Title
eng Isigidimi Sama Xosa (ISIG_1885-08-01_i010)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Zwelinjani
SubType of Article
eng Misunderstanding
Language
Locations Mentioned
eng Barkley East
Date
12 June 1885
Newspaper Code
eng ISIG_1885-08-01
Identifier
eng ISIG_1885-08-01_i010
Word Count
eng 265
Print Page
eng ISIG_1885-08-01_p008
Page Spread
eng 8.2
Start Page of Article
eng 8
Print Column
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
Andifuni Mhleli ukunga ndingateta into eyakukataza bard pakati kohlanga oluntsundu, nokuba lolumhlope. Xa ndilapo nkosi, ndinqakula into enqakulwe ngumfo wase Dayimani malunga nokungavisisani kwake ne Sigidimi lonto uyifake kwipepa ekutiwa Zimvo Zabantsundu, lomhla wesitatu ku June lo sinaye. Iyadanisa mna kum into etetwa lelonene malunga nobunca be Sigidimi. Tina bantu bamnyama azikasifaneli into ezinjalo ukuba sizigcakamele. Eyona nto ndicinga yona yeyokuba, ngumnqweno wake wonke ontsundu ukunga anganda amapepa esi Xosa kuzo zonke indawo, mhlaumbi xa andileyo zobako indawo ezinandipisayo malunga necala lawo banzi. Ingqondo zetu mfo ka bawo zisencinane; kodwa ndiyatemba ukuba amapepa ays kuzandisa exesheni. Eyona nto ndicinga ukuba ikufanele, gxeka inteto epuma kwi Sigidimi, usiyeke sizihlalele sons. Ngati mfo ka bawo lomkondo siya kweyela kuwo sonke tina bafo bafunda amapepa. Sendite gxeka inteto yodwa, nditsho ngesizatu sokoyikela ukuba tina bantu bazidenge siya kumisa ibakana malunga nelopepa lingumakulu ezintetweni zalo. Sibe singabulandanga ubuko nengcambu zalo. Nditi bamkeli bamapepa ohlanga inteto ezinjengale mazingamkelwa, ziyakuvelisa isenzakalo esikulu kwizidenge ezisiti. Eyona ndawo iyiyo masinqulelo amapepa ohlanga ukuba ande. Ongalifuniyo ipepa elitile makaliguzule elo lingavisisani nomoya wake, okanye makaliti criticise. Ngati Mhleli lento iyakuba yingozi kubafundi bamapepa esi Xosa abazizidenge. Yona indawo engavisisani nabani nokuba kukulipina ipepa lohlanga makayitetise, liyekwe ipepa licume, lande. Siya kuya ngapina mzi wakowetu xa apelileyo amapepa? Ngati kuya kuba nzima ukuba indoda izakutala isiko elidala lokubeka umnqayi emagxeni, igqibe amakulu-kulu emigama. isiya kubika intwana engepi kwelinye ilizwe. Ndiyatemba, ndikolwa kanjalo ukuba ininzi impi eti, ' Anga angacuma amapepa ohlanga.' Ndinento eninzi Mhleli endingayitetayo malunga nalenteto, ndoyeka, kodwa ndingayenza indawo leyo xa lento isentetweni. Mzi wakowetu batalani Isigidimi ne Mvo Zabantsundu zizalwa siso nje ziya kufuza unina