Title
eng Umfi U Rev. D Gezani Nomsebenzi Wake (ISIG_1885-05-01_i006)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Ncapayi, Kenneth
SubType of Article
eng Deaths
Language
Locations Mentioned
eng Ngqamakwe
Date
1 March 1885
Newspaper Code
eng ISIG_1885-05-01
Identifier
eng ISIG_1885-05-01_i006
Word Count
eng 1935
Print Page
eng ISIG-1885-05-01_p004
Page Spread
eng 4.2-6.1
Start Page of Article
eng 4
End Page of Article
eng 6
Print Column
eng 2
eng 1
Coder
eng Sipile Nqiyama
EDITOR.—Awu, mnumzetu kaundincede undifakele lemigca kwelopepa lamanene, namanenekazi, nakuba ndifumane ndangena ngenduku emdudweni kwindawo engandilingeneyo ukuyibala kwelopepa, ke sendolitwala netyala endolibekwa. Kuninzi okungatetwayo ngomfi lowo endingakwaziyo nam ngokwam, ke ndite noko make ndibikele amakowetu ngokumka komfi lowo, owaye ngum Fundisi apa e Ncisininde hleze andibek'ityala. Lomnyaka sinawo unendawo ezibangela inyembezi kuti ngenxa yokulahlekelwa kwetu ne ramente yalapa, kunye nawo wonke umnombo wakwa Gezani kwandawonye nabafundisi, nayo yonke inkita emaziyo u Rev. D. Gezani. Taruni mabandla akowetu, ingaba ke nguwupina ongayilileliyo lendodana yohlanga lwakowetu? ' Bopani intliziyo singalili nje ngaba ngenatemba. U Tixo asinakumkalazela ngempato asipete ngayo, kupela masiti: ' Intando yako mayenzeke ' Bonke abamaziyo umfi lowo bokumbula ukuba noko ebelapa ebengazange apile kakuhle nakuba ubesel' elungiselwe ukuba abekwe izandla ngabafundisi base U. P. Sivuya tina balapa ukuba siwubonile umsebenzi wake 'pakati kwetu. Ute ngolwesi-Hlanu lokugqibela ku February lo walonyaka ndeva ezibika ukuba akapile kakuhle, noko wayengekalali pantsi, ngalo Cawa waya kushumayela e Zolo kwelipezulu. Wungenisa yanyo inkonzo kwabonakala ukuba akanako kanye waselefika ngokuwa apa. Ndite kuba ndaka ndaya e Tutura ndafika sol'epantsi ezibika ukutyafa kwake, nokukohlela Itakulu. Ute engena u March kwabonakala kanye okokuba umkuhlane uyahambiseka kanye, ngangokude sifane situmele umntu ukuya kufuna iyeza ku Mr. Girdwood, olitumeleyo kwaoko. Lite akulisela kwabonakala okokuba alincedi luto wona umkuhlane uya uhambiseleka pambili, kwabonakala etiwe kata lipika, ndawonye necesine. Kubonakele kubikwa kubafundisi o Messrs. Cumming, Welsh, Lundie, nakubazali bake. Ugalelekile unina evela kwa Gcaleka nomninawe wake ongu Wilfred Gezani. Yati yakugaleleka lontokazi yavakala isiti, ibekisa kumfi lowo: ' Nyana ndipelile, wangu Tixo angandibopa kunye nawe.' Yatsho yati : ' Ndiyabulela ukuba ndikufumane usapanyaza. Make sitandaze kuqala.' Hayi saguqa, iwenze mbalwa yati: ' Uyazi Nkosi ukuba lo samnikela kuwe kwase buncinaneni bake, namhla ke ugulela emsebenzini wako. Ndinge ndibo njengalontokazi yakudala ingu Hannah, andiyi kukuqonda Tixo bopa intliziyo yam, Amen.' Yagqiba. Oko kwayo kungomhla we 4 ku March. Ubuye umninawo wako waya kubika kuyise okokuba make nyuke ezo umkuhlane unyukile. Kwalile ukuba kuti qeke ukusa nge Cawa 8th March