Title
eng Umfundisikazi U Mrs. Fred Kayser (ISIG_1885-06-01_i001)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
SubType of Article
eng Life Story
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-06-01
Identifier
eng ISIG_1885-06-01_i001
Word Count
eng 624
Print Page
eng ISIG-1885-06-01_p001
Page Spread
eng 1.1-1.2
Start Page of Article
eng 1
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
AMAKONCO asixokelele kokudluleyo aman' ukuvutuluka ngamanye. Kodwa, makabulelwe u Tixo kuba evutuluka ekwenzile okwawo ukubambelela kulomqokozo waye utsalwa zinkabi ezakubela tanci intsinde zobudenge, nobuginwa beli hzwe ; ekungoko namhla okudala kuzele okutsha. Ngolwe-Sine evekini, ngosuku Iwa 20 ku May, 1885, kubube e Alice u Mrs. FREDERICK KAYSER, umfu- ndisikazi wase Xesi, wesikolo esibizwa ngo GQADUSHE. Ube esel' enexesha egula, ade afuduke nje e Knapp's Hope apo, eze kule dolopu. Ngonyaka we 1821 emva kwemfazwe yama-Linde, kwa- galeleka e Tyume—eli lizwe ise lelama Ngqika oko—abafu- ndisi ababini u Rev. W. R. THOMSON, no Rev. JOHN BENNIE, betunyelwe yi Glasgow Missionary Society ; besiza kukanyisela amakowetu. U Mr. THOMSON useko, nanko ngoku esalupalela kwelama Lawo e Katala. U Mr. BENNIE yena, sel'eneminyaka wabizelwa umvuzo wake ezulwini. Nguye umseki woluhlobo lokubalwa, nokushi- cilelwa kwenteto yakwa Xosa, olu lusetyenziswayo ngoku- Incwadana zezikula zosapo, nezokutyila inteto; kwane nguqulo ye Zibalo, nguye owazib'inqela kwasekuqaleni, ezite inkoliso jezo ncwadi zokuqala yashicilelwa kwa nguye. Isishicilelo safika ngomhla we 16 ku December 1823, e Tyume, sisiza no Rev. JOHN Ross, M.A., uyise wabo bafundisi belogama bazekayo kunene, u Mr. BRYCE no RICHARD BOSS. Kute ngolwe sitatu usuku sifikile, oko kukuti nge 19 ku December lowo, bashicilelwa ngu Mr. BENNIE O 'A, B, C,' bokuqala besi Xosa e South Africa, nakuba ngezo mini bebedweliswa kutiwe kuqala: ' A, E, I, O, U.' Lentokazi ke namhla isishiyayo ib' iyintombi ka Mr. BENNIE enkulu,—kuba zimbini kupela ezikoyo. Igama layo ib' ingu SARAH MARGARET. Yazalelwa e Rafu ngo mhla we 5 ku May 1828, ekute kuba uyise ebe ngumfundi- si wase Lovedale yasingena apa isikula, yaba ngomnye wosapo olufundiswe apa ke ngoko. Ekuhambeni kwemin- yaka, kodwa, wafudukela e Middelburg uyise: wabe ke naye umfikazi lowo sel'eyi ntombazanana ete dlundlu, enjalo nje ete ekukuleni kwake wabehle intliziyo yake wa- yibekela emsebenzini we NKOSI. Befikile e Middelburg uyise uhle wavula isikula sosapo, yaza iutombi yake yangu mncedisi olitemba kulomsebenzi, nakuba kodwa ite yaxakwa bubulwelwe buka nina ekuzifezeni zonke imfanelo zawo; kuba kaloku xa kunjalo eyendlu yakowayo ib' ikwapetwe yiyo. Nje ngokuba intliziyo ka Mr BENNIE ekwelo lipakati nje, ib'ingazanga ixole ukushiya isizwe sama Xosa esona aqale kuso ukusebenza, waye ukwanjalo umxelo wentombi yake, ete kanti nayo inebbngo elingapeliyo lokuba ngu mfundisikazi pakati kwesizwe esintsundu, itwale ingcikivo zeso simo kunezinye iziyolo zamanye amaziko. Lite ke ngoko lakufika isoka langasema-Xoseni u Rev. FREDERICK G. G. KAYSER, malunga nomnyaka wokungena kwe Mofu, 1855, yapuma lontokazi ebuntombini, yamkela ubufundisikazi No. 191. besikolo sase Knapps Hope, e Xesi kwa GQADUSHE. Ufikele endlwini ka yise-zala, ka Rev F. KAYSER omdala, ate unyana wasel'ehlala kuyo bada babuba abazali bake, inanamhla isekwa yilondlu yomfundisi weso sikolo. Bobabini ke batyikitya kona ubala olu, belinga ukunqika ilitye esingaziyo ukuba lancanyatiselwa ngatywina laluhlobo Iunina kangaka. Asiyi kungena kwincazo yokuma komsebenzi wabo nenkata-nkatazo ezawupahlayo. Kwanele ukuba sibabikele abafundi be Sigidimi, ukuba pakati kwako konke u Mrs. KAYSER uyitwele iyokwe yake ngonyamezelo lobu-Kristu, nangesimilo sabalaulwa ngu moya, notando lo Msindisiwa-BONI. Uwufezile ke umsebenzi wake namhla, eshiya umzekelo omhle onemfundiso kubo bonke abamaziyo; nakulo ibandla abesebenza pakati kwalo, abe ngunina walo ngokwa sempe- fumlweni; kuba ub'elinceda ngokulifundisa izibalo ezikuleni zecawa, elifundisa nge hambo nemikwa yake; elondla nge ziyalo, elonga ngamazwi ancedayo kwaba ntliziyo zifayo, zinamatidala. Kanjalo uncedise kakulu kulomsebenzi wokuputuma abaninzi kolu tshaba lotywala. Ube ngu Mbali we ntlanganiso ye Tempile ya Bazili Benene yeso sitili. Uyalilelwa kunene ngabo bonke abantu abamaziyo, naba- mhlope kwanje ngaba ntsundu. Baninzi kwiremente yase Xesi abangasokuze bamlibale amazwi ab'ewateta; umzekelo awushiyileyo pakati kwabo wobume bobu-Kristu; wonyamezelo pantsi kobunzima; umonde wokutundeza izidenge; wokunqotola abapambukayo ngamazwi apolileyo, afezayo, angena emxelweni. Umsebenzi wobufundisi ub' ewubinqele kanye ade alaliswe nje sisandla sokufa. Kwizihlobo zake, nabantwana bake ushiye intutuzelo, ekumkeni kwake; eb'ehleli enjalo kade emikweni yempilo yake. Ku Mfundisi obe ngumyeni wake, ukwashiye intutuzelo, kuba uyazi ukuba akafile ulele ubutongo boyolo kuye u KRISTU, ukulindela ixesha lovuko kwabafileyo.