Title
eng Izinto Ngezinto (ISIG_1885-05-01_i007)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Bulletin
SubType of Article
eng World News
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-05-01
Identifier
eng ISIG_1885-05-01_i007
Word Count
eng 2380
Print Page
eng ISIG-1885-05-01_p006
Page Spread
eng 6.2-8.2
Start Page of Article
eng 6
End Page of Article
eng 8
Print Column
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
EZALE KOLONI. IMPOTSHA.—Kalokunje ulubo lukule ngangenani lokude kugqite ebuburwini, ngoku sekudliwa impotsha. INCWADI esibikela umtshato ka Rev. M. M. Mokone e Transvaal yobonakala kwesizayo. Siyavuyisa nanaye umhlobo wetu lowo. UKUFA NGEBAQO.—U Captain Lonsdale obefudula eyi adjudant ye Cape Infantry ufe ngebaqo ngesifo esi kntiwa lipeph (Consumption). IPEPA lase Monti libika indawo yokuba kwelo cala aba- kweta bayatshila kunene. [Ngahlamb' ezantsi kwabo basenza imigcobo yentluta.—ED. Isigidimi] UXAM.— Kute e Selemu inja ka Mr. Eddie Matthew yabulala uxam, ote akuhlinzwa akuqangqululwa, kwafu- nyanwa amaqanda ama 44, engangomtubi lo weqanda lenkuku. ULUBO.—Kuke kwabiwa inkabi yenkomo ngakwa MA- KELENI (Fort Murray) ngam Gqibelo utile, sati isikumba sakufunyanwa evenkileni emalunga apo, kodwa ke amasela akakabanjwa. INGQAKAQA.—Kuvakala ukuba ingqakaqa ibuye yabona- kala kwa Amose e Ncbtoyi. Kuhliwe umfazi ontsundu kona, ekuvakala ukuba selebuye wabuba. Ke bebonke abafe kona babini, omnye upilile, owesine ngulo ke ufayo ngoku. UMTSHATO OSIMANGA.—Liti ipepa lase Monti ke kwako umtshato e Amelika ; waupakati komcey' umduna, osuki- leyo egadeni ngenyawo ezisibozo (8) ne intshi ezintandatu (6 in.), into yase Madagascar, netyebakazi apa elibunzima buyimilingo engamakulu omahlanu (500 lbs.) KANJALO kubiwe kwambini inkabi kwezase Lovedale Institution, wati umkondo ngqo nanko usiya ema Ggqu- nukwebeni, emantloko e Begu, kwafunyanwa inyama, erwada nesel'ivutiwe, nenkankane zombini kwezo nkabi, abanjwa namasela lawo, agwetyelwe ukulinda ijaji. KUBA BALELANT.—Incwadi esayifumana ku Mr. B. N. Mashaba wase Delagoa Bay, ite kanti imfan'inye neseyike yashicilelwa e Qonce. Site ke nakuba ebe sewadwefisile amagama ayo umshicileli, saswela isituba sokuyifaka, singasaboni noko ukuba ibisafuna ukufakwa, kuba seyifu- ndiwe ngumzi ontsundu. EZAPESHEYA KWE NCIBA.—Kutiwa u Mqikela upilile, umeme u Herr Einward ukuba azake amhambele xa sele- vela kwa Zulu, ukuze lendawo yemicimbi yentengelwano ayibeke pambi ko Laulo Iwama Jamana, ngendawo yokuba kuviwane ngalo.—Sekuko nelinye izibuko elivulekileyo, eli kutiwa yi Port Grosvenar. Liye kuvulwa ngu Mdla- ngazo no Cetywayo. UKUDUTYULWA kuka James Nyanga, i Mfengu eb'ihlala efameni ka Mr. 8. Bowker. Kute ngenxa yengwe eb'imane igqiba impahla kweso sitili, kwamenywa nqinana itile yabamhlope bodwa, kanti ke u Mr. F. Bowker, umfi lowo nabanye ababini ubainemile. Kute ke xa kufikwe kumfula otile kwavuka imfene, kwati ke kuba nazo bezikataza, yaba ligqumgqum. Kute ke kanti u James lo kuuye ne Nzulana abehamba nayo behlisa lomfula kudutyulelwe kuwo eza- mfene. Makabone kusiti tshe into kona u Mr. M. Bowker aselewubeka etsala, kanti ke kukufa kuka James oko. Ite kwaoko i Nzule le yabehle yamemeza ukuti umntu wenza- kele. UKUNTLITEKA UMNTWANA EZINDLEBENI.