Title
eng Izinto Ngezinto (ISIG_1885-06-01_i007)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Bulletin
SubType of Article
eng News Summary
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-06-01
Identifier
eng ISIG_1885-06-01_i007
Word Count
eng 1997
Print Page
eng ISIG-1885-06-01_p005
Page Spread
eng 5.2-7.2
Start Page of Article
eng 5
End Page of Article
eng 7
Print Column
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
EZALE KOLONI. INDLEKO.—Ekapa kuko umntu olahlekelwe sisipeliti sokuqosha, (brooch) esinedayimani ezi 36, besisihle kade. INGQAKAQA.—Siva kutiwa ingqakaqa selipelile kanye e Tamarha kona, nakwesi ka Kama iyancipa noko ngoku. UKUSHUKUMA KOMHLABA.—Kutiwa ke kwako ukushu- kuma okukulu komhlaba e Kapa ngacawa itile nangase Paarl, nakuba kunga banga konto zenzakeleyo. KUSAND'UKULIWA e Mampondweni ngawo odwa, kwafa abantu ababini bazinxwelera abanye. U Mqikela upilile, ulubo uyalwala kanye, uyabohlwaya abasukuba bebile. U-BENDANA (RED-WATER).—Esi sifo sisaya sikanye pe- sheya kwe Nciba, sipikise booke ondiyazi belozwe. Abantsundu bati ukusibiza ngu bendana, okunye ke nga manz'abomvu. KUVAKALA amare okuba kuza kumiswa inkosi ibenye eyongamileyo kwela ba Tembu, Gcaleka, Mfengu, nelakwa Adam Kok. Ngati ezi Mantyi Zinkulu zezondawo ziza kupeliswa. KUVAKADA kanjalo ukuba u Matanzima ka Mtirara, inkosi yase Batenjini, uyayikalazela imantyi yake u Mr. Merriman, nokungati wenza udushe lokuba ikutshelwe kwezinye indawo. INGOZI EMBI.— Kute e Piquetberg, iqela elitile liye kuzi- ngela, kwifama ka Mr. Coenraad Kotze, yati indoda ekutwa ngu Laing yaqama unyana ka Kotze no Smith ngembumbulu, wabehle wafa u Kotze. No Smith lowo kwakubonakala ukuba akakupumelela, (May 10). IDABI LAMANKAZANA.—Ipepa lakwa Komani libalisa imbali elusizi kunene yoliwo olwenzeke pakati kwentombi ezintsundu ezibamba abantwana babelungu, kwakuko nabafana ababeko, ekungazekiyo nokuba lempi ayitelekiswanga ngabo, ab'evela ezinkantini. Kutiwa ke abobantu balwe bepete abo bantwana babelungu. LUTI ucingo Iwe 1 ku May, u Mr. White nabanye badliwe ikulu leponti £100 nga Mampondo, ngenxa yokwapula umteto owawumiswe e Mampondweni wokuba kurolwe imali ezitile ugento ezitile ezihamba ngendlela ezitile kwelozwe la Mampondo. Okuka Mqikela ub'ebavumele, ke ipakati liti naye ub'engenagunya lokwenza lonto, latsho labadla. EMAMPONDWENI, KUKO AMARE AMABI,—Liti ipepa lakwa Daliwe, kupangwe ivenkile zade zambini e Mampondweni. Enye yeka Mr. Clark, enye yeka Mr. Venn. U Mrs. Venn ubi twe kakubi kanye. Kutiwa kambe kwenziwe ngomteto ka Mqikela. Umditshwa uhambele kwa Nqwiliso ukuze bona bobabini babe ntonye, kunye nenye inkosana engu Disso. IPASI.—Liti ipepa lase Dikeni kuko incwadi ejikelezayo kuzo zonke I Mantyi naba kangeli bemizi, ivela ku Mpatiswa Mcimbi ya Bantsundu, ngendawo yokunikwa kwabantu ipasi. Liti loncwadi iti makuti pambi kokuze umntu ayenzelwe ipasi, ake amise izizatu ezibonakalayo zokuba emke kwindawo abe kuyo esiya kwenye, kuba kubonakele sekuxinene pesheya kwe Nciba, ngabantu abavela nganeno bepete ipasi zozimantyi abavela kuzo. INCUKA, IZINGWE, NENYWAGI.