Title
eng I Tournament Ye Bhola (IMVO_1885-07-01_i029)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
SubType of Article
eng Football
Language
Locations Mentioned
eng Port Elizabeth
Date
17 June 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-07-01
Identifier
eng IMVO_1885-07-01_i029
Word Count
eng 116
Print Page
eng IMVO_1885-07-01_p004
Page Spread
eng 4.2
Start Page of Article
eng 4
Print Column
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
MHLELI we Mvo Zabantsundu:—Kwi- pepa elitile elidluleyo kwabonakala epe- peni lako inteto etile nge Tournament yebola Yabantsundu emayibeko ekupe leni kwalonyaka sikuwo, pakati kwe ndawo ezakankanywayo li Bayi. Bonke abadlali bebola e Bayi bayayifuna i Tour¬nament. Ke indawo yile yokuba yiyi- pina indawo apo ifanele ukudlalelwa kuyo ; tina siti li Bayi, ngesizatu sokuba kuyakubako umboniso kulonyaka e Ba¬yi, zonke imali zokukwela ku Sitemele naku loliwe ziyakwenziwa lula kanye ukuze wonke umntu abenalo ituba loku- za kubona izinto eziyakuboniswa, ngoku pambili ababoneli bayakuba baninzi. Ngokungapezulu itikiti zokubuya ziya kuba nexesha elide kanye ukususela kwixesha eziyakutatywa ngalo. Ndiyatemba ukuba lento iyakugqitywa pambi kokupela kuka July ukuze sibe nako ukunyula nokulungisa abadlali abayakupuma e Bayi. Ndim mzalwana otandekayo owako MDLALIBOLA