Title
eng Imfazo Yelabahlambeli (IMVO_1885-01-19_i018)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
SubType of Article
eng War
eng Politics
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-01-19
Identifier
eng IMVO_1885-01-19_i018
Word Count
eng 784
Print Page
eng IMVO_1885-01-19_p002
Page Spread
eng 2.3-2.5
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 3
eng 5
Coder
eng Sipile Nqiyama
IMFAZO YELA BAHLAMBELI. UKUBONISA uluvo abati ku- kulawula ngoloyikiso ngenye inteto, kubonakele kuyiyona nto enokunceda kwesisaqunge sela Bahlambeli. Akukade kakulu okuya wonke umtandi masoko alungileyo. nawasebu Rulumenteni nawaba- ntu, waqala wengxwelema akuka- ngela kulentsebenzo yentshabalaliso bekuqutywa yona yinxenye yabemi bobu kumnkani ba Mabulu, ebiyindlela yobupangi, kupangwa i Nkosi ezi ntsundu, ngokumana zisenzelwa amadinga abuqinga e- kuti ete akapumelela lawo sebesuka behlutwa bepangwa kanye, kaloku base besuka beba njenge ndonga ezi valileyo bevalele ngapandle, kwi- nxweme ngenxweme, impembelelo elungileyo neyeyobuntu yobuku- mkani base Mangesini. Eyona nto ibangele ngokungapezulu ukuba izinto zicinezele kangaka yayilu- hlobo ezitetwa ngalo izinto zaselu- laulweni yinxenye yoluntu apa e South Africa, obelunkontele ekutini langalo inamandla yo Laulo lwa Pesheya olugeja paya kwezaziqiti zase Mangesini yiyo into esisitintelo ekufikeni kwamaxesha obulungisa apa e South Africa. Kantike noko kwangabo abona bavangeli balomfu- ndiso, akuzange kwenziwe ngxelo yokokubamhla kuyakwenzwa kwelotala kumhla koze kube kutenina. Kakadenike bebeko bona abangayi- qondiyo lemfundiso, ababecinga bona okokuba ukuba ite impembelelo yo Laulo lwa Pesheya ya buya mva kuya kulandela ukungabiko lulaulo lumiyo nezipitipiti nengci- kivo yesiko ebeziya kuveliswa nga- bantu abasenobudenge nakuba beka- ngele pofu entweni. Ngenyaniso akuko nabani ongaba uyalinqwenela elotuba linjalo. Yeyonake nto ibiya- kuhla kanye ukuba besite isitunzi sa- mandla a Pesheya sashenxiswa. Xe- nikweni kwezinyanga zidluleyo kwa- ku tshanje iqela elitile labantu beli baba noluvo olutile, lokobuba i- England ayikatali nento yi Koloni le, seyiruquke yanqunguka mpela, kuteke kwa oko kwasekusuka ama- qela emirungwane, isuka kwilizwe elingaka nokuba likulu i Transvaal elite gabalala kuba alixinene. Ekoko uku yakuhluta umhlaba wabantsu- ndu kuba bebazi ukuba abanama- ndla akumelana nabo, bazenzela apo kupela ngokubona, batsho palipitizelisa. I Koloni ibingenako ukuba nento engayenzayo yokutintela oko, kuba ingenamandla, kwaye kunjalonje isininzi sabemi bayo ingabazalwana bayo lo mirungwane, kwabonaka- lake ngoko ukuba ayinanto yona ingayenzayo iyeyokubeka emtetweni ezo zihange, kuba bekuyakusuke kuvuke imfazwe yamakaya. Yonke lento ayinako ukwenzeka xa ngaba u Rulumente wa-Pesheya usenezwi kwimicimbi elunge nati, ngayo lenxake siyakolwa tina sisi- teto eso siti ' Ukuhl' uyikaulele into, kulunge ngapezu kokulinga ukuyidambisa ibiseyide yenzeka '— ukuba ke silingwe nakule indlela. Ukuya kuka Sir CHARLES WAR- REN paya kunje ngomfisi oseluze kunyanga ukunyatelelwa pantsi nokudelwa kwewonga le Nkosazana kwezandawo ziselulaulweni lwayo nakuba zimgama, kwaye kunjalonje kungeko nto iya kuzenza izinto zi- lungelelane