Title
eng Icebo Ngencwadi Zesixosa (ISIG_1885-08-01_i008)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Memani Vuso
SubType of Article
eng Isixhosa Literature
Language
Date
12 July 1885
Newspaper Code
eng ISIG_1885-08-01
Identifier
eng ISIG_1885-08-01_i008
Word Count
eng 330
Print Page
eng ISIG_1885-08-01_p008
Page Spread
eng 8.1
Start Page of Article
eng 8
Print Column
eng 1
Coder
eng Sipile Nqiyama
NKOSI YAM.—Kwipepa lako, lale nyanga ndibone kumhlati wa 'Mabal'Engwe' indawo yokuba iverses apa ozininzi zo Ngxoxo ngo Mfundo ukuba ziza kwenziwa incwadi. Ndayivuyola kakulu lonto kuba mna bendizitanda noko bendinamazwi amaninzi kuzo obe ndingawaqondi into ayitetiyo, enditi ngako oko ndilahlekwo bubumnandi bento endiyifundayo. Unyanisile umbali wa 'Mabal' Engwe ' ukuba ziyalambata incwadi ngenteto yetu. Ingamkelwa luluntu ngovuyo nolo ike yako. Kodwa ko kwaba njengam ingamkeleka ngovuyo notakazolo olunga pezulu ukuba ibiyakupuma inencazelo yawo onko Iamazwi angaqelekileyo entetweni, enditembayo ukuba aqeleko esazeka ku Mbali wale ' Ngxoxo' yedwa; mhlaumbi nabanye aba mbalwa. Kaundixelele wena mhleli u ' bedidlaba' u ' Ncakasana ' namanye amazwi kukutinina? Baninzi abanga yinoneleyo le ' Ngxoxo Ngemfundo ' ngenxa yokuba bengona kuyilandela, iyinto aba kangela bayishiye. Kubantu abayaziyo inteto yesi-Xosa nje ngombali wale 'Ngxoxo'' onokusebenzisa amazwi anje, ngokuzitemba, ngobe bala i Dictionary yesi Xosa nokuba ilulana ekuqaleni ukuze abantu bafumane kuyo incazelo ngezi terms. Anditandabuzi ingafunwa kakulu kunokuba abantu bemana befunisela bequbeka kulamazwi abonakalayo e Sigidimini nakwezinye izishicilelo ezitsha nje ngo Guqulo olutsha lwezi Balo ezingcwele. Kuko amazwi angenakwaziwa luluntu oluninzi ngapandle kwabahletyelweyo ngaba bali bala mazwi. Xa kunjenje nje kubonakala ukuba ubani nabani uyakuyila mhlaumbi atete amazwi angaziwayo ngabanye sibe si Xosa sake eso. Kuyafuneka ukuba sibe nayo into entetweni esinokuya kuyo sonke ngoku qiniseka. Maxa ndilapo kunganjanina Mhleli ukuba ipepa elimnandi kunene like Mr. W. W. Gqoba nge mb'ali yaba Ntsundu elikutshwayo ngoku ngesi Ngesi kwi Christian Express likutshwe nase Sigidimini zesive imvo zabo banako ne Bali letu ba Ntsundu ekufuneka libe sesi Shicilelweni esinga gugiyo. Kanti abamhlope (ama Ngesi &c.) kusitiwa ngabantu nje nabo bapuma kule Nkosi ingu ' Ntu ' sapuma kuyo nati tina bamnyama? Ndingayuya undifakele lemida Mhleli kwelopepa lako. Undixolele ngobude bale. Ndim Vuso MEMANI. July 12th 1885. [U mhlobo wetu u ' Vuso Memani ' sitemba ukuba wovuyiswa kuku- va ukuba asiyiyo le yodwa incwadi ka Mr. W. Gqoba eyilwayo. Ngati i ' Mvumi yo Hlanga ', u John Knox Bokwe, lixapetshu ezi Notini ukwenza incwadi yengoma zake. Nayo yopuma kulonyaka. Hutshu ! Hutshu!! Hutshu!!! mabandla akowetu.—ED. Isigidimi.]