Title
eng Amabalengwe (ISIG_1885-06-01_i004)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Bulletin
SubType of Article
eng News Summary
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-06-01
Identifier
eng ISIG_1885-06-01_i004
Word Count
eng 1314
Print Page
eng ISIG-1885-06-01_p002
Page Spread
eng 2.2-3.2
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 3
Print Column
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
Inkumbuzo kuzalwa ko Mntan'omhle u Victoria ib'iyawa fikile ngosuku Iwa 24 ka May, ukuba namhla abe yiminyaka ema 66 ubudala, aze abe usele neminyaka ema 48 engu kumkanikazi walo lonke alipeteyo. Kute e Lovedale kwenziwa i ' pic-nic ' kwagcotywa kunene likaba elifundayo nomtinjana, kwabetwa magubu, kwabalekwa zingqatso, njalo-njalo. Kwati ngokuhlwa kwenziwa i Tea-meeting, kwavunywa; kwancama ukuyola, xa longcobo yonke intsha ifumana izikutazo, iziyalo ezipants'ukufana nezamhla kuqolw'inkosi. Ngokukodwa inteto enje ngeka Mr. Robert Young, oze kubona eli lizwe. Utete ngenteto eshushu ekutazayo, encomekayo, izinto azibo- nileyo ngamehlo namhla ze Lovedale, nezinye indawo ab'ehlal' esiva ngazo ngarnapepa iminyaka emashumi matatu (30) epete umsebenzi wobu Secretary be Free Church. Le pikiniki yase Lovedale idla ngokuhanjelwa zindwe- ndwe, eziti zimbi kanti azimenywanga. Ite namhla kuba ibe ngolwesi-Hlanu, ngosuku Iwama 22 enyangeni, ekubeni olwama 24 lwayo luya kuba nge Cawa, kwehla usizi kwindwendwe ezigaleleke ngo Mvulo zifumana zixamla amahashe azo. Siva ukuba enye indodana ehlala e Lovedale, yavuswa pakati kobusuku kunye nosapo lwayo, mayelana nokulila kwezokuqala inkuku, yi Jentilimani nama Ledi amabini, abasuka emakaya nge Cawa beputuma ipiknik leyo, ebebe nganoyishwanga kuyo kodwa. Tshotsho bangayifumani, nendlela yabo ibe mbi, kuba asiyazi into abebe sukela yona ukude bapule umhla we Sabata nje! *** Kaloku nje ilizwe lonke lipongomele indawo zemfazwe nakuba kodwa kuzezi mini ngati kute qabu lamafu anzinzwa endaba zemfazwe kwindawo ngendawo. Koma Jamana ngati akuseko nto. Kuma Russia kusatetwa. Indawo epakati kwawo ne England inikelwe ku kumkani wase Denmark ukuba ayahlule. Lo kumkani ngu yise wo molokazana we Nkosazana, ongu ' Princess of Wales,' noyise we nkosikazi yama Russia. *** E Dyeputa kusate nqu. Into ekoyo yile yoku kutshandule- lana kwala madoda mabini abambeneyo. Kuvele omtsha umprofeti kwakona, oti Iowa wangapambili asiyena unguye. Ke ngoku Iowa wokuqala uyatshandulelwa ngulo usand' ukuvela, waye ke umnqopiso owona kungaqondwa ngawo lilo lonke ibandlalakwa Mahomete, ukuba longo yena wesitembiso— ngoya kuya kupatelela nase Meka, owona mzi unelo dinga. Zitsho incwadi zelo bandla. *** Pakati kwendawo ezike zatiwa daca pambi kwe Palamente, kubeko engeniswe ngu Mr. De Wet, Umpatiswa Micimbi yaba Ntsundu, yokuba kungeniswe pantsi ko Laulo Iwale Koloni izitili ezinje ngelaba Tembu kanye, neli kutiwa yi Emmigrant Tembuland, elakwa Gcaleka, nelakwa Bomvana, nohlobo aya kulaulwa ngalo lomazwe. *** Kanjalo u Mr. Upington ungenise indawo yokuba kubeko ukumiswa kwemiteto aya kupatwa ngayo lomazwe apesheya kwe Nciba, kuyo yonke imicimbi engapandle kwamatyala anje ngawokubulala, njalo-njalo, nokucana eyona ndlela ifezekileyo yokuwuquba umteto, ukucandelwa kwabantu imihlaba, noku- miswa kwaba ntsundu abaya kuncedisa ekucedululeni amatyala, nabakangeleli benqubeko yemfundo kulo mazwe. Okwenjenje kutatyatwe icebo lala madoda aye eyintlanganiso yokucedulula amasiko aba Ntsundu, i Native Laws Commission. Nalo itamsanqa linizela mhlaumbi mabandla a-Pesheya-kwe-Nciba. *** Lonyaka ungati uyatembisa ngenxa yemvula ezitunyelwe ngexesha elifanelekileyo lokulima zonke izinto zokulinywa kwezi nyanga. Bayalima kunene ozinqolowa,—befanele,— kuba kupela kwento eya kuwuputuma umzi. Bonke ngebe yilima, kuba lixa layo kanye eli, zaye ke nemvula zikwako kakulu. *** Itongo lenkwenkwana eba Tenjini.