—Liti ipepa ekutiwa yi Penny Mail, nangona lama'ramncwa olingwa kangaka uku- tshatyalaliswa, noko kuyabonakala ukuba kokona aya ekanye Kutiwa ngase Cradock u Mr. Hilton Barber ubulawelwe ibokwe ezine yingwe, watiya nge rasatile (slaagijster) kwafunyanwa incuka ibanjisiwe kubuye kwatiywa, kwasa kukwako enye. Kute kaloku kwagcayiselwa ngenyama enetyefu, kwasa sekulele inywagi zimbini. ABABULEWE YINGQELE.—Kuko abantu ababini abafe liliqwa kwa Mankazana, lo ungase Ncum-ncum, ngabalusi. Bate xa sebe goduka, wabona owesitatu ukuba akayi kupumelela, wasel'ecanda enqamla kule mihlaba yabe Lungu. Bati ababini, unanina mfondini, uyakubanjwa? Wahamba yena wakufika ebusuku endlwini yake. Bate abaya babini bahamba, bahamba, bade boyiseka yingqele, bafane bajika ecaleni lendlela sebediniwe, bafiniza kona, kanti baya ku- fela kona. UKUBETWA KWEPOLISA ELINGU. GAMBLE NGASE SIDU TYINI.— Kute ngamhla utile amapolisa amabini esiya kuba- mba abantu ababini, ngokugqita umda, aye esiya kwifama ka Mr. Wiggil, kufupi ne Sidubu. Aye ababamba ke, kute xa bapi, lapambuka elinye ipolisa, lipambukela kwifamana etile, lashiya u Gamble yedwa nababanjwa. Lite libuya, lafika u Gamble sele eyintw' ebomvu ligazi esel' ewe isiduli, sel'eyedwa, eraulwe zimbokotwe ezixape igazi, nenwele. U Gamble lowo utwelwe wasiwa kulo fama ka Mr. Wiggil apo ongelwa kona. Omuye wababanjwa abaya wabuye wabanjwa, uti bancediswa ngabanye abantu ekuba kululeni. AMANYANGAZA.—Liti ipepa lase Tinara kute ngamhla utile inene elingu Mr, William Heugh lisuka kwa Pitch, apo belilele kona belivela e Yumani, lisiya e Tinara lati lakufika e Braak River, gqi into zombini ezicitini zenqoboka zafika zalibamba ihashe, wati engekalungi, zamti xamfu ngengalo zamposa pantsi, zatsho wawa isitulu, kwade kwa ziyure ezimbini ete tywa kulondlela, inxowa zake sezi- qwengiwe, umnqwazi, nesabokwe sake, zimkile. Waye nemali, kodwa isindile kuba ube noluhlobo lutsha lwenxowa luwanqabele impela nawapesheya amanyangaza. Walifumana ihashe lake lisidla ecaleni lendlela wakwela wabekisa e Tinara. Zininzi izinto zolohlobo kulondlela esezike zenzeka ngapambili. UKUBULAWA OKUBI KO YISE NGU NYANA.—Liti ipepa lase Rini kute malungana no May 9, kwabulawa umfo omdala ogama lingu Mr. Doyle, osel'eminyaka ingapezu kwa 60 ubudala, ubulewe ngunyana wake u Dold isiza nanina. Ute kambe ukuxela pambi kwe Mantyi usuke wapupa uyise lowo ebulala umkake, umolokazana, wasele vuka ke yena kwa oko embulala. kuba babelele ndlwini nye, wamposa pandle. Umbulele ngesando. Utsho wati ke ukuqukumbela ingxelo yake leyo ' Kuba abafileyo bovuka kanjalo ngolwesitatu usuku.' Usezandleni ke umfana lowo. Ova usizi olubi lixegokazi unina u Mrs. Doyle, osel'ehagele naye, kuba ukwangapezu kweminyaka ema 60 ubudala. EZELI PEZULU. LITI ipepa ekutiwa yi Transvaal Advertiser, u Presedent Kruger ulahlekelwe yinxowa yemali, ine ponti ezima £40 pakati. UKUZIBULALA.