Title
eng Iramente (IMVO_1885-07-01_i030)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
SubType of Article
eng Cricket
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-07-01
Identifier
eng IMVO_1885-07-01_i030
Word Count
eng 252
Print Page
eng IMVO_1885-07-01_p004
Page Spread
eng 4.3
Start Page of Article
eng 4
Print Column
eng 3
Coder
eng Sipile Nqiyama
IRAMENTE. NKOSI YAM MHLELI we Mvo Zabautsu- ndu Ndifuna ukupendula umzalwana u Mr. Mazamane ngendawo yelizwi lika Tixo. Asisiti ma-Tshatshi ababangi be- zahlukano eramenteni eyayinye ukuse- kwa kwayo ngumniniyo. Buza u Nokisi nabashiy wa nguye u Wesile ndike ndim- yeke yena, kuba waye ngum-Tshatshi, ekuluhlu olupezulu ebu-Tshatshini (High Church). Ukutshoke ebengati etika apa u Mpostile u Paulose abuze kubo I. Cor. i. 12-13. Ilizwi le Nkosi yetu linye leli: ' Anditandazelike aba bodwa, nditandazela nabo bayakukolwa kum ngelizwi labo, ukuze bonke babe banye kuti uku nye niengokuba, wena, bawo, ukum, nam ndikuwe, ukuze nabo babe banye kuti, uku¬ze ihlabati likolwe ukuba wena wanditu- ma.' Jno. xvii. 20-21; I. Cor. i. 10. Ba- yeke abamnyama, buza abamhlope o No¬kisi no Brown, nabashiywa ngu Wesile. Umtshatsthi yena iliso selide labomvu ukukangela emmangweni ukubuya kwa- bantwana bake, kuba wakala ezimatontsi mhlana wapuma ekaya, bati: siyakwaka eyetu imizi, sesibadala, amazinyo selesi- bozo. Kubi nakum mzalwana, kuba ku- zo zonke ezindawo ezinezimvaba zontatu amaqaba akohliwe yeyona nto azakuba- mba yona ay eke yona. Kwezinye inda¬wo akasatsho ukuti lento yeyakwa Tixo, bati yeyabantu, kuba kubauganwa ngayo UM-TSHATSHI. ['Um-Tshatshi' ungene ngoku kwi- ngxoxo ebanzi kunene engokwahluka kweramente abengayicukumisanga u Mr. Mazamane. Asiboni kulunga eramenteni okuyakuveliswa kuxubushwa kwalengxo- xo kwelipepa. Ngati abantu bamabandla ngamabandla ngebezixolisa ngendawo yokuba bengamabuto anjengawamajoni abizwa ngama gama-gama kanti inkosi inye yawo. U Mr. Mazamane ukalimela into yokuba ama-Krestji ale nokuba ku- shunyayelwe kumaqaba kuba kusitiwa la ngawasekuti, la ngawasekutini. Into engummangaliso—yokuba bati abantu behamba ngendlela ebanzi kube kusi¬tiwa ngabebandla lasekutini.—EDITOR Imvo.] 'Ikriket yase Bay,i' 'Iramente e Nxukwebe,' kwelizayo.