wanyuka ngakumbi umkuhlane, wavakala eteta nonina esiti ngesi Ngesi: ' Mama, mama, God will provide,' watsho wayeka. Ibonakole iramente ifuna umntu ongake ampe iyeza. Ufumanekile wagaleleka ngalo Cawa 8th March. Ute lomntu isifo sendele nokoke wolinga. Wamenzela iyeza elo, awalisela ngalocawa kanye; kubonakele ukuba liyamsebenza nangona wayosebu- tyafa noko. Uyise wagaleleka ngomvulo evela kwa Gcaleka. Hayi uye umkuhlane uqubeleka pambili, wati ngo 11 ebusuku watandazela iramente yalapa kancinane. Kute nge 13th ngolwesi-Ne nxa. isikolo sabantwana si pakati ndaya kubizwa, hayi ndaya ndafika eyoba ngenxa yobushushu balomini, wa- bonakala kanje ukuba siyamswela; uvakele unina esiti; ' Wanga nyana wam u Tixo angekutabati ungasitutuzelanga; Yini ukuba uti uzinikelele ukufa? ' Ute umfi ngokuncuma: ' Hayi, Ma, ndenziwa bubushushu, ndonazisa nxa ndizakumka.' Isifo sakula ngalomini ngenxa yobushushu bayo. Kubonakele ngalomhla ekupa ngasentla ububovu ngati kugqabuke indawo ngapakati. Lite nxa litshonayo elomhla we 12 ku March kwabonakala engena kulala kwindlu abekuyo ngenxa yobushushu bayo, samtwalela etyalikeni yalapa. Ute engeka fiki kona wabona amakosikazi alapa ehamba ecaleni letu, wawaka- ngela wavakala esiti, ngezwi elisimangalisileyo: ' Molweni makosikazi! ' hayi ati nawo, ' Molo mfundisi.' Samngenisa ke kona, kwabonakala noko ubushushu bezindlu bungafani kanye, ndahlala ke kona kwada kwangu 9 ngokuhlwa, ndabuya ndaya kulala endaweni yam, ngenxa yokuba kwakuko abantu ababehlala naye. Kufike isigitshimi sati umkuhlane unyukile kakulu; oko kwakumaxa kusayo ngolwesi-Hlanu ngomhla we 13 ku March, ndiye ndagaleleka ngo 1 kusasa ndafika nxa selepela, kanti ke uke ebusuku wati : ' Ma ndiye- mka,' wati kum dikoni u Jantyi Ndiki obemonga: 'Kuya kusa ninina? ' O! wati omnye ukumpendula : 'Anda- zi mfundisi,' wati—' Ndinga kungade kuse.' Kwakupela oko. Wabuba nge 13th ku March, 1885; Sabalela abafundisi abamhlope behlelo lakowabo—u Rev. A. Welsh, wase Mbulu ; Rev. J. F. Cumming, ose Mgwali; no Rev. J. Lundie, wase Nqadu ; no Rev. McLaren, wase Blythswood. Yagaleleka ke i remente yalapa neyase Zolo kwaneyase Gqogqora. Kubona- kele engena kuncwatywa ngalomhla ngenxa yokulindela abafundisi. Ude u Mr. Welsh yena wagaleleka ngo 10 A.M. nge 14th March, kwabuya kwagaleleka no Mr. McLaren, no Mr. Erskine wapesheya e Scotland, no Messrs. Bassi, no Makapela otitshele. Kwambiwa kwagqitywa, labonakala lisibe- kela latsho ngamnyama amafu. Kwangenwa etyalikeni yangu Mr. Welsh oeesihlalweni wafunda kwisahluko se 11 kwi Vangeli ko Yohane, wayeka wabiza u Mr. Erskine okokuba ake apose amazwana ambalwa, oko wakwenza. Kwagqityelwa ngu Mr. McLaren ngomtandazo wokututuzela. Kwati kwa. oko kwabonakala ukuba isipango sinxamilo, nokoke sabuya Basipa isitutyana esincinane kunene. Sapuma ke suya encwa- beni kwabonakala kungena kushunyayelwa ngenxa yobungxa- mo besipango kunye naba fundisi kuba kwaye kuse kusihlwa Kwancwatywa kwagqitywa, wavakala