Title
eng Kode Kube Lidluka (ISIG_1885-05-01_i002)
Found in Newspaper
Article Type
xho Announcement
SubType of Article
eng Education
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-05-01
Identifier
eng ISIG_1885-05-01_i002
Word Count
eng 390
Print Page
eng ISIG-1885-05-01_p001
Page Spread
eng 1.1-1.2
Start Page of Article
eng 1
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
ABALESI be Sigidimi bokumbula inteto yenyanga edluleyo eyayikanyela inteto ezabonakala kwipepa apa, zigxeka i Lovedale. Ke kodwa namhla asizi kungena kulonto. Into esifuna ukuqongela kwayona, ikwa yinyaniso ebuye yavela kwakona, ebonisa ukuba i Lovedale okunene isemi kwasendaweni yayo endala malunga nokucuma, nokupuhla komsebenzi wayo, nokugcina isikundla sayo ekudweleni kolo gqatso lwase mfundweni nezinye indawo ezikule Koloni. Akungakuqayisa siyiteta nje lendawo ; kubulela ku Tixo, ongu Mniki-mpumelelo, no Momelezi wabasebe- nzeli Bake, pakati kwenkalo ezininzi ezidanisayo, zimbi zivela apo bekufanele ukuvela inkutazo. Sizikankanya nje ezindawo zokuvula lomhlati wendaba, senziwa kuba kwaseloko kuko umbungu opehlayo, obangele ukuba lompehla yawo iqole abaninzi, esekude kwangena abanye esibaziyo, esibe singabalindele ukuba bangalungena olo luhlu. Asikubabiza ngamagama, bayazazi ngokwabo. Linye kodwa iqalo esingalisebenzisa lisifanele isenzo sabo, leli,—I Mus'ukulahla imbo yako ngo Poyiyana.' Kube kuko uviwo emfundweni Iwe Cape University, oluyi Elementary School Examination kuyo lenyanga ingu April, kwaza ke kwatunyelwa lamagama eniwabonayo arozileyo ngezants'apa. Lilonke inani lamagama abetunyelwe kwindawo ngendawo kule Koloni, kutiwa ngati libe ngapezulu kwa makulu asixenxe. Apumeleleyo ke sixelelwa lucingo ukuba ngamakulu mahlanu, anama- shumi omabini anesihlanu (525); kwelonani kupumelele amakulu omabini, anamashumi mahlanu anesihlanu (255), kudidi lokuqala (First Class). Asikaqiniseki bunyaniso bala manani. kuba i Government Gazette apo acwangciswe kona ayikafiki sizibonele ngokwetu, side sipume nje Isigidimi- Esikubalayo ngoku sikuxelelwe ngumhlobo osazise ngocingo. asikaziva ukuma kwezinye indawo. I Lovedale ibitumele amagama alishumi linesibini (12), apumelela alishumi elinanye (11), kwasilela mnye. Kunjalo nje igama lokuqala kuyo yonke i Koloni lelase Lovedale, u WILLIAM G-. BENNIE, unyana womnye umfundisi -walapa. La ke emi ngezants' apa, ngalomagama ase Lovedale abapumeleleyo, nohlobo omi ngalo ngo kulandelana kwawo okupumeleleni. Ngawo la:-—■ UDIDI LOKUQALA. UKUMA ELUHLWINI IGAMA. 1. William G. Bennie ... Lovedale. 96. Martha Clack ... ... ,, 138. Samuel Maqula ... ... ,, 153. Cecilia Msikinya... ,, 251. Joseph D Mtombeni ,, UDIDI LWESIBINI. 286. Naphtali Kumalo ,, 333. John P. McGillivray ,, 383. Bernard Matete .. ,, 429. Annie Makunga ... ,, 458. Catherine Dick ... ,, 491. Matilda Sobikwa... ,, Ukuba kuhle umlisela wakowetu upahlwe ngu mtinjana wakowawo kolu luhlu, bonke bepumelele ngokuncomekayo! Siyavuyisana nabahlotyana betu abahlelwe leli tamsanqa, kunye nabazali babo ababa xelengelayo. Singa kodwa bangazi ukuba lempumelelo yabo kukona ingu ' A ' woku- qala kwibanga le mfundo ; ke ngoko abakagqibi. Enye into, esona siqamo soba namandla kuku yisebenzisela koku- lungileyo imfundo abasayi qwebayo, bakuba kaloku bade bayifeza. Umsebenzi wezwe abahleli kulo usemninzi ubudenge e Africa buse bukulu.