Title
eng Pesheya Kwe Nciba (IMVO_1885-07-01_i024)
Found in Newspaper
Article Type
xho Editorial
SubType of Article
eng News Summary
Language
Locations Mentioned
eng Butterworth
Date
18 June 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-07-01
Identifier
eng IMVO_1885-07-01_i024
Word Count
eng 412
Print Page
eng IMVO_1885-07-01_p003
Page Spread
eng 3.1-3.2
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
[iVELA KUMBALELI WETU.] Butterworth, 18 June 1885. UTYWALA. Kuko ihotele egqiba usapo oluntsundu ngotywala bomlungu apa. Kute kona ngomhla womboniso nge 26 May ogqiti- leyo kwasekuqondakala kusasa ngelandela- yo imini ukuba utywala bale hotele buba- gqibile abantwana babantu abahle, ngo¬kuba bamiswa pambi kwe mantyi, bagwe- tywa nzima. Bute obutywala ngo Mgqi- belo lo ugqitileyo banxilisa umninibo umlungu walonkanti, wabonakala selefi- ka emzini ka Kanyangwa wesika Feltman, wabeta abantu nabaninimzi, basuka bona abantu bayakubika kunyana ka Feltman, owaya kugxota inxila elo. Limangalelwe pambi ko mantyi u Mr. Stanford, wagwe- tywa umlungu, wadliwa iponti ezimbini (£2). U Mr. Stanford ugwebe kakuhle madoda. UMBONISO. Nge 26 May umboniso ubemhle kakulu amahashe, inkomo, ibokwe zentlobo-ntlo- bo zabantsundu bezikwelitafa lase Gcuwa. Izilimo zizihle betu, kwabe kuzise namafama la akufupi ase Ntlambe. Izili¬mo zabantsundu zagqita kude ezinye izinto ebeziko apa, zinqwelo nezipani namagubu omatatu, elokuqala laledolopu le (Butterworth) libetwe ngabelungu na. madodana antsundu ango Alex. Feltman, Enoch Majambe, Mahlaka nabanye beli- fundiswe kakuhle ngu Mr. Dayly Elinye belilela Matshaka ango Jim, nabanye abaduna bevete amatshoba enkomo, bepe- te amarele abo, bemana begwaza pezulu xa libetayo igubu labo, bentyontya ama- 5tfelo. Elesitatu lelesikolo sakwa Felt¬man, lidlalwa ngama boys akona, awa- funda Ezazulwana. Kwamnandi ngalo- mini. Ngo May 26 ebusuku kute kanti kuko umlungu otate amadodana amabini awesi sizwe sikwezileyo, waya kuwaseza utywa- la bomlungu suka anxila wona. Wati lomlungu wase Cegcuwana kwelika Mgu- lula wakohlana nawo, akuba ewanxilisile, angxamela ukulala kwezobedi zake zima- tofotofo. Wati akuwagxota amhamba ngamanqindi, ayakulala kuzo, ada afika namadindala belele bona; nase ofisini bati besinxiliswe butywala balomlungu singazi nento tina, bagwetywa 10s. emnye. ISIKOLO SAMA-MFENGU. Inkosi zama Mfengu beziye entlanga- nisweni yokuyala usapo Iwesikolo sase Blythswood. Kutiwa sihle esosikolo, okunye umnimzana ovela e Scotland umfo onobubele kakulu, yati into elusizi urnfo owayeze kuputuma ama boys ka Edward Bum wase Tsolo, walahlekwa ngamahashe asazi ukuba wawafumanana. Siyamvela tina babantwana babasendle- leni ngexa leholide. IYEZA LENDLALA. Nge 12 June 1885 u Captain Blyth C.M.G. ubeteta e Gcuwa nesizwe esiti injenjenje makutengwe ingqolowa, sele- yifunele iyeza. Yoti mhla ifikayo apa e Gcuwa abamagama sebewatumele uku- yifumana, boza kuyitata iziponti ezimbi¬ni (£2) ingxowa. lyakubatalwa yakugqi- tywa ukuvunwa. Into esimanga imvu- la ayikabiko apa, into ebonakalayo yimi- moya emikulu ecita izindlu, eminye imi- zi ungati selingamanxiwa, ngokuba ku- suke wavela amadlakadlaka engca enomle. Umlambo wona i Gcuwa watsha kudala seumi (amadam) iziziba, milanjana isa- balekayo ngasentle zi Zazulwana ne Za- gwityi no Mgagasi. Into ebonakalayo kulomilanjana ngumkence kusasa imihla yonke, asazi ukuba uvela pina ingekonje imvula. Ilizwe lome kakulu betu nengca yalo. Yanga ingcinga ka Captain Blyth ingasikeleleka.