Title
eng Nantso Imfundo Kubalimi Bomhlaba E Tsitsikama (ISIG_1885-08-01_i007)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Mtimkulu, Simon Y.
SubType of Article
eng Farming
Language
Locations Mentioned
eng Clarkson
Date
24 May 1885
Newspaper Code
eng ISIG_1885-08-01
Identifier
eng ISIG_1885-08-01_i007
Word Count
eng 165
Print Page
eng ISIG_1885-08-01_p007
Page Spread
eng 7.2
Start Page of Article
eng 7
Print Column
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
NANTSO IMFUNDO KUBALIMI BOMHLABA, ETSITSIKAMA! NKOSI yam Mhleli we Sigidimi kawundifakele lamazwana ambalwa kwelo pepa lamanene lemida. Apa kuti, kuko indoda eyalima inqolo- wa yayidibanisa namazimba, imiqela emibini, inyanga yayingu August, 1884, ukuhlwayela kwayo. Yasuka yamila inqolowa, ite xa ilikaba elihle, abonakala amazimba. Ite xa inqolowa idubulayo, kwabonakala ukuba ayagxwala amazimba, yakula yona inqolowa yayintle kunye Ungafuneki bumbi ubuhle. Ite maxa ivutwayo, lafika ilanga layiraula kanye, kwabonakala eyisika ngo December. Kanti esika inqolowa nje uyawahlakula amazimba. Yeka ke! amahle kalo- ku ancama amabele!! Kwakulinywe entsindeni, kwabonakala edubula wabonakala umfo evuna engazange ahlakule, wagqiba ngokusika inqolowa. Wawavuna ke amuzimba ngo May 2nd, 1885. Kubonakele eyibula lonqolowa yalo miqela mibini, ebubanzi buzinyawo ezi 12. Wayibula, wafumana inxowa ezintlanu. Wawabula nama- zimba, wafumana inxowa ezimbini. Kuyancomeka okufunyenwe yilondoda kulontsimi. Ifuna ihabile yama Bulu ngoku, ibifuna ukuyihlwayela kwakulo miqela mibini. Nalo ilungelo kubalimi abamasimi angapakati kwentango. Elocam alibonile ama Bulu, ebefud'-engawalimi amazimba kuba esoyika ukuhlakula, ati kanti akahlakulwa. Afuna imbewu ngoku. Igama lendoda leyo ngu John Pos Platyi. Ndim owako futi,