—Liti ipepa lase Qonce kuko intshukumo enkulu ekoyo pakati kwaba ntsundu boma- ndla wakwa Mqanduli pesheya kwe Nciba. Kutiwa ite nkwenkwana itile, yati pofu ihleli yanga ite ncwaba iyure ezitile, suke yabona umbono engavumanga kuwuxela mntwini wumbi ngapandle kwe nkosi yeso sizwe. Ite keyakuba inkosi leyo iko yenjenje:—' Ndibone ilizwe elibanzi elihle, ndati ndisabadula kulo ndaqubisana nobawo, wafike yena wandixelela ukuba apa usezweni leny'weba elimatunzi amnandi. Utsho wandibonisa indawo-ndawo ezintle zalo; wandisa kaloku eludinini lomhadi onzulu. apo kuko abeviswa amatsila entlungu zokutsha ngumlilo, bepetelelwe sisigebenga esikulu kunene. Ute ke ubawo lowo kum, ' Aba ke ubabona nje ngaba benza inkohlakalo emhlabeni.' Ufike wandalatisa nendibaziyo namagama abo. Ute ke. ' Yabona ke uze uti wakubuyela emhlabeni use lomyalezo enkosini yako. Yitsho ikutale nabantu bayo ekulimeni, bakugcine kunene ukudla kwabo, bangakuc'iti kuba kuza indlala enkulu—ayisekude. Mabayeke inkohlakalo yobuginwa babo; balahle izitembu, nemb'ola; mabamkele ubuKristu. Pezu konke mabayisabe ibulanti engumtombo wayo yonk' inkohlakalo, nobubi obuya kuvela ngenxa yayo.' Ube njalo ke lomyalezo welo tongo.' Elo tongo libangele intlanganiso ezininzi zokuyicinga nokuyip'icota lento. Inxenye ikumbula ukuba lento mayibe ivuselelwe ngababangama Kristu, kuba ngabo ekubonakala sebe yipatele pezulu lendawo yeli tongo lale nkwenkwana. Atsho ke amapepa ngalo itongo lenkwenkwe yase Batenjini. *** Ihlab'ik'angele namhl' Imvo ukuti,—' Utuli lusemboxo Iwento zakowetu zase Sigidimini Sama-Xosa, ukulalisa omva kwesiqu sam, nasemva kweli pepa le Mvo. Ngazwinye, Imvo kwi Sigidimi zifana neqiya ebomvu pambi kwenkunzi yenkomo. Manditi kodwa kubapati be Sigidimi, ndinonto enintshi yomsebenzi andinaxesha lokuba ndibo ndisenza imfazwe nabo. Enye into ubomi bufutshane, akufuneki ukuba ndibupelelisele kwimpambano nokupefumla izisongelo ngakubamelwana.' *** Kwamhla sesusa Isigidimi ukugquba kolu tuli Iwavuswa Zimvo Zabantsundu, sazekelisa ngomfana ongu ' NYANISO ' osukela itshinitshini apa u ' XOKI ' eliti xa linokufumana ituba lokumenzakalisa u Nyaniso lowo, lingabi nantloni ukwenza nento enjani ububi bayo, nayipina inkohliso. Likauleza linjalo nje, likwazi ukunyebeleza. Ati ngqo emkondweni ke yena u Nyaniso; lube mboxo ngolu hlobo ke utuli, kanti iyakude ivele inyaniso ab'efuna ukugq'umela yona u Xoki lowo. *** Intsobi yemik'wa ka Gxuluwe.—Angati umntu eke wamana elesa lenteto ipakati kwe Mvo Zabantsundu ne Sigidimi ngo- kuyicoselelelo, abone ukuba mazibe Imvo ukuba azinakwalamana kwa Gxuluwe zikolene kunene nalomikwa isakubaliswa ngelo nene ngamandulo. Ngokukodwa lendawo kutiwa ub' eyitanda kakulu ukuyiteta, le iti,—' Indoda yinto eyenza amazwembe-zwembe nokuba sekunjani.' *** Okunye uti wakukangela ukuquba kwe Mvo xa iti iyapendula, isuke ikumbuze lambalana ye Mbadla ne Mpungutye, xa zazixelelana ngohlobo ezipumelela ngalo ezinjeni xa sukuba zizingelwa. Iti i Mpungutye —' Kaundityele wetu upumelela ngandlela nina