u Mr. Erskine encoma ububele, mkwazeka komfi lowo, watike ebekise kwibandla: Namhla ke lowo unishiyile azi ngubaninake kuni oya kutabata indawo yake? ' Sandulukake sonke saya ngamakaya etu, Kwancomeka ukubopa kuka Tixo intliziyo zentsapo ka Gezani kunye nezetu sonke tina sasiko apo, nangona zisaman'ukuci- ninika kancinane. Kube njalo zihlobo zam ukusishiya kwetu u Rev. D. Gezani. Namhla tina apa sizinkedama ezinjengokuya u Yesu washiya abalandeli bake ebubini. Nemisebenzi esiyipeteyo ibunkedama namhla, sizizisulu zokucitwa-cilwu zintshaba namhla, kuba lo Moses sibe simbambile ngengalo zake zombini, sizipakamisile ukuze ama Sirayeli (ayi ramente yalapa) abe nokuwoyisa ama Amalek (alihlabati, nobunyama). Lendawo ndiyitabatela kumazwi ake awawateta mhla wangeniswa apa. Umtunzi esibe sifak'intloko kuwo namhla ugawulwe ngu Mnini ntozonke. Sanga sonke singakanyelwa kulomanxeba esinawo, ngulowo waziyo, Ungopezu kwetu. Malungana nongxelo ngobom balo ndodana sendiya kutsibisa bunkawu, kuba noko ndinibikele ngomuko lwake ndifuna ukunibikela nangomsebenzi wake apa. U Daniel Gezani wazalelwa e Grahamstown nyakana kwa- ngena imofu kweli letu. Ngeloxesha uyise no nina babe pantsi ko Rev. Mr. Smit wase Independent. Wati bakusuka apo wafika emncinane ku Rev. J. A. Chalmers obese Tunxe. Wafundiswa ngu Mr. N. Mantsayi. Ute nxa ayinkwenkwana encinane wati u Mr. Chalmers makasiwe o Lovedale. Hayi bavuma okwenene abazali bake, nangona ebemncinane kunene, kuba ub'esanxiba imibinqwana le kutiwa zi piniforo. Wasiwa kon'apo, wafundiswa ngu Rev. W. Govan. Ate noko amanye amakwenkwe emkayo wanamatela kona yena. Ude wayindodana etile ; wati akupumelela eluviweni lwe Titshala ngokuncomekayo (honours) wafundisa e Tunxe, apo bangamlibaliyo abamaziyo ngenxa yokuncomeka ukufundisa kakuhle, kwanesimilo esihle. Abazali bake bafadukele e Ngqkuda kumhlaba ka Ngonyama, wayeke yena ngeloxeaha esafundisa e Tunxe, apo wagqiba iminyaka emitatu. Kute nxa ilizwe limaxongo, 1877, waya kubazali bake kon' apo bebekona, ekwati kwakuvakala okokuba yena u Ngonyama akafuni mfazwe kwasiwa u G. M. Theal Esq., ukuba aye kona, wafika watolikelwa ngu Mr. Gezani lowo. Wagqiba ixeshana kona kwade kwangu 1878 ukuba andiposisi. Wabuyela kwase Lovedale esiza kaloku ngoku kufundela ubufundisi. Uke wati noko ebefundela bona, ngezinye iyure abambe kwi Elementary School, apo kwabonakala usapo lwaso Inqubela pambili. Wabamba nakwizikolo zakusasa nakwezangokuhlwa wafundisa ngokuncomekayo. Kwi Literacy Society yase Lovedale ubedumile kanye, kuba ubengomnye wabakokeli bayo. Ndisayikumbula i Lecture yake awake wayinika ngamayeza akowetu eyanconywa kunene, bapitizela abe Lungu ukuya kuwakangela amayezana awayewapete, bancoma kakulu. Ngeloxesha ebe lapo amakolwane ake ibingo Rev. T. S. Yan Rooyen, Messrs. J. K. Bokwe no S. Mzimba. Bonke abase Lovedale bebemta- nda, engazange axabane nabani, ati, nxa, mntwini. Ube ngo- mnye kanjalo wabakokeli be Missionary