—Liti ipepa lase Bafu kuke kwabuba umfana ngesifo abenaso ebucbtsheni. Lomfana wayentlitekwe yititshala ebidla ngokumana ibantliteka abantwana ebibafundisa. [Lumkani bazali, kwa notitshala ukuntliteka abantwana, kwa nokubatsala ngendlebe, kwanokuba nqubisa ngentloko, lonto yingozi enkulu.—ED. Isigidimi] OLOZEKILEYO NGUMLILO.—Umfundisi wase Hange, u Bev. H. Kayser utshelwe zizindlu zake ezi zingapandle, ezinje ngezokuhlala impahla, nezinto ezinje ngokutya, njalo- njalo. Zitshe ebusuku, nenxbwa ezi 16 zenqblowa, ezi 10 zetapile, nezitungu eziliwaka (1,000) zehabile, nekali, ne- ntambo zamahashe amane, nesali zontlanu, neqaqoba lombbna, nenca yokufulela, kwa namashe amatatu atshe ade afa kwapela. ISIGWEBO ESINGENANINANI.—Kute e Mnqesha, ngokuti inja ka Zikraal kanti idla intsimi yombona ka Mangandeni. U Mangandeni usuke wasele sonda ngendlu ka Zikraal, epete umkonto nenduku, waselesiti shici emnyango eselewuqiwule umkonto; ekungekute ukuba akabanjwanga waba ubinziwe, mhlaumbi wanyiwe amahlanza u Zikraal. .Ke u Mangandeni esiwe ematyaleni, udliwe iponti zontatu (£3), ekanye ahlale inyanga entolongweni esebenza nzima. UKUDLIWA KWESIBONDA.—Liti ipepa lase Dikeni, u Mbovane umfo ka Mabandla uyidliwe imali yobubonda bake ngu Rulumente. Kutiwa udliwele ukuba erolela abantu bakowabo ekubeni bamlahle lo u Rulumente, bangene kowapesheya kolwandle. Kutiwa bekuko ingxoxongxoxo ezitile ebeziko kwintlanganiso ezitile ezivelise elo banga. Besive tina kutiwa into eyenziwayo kwelo cala yile kutiwa yi Empire League, kodwa kambe soke sipulapule. INGOBI EMBI YOMPU.—Kute e Rabula ngosuku lwe 13 lwe nyanga efileyo, umfo epete umpu onxashwe uhlwaya, waya ngakwindlu yabakweta, wafike wangena wamane encokola nabo. Kute kweso situba wapuma omnye umkweta, wati esemi kwakufupi nomnyango watsha umpu, ukuba ucukunyiswe yintonina, zangena esiswini zonke ezo hagile. Ite lonkwenkwe yasel'iziposa ipela kulomfo, yatsho zapambana ingalo esinqeni salomfo uyidubuleyo, ikala ngeliti ' Undidubulela nina? ' Yati emva koko yaqauka. LENGXELO ilandelayo yeyokwenzeka kwisebe lase Bankini yase Post ofisini, kususela ekuvulweni kweyokuqala ngo- mhla we 1st ku January 1884 kude kube ngu March 31 1885. Inani elingenisweyo kwi Banki ezo labantu aba 25,059, kususela kwelo xesha, likulu elinamashumi osixenxe anesi- bini lamawaka, namakulu osixenxe anamashumi asitoba anesi xenxe eponti, neshumi elinesibini lesheleni, nedobilityi zontatu, £172,797 12s 3d. Azi ke ingakananina eyamawetu kule mali. LITI ipepa lase Rini, ite indoda engu Mr. Coester engu mgcini nomlungisi ndlela, yati ngenxa yokuswela inyama yacela kwi fama elitile ukuba izidubulele inyamakazi emhlabeni walo. Ke livumile, lati yoceba igusha zalo ukuze izingele. Ite ke ekuzingeleni yadubula ibadi yalenza inxwelera, laza labanjwa yinja yom Xosa, baza abaniniyo balibunca bemka nalo. Uye kumangala u Mr. Coester, wafike umXosa wadliwa iponti yanye (£1), waza yena u Coester wadliwa iponti ezimbini ezineshumi £2 10s.) kuba ebengena layisens. INYOKA YOLWANDE.