—Umfo abati ngu Mr. Adolph Pfaelzer uzidubule ngompana omfutshane. Asixelwa isizatu azibulele ngenxa yaso. ITYALA lika Niekerk lisatetwa, kuvele indawo yokuba ungumntu olunge pantsi kolaulo lwa Mangesi, nokuba wazalelwa e Colesberg. LUTI ucingo lwezipili (heliograph) Amandebele aza ku- hlasela e Shosbong. U General Warren usinge kona ukuya kwala lonto, nge 29 April. . U SICHELE inkosi ya Bakwena ub' esandukucela ukuba angene pantsi ko Rulumente wapesheya ub'esateta ne Chief Commissioner, bekuqubisene kwindawo ekutiwa yi Petsaine. ITYALA lika Niekerk no Celliers lisatetwa ngu Major Lowe. U Captain Paley umisa izizatu zamatyala abo. U Dr. Jorissen ungobameleyo. Bobabini basalinde ukuteta. KUVAKALA ukuba u Major Edwards uye kuhlangana no Lobengula inkosi ya Mandebele. Ilizwe lake likwangakwelo la Mangwato. Kutiwa u Lubengula ube lusizi kunene akuva kutiwa elika Khama selipantsi kolaulo lwa pesheya. EZOCINGO LWEZIPILI.—Amandebele sel'eke alwa nomnye umzana kwa ka Khame, ngasentla kwe Shoshong. Ke i General selike yaqubisana nenye inkosana engu Leutchan, yayityela ngalo ulualo lwa Pesheya apo lupele kona. EZASE Aluvana ziti ukudla kusanqabile kakulu, inxowa yombona isatengwa nge £1 elu Sutu. Inxenye yabarwebi bakona base nento eninzi yengqolowa notiya ngenxa yenkosi zakona, kuba zoyika ukuti hleze indlala ibuye ifike kwakucitwa ukudla kwelozwe. KWELA BAHLAMBELI.—Ke kwako intlangano e Dry Hartz yo Captain Trotter, Major Lowe no Mankoroane, enye yenkosi za Bahlambeli ngenxa yabantu bake abama- n'ukungenela lomhlaba uyi Stelleland. Kugqitywene kwindawo yokuba bakangelelwe indawo yokuhlala aboba Hlambeli. KE kwako intlanganiso yama Bulu e Rooi Grond, ngecala lase Transvaal, kwagqitywa kwelokuba ize kuti ukuba lo Rulumente weli lizwe, lomhlaba akawungenisanga pantsi kolaulo lwake, maze (ama Bulu lawo) sel' ebekisa ku Sir Charles Warren kwaoko ebiza ifama zawo kuye ezikulo- mhlaba. EZOCINGO lwezipili (Heliograph) olusuka e Molopolete lusiya e Mafeking luti: Umkosi ka Col. Warren Iowa ubekise kwelika Khama, usel' usondele ngoku e Shoshong nge mayile ezimashumi mahlanu, basapile kakuhle bonke. Ilizwe lipantse ukungabi namntu ngenxa yezi mfazwana zimane ukuliwa zezontlanga. INKATAZO KWA MANKOROANE.—Indoda abati ngu Mr. Hasset ubeye kumangala kwi Bestuur (abapati belozwe abamhlope) esiti nanku egxotwa ngu Mallala, unyana ka Mankoroane, esiti umnika intsuku ezine zokufuduka kulo fama yake. Ke i Bestuur ite makenze ngecebo lika Major Lowe, yatsho yati ku Major Lowe makatete no Mankoroane angalahlekiswa ngabantu abamhlope, abanxamele into abayinxameleyo. U SIR CHARLES WARREN NO KHAMA INKOSI YA MA- NGWATO.—Ati amapepa u Sir Charles Warren useleye wafika kwelo la Mangwato, wahlangana nenkosi leyo ingu Khama, wayicazela konke okwolaulo lwapesheya apo luya kupela kona. U Khama londawo uyamkele ngovuyo olukulu, wade wakupa nelizwe elikulu kunene ate Iona malimiwe nga Mangesi. Akaxelanga u Sichele inkosi ya Bakwena, yena unamaqokolo alibele ngawo. UNOKWENZA u NOMAFUTANA.