wena ezinjeni? ' Iti i Mbodla ukupendula— ' Mna inye eyam indlela yokusinda, kukukwela emtini kupela, kuba ndisazi ukuba izinja azikwazi kukwela. He, kautsho okwako? ' Ute umf' omkulu wakulo Dyakalashe ukupendula —' Mna ndisuke ndizidinise ngokutunga amabenya.' Iti ke imbali,—Kwati kusenjalo, zafika zona izinja. yaposeka pezulu emtini i Mbodla, yati i Mpungutye yarola amafongqo ala mabenya, kuba ib'ite yona inamaqinga alishumi epumelela ngawo: Isuke yabanjwa zizinja pakati kwalo mabenya. Kolu tuli yilonto kanye. Isigidimi site ngcu emtini wenyaniso, Imvo iyapala, iti ipi ib' ipi, itunga amabenya. Namhla itiwe ku lihlaba,—ivakala iyolela ngeliti—' Ixesha lifutshane.' *•* Imvo Zabantsundu zihambisa umsebenzi omkulu, oncomekayo, nomhle xa upetwe ngemfanelo; kufuneka umntu owufunjatisiweyo atantamisele ngengqondo ukuwupata. Isigidimi sizinqwenelela ngapandle kwekwele intsikelelo, nobom obude omabudliwe Zimvo; kodwa mazilumke zingati ekunxameleni udumo olumsinya, zishiye indlela yazo elungileyo, zize kugxeka nokunyelisa, ngapandle kwesizatu, eminye imisebenzi ekwa mihle, ezite Imvo ezo ukuze zivele nje zabe zizalwa yiyo. Kuba ukuze Isigidimi sikalime nje kuwele ngezibuko le Mvo Zabantsundu inteto ezigxeka i Lovedale ; izinyeliso ezimanyumnyezi ezisingiswe e Sigidimini; nenteto zokuzindla okucapukisayo— ab'esiti ama Xosa kudala ku ' kuncunga '—zabe zipatele zona ukudubula abafundisi abamhlope kunye nomsebenzi wabo. Siyavuya u Mhleli wazo ebonile nje namhla ukuba ' ubom bufutshane, wabe umsebenzi omawenziwe umninzi, ekungafu- nekiyo ukuba, bungako njalo, abupelelisele ekupambaniseni abamelwane bake.' *** He tyapile ukubone oko, mzalwana, kade sikwalatisa Isigidimi. Ukususela apa ke hamba ka-'ntle ; uti hoto ngalo ndlela yenqwelo, ite tye, ungapambuki ngezenyawo ; kuba zidla ngokuba nemigongxo enengozi, okanye kuti kanti kugcayiselwe ngameva namaceba ebotile ngamakwenkwana apa asileyo naswele ingqondo. Bota ke okwanamhla Mvo Zabantsundu! Indaba ezivela e Dayimani azikutazi. Besimane sisiva ngolu're ukuba ihambiso yalapo ilusizi, ukuzilahla kwabantu ukusukela obutyebi butshabalalayo, babe bepulukana nemipefumlo yabo. Azi ingaba yinyaniso na ukuba nabanye ebesitembe inqubo entle ngabo,—bambi kubo bebepatiswe imisebenzi epakamileyo,—balidano ngezi mini; mhlayimbi abaseko nalapo e Dayimani,—bate nyebelele ukumka kwabo kwelozwe ngokusaba isiqamo semisebenzi yabo egwenxa? *** Sibone kugaleleka ngolwesi Bini, ngo 26 ku May, u Rev. S. J. Helm, umfundisi wase Rini, e Lovedale. Ngomnye wabaya babepatiswe umcimbi wokulungiselela umanyano Iwemvaba ze ' Babe ' eziyi Congregational Union, United Presbyterian ne Free Church, ibe leyo inyule eyayo i Professor yokuza kuncedisa ekuqeqesheni udodana olufundela ubufundisi e Lovedale. Uti kunyulwe u Bev. Thomas Durant Philip, B.A., wase Bafu ukuba abe yi Professor ye Congregational Union. Yena u Mr. Helm lowo ngati utunywe ukuba aze kukangela indawo angati ayakelwe kuyo indlu u Mr. Philip. Pambili Lovedale, yanga i Nkosi inganalo kwanalo eli ilinga lako lokunabisa umsebenzi Wayo, ize ilisikelele. *** Sihlelwe lilishwa. Enye yencwadi zababalelani—ka Mr. J. Maneli, ose England, aqukumbela ngayo ingxoxo yake yesi Xosa, ite shwaka sosiyifumene kodwa. Asazi ukuba iginyelwe mate yinina. Kade siyifuna side sancama. Sinosizi ngenxa yale ngozi; kodwa makavuye u ' Nombombo wase Maxambeni,' no ' Ganda ' kuba ib'isabaxubusha bona, ngezanteto zabo ze Sigidimi sika March, 1885