—Kuke kwabanjiswa inyoka yase lwandle ngamakwenkwe kufupi ne Cape Receife, liti ipepa eliyi D. F. Herald, kwiminyaka emininzi edluleyo e Natala kwake kwabanjiswa kwa inyoka enjalo, ati ke lo ubalisayo basinda kakubi. Uti lonyoka ubude bayo babuzinyawo ezine, injalonje imbuna, imane isiti xa sukuba omnye wabo epete intlanzi, ati akuyifaka emanzini esayibambile ngesandla isuke ize kuyiti hlasi esandleni apo ingoyiki. Utsho ati ke bapantsa ukuyipata nangezandla, kwati ke noko baba nebutomvi bokuti hleze ibe yinyoka yolwandle, kanti okunene kunjalo. UKWANYIWA AMAHLANZA.—Kute amadoda emabini ego- duka e Constantia ngam Gqibelo utile ngokuhlwa, abepete ibotile ngazinye zewayine bobabini. Omnye ngumfana osemncinane kanye, waye engekaseli nento le kweyake imbodlela. Ke ute uwabo wacela kuye ukuba ake ampuzise, akavuma yena. Kute kwakuba njalo waselekupa ngentonga uwabo, eyityumza tu lebotile yalo mfana kunye nobotywala bayo. Ute ukuqumba komfana waselesiti rutu imela yake, wamanya amahlanza, wabeta apalala kwa oko amatumbu, ekungazekiyo ukuba wopumelela, ke umfana lowo usentolongweni. UMKOMBE WENKABI SENKOMO.—Liti ipepa lase Rafu kubonakele kuko nkabi yankomo ibaleke esitalateni ekutiwa yi Bergstreet. Ite xa isekubeni ijikele kweso sitilata, ute gqi u Mr. Pickard, kweyake ivenkile eya kukangela ukuba yintonina le ibalekayo ibangele ukuba umzi upitizele. Ute esiti gqi kwaye kuqubisana nenkabi yenkomo, suke ntliti kunene ngomva wopondo emlonyeni yatsho apalala onke amazinyo angapambili, yamkahlela pantsi, inge ingenqumama imte nzo ngamehlo yegqita; waye selesiwa evuka ebutya umnyango wevenkile yake. Yemka yasinga ezindle lonkabi yenkomo. UMBULELO.—Litsho ipepa lase Dikeni. Litsho libalise ngendawo yokuya kwe Qqira u Dr. Clarke nabanye, besiya kunceda abantu abanengqakaqa e Tyume kwesika Mabandla, apo kutiwa abantu abanengqakaqa bayafihlwa, kunjalo nje akuvunywa nabo ukuba basiwe kulamzi kongelwa kuwo abanengqakaqa ungakwa Mfiki kwesika Kama. Kuyiwe nonqwelo nenkabi, yokutwala abantu abafayo. Bahanjwe bokutshululwa apo bakona abafayo, bebalwa namagama abo, babe baninzi, lalinelitshona nelanga zabotshelelwa inkabi kwalalwa.' Kutiwa ke kwasa kungaseko nantambo, nasitolopu, nani, nenkabi ezo nazo sezibanjiwe, kutiwa zidle amasimi, baye abo bengavumi nento le ukuzikupa zinga- hlaulwanga. Liti ke elopepa lento ingumbulelo owenzelwa u Rulumente ngaba bantu, ibe kananjalo iyinkatazo nengxa- mleko enkulu kulomanene ayeyele ukunceda abobantu base Tyume. SIYIBONILE incwadi ka Mr. P. Tyamzashe, ayibalele kwi Mvo Zabantsundu, esingisa kwi Sigidimi. Ukumpendula siti—Uti umntu ukuba unabantwana, kubeko pakati kwabo oti akuti gqwilikidi nangendawana encinane, iti inkondlozo nengweqe yomzali kulomntwana iye ikanye. Kuti kwakwinto ange ete ukuba ube yitete ebukalwa, engekona emxuku- xeleni ote wanendawo ezi zizona zizintsusa-mabandla kolu- dushe lukoyo, ati ke ngoko yena azekelwe amate, kuba esazeka ukuba asimntu ungafane angene emagubureni anendawo zokwenza indushe ezinjalo. Iti kelonto ibangele lenkondlozo nezingweqe zikankanyiweyo, kuba ke ukuba kwindawo ezinjalo kungamenza ukuti kanti naye sele ' luluncu olumashiyi.' Kwaye ke kunjalo, nezondushe zi- ngenasihlahla, kungabonakali kuba angade naye angene kuzo. UKULANDULA ISITYOLO.