apa ngapandle kwaso eso situnzi salomandla. Ku- mnandi kanye kuti sakubon' ukuba londawo seyikangelwe, iyabonwa zintliziyo zo luntu lwase Mangesini, kuba silifumana elinye ipepa lela Mangesi i-Spectator lisenza amazwi enyaniso nesonti xa liit:— Akuko nto ibonisa okokuba lomirungwane ayikuti kwakuba kutetwenje kwabuya kwa- yekelelwa ingabuye iqube ngalendlela ibe iquba ngayo ngapambili. Kuba kupela iha- mbele ukuhluta umhlaba kuba ayikolwa oko¬kuba umntu omnyama yena unalungelo la- nto, ngapandle kokuba asebenzele umntu umhlope, yaye kunjalonje icinga okokuba nokubana u-Rulumeni wa Pesheya akanaku- tintelwa bani ngapambili, akayikuyiqinisela lonto, wongati uyateta abuye ayekelele. Ngokoke asingabantu bokuyekelelwa ngaba- ntu bokuseloko belindiwe. Kufikeke saku- ba lapo kuvele indawo yokuba azi okokuba ilizwe elo lingu Nina weli alisayikufuna ndlela yimbina eknmeni kwalo, ngendlela yokuba umhlaumbi lifinyeze ingalo yalo ngo. kumayelana nendawo ezipantsi kwalo, nm- hlaumbi ifune yimbi indlela yokukusela ezo- ndawo eyakuti isebenze yodwa yona ngo- kwayo. Kwawetu amehlo tina eyokuqala indawo yeyona ifuna ukuke icingwe, kuba kuqinisekile okokuba impitimpiti eveliswe kukungacaci kwesimo setu ayisayikwandula ipele. Sinemfanelo ezitile ezisimeleyo zoku- ba sikusele abantsundu abagqibe intabalala yomhlaba ubuninzi, okusoloko uya usanda okukona uya usabonakala mgama, kusoloko utwabulukela nga Sentla, okusoloko kuko intsongolo zesizwe, esisoloko sisilwa nabemi bawo, esimhlope. Kunjaloke kanye, yayeke iyinto engenakutwalwa leyo kupela makwe- nzeke enye kwezindlela zimbini nanzi, —lo- nke malibe lelama Bulu nazo zonke into ezi- ngavelayo azikangelele, kungenjalo kumiswe umkosi onamandla, owomeleleyo, ozipeteyo, oya kuba liliso de abamblope abakweli naba- ngabapambukeli babe namandla okuzipata ngokwabo. Eyokuqala indawo ayikutande- ka eluntwini olunobuhlobo kwaba ntsundu, eyesibinike mayikangelwe iqondwe. Kwe- zondawo zingasentla e-South Africa apo be- kufuneka umkosi onjalo oya kusinceda eku- bambeni amadinga etu, Liti eliya Lizipeteyo ligcine awalo, sibeke sitintela ezindleko zale- mikosi imana itunyelwa kwakuhla nto. Lo. mkosi kungafuneka ube mkulu, kuba ungaba ngokuqondwanayo nawo ngabanga Mangesi apa e-Koloni, kungapuma into eninzi ndawe- i ninye upitikezwe ngabantsundu. Imali onga- yinqwenelayo ayingebi siso nesishumi semali ukutshelwe le iman' ukuhlanganiswa nge- ngemfazwe engatike wona ube ugciniwe de ku- we izwi Mongameli Omkulu, masiti Indu- na eziyakuti zonke into ezilunge nabantsu- ndu zitetwe yiyo, nempikiswano ezikoyo apa e-South Africa zifezwe kwanguye. Siyayazi ukuba lento ingaba nzima ku Rulumeni ongangi angaxanda kakulu, nakwabo abase- besiti bona kade ilizwe litwaliswe nzima, ko-dwake ubunzima bona abuveliswa kukaba zingafuneki ezonto. Tina simelwe ngenx' enamadinga etu nobuntu betu nkuba silaule e-South Africa, masiti, ngokumalunga naba- ntsundu kona simelwe, ngenx' enama Bulu kona kufuneka kuko umkosi omiyo okoyo. Kuba anje ukuwufuna kwawo umhlaba wa- bantsundu, kanye uqwa nama konxwa ukugi- nyelwa amate kwawo ivenkile yomtengisi wezihombo zentsimbi. Kwezinye indawo ezipitikezileyo ngentlanga asilenzi ilinga eli- nje, nase South Africa apa alinasitunzi saluto.