Title
eng Imidlalo Ye Holide (IMVO_1885-01-19_i020)
Found in Newspaper
Article Type
xho Sports Report
SubType of Article
eng Cricket
Language
Locations Mentioned
eng Qonce
eng Rini
Newspaper Code
eng IMVO_1885-01-19
Identifier
eng IMVO_1885-01-19_i020
Word Count
eng 863
Print Page
eng IMVO_1885-01-19_p003
Page Spread
eng 3.1-3.2
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
IKABA LASE QONCE E-RINI. (Ibalwe ngowayengamehlo etu.) Imidhlalo yale Kilismesi iyenzele isi- homo esikulu i-Champion Cricket Club yase Qonce. Ukudlala kwayo ne-Monti yaba ngamapanyapanya. Yaye pofu ne- Monti idhlala kakuhle, wade wati obone- layo fanel 'ukuba kuko into ekupindeze- lwa yona yi Champion. Umzotane woku- dhlala yayingulo unqwenelekayo kuzo zonke imbambano nge Cricket, i-batting ye Champion yayi yawa nganeno kwento eba yiyo emakaya eluqeliselweni. Wa- qala nga lomhla ke umfo ka Ngcumbe ukuba qengqa bonke abafeketa ngoku- tintela i-Bola zake. Owase Rini umdlalo ngomhla woku- qala enyakeni wawungxengengxenge ngamacala onke. Isizatu soku ndide nditi fan' ukuba basuke boyisane ngoku- bukana. Okwe Rini ukudlala ezintonge- ni kwabakunye nokwe Qonce, akudlu- langa kwokwanyakenye ; kukubola A:we Champion into ete qelele. Kubo umfo ka Nombeu ude angati yena wayezalelwe ukugcina i-wickets, ukohlakalisa kanye, akavumi ukuba ati tyi umntu ngapaya kwomda, ukuke apupumise, selefile. Asizilibali izibele ze-Rini, asiwuhlanga- nisi umlomo kukungadinwa kuka Captain Danga no Mrs. Mtshabo no Mrs. Xola no Rev. Mr. Magaba, sesibabalula aba ngokuba babesipatele kanye izinto okwonwatyiswa kwetu, waye wona umzi, untliziyo nye ngakuti, uhlutana ngati, kwade kwaya kupatelela ku Attor- ney G. G. Wright owasitukululela ihashe letu libiza iponti ezintlanu ezine shumi eline sikisipeni e-sikiti. Ngazo zonke ezi- zibele i-Rini siyalibulela, mandigqite siyalidumisa. Sidlale nempi yase Bayi ngomhla we- mbini enyakeni. Kwati qolokoto inkunzi ezingazaniyo zombini. Yafun' ukungati ililandulela ubuntu kanye i-Champion i- kabalase Bayi ngawokuqala amahlangano Koko Ehla mfondini! Umlisela wase Bayi zinto ezingati zazalelwa ebunke- dameni izinto ezingayekiyo apo zibonayo okokuba kuseko itutyana lokuzuza intshi- cati izinto ezimsindo ungapeliyo. Zade zenza ngamangeno okupinda mfondini, ngelixa omnye ebeyakuseloyeka, ati aku- seko nto siyenzayo; ade anga ati wona | 'akukonto ingebi-koyo,' yaye i-Cham- pion ifuna amashumi omabini kupela ukuba yeyise. Musa! into ka Pezisa, ide isuke ibe sisigaqa yonke kunye ne Bola eyibolayo, ude ufune ukuti lomfo ungxa- mele ukundigila ngesiqu sake kusinina ukuze ndikwelele i-wickets zam aziwise. Ukubola kwomfo ka Ross kuhle kanye betuni. Kunenxwelera emizimbeni, koze kububise kanye nje ezintongeni ngomhla wako. E-Batini lomfo ka Ross noko enze inani elikulunje masimtyele okokuba akagqibi. Uyayikaulela i-Bola xa abetayo, apume emdeni, uyaqiqa xa ahlanganisayo, azenze ke isisulu kuba Gang); wapuma ka hlanu ezandhleni. Asimgxeki—maka- guqule. I-Captain ye Champion yawunceda umzi ngawokuqala amangeno sewugxade- kile kupume amadoda amane engenzanga nto yawumisa intliziyo ngokugxota kwayo i-Bola walekela umfo wo Nozwane noka Ngcumbe. Asinakubala yonke into osiyiboneleyo epambukileyo ekuqulunqweni kwe Cric- ket, ngoku^ siyakunge siyazingca kuba seyisile—kantike mziomhle, kulapo ku- zuziswana