—Umbaleli we Mvo Zabantsundut ze 8 ka April, wenjenje xa ateta ngentlanganiso eyayikwe sika Mabandla ngo laulo—' No Chief W. Kama uvumele kwalenteto ka Chief B. Mabandla. U Chief B. Mabandla ubenyulwe namadoda amahlanu o Headman Njikelana, no Mr. Mahlabahlaba, no Mr. Seti nelinye inene lase Debe ndililibele igama lalo, lomadoda ayenyulelwe ukuba aye kwa Kama.' Ke, inkosi leyo u W. Kama usicelile ukuba sibonise ukuba akuko nyaniso kulo nteto. Lamadoda wona okunene afika, awisa lento yezintlanganiso, ayesel'esiti maze atabate isihlalo kuleyo yase Tyume. Ke yena usuke wabulela indaba ezo, esafuna ukugqugula nomzi, andukupendula. Kuba isiqalo negqugula lalento akalazi, wamangala ke ngoko ukupata esosihlalo salontlanganiso, akayiya nokuyiya, akabikela nendawo ekwakutiwe mazibikele, kuba isinqe sento engasazi. llapo ke yona inyaniso asicele ukuba masiyazise. EZAPESHEYA kOLWANDLE. BEKUKE kwako amare okuba impi ka Mahdi icitiwe yatshandulelwa ebise Elobeid. KOBEHLE kuqutyiswane no Osman Digna e Suakim, kuba seyipelele yonke imikosi ebilindelekile. KANJALO luti ucingo: ' I Ngilane ne Russia zisa jamelene, zisagqubelana, kodwa okwangoku azikade ziqubisane. ISIKUMBUZO sika mfi u General Gordon siyakuba yi Hospital endaweni ekutiwa yi Port Said, iyakuba yindlu yokunceda imilwelwe yazo zonke intlanga, nokuba ngaba- lupina unqulo, nesizwe. KUVAKALA ngocingo ukuba kwelozwe lase Dyeputa kusajanyelwene, eyasem Lungwini isalunga isamane iyimisa kwingxuluba ezitile pambi kokuze ifunze. Kodwa eyama Arab izipeka-mafuta ukunxama kwayo, yahlala lemihla ngokuhlwa ikupa imikosana ebututu, emana ilahla ukande ezinkampini za Mangesi. EZIKA MARCH 13 ZITI,—Kuqutyiswene ngama Russia namu Afghanistan elunxwemeni lwe Rushk. Atshandule- lwa ama Afghan, kwafu amakulu amahlanu (500), kwati- njwa nozinkanunu, kwa nenkampu yawo. Kwicala lama Russia kufe abantu aba 11 kupela, nenxwelera zamashumi matatu anane (34). IMKOSI epete lomikosi ise Kassala ite ayikuba nakuma xesha lide ingqingiwe ngenxa yenxawa yokutya ukufinyela kwazo, Iwaye utshaba lusaye lukanye. I Kassala le ngumzi omayile zi 200 ukusuka e Khartoum, ekuyakuti ukuba akutelelanga mpi kwayelozwe ukunceda lomkosi ungqingi- weyo ube lomzi kunye nentsapo uyakutshabalala. Okwa- ngoku usemi ngobuganga nobugora obukulu, nakuba ku- ngazeki ukuba wode upelele ekutininina. ATI amapepa apesheya umfo obalela ipepa ekutiwa yi Standard e Suakim ubetyelele e Jeddah, wafika indaba zokuwa kwe Khartoum kwelama Arab zingxengwe zanca- nywa, kuba zide zawela no Lwandle Olubomvu ukuya kwelama Arab apoke zibanjwa zisongezwa. Kude kutiwe ezindaba zatakazelwa kunene kulandawo yaqalwa kuyo lenkonzo ka Mahommet, babesiti namhla olu