Title
eng Isikula Sase Cumgce (IMVO_1885-07-01_i023)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
SubType of Article
eng Education
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-07-01
Identifier
eng IMVO_1885-07-01_i023
Word Count
eng 994
Print Page
eng IMVO_1885-07-01_p002
Page Spread
eng 2.5-3.1
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 3
Print Column
eng 5
eng 1
Coder
eng Sipile Nqiyama
Ite (ngo 19 June) xa i Palamente ibihambisa umcimbi wokunikela u Rulumeni igunya lokuhlaula imali yezikula ngalonyaka ozayo kwabako lengxoxo malungana nesikolo sase Cumgce, ema Mpodwneni, ekutiwa yi Buntingv ??? tion:— U MR. SPRIGG ute ngendawo yokuba ixabiso eliyi £350 ebelibekelwe ukunceda isikolo sase Buntingville (imali equka £30 yase Mfundisweni ne £20 yase Rode) uke wayikangelisa into leyo, wafumana okunene ixabiso ukuba elo malingarolwa, ngokuba elama Mpondo lingepantsi kolaulo Iwe Koloni. Elixabiso ngonyaka odluleyo labekwa pambi kwebandla ngenxa yedinga elalite lenziwa ngenxa engapambili lulaulo luka Sir T. Scanlen. U MR. FULLER ute uyatemba ukuba lemali ayisakufumane ibanjwe. U MR. JONES, wase Bayi, uwe kwakwelo wati, lemali mayingabisabanjwa ngokukodwa ibiselitenje yabekwa pambi kwebandla. U MR. WALKER ute mabakumbule ukuba ezizikolo zimi emhlabeni ka Nqwiliso, itshawe eseloko laba nobubele kule Koloni nakuba inkosi u Mqikela seloko ibungqabalala. Olwake uluvo lolokuba lihlazo ukuba balitshitshise itemba. U MR. OHLSSON uvumelene no Mr. Jones. U MR. STIGANT walate ukuba lemali icelelwa i Rode ayinakubizwa ngelokuba lidinga kuba ibingeko ngapambili. Akunakwenzeka ukuba ingaba ipambi kwebandla nje kungemposiso. U MR. MERRIMAN ute yena akangqinelani nalemali ifunelwa i Cumgce ngendawo yokuba isema Mpondweni. Imali ebesiyinikela e Mfundisweni kwakudala mayinganqunyanyiswa yona. . U MR WALKER ute knngenxa yokuba i Cumgce lisemhlabeni ka Nqwiliso lento ati yena lemali mayirolwe. U MR. VENTER (wase Bekesdorp) ute imali yedinga bayirola ngonyaka edlulileyo. La £350 akavumi yena ukuba irolwe. Umfi u Mr. Ross, wati imali erolelwa imfundo yabantsundu iyamoshwa, wati imali eku £20,000 yemfundo yabamnyama yonke iyalahlwa. Makungarolwa mali irolelwa lomcimbi. U MR. THERON (wase Richmond) ute wayicasa i £500 ngonyaka odlulileyo; nale mali i £350 uyicasile. Ukuba kumele kuko imali erolelwa imfundo mayirelelwe imfundo yentsapo emhlope, ingarolelwa abantsundu. U MR. A. DU TOIT ute ubengazi yena ukube elama Mpondo lahlulwe kubini njengoko atshoyo u Mr. Walker. Ngonyaka odlulileyo bayirola imali eku £500 kuba kwatiwa abasakuba sacelwa mali yimbi. Yena akacase ukuba imali le irolelwe imfundo. Ukuba ibirolelwa abamnyama nabamhlope abase Koloni apa nge engateti nto. Wala ukuba bapumele ngapandle komda. Nokuba i Cumgce belizele yintsapo emhlope ubeyakwala. U MR. STIGANT ute imali yanyakenye yenye, ihla pina imposiso malungana nale —imposiso exelwa ngu Mr. Sprigg. U MR. SPRIGG ute ingxoxo esingetweyo yeyokuba lixolilena ibandla ukumana lirola imali, liyirolela elasema Mpondweni. U SIR T. SCANLEN ute lemali mayinganqunyanyiswa Ihlungelo kwakuti. Ulaulo olwalonganyelwe ngu Mr. Spring Iwatabata ngamandla izibuko lo Mzimvubu (St.John's). Ngo 18/8 kwa ulaulo Iweli nene Iwamisela imantyi kwelama Xesibe, apo singenamfanelo njengokuba singenayo e Yepnta. Akukudala kakulu Iwati kwa olulaulo Iwamisa u Nqwiliso endaweni ka Mqikela, unanamhla u Nqwiliso seloko enobuhlobo kuti. Abantsundu bangene kwenkulu iudleko ukuzama ukumisa esisikolo, kuba barole £5000 ukusimisa Lento ingati ibonisa indlela abanga abantsundu bangahamba ngayo. Ukuba bunga abantsundu bangaqubela pambili mababakutaze kwinto zoluhlobo. Ukuba esisikolo asiko e Koloni sisemideni ye Koloni, iyakude exesheni ibe yikoloni nayo Ukubake banga elilizwe lingantonye ne Koloni mabaqale ngokubeka nxamnye lemali. U MR. UPINGTON uyikanyele into yokuba izibuko lo Mzimvubu latatyatwa lulaulo Iuka Mr. Sprigg. Kutiwa ihambiso ka Sir Bartie Frere yagqita emfanelweni. Makabe umhiobo wake u