Title
eng Intlanganiso Yebandla Lase Dipende (ISIG_1885-06-01_i002)
Found in Newspaper
Article Type
xho Organization
SubType of Article
eng Religion
eng Meeting
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-06-01
Identifier
eng ISIG_1885-06-01_i002
Word Count
eng 292
Print Page
eng ISIG-1885-06-01_p001
Page Spread
eng 1.2-2.1
Start Page of Article
eng 1
End Page of Article
eng 2
Print Column
eng 2
eng 1
Coder
eng Sipile Nqiyama
LENTLANGANISO yenzeke e Rafu kuyo lenyanga ifileyo. Ababanga baninzi abatunywa beremente, kuba ngapandle kokuba imizi elunge kule mvaba ite sa, kuko nobunzima bendleko zendlela. Indawo ekubandezelwe kuyo engxoxweni ibe yile imalunga nentlangano emakuhlanganwe ngayo yi Congregational Union, ne Free Church kwane United Presbyterian malunga nendawo zemfundiso yabo baya kuqeqeshelwa ubufundisi e Lovedale. Kuyakuti, njengoko saka sabacazela abafundi betu ngo February, leyo imvaba inyule owayo umfundisi omkulu, onobugcisa bemfundo ekotiwa ukubizwa yi ' Professor.' Ke, i-' Dipende ' inyule u Rev. T. D. PHILIP, B.A., wase Rafu, naye ke sel'evumile ukuyamkela londawo. Iremente yake isele yodwa, ekutembeka ukuba eso sit'uba sake sobehle sibe nomntu. U Rev. SIMON SIHLALI, kwa wase Bafu, ungenise indawo yokunga angaya kusebenza pesheya kwe Nciba, wavunyelwa ke. Ngoko ke neyake yabantsundu balapo iyakusala kwa yodwa; ekungati mhlaumbi kuba bunje ubunzima kula maxesha, seziba pantsi komfundisi omnye zombini, njengoko bezifuda zinjalo ngapambili. Kwintlanganiso eyenzelwa e Town Hall yalomzi, inteto emnandi kunene nebinzayo yenziwa ngu Bev. RICHARD BIRT wase Ncemera, obe ngu Mgcini-sihlalo kulo nyaka udluleyo, yavakala okunene ukuba ipuma kwindoda enamava alomsebenzi kweli lizwe lasema Xoseni, kuqalela kunyaka we 1838. Kusasele iminyaka mitatu abe uwafezile ama 50 ekulo msebenzi. Wanga angayipila lominyaka. Uzele into eninzi yonyana nentombi, ngokwaso mpcfumlwe- ni, kulo minyaka ab'esebenza ngawo. Indla'lifa yake usand' ukuyibeka izandla kutsha nje bo. Isel'iyiyo indodana egqadaza e Ncemera, ukuncedisa ix'ego elo uyise. Siteta u Rev. WALTER RURUSANA, owafunda kwalapa e Lovedale. Siyavuyiswa leli banga litatyatiweyo libandla lo ' Dipe- nde,' ukuzimanya ngoluhlobo ne Free Church ukuze ibe mxelo mnye nayo ekuqubeni umsebenzi wase Lovedale, nowemfundo yamakowetu. Siyavuyisana ne Union kunyulo elwenzileyo ukumisa u Rev. THOMAS DURANT PHILIP, B.A., indoda enobugcisa emfundweni; newufaneleyo lomsebenzi upakamileyo aza kuzendisela kuwo namhla, ukugqibela imini zokupila kwake kweli lizwe. Wanga u SOMANDLA angatamsanqelisa eli nalo ilinga, pakati kwamanye asel'enziwe