—Ati amapepa kuyabonaka- la ukuba ama Bulu ase Free State enza udushe. Afun'ukuze u Sir Charles Warren ampanyazise emsebenzini wake wokupelisa izipitipiti zelipezulu. Kodwa ke kuyatembeka ukuba u Samuel Moroka uyakuti apinyele kwawona ngalomagqebeqana awo—axele iqobozela. Kuxa yena alinga konke anako ukuvana nabanye abe Sutu kulento yomhlaba wakowabo usuke wahlutwa ngama Bulu unga ungabuyela kwakuye. INGOZI EMBI.— Kwenzeke ingozi embi kufupi ne Kim-berley endleleni eya kwifama ka Mr. Ritchie. Kute xa ikali etuta ubisi igodukayo yehla inkwenkwana ka Mr. Ritchie yamane idlala-dlala emahasheni apa, ute umbexeshi ngokoyika ukuti hleze amahashe etuke ayiwise inkwenkwana, wawatsala ngemikala. Kute kanye kweloxa suke lenkwenkwana yatshela emkaleni yade yalengalenga, suke pululu apo ibibambelele kona, yanyatelwa yinqwelo leyo esifubeni, ifile sitetanje. INGOZI KWAKONA.—Umfo abati ngu Mr. John Meeser, Iowa wake wasindango kungummangaliso, wayewe umgama ozi nyawo ezimashumi asitoba. Ke namhla, njengokuba ingu msebenzi wake ukubala, kwanokwaba ezonto ududuUKUCASA AMAGQWETA.—Liti ipepa lase Kapa ngo Velt- man. Ute xa abekisa kwi Natal Mercury ngamagqweta. Urulumente ubefanele ukumisa umteto wokuba lamagqweta afumane umvuzo otile kupela ekumeleni kwawo abantu, angamane ebiza into ayitandayo ngokwawo. Kuseloko kwafika amagqweta, amatyala akapeli msinya. Ahlala enabantu abahamba emizini, befuna abanamatyala. nyiswa ngazo lomhlaba we dayimani (explosives), kute kanti kule minxuma ingapantsi kuko isibane esivutayo, suke sawelwa yingqimba yomhlaba, yonke lonto yaya ku- dudumisa ibokisi ye dynamite, yati ingalo nesandla sase kunene zanengozi enkulu, wanezivubeko kuwo wonke Umzimba ngenxa yalongozi ELASE DAYIMANI.—Umhlobo wetu u Mr. M, Pelem ute eb'eye e Ligwa, kwati xa abuyayo, selekufupi e Kim¬berley, waqubisana nenyandamatye ya Besutu into ezinga mpanga nexesha eli, zimtate zamkahlela pantsi kwaoko kwelohashe ebekwele kulo zisiti 'Tlisa chelete ea gao.' Kute ke kuba naye ngumfo ongefane atiwe qwe, wenza imigudu yobudoda, ukwala ukushiya ukuncunza. Siva ke ukuba kute kwesosituba kanti kuko umntu ozayo, wabehle weva ukuba lomntu ugwintwayo uteta inteto yakowabo yesi Xosa waselezincama, wamhlangula owakowabo kwapela. Siyavuya kunene ukuva indaba zokusinda okunjalo kwalo mnumzaua wakowetu. EZAPESHEYA KOLWANDLE. KUTIWA U Mahdi uti woke apefumle inyanga ezintatu, andule ukuyiwela i Dongola. KUVAKALA ngencwadi ezivela e Tonquin ukuba imikosi yama Fulanise isezimbandezelweni ezinkulu, zininzi indleko zawo. OLUNYE ucingo luti, lomhla kwaqutyulwa ama Afghan ngama Russia, ama Sarakhs asuke ahlala abonela, kodwa angena ekupangeni impahla yama Afghan. Ke kanjalo luti ama Russia abulawa kunene. LUTI ucingo, sekuku uloliwe owenziwayo ukusuka e Suakim, upantsi kokukuselwa ngumkosi ka Sir Gerald Graham. Inxenye yalomkosi ulindeleke ukuba uye e Ottao. mhlaumbi e Handuk. Kutiwa kalokunje ama Arab akasabonakali nangetshengele malunga kwelo tuba. UCINGO Lwe 11 April, Daily News luti, imikosi ka Mahdi yatshandulelwa impela e El Obeid. Kutiwa kwakupume umkosi ongamawaka ashuminye lina ncinye 11,000, upetwe ngu Wadel Musumi ukuya e Khartoum. Lo- mkosi wacitwa ngu Abdullah El Safia, ote