lupawu loku- qala, lulukulu lokoyiswa kobu Kristu yi Islamism. Nokoke ama Arab la akamamkele ncam lo Mahdi wase Soudan kuba bona besiti oyena ungowedinga u Mahdi ulindelwe ukuba avele e Mecca (Moka) oyena uya kwandulela u Messiah. KUKE kwaqutyiswana nempi yama Arab nomkosi wama Ngesi opetwe ngu Sir John McNeil. Lomkosi ubusuka e Suakim, wafika wenza inqaba wakuba umayile ntandatu upumile e Suakim. Suke afunza ama Arab, yabumbana, atsho ade eza kungena pakati enqabeni, apo ke kwabanjwana ngezihlwita. Kutiwa lomadoda alwe ngobugora obukulu, ayekufela pakati kwalonqaba, kutiwa kona lomini kwabuko nabafazi kwanabantwana kulomkosi wawo. Kwafa inkamela ezima 500 kwakubi. Kunjaloke kulindelekile ululwo olukulu e Tamai, kuba ama Arab usapo lwawo selelugxotele kwezinye indawo, selesongele indawo yokuba aya kulwa adasuke afe onke kulondawo. Ngoka Wolseley ongalwanga, uyakuqala ehlotyeni ukulwa wona usapumle okwangoku. INGOZI EMBI K MADAGASCAR.—Iti i Watchman ye April 11, kuhle isaqwiti esisuke sasisanqa (Cyclone), sehla kwinyanga engu February kwintsuku ezi 24 nolwe 25 zalonyanga. lsiqiti sama Fulanise ekutiwa yi St. Mare, sipantse ukungabi namahlati, kwaza kanjalo kwatshabalala inqanawa zantlanu kunye nabebekuzo, kwanenye inqanawa yama Fulanise etshone nento yonke. Kanjalo kubeko isonakalo nase Tamatave, apo ite enye inqanawa kwa yama French ekutiwa yi Argo yaqaula apo ibibulekwe kona, yaqekeka kwe mu kwafa eyona inkulu inkosi yalo nqanawa kwanegosa. Kwaqekeka nezase Amelika ozi Hobart ne Clemence, kwaneye Talaspoti (transport) eyi Oise yama French, yatshabalala kanye. Kwatshona igqira kwa naba 11 kwi Oyise leyo. Zati nendawo inxenye ezi zima kuzo inqanawa, kwanozi ofisi zozimali ezirunyelwa ozimali neziyapi yatshetululwa yonke lonto. Tati induli eyintlabati ekutiwa yi Point Tanis, yashenxiselwa ngase- ntla ngenyawo ezimakulu mabini anamanci mane (240 ft.). EZELIPEZULU. UKUZIBULALA.—Kutiwa u Private Mackenzie we 6th Inniskilling Dragoons uzidubule nge mfakadolo yake ngo- kuhlwa kwecawa etile. UKUBADWA.—Ke kwafunyanwa umntu ontsundu endle enxwelerwe kakubi, ngati akakupumelela. Kubanjwe abantu abahlanu, abenze lonto kulomntu. UKUBULAWA KUKA PRATT NGU NORIS KWELE GOLIDE.— Uye wabanjwa kwelama Swazi umbulali lowo, wanikelwa kwi Mantyi yakona, kwi ofisi ekutiwa yi Devil's Kantoor, i ofisi ka Batana. UBUHANGE,—Kute nga Cawa itile indoda emhlope isinga kwifama etile kwisitili se Pretoria, yati isahamba yeva. selilele pantsi, yake yawa isiduli, yati iqabuka yaye ibatyi nendulubatyi, kwanayo yonke imali yayo zinganeko. Lento yenzeka kwemaqanda imini, pakati ko 5 no 6 p.m. emaxe- sheni. UKUPANGWA.—U Mr. Richard Bedham ongumncedisi kutengisa emalikeni yase Kimberley uyawapangiwe, ute efika endlwini yake wafika kuyawa tutwe kwe tu impahla yake ezitulo nezinye ; kunjalo nje asikuko kokuqala oku ukupangwa kwake ngoluhlobo. KWELABA Hlambeli kuko ihesikwali (escort) eselimiselwe umteto wokuba izakusinga kwelipezulu, kude kuye kufika kwelama Ndebele kwa Mzilikazi, e Shoshong. Ihamba namadoda ayakuhamba ehlangana nenkosi zezozizwe ulaulo lo Rulumente wa Pesheya lufikelele kuzo. ICEBETSHU LOKUSINDA.