Association yakona, enenkutalo enkulu kunene ekubambiseni ilizwi lika Tixo mhla nge Cawa. Indawo abepumela kuyo kukwa Gaga. Wawa- ncamisa ama Simnara ngenye i Cawa eshumayela ngesono sika Achan, avakala esiti, ' Lomfo akagqitani no yise entshu- mayelweni,' apikisana njalo. Ningamanqina am nina nima- ziyo ngokwelo xesba. Ute nakwi Lovedale Native Court watabata intloko epambili, wangumncedisi omkulu kuyo, yiminyaka endingagqibi kuyiqonda kakuhle ukuba mingapina. Undulukile apo nge 1880 waya e Stellenbosch, apo agqibe kona iminyaka emitatu, wapumelela ngokuncomekayo. Nalapo simfumana eke watabata ukuncedisa ekushumayeleni kwabanye, nasekufundiseni abanye. Uyazeka nakuhlanga olumhlope lwakona, ade wati u Rev. Mr. Stegman, 'Ndiya qonda ukuba i Dutch Reformed Church iyaqubeleka pambili, ndibona nowolunye uhlanga pakati kwetu.' Yatsho longwevu pakati kwesihlwele sabamhlope. Nabase Mozambique abase Cape Town bayamazi kuba ubeke ashumayele kona. Nabase Wesile bayamazi inkutalo yake malungana nemfundiso ze Cawa. Wati kum ulingu ukwenza i Grammar yesi Xosa, kodwa ubesakohlwe kukuba ibingekasiwa esishicilelweni; enditembayo ukuba u Mr. Neethling uyayazi njengokutsho kwake, uyincoma kanye. Ute xa selegqiba kona, wati nxa aya kufunda wafunyanwa sipango, waneta kakulu, akandule azitshintshe impahla zake. Waqalwa apo ke sisifo, ndawonye nokotuka awotuka ngako mhla wayelele, wupupa ekala ngenxa yodade wabo owayengati ububile. Lwagaleleka lomhla kusasa ucingo ukumbikela ubunyaniso bepupa lake. Upumile e Stellenbosch nge 1883 selengumlwelwe kakade, kwabonakala ukuba impilo yake upulukene nayo. Amncama amagqira elozwe, zada imfundi zakona zati, masike silinge ukuba umtandazo awungemncedi na njengokuba amagqira emncamile nje.' Hayi zapendulwa wancedakala kancinane. wada weza kweli. Ute akufika e Monti kwabonakala okokuba noko akapili kakuhle. Wada wagaleleka Emgwali, apo wagulela kona inyanga ezitile, esongiwa ngu Miss McRitchie. Abazali bake bagaleleka ngenqwelo ka Mr. Lundie beza kumtabata okokuba aye kwa Gcaleka. Hayi kona ube nobubetele, awada wati ngo July 1884 wanika intshumayelo zak'o zokugqiba (Discourses) pambi kwentlanga- niso yabafundisi, namhla wazinika ndandik'o. Eyokuqala intshumayclo yake yaba kuma Calo ka Dafeti, kwelokuqala, eyesibini ikwabase Roma v. 1. Kwatiwa yintlanganiso akaka- pili kakuhle, noko maze abe apinde ngo January 1885. Kubonakele noko enxhmelo nkuwnquba umsebenzi wake, kwagqitywa ke kwelokuba ako azo kuqhba apa e Noisi- ninde nase Zolo. Kwakutshwa o Messrs. Stirling no Lundie ukuba bazo bamziso apa o Ncisininde. Sanduluka ke no Mr. Stirling lowo (kuba ngelo xesha ndandi ngumlomo wake), saqubisana naye ese Blytbswood, kwagaleleka no Mr. Lundie. Wangeniswa ngomhla wa 25 ku August, 1884, nge Cawa. Nakuba i Ramente zalapa zake zaba nento yokuteta, kuba zazinxhmele u Mr. Stirling ukuba ibe nguye oziswa apa, noko ke zada emzuzwini zamamkela ngovuyo. Wacelwa ngu Mr. Stirling okokuba ake