kutiwani ukufunwa, hayi akwanceda nto, akwafunyanwa namnye kubo bobabini. Basala unina no yise bevana namatsila osizi lokulilela umntwana wabo ofe engagulanga ebulewe ngabom ngenxa yomntu ontliziyo izele kukuncola.