Title
eng Amanqaku (IMVO_1885-07-01_i022)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
SubType of Article
eng News Summary
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-07-01
Identifier
eng IMVO_1885-07-01_i022
Word Count
eng 677
Print Page
eng IMVO_1885-07-01_p002
Page Spread
eng 2.4
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 4
Coder
eng Sipile Nqiyama
LENTETO yamadoda abalulekileyo sitili siy alelwe ukuba siyifumanele indawo :— Siyayibulela inteto eyenziwe yindlu engapantsi malungana nalento yepasi, ebonakeleyo kwi Mvo Zabantsundu. Sibulela u Scanlen no Leonard no Sauer no De Wet ngenteto zabo zokubuyisa ngomva umteto wepasi. Siyabona ukuba lamadoda ayakwazi ukuvela umntu wolunye uhlanga okonze pantsi kwawo. Unyanisile u Scanlen ukuti ipasi le bubukoboka; asinguwo umteto obufanele i Government esekukanyeni. Siyabona okokuba lamadoda anengqondo enkulu ukuqonda into elungileyo kwengalungileyo kulendawo ati ipasi ayinqumli busela. Abantu abebayo abakatali yincwadi. Amasela ahamba ebusuku, aze impahla emini aziyeke zidle egameni paya aye wona epakati kwabantu. Amasela awafuni ncwadi. Ipasi ibulala abantu abalungileyo. Lomntu wacinga ipasi wanikwa iqinga ngu Satana lokukataza abantu abangebiyo kuba ngabo abahamba emini. Nokuba lomteto ube wenziwe ubungasayikuza wema, akuko mntu ubeyakusoloko epata incwadi ka Rulumeni iijengokuba ebetshilo u Sauer. Bebeya kufakwa ezintolongweni kupela. Umteto bekuyakusinqabela ukuwenza ngokukodwa abafundisi otitshala nabantu abapete imisebenzi yokukanya. Sibulela amadoda asikulule ebukobokeni, inga into yepasi ingeze ibuye ivuswe. Siyayidela kakulu inteto ka Bokolo, no Maranti, no Ayliff. Lawo manene, mhlaimbi awayicinganga kakulu indawo yokuba ifama za Mabulu azihanjwa mntu nonencwadi. Akafuneki umntu nonencwadi kwifama za Mabulu into eyayo lisela lodwa elihamba ebusuku, nezicaka zawo. Amabulu mawayekeke ukusiqesha. Enye indawo sinosizi ukubona Amabulu ebonisa ucaso olungaka kubantu abantsundu. Inkosi u Ebden ibinyanisile ukuti ubusela buko kwindawo zonke. E Cumakala i Bulu leba ihashe layakubanjwa e Mpolu. Umntu omhlope ube inkabi e Monti zazakubaniwa e Qonce, umntu omhlope weba inkabi zika Baugani ezi 16 e Ngqushwa waza kuzitengisa e Qonce apa. Lento isikumbuza eyemipu. Akuko nto iyakunika uluvo olubi njengokuba abantu abamkonza u Rulumeni ixesha elide bahanjiswe ngobubukoboka. Olu luluvo Iwetu. Indlela yokuncipisa ubusela mayize kubuzwa kuti. Umteto wepasi awuzanga wabako kwabantsundu nakwabamhlope emvelweni. ABANTSUNDU. ELASE Monti i Dispatch lenza lamanqaku mayelana nokubandezeleka kwabantu yindlala kweso sitili sayo: ' amakulu empi emnyama kwesisitili alambile- U Mr. Sprigg usati akakazi ukuba sebeswele kanye. Kakade oloncedo luyakubanjwa de kubiwe inkomo zokugqibela zamafama. Yinto ebifanele ukuyekelelwa na leyo ? Asitsho tina. U Rulumeni usakubuya eye ngayo lento. Akufuneki ukuba ubani azikataze ngokulima umbona, kuba eyakuvunelwa ngama-Xosa, de abe uzimisele ukulala nompu imihla nezolo. U MR. HARRY MTOMBENI wenze isicelo, ngo 25 June, sokuba awuvulelwe abe ligqweta (umteteleli ematyaleni) pambi kwemantyi yase Komani. Into embangela ukuba atabate elibakala uti kukuba abantu bakowabo abantsundu bedliwa ngamagqweta amhlope, engenakulingenisa omnyama ityala ngapandle kokuba adlele iponti ngantlanu kuye eshumini. Amagqweta amhlope asuke onke akucasa ukungeniswa kwake. Izizatu zokwenjenjalo kwawo ezinye ziyacubula. Ati, ' malungana nalo ucela lendawo singa singavakalisa incaso yetu yento yokuba kungeniswe kwimbeko yokutetelela umntu onesimilo esinjengesalo, ongasakuwunika isidima umsebenzi wobugqweta, noyakwanyanyeka kwamanye amagqweta.' U MR. E. GARCIA, umantyi wakwa Komani wenjenje ukuwugqiba lomcimbi: isiqendu sa 36 salomteto, siti kungomteto ukuba umantyi amise abapenduleli basematyaleni abantu abanobudala obaneleyo abanezimilo abayakuti bayirole imali yokungena efunekayo.' Uyakuvuyiswa kunene kukuba abantsundu abafundileyo nababekekileyo abanezimilo batabate indawo ezinjengale ayicelayo u Mr. Mtombeni, kuba yena akaboni salelo ngenxa yokuba umntu esuke wanebala elimnyama uxuba angayinikwa indawo leyo, xa ayifaneleyo ngemfundo. Kwala ntonina Ukuba ontsundu angazixelengeli isonka ngomsebenzi abapile ngawo nabazalwana bake abamhlope. Wanelisekile yena Ukuba amapepa esi milo ewafumene u Mr. Mtombeni ku Rev. Mr. Jones no Mr. Jeffries axela inyaniso: ndawana ayibonayo yileyo itiwe bandlakanya ngu Mr. Webb no Mr. Bell yokuba i Palamente isaxoxa indawo yoKulicuta isango lokungena ebugqweteni. Njengokuba lomcimbi uyaKugqitywa pakati Kweveki ezimbalwa, ucinga ukuba, amatyala ayakuba ayalungisa ukuba umcimbi lo ake awulindisele isigqibo eso se Palamente. Angabuye afike Ke u Mr. Mtombeni asindulule kwakona isicelo saKe. Makaqonde u Mr. Mtombeni ukuba akatyalwa. Into elindelweyo sisigqibo se Palamente Kulomcimbi.' U MR. GARCIA ngomnye womantyi abalungileyo abangeze boyikelwa nakumcimbi ati omnyama abambane nomhlope. Sikolwa ngokuzeleyo ukuba uteta intliziyo yase Kwindawo yokuba omnyama as'ebenzise imfundo yase. Si- sati tina ute gqwididi malungana noku- pulapula abacasi baka Mr. Mtombeni malungana nokulindwa Kwesigqibo se Palamente. Ngesikolwa ukuba u Mr. Garcia ubehambise umteto lowo ub'upa- mbi Kwake akaziyekelela ukuba aku- kuliswe yindawo yento esaza Kuyenza i Palamente. Kukwi Palamente ngo- Kwayo ukuyikaulezisa imiteto xa ibona abantu bengxamele ukuyipamba. UKU- ba u Mr. Garcia ulungisile Kwisigqibo sake yinina ukuba amasela e Da¬yimani ekutiwa maninzi e Kapa angaba- njwa ngokuba i Palamente izakumisa umteto omtsha oyakudubula ekucitweni kwawo? Makaykwe no Mr. Mtombeni asebenze bungekafiki ubusuku.