ukuvisa kwake kweka Mahdi wayenza imikondo emibini, wayicita wayi- nakanisa. U-MR. GLADSTONE unikwe igunya yi Parlamente yape- sheya lokuba acite izigidi ezilishumi-nye linanye leponti, (£11,000,000) ukuba ubona kufanele, ekulungiseleleni ubume belizwe obupakati kwama Ngesi, nama Russia, nama Dyeputa. Inteto yake ecela elogunya ibe yeyobuciko obukulu, oboyise ngokungummangaliso yonke indlu ye Parlamente, lavunywa elonani ngapandle nakwelinye izwi elite hayi, kulo nkundla idla ngokupikisana kunene. LUTI ucingo lokugqibela, okunene kwaliwa ngama Russia nama Afghan, koko ingxelo iyapambana. U General Komaroff umpati womkosi wama Russia, uti yena ude wafunza okunene, ngenxa yokuncungwa ngama Afghan, okunene ke kwafa ama 500 kuma Afghan, batimba konke okwalo nkampu. Ke kuma Russia kwafa inkosana yanye, neshumi lama soldati nenxwelera ezi 29. Kwati ke emva koko kulwa yabuyela kwalapo ibikona eyama Russia. Kutiwa yalwa kunene lompi yama Afghan, koko kwakusina imvula, yati imipa engezizo imfakadolo ayabi nakwenza nto. U Rulumente wama Russia wazisa ingxelo ka General Komaroff, okanyela lendawo itetwa ngu Sia Peter Lumsden oti oku kuqutyulwa aqutyulwe ngako ama Afghan ase Penjeh ngama Russia yinto eyayicingelwe kudala ngawo, Liti ipepa ekutiwa yi Times, u Rulumente wama Ngesi, lonto usayipicota kancinane yase Penjeh. Londawo ipate- lele endaweni yokuba umda opakati kwama Russia nama Afghan mawumiswe, kube kunjalo ama Russia abe eya kwenza umnqopiso ongelilo irwintsela, wokuba akasayi kuke agqite aye e Herat. EZASE NATALA. KWA ZULU.—Kuvakala ukuba u Oham usebunzimeni, uxinwe zimpi zimbini. Uxinwe ngumkosi opetwe ngu Menesi indunayo Sutu, nempi ka Sikobobo, oseleke walwa naye kwafa abafazi bake ababini, watimba inkomo ezima 20, wakuvunela pantsi ukudla. Ixego elo lingu Oham seli se- miqolombeni yase Empesine. LITI ipepa lakona kuke kwehla ingozi embi kubantu beya kutshata e Maritzburg. Kute bakufika kwindawo ekutiwa yi Curry's Port, yawa inqwelo. Kwafa u Mrs. Finnis kwalapo, kwapuka ingalo ku Mrs. Boss, waruneka exweleni u Mr. Chadwick kwanabanye ke. Umyeni u Mr. Ross lowo wapuka ingalo. Umtshakazi ingu Miss Annie Chadwick, lowo uyise waruneka ixwele. EZANGASE NATALA.—Liti ipepa lakona, kuvakele amare avela kwolama Swazi, awokuba kubonwe imikoko yemfuduka, nezibadubadu, ziquba yonke impahla ehambayo, zitwele inkuko nezicangca nengubo zokulala, seziqutywa ngobunxamo ngamakwenkwe ukusiwa emdeni wane Transvaal. Kutiwa ke kute kwakubuzwa imbangi yalento kwatiwa. Kuvakele ukuba ukumkani u Dinizulu ukupe izimpi zambini ezinkulu, ukuya kubulala inkosana ezimbini, u Mhlaba no Mshenga. Kutshiwo kwatiwa u Sandlana induna enkulu yase Swazini selifile yona ngomteto wenkosi nokuba omnye umkosi ukweza umlambo ekutiwa lu Sutu usiya emzini ka Mhlaba kanye. Waye yena nabantu bake, kwanenkomo sebewugqitile umda, sebesefameni ekufupi nomlambo kutwa ngowe Ngqwapisi. Amadoda away' ekona pandle kwabafazi nosapo abe ngamakulu ama tandatu (600,) nenkomo eziku mawaka omane, (4,000). Kodwa ke kubuye kwavakala ukuba lonto ayiko.