Sir T. Scanlen unga singa pahlwa macala onke ngamagunya amanye amazwe, yena akakolwa yilonto. Into anga angayibona kukuba unxweme lolwandle lube pantsi kokupatwa yi Koloni. U MR. SAUER ute isaziso sokuqala sokuhluta Umzimvubu sasibalwe ngu Sir Bartie Frere no Mr. Upington. Indawo yonxweme yahanjiswa lulaulo Iwa Pesheya kupela Into etetwe ngu Sir T. Scanlen kukuba lonto yenziwayo yayingafanelekile, yasukake) yabanga ukuba' singahlalelani kakuhle zama Mpondo. Sinemantyi siyarafisa kuma Xesibe pofu asinagunya lokwenjenjalo; kwanjengokuba singenalo ema Mpondweni. Kuko umzi oyi Upington pesheya kwe Gqili kanti noko imali siyayirolela imikosi yetu ekulondawo. Emzuzwini elama Mnondo uyakude libe pantsi kwe Koloni kwa kamsinyane linjalonje liyakugqitisela uku. lunga. Akulungilenake ukukuluno-iselela oko ngokufundisa ababantu ? Akayiqondi into eyenziwe ngu Rulumeni. Lemali ibekwe ngu Rulumeni pambi kwebandla, kanti ngoku nguye oyicacisileyo Kumhlope kuye ukuba lemali lyakuvelisa ukulunga kodwa. Kwesisikolo abantsundu abasakufundiselwa ukubeta ipiyani njengokuba esitsho u Mr. upington, kodwa sesokubafundisela ukuba bazi umsebenzi.U MR. AYLIFF ate besingavani nama Mpondo ngakumbi okuya u Mr. Sauer ebepete imicimbi yabantsundu kunokuba Binjalo kalokunje. Yena unga imali le ingarolwa ukuze ukuma kwetu kuqine kwelozwe. Akusakulunga uknba londlu ingavumi ukuyirola lemali. Imali le incinane kanye masingatshikilelani nama Mpondo ngenxa yayo. U MR. RHODES utete ngokuba bangabuye batabatele pantsi kwepiko abantsundu. Maluagana nemali ngati kuye akufanelekile ukuba ibanjwe ngoku ekubeni ngapambili bengayibambanga. U MR. UPINGTON ubonise ukuba aka. ngakuba bayalaula kwelo lipesheya kwe Gqili lento ibalakisi imi kona kungokuba indawo ilungile mayelana nokupila kwemikosi yabo. Emva kwengxoxo engokumelana ko Rulumeni nama Xesibe ehanjiswe ngu Sir T. Soanlen no, Mr. Sauer no Mr. Upington ate kuyo u Mr. Upington uyakuke ayingenise into leyo ngapambi kokuba i Palamente yahlukane. U MR. J. A. DE WET ute eyona nto ipambi kwabo yimali eyi £350 yemfundo ema Mpondweni. Amanye amadoda azame uku. bonisa ukuba kayakubanga ingozi ukuyibaimali leyo. Yena ucinga ukuba nokuba bebetabate amaxesha amashumi mabini imali yolohlobo bebengasa konakalisa nento ema Mpondweni. Akasiboni isizatu sokuba bavote imali beyivotela elasema Mpondweni apo kukoyo inkosi ebacasileyo. Yindawo ye Koloni ukuwaknsela ama Xesibe, ngalo lonke ixesha abawakuseleyo akakolwa ukuba kuyakubako bani uwacukumisayo. Zininzi inkosi emdeni wabo nama Mpondo eziti mazitatyatelwe e Koloni. U MR. INNES ute kuyinyaniso ukuba mabangaweli imida ye Koloni baye kunika izizwe ezingapaya komda imali yezikolo. Kodwa xa barola lemali mabakumbule ukuba ingumbulelo ku Nqwiliso ngokuti akulule u Mr. Welsh owayengqingwe ngama Mpondomse. Lemali iyakuba icitwe kakuhle. U MR. FULLER ute ukungayiroli lomali kuyaknba yimpato engafanelekileyo ku Mr. Morris kuba ubeseleyitenjisiwe ngu Rulumeni. U MR. SPRIGG ute kwakuxelwe mhlope ngonyaka odlulileyo uknba lo uyakuba ngunyaka wokugqibela ayakunikwa uncedo u Mr. Morris. U MR. LEWIS ute xa inkosi itenjiswe ukuba iyakumana ukuncedwa, iyakululindela oloncedo. Esisikula asisiso sokufundisa omnyama into ezipeznlu kodwa sesokumfundisa ukupata umsebenzi. Lahlulelana ngoluhlobo ibandla, abate mayingarolwa imali leyo ngalamanene :— Messrs. De Waal, De Vos, Scholtz, P. J. Du Toit, Marais, J. I. De Veliers, De Smidt, Rothman, Le Roex, D. De Wet, Des Vages, A. H. Du Toit, Van Heerden, Van der Walt, Van 'Zyl, Oosthuizen, Du Preez, Du Plessis, Joubert, Dempers, Goldschmidt, Theron, Johnson, Van Rensburg, J. A. De Wet, Tudhope, Sprigg, Upington, Venter, Proctor, —32. Abate mayirolwe .—Messrs. Goch Cornwall, Frost, Sir T. Scanlen, Innes, Sauer, Leonard, Merriman, Walker, Jones, Vintcent, Rudd, Fuller, Dyer, Ohlsson, Wiener, Lewis, Barry, Wood, Ayliff, Crosbie, Warren, Douglass, Stigant.—24. Asisakufumana luncedo ku Rulumeni kengoko isikolo sase Buntiugville, nesase Mfundisweni nasase Rode