Title
eng Iveki (IMVO_1885-07-01_i020)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Bulletin
SubType of Article
eng Worldwide News
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-07-01
Identifier
eng IMVO_1885-07-01_i020
Word Count
eng 516
Print Page
eng IMVO_1885-07-01_p002
Page Spread
eng 2.2
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
IPEPA lase Dikeni libika ukuba ingqakaqa iya isanda kwesositili. Umpati welali u Mr. B. Green uti sebelishumi linantatu abantu abafayo kwa Gaga—ngabantwana ikakulu. Kwifama ka Mr. Moss, Egwali babini abantu abehliweyo. Imigudu yokubabeka nxamnye abafayo iyenziwa. SESIBUYA sisiva ngezokubalela kwakona. Inkomo zase Gqunube sezisela e Kubusi. Abahlambi boboya basemi e Qonce. Seloko noko itemba liko lokungati lizakuna, INGWEVU enkulu yase Skotilani, u Rev. Dr. Somerville, isekwelama Grike apo ihambisa intlanganiso zemvuselelo. WamnkeIwe kakuhle e Thessaly nase Larissa. UDABA olufike e Aliwal ngolwesi-Ne loloknba u Colonel Clarke ubetumele amapolisa ukuba aye kuvala inkati ekwisitili sika Bereng, kodwa Abesutu abafumene sebexobile, babeta amapolisa abnya umva. IPEPA lase Mtata liti kuko inteto yokuba u Mr. H. T. Tamplin uyakucelwa ukuba abe ngomnye wamalungu apesheya kwe Nciba ukuba umteto omtsha onika igunya lokuba nabelo batumele amalungu e Palamente upumele. NGOSIZI sivakalisa umbiko wokububa kwentombi enkulu ka Rev. S. Gudula edlule ngo Mgqibelo e Qugqwala. Umfikazi u Miss Dorcas Gudula ubeselenexesha egula. Sivakalisa uvelwano Iwetu olushushu neso sicaka se-Nkosi esimana ukuhlelwa zinxwaleko ngendlela ezininzi ngezimini. ELASE Dikeni liti badlule kumashumi amatatu ababanjwa entolongweni yalomzi. INGQAKAQA isaqumise ngakunye kwa Gaga ngase Dikeni. ULAULO Iwa Pesheya lucebisa i Natal ukuba ingalutabateli pezu kwamandla ayo ulaulo lokuzipata ngokwayo. KUVAKALA ukuba ingqakaqa iseko e Burg'nersdorp. Batandatu kwimpi emhlope abafayo. Kwifama ye Bulu elingu Botha kufa isixenxe sipela. NGEVEKI engapaya kungene kwityalike yama Bulu amabedengu atabata imali zeminikelo kwakunye nezamapepa. Kubanjwe amadodana amabini antsundu ngokuranelwa. KUVAKALA ukuba ngezimvula zisand' ukuna, kuhle isihelegu kwintaba ze Snewuberera, e Nyati, kwelangapakati. Indoda nomfazi wayo nabantwana ababini bafe yingqele kwasinda usana lodwa. Indoda ifunyenwe ilele ze mganyana elusatsheni. Usana Iwalubelekiwe. Kufunyenwe izinja zabo ezaka zadla emzinjeni wonina, sezi fana nezasendle EZOKUBUBA kuka William Bobi Tshona' obeyititshala yase Rabe e Bofolo, kuyabikwa. Ubube ngo 12 June. Ingelosi yokufa iyahamba kukalokunje. NGO 24 June kwafika e Mafikeng, kwela Bahlambeli iqela la Besutu lisiti lifuna umhlaba kuba elase Lusutu lixinene. KUMANA kubako amaqela atile abantu ate roqo ngokungena kwelika Gassitsiwe, lipuma e Transvaal. Lomnumzana uyakalaza ngalonxa. NGEZIVEKI zimbini umsebenzi e Dayimani ngati umana ukubako; mbangi yoko kute. ngwa kakuhle kwazo. IMPI yabapangi itshayele zonke inkomo zika Rev. Mr. Dahl umfundisi wase Norway okwa Zulu omi e Mhlatuzi kwakunye nezabantu besikolo. NGONHLA we Cawa 21 June e Pendleburg kwelipesheya kwadutyulwa ngengozi kwindawo ekumbiwa kuyo amalahle kwafa abantu aba 161. UCINGO oselumi kwela Bahlambeli lukwimayile zikwi 346. NGAZO ezintsuku ingquva ezimbini zamagwangqa ebezingababanjwa e Freyburg kwela Bahlambeli zifunyenwe ngumgcini ntolongo zibaleka, zasezimkumbula, zampata gadalala. Zibuye kodwa zabanjwa. NGE Cawa edlulileyo kubanjwe indodana evela kwelipezuln kwisikolo sakwa Buluneli efunyenwe inxibe ngokwamankazana. Kute kuba ayinandevu kwanqaba ukuyahlula kumtinjana ebipakati kwawo. Kuvakala ukuba inexesha elide inxiba ingubo ezo. Asikayazi into ebiyisekelezile ngokwenjenjalo. AMAPEPA apesheya asand'ukufika abika ukububa komntakwabo Captain Blyth, ongu —Captain D'Urban Blyth. AMAJONI ase France akwesiqiti simelene neli letu kutiwa yi Madagascar, enziwa maninzi ngakumbi ngokutunyelwa kwamanye anga 3000. I INJINI yokuqala iliwele i Gqili ngolwesiTatu Iweveki edlulileyo. NGOKUTOBELA isicelo sama Bulu esingeniswe ngu Mr. Venter, i Palamente igqibe kwelokuba ingxelo apa yomhloli zikolo owabubayo u Mr. Donald Ross, M.A., ishicilelwe ngokwesi Bulu amanye amanene anjengo Mr. Rose-Innes ate kwaneka Dr. Dale mayeyenjiwenjalo. I JAMANI elingu Hempel lizinikele kumantyi walapa ngokusuke lidubule Umxosa obeye kuba ngo 23 June. Uhlwaya waluhloma ngasemva. Akubonakali ukuba kuke kwako mizamo yanto. Igusha ubeseleyibulele. U Hempel uzimele nge £750 ukuze abuye avele ematyaleni.