Title
eng Isaziso Sika Rulumente (ISIG_1885-08-01_i011)
Found in Newspaper
Article Type
xho Government Notice
Author of Article
eng Sprigg, Gordon J.
SubType of Article
eng Imali Yezindlu
Language
Locations Mentioned
eng Kapa
Date
19 June 1885
Newspaper Code
eng ISIG_1885-08-01
Identifier
eng ISIG_1885-08-01_i011
Word Count
eng 139
Print Page
eng ISIG_1885-08-01_p008
Page Spread
eng 8.1
Start Page of Article
eng 8
Print Column
eng 1
Coder
eng Sipile Nqiyama
WONKE ubani uyalatiswa ku Mteto, Act 20, we 1878, ekute ngawo bati bonke abantu aba nezindlu abalala kuzo, bamelwa kukubatala lomali ibizwa ngulo mteto. Ke, ngalo Mteto, lomali yamelwa kakuro kwango suku lokuqala luka July, 1885, ize kuti ukuba ubani ugqitisile ngentsuku ezimashumi asitoba kolosuku, amelwe kukudliwa isheleni ezimbini ngapezulu (2s.) esel' eyakuti ke yombini lomali irolwe ngalanga nye. Kanjalo kucelwa wonk'ubani ukuba ajonge kwi siqendu sesitatu kwa salo Mteto (Section 3). Esiti, maze avele mhlope wonke umntu oti yena akamelwe kukurola lomali, kuba lute lufika olosuka lokuqala luka July, 1885, yaye indlu yake engekayaki, okunye engekalali kuyo kanjalo, kwisituba sentsuku ezimashumi asitoba pambi kolo suku, kuwo lonyaka; mhlaumbi ibingeko, okunye kube kungekalalwa kuyo. Abangatshoyo ke boyingenisa londawo kwi Mantyi zabo kwintsuku ezimashumi matandatu kusukela kusuku lokuqala luka July, 1885. Bokangela nakwisiqendu seshumi linesibozo (Section 18) esiti, bonke abangahlaulanga bayakuba netyala.