kona ubulumko apa, sekudlo- pa okwenene ukuba bengebaninzi o Te- ngo-Jabavu abayakuqoqa ezizinto, ngoku- bona nangokucinga kwabo. Kodwa ke okukudlala konke kunye nokwe Qonce, | kusenganeno kwenyaniso, ngapandle koKubola komfo ka Ngcumbe, okuyimfe- zeko kona. Kuwo omatatu lamadabi ye- yisa i Champion Cricket Club yase Qonce. J-Monti yaleyisa nge 14 runs ne 11 wic- kets, i-Rini nge3 tickets, ne Bayi nge 7 wickets. Yati i-Captain ye Champion yakubuya xa yenza indaba yakwazi uku- linganisa u-Julius Caesar, yati ' ndaya ndafika' 'ndaya ndabona,' 'ndaya ndoyisa,' ' Veni, vidi, vici.' Ite kwakubuywa i-Champion yavume- lana kunye ne Captain okokuba i-Bat eyahlutwa e-Rini mayinikwe umfo ka Ngcumbe. Ngo Mgqibelo ke ngomhla weshumi kulenyanga yapuma yonke impi ye Cham- pion, neyayi ngehlanga ukuya e-Rini inxibe eze Cricket malunga no 3 o'clock, yamisa intonga yadlala yahlule- lene. Kwati malunga no half past 5 o'clock wavela u-Miss Mary Ann Bovana ozakuyinikela ku Mr. Ngcumbe lontonga epahlwe ngo Miss Elizabeth Kwankwa, 2 Misses Bovana, namanye amanenekazi, beno Mr. Boyana neqela elikulu lamanye amanene. Wafika wati nqwatya kulanda- wo yokubonela lomhlambi wonke. Yesu- ka i-Captain u-Mr. N. C. Umhalla, ne Secretary u-Mr. W. C. Umvalo ne Trea¬surer u- Mr. N. C. Ubovana bayakutabata u-Miss Bovana nomhlambi wake, bewu- shiye wenze isakombe e-Crease umbuto we Champion. Ngamazwi ambalwa api- ndayo ukumcela u-Miss Bovana ukuba amnikele u-Mr. Austin Ngcumbe ixoba lase Rini, evumile, yamti kata emkonweni i-Captain wati ukuba abekudeku- fupi u-Miss Bovana kwenziwa i-' three cheers ' ngabadlali, wangena ke esakem- beni wema kona. Emva kwamazwi ambalwa okungenisa umcimbi esingawo emhlambini iSecretary yakwelela i-Captain, eyati pakati kwamazwi ayo amaninzi yashicilela okokuba iyenzile nje lento asisiko ilimisayo pakati ko mbuto wayo, kungokuba kodwa kuhle into eyodwa yokuba umntu abalasele ukudlala ema-' dulini amatatu pezu kwempi yonke. Wati u-Mr. W. N. Seti emi pakati nezintonga zombini eyase Rini neyase Qonce wazini- kela kwi Captain, eyati yona yakupa leyo yase Rini yayi nikela u-Miss Bovana, owati yena wayinikela ku Mr. Ngcumbe ngalamazwi (' amid deafening cheers.') Mr. Austin Ngcumbe ndiyabulela oko¬kuba ndibekwo ubuntu obukulu kangaka obokuba unikelwe zizandhla zam ixoba elatinjwa e-Rini olincanyelwa yi Captain nalilo i bandhla elidumileyo le Champion. Yamkele lentonga, ndiyakuvuyisa Mr. Ngcumbe ndaye nam ndizidhla ngoku- wudumisa owudumise ngako umzi wase Qonce ngobugeisa bengalo yako nango ku- dlala kwako konke. Ndaye nditemba okokuba woti wakumana ukangela ku- lentonga ukutale okunye uqonde noku- qonda okokuba akumonelwanga ' nga- balingane bako ezintongeni.' Wabonakala okokuba umfo ka Ngcumbe utabatekile, wazitintela inyembezi ngo- kungashukumisi mlomo. Waye no Miss Bovana ebonakala naye ukuba utabate- kile. Wati ekugqibeleni wawushiya umbuto namazwi abuhlungu kanye wenjenjalo kwa no mnakwabo u-Mr. Bovana. Kwagqityelwa nge ' three cheers for the Captain and the Champion Cricket Club yase Qonce.' Kwandulu- kwa ke kumnandi kunene. Ukuma kwe-midlalo, kubonakaliswa komnye umhlati kwaA:welanamhla. Ngenxa yokuswela ixesha kwabashicileli sinosizi ukuti asinakubanika abafundi beta i-Almanak yesiXosa nelanamhla. Asikanca- mi noko ukuba singaba nokwenjenjalo ngo Mvulo ozayo.