apose amazwana emva kwenkonzo yam va, kwaye kute til izele lotyalike yi Ramente yalapa neyase Zolo (Upper), ndawonye neyase Gqogqora. Wabonakala umfo ka Gezani etyila kwi Exodus xvii. 10; amazwi wawenza mafu- pi, wayobula lomb'ali yalomfazwe. Wati,—' Na-mhla uze kale ndawo ukuba abe nje ngalo Mosesi wakudala, uze kupakanyi- swa ngu Aaron oyititsbala yalapa, nangu Hur ongabadala balapa, kufuneka ke ukuze ubumnyama buc'itwe, ititshala nabadala bapakamise ingalo zomfundisi. Uzekelise nge we¬tala (waitor) etafileni, umsebenzi wayo, watsho wati namhla vena uze kuwetela yonke into yalapa.' Awu ! mnumzetu ndiyashiywa lixesha lokucancisa. Watsho wahlala endaweni yake. Wati u Mr. Stirling onento yokuteta angake ayitete- Ndeva sekusitiwa, ' Nanko owakwa Ntsikana, nanko owesi- profeto, ize elonqulo niligcine namhla! ' O! ndakubeka yi- ngwevu abati ngu Makalima. Wasuka u Lambata wase Zolo wabulela umsebenzi wabafundisi ukuba mhle kwawo. Hayi sapuma sincoma inteto yake, sagoduka sabekisa e Mgwali, samshiya ke kwezi Ramente zilapa. Ute akungena u October ndawela, kuba ndawufumana lo- msebenzi ndikuwo kwalapa, ndafika ke apa lomfo ewubinqele umsebenzi ka Tixo. Kwavuka intlanganiso zokuc'azelana Izibalo (Exposition of the Bible) ngolwesi Bini nangolwesi Hlanu emva kwe sikula Babonakala bonke abantu ngati bavnkile kanye, omkulu kwa nomncinane. Lomsebenzi ububa nemibuzo emininzi ebesimana siyibeke kuye, nendawo ezinzulu zesi Balo. Ub'ede ati akufika kweka Abraham imbali, nango- Iwaluko Iwake, eman' ukucacisa ebonisa indawo ekungalungi- leyo ngazo ngez mini, atsho sibe zizidenge, ibe yinyembezi kupela ko nozala babantwana, abati bakuba befundiswa nge lizwi lika Tixo basuke baye kwenza elosiko lamanyange. Enye ingxoxo enkulu awaka wasihlinzela yona yeyo lobolo ukulunga nokungalungi kwalo. Zombini ke ezo ngxoxo zake zatabata indawo enkulu yokusifundisa sonke ngabanye. Ndi- ngagqiba ixesha manene namanenekazi ukucazacaza ezongxoxo njengoko wasifundisayo. Kwavuka nezikula ze Cawa zalapa. Kwabonakala nentonja-ne apa, nezinye izinto zobumnyama, zidamba kwakufika lomfo ka Tixo. Yati nemfundiso yabantwana yenyuka, kuba yena kwa nobu titshala, nokuha ngumshumayeli nje kwakulungele yena, ekohlwe kuzicanda kubini ngenxa yomsebenzi ka Tixo. Nasezikuleni zokucula ub'ungaflka ikwanguye. Ndingasateti ngentshumayelo zake ze Cawa. Ngumfo ob'ebangela ukuba ningabi nabutongo ngexesha lokushunyayelwa kwezwi lika Tixo, Ub'esiti ese Zolo nase Gqogqora abe ese Ncisininde. Yavuselelwa yonke i Ramente ekwezi ndawo zonke, kwagqo- boka into eninzi yamaqaba, ate ke abangela ukuba lube luninzi usapo olufundiswayo. Awu mnumzetu ndipelelwe lixesha, kuninzi okungatetwayo ngalomfo usishiye elusizini. Indawo endiposileyo ukuyibala yile, ub'edla ngokufunda amaculo la ati 'Yerusalem engcwele eyase zulwini'; ' Ndilundwendwe ndingumhambi '; ' Ezulwini kuwe Bawo.' Elokugqiba manene nama neneknzi zonk' intahumayelo sake zibe zezibekisele eluhambeni Iwake.