—Kute ngomnye umhla umfana otile e Kimberley ogama lingu Brooklyn, e North Circular Road, wacola ukamba lwe oli, uteke akufika nalo ekaya wati kuba esiti yijam, wayitywakanisela nesonka, kwakunye nodade wabo. Babehle bahliwa kukufa bobabini, bapambana intloko, basiwa e Hospitalini, igqira Iona lalisiti ababantu bangebefe kwaoko ukuba abatanga amafuta lawo bawagqitise emgceni womngcipeko ukuwatya. ICEBETSHU KWAKONA.—Kute e Dayimani indodana emhlope engu John Meiser, yayisebenza pezulu emantloko e Shaft ye Standard Company, suke bilikityi nantso isinga ezantsi, yasinda kukuti kanti ilungelelene nendawo enamanzi, tyumbu konake yaba iyasindake ngoko. UKUXONYWA.—Edayimani kusand' ukuxonywa umfo ontsundu ogama lingu Charley, ngokubulala ifama elingu Nikolas Van der Westhuzen. Wayebanjwe esiba ipesi ngu mfi lowo, kwasekuzuzana, kwatike kulomigungqo, wamanya amahlanza, watsho wamosela, wawenza maninzi pakati kwaba kuyapela. ELINYE ICEBETSHU.—Kute e Dayimani ngamhla utile kule nyanga ifileyo kwaza kushunyayelwa ukuba kubonwe umntu efele kula nkalo kutiwa yi Scholtz's Neck, selede wafihlwa nokufihlwa. Liyile igqira elingu Dr. Grimmer ne Mantyi u Mr. Bradshaw, bafike okunene siko esisidumbu somntu ofileyo, kwati xa igqira liza kumqangqulula leva ukuba umntu usapefumla, lavakala lisiti ku Mantyi make kuze ikali asiwe ekaya lomntu. Okunene ke esiwe kona wanikwa imicizana, ugqityelwe esaquba kakuhle, nakuba esate ti, engabazi nabo bantu babembulala. Waye selefunjwe ngamatye ngapezulu kuba kwakuse kuncanyiwe. INGOZI EMBI.—Indodana egama lingu Snyman yenzaka- liswe zinkabi bekuya kuvunwa umbona. Bekufakwe imiqalwa emitandatu, nambini ezindala. Suke yangumdabazo ke lowo, kuba kumhlana ziyivayo ingxolo yenqwelo emva kwazo, waya wawa u Snyman, zafike zaxovula ngapezulu, kwafikwa seleqaukile. LATI ucingo elatyala lokubulawa kuka Honey, nokuba- njwa ko Niekerk no Ciliers lisaqutywa. Isicaka sika Honey sivelise ubunqina obute batyeba kanye, bufike babonakalisa mhlope ukuba u Diederecks no Adrian de la Rey ngabambulalayo okunene, wada wati yena u Dela Rey okwake ukumpata kakubi u Honey kwancama ukuba kubi. Ama Bulu awayeko lomini aye 28. Litsho lati inqina, u Niekerk wayesazana nokubulawa kuka Honey. UKUBULALA KOTYWALA.—Liti ipepa lase Dayimani kute ngamhla utile kwakuselwa utywala, kusotiwa nomlilo ngamadoda asesitandatwini e Du Toits Pan e Zikwatini (compounds) aye emane exoxa ngembodlela ye Kep Smoko. Ute omnye ukusola kwake wanxotisa, kwatike ngalonto axabana amabini amadoda. Aselequbulana kwaoko, kwa- bambana ngemizamo, wati lowo woyisileyo wakuhlala kwa- seziko Ute Iowa ubengati woyisiwe wakupa kunene wati ntlilikiti ngasemva entloko, watsho wawa eziko ngentloko. Suke endaweni yokumopula eziko kwatiwa du kwakunye nalowo umbetileyo. Ange etshe wagqibela ukuba akudange kufike umlungwana amopule eziko, aze kanjalo aye kushumayela ema Poliseni. Kutiwa umfo lowo utshe ngo- hlobo olubi, ekutiwa umlomo lo lushenxa olusuke lwade lwakufupi nendlebe.