Title
eng Imbali Yo Miwo Lo Mhlaba Wamangqika Phesheya Kwe Nciba (ISIG_1885-06-01_i008)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Gontshi, Andrew
SubType of Article
eng Land
Language
Locations Mentioned
eng Kei River, Transkei
Date
15 May 1885
Newspaper Code
eng ISIG_1885-06-01
Identifier
eng ISIG_1885-06-01_i008
Word Count
eng 555
Print Page
eng ISIG-1885-06-01_p007
Page Spread
eng 7.2-8.1
Start Page of Article
eng 7
End Page of Article
eng 8
Print Column
eng 2
eng 1
Coder
eng Sipile Nqiyama
NKOSI YAM MHLELI.—Ngenxa yabantu abaninzi bendawo ngendawo abamane bebalela kum bebuza ngo miwo lalomhlaba wama Ngqika wavulwa nge 1883. Ndizibona ndifanele ukuba ndenze imbali ngalo umiwo olo ngangoko ndaziyo. Uncede ke wena uyifake kwelo pepa lako elibekekileyo, (Isigidimi), ukuze ababalelani nam ndibe nako ukubalatisa kuyo. Waye ngokwenjenjalo uya kuncipisa inkatazo kum, yokubala futi ebantwini ngo miwo lalo mhlaba. Nge 1879 ama Ngqika awezelwa kwa Gcaleka apa, umda womhlaba wawo waloluhlobo :—Ngecala lase Node (North) wema ngo Centane; ngase Mpuma-langa, wema nge Nxaxo yada yakungena elwandle; ngecala lase Ntshona-langa, watabata indlela ye nqwelo ku Centane, wehla nayo njengoko ihlisa ne Qolora, ide ise elwandle. Lonke ilizwe elipakati kwe Nxaxo ne Kobonqaba, ude uye elwandle, lamiwa nga Maqaba—(Amagwelane). I Kobonqaba nalo elihlala libuzwa ngaba baleli bam, ngumlambo omhle onentili ezicuma kunene. Selimiwe lonke nga maqaba, nakuba siko isikolo sika Rev. J. Auld. nabantu abambalwa. Siketelwe ingqoto, laze lonke ilizwe elipakati kwe Kobonqaba ne Qolora, kususela ku Centane uye elwandle, selimiwe ngamaqaba nalo. Angati umntu obone indawo kulo milambo angene ngezibonda zamaqaba, nakuba ngoku umhlaba uxinene kakulu Olu ke lumiwo lokuqala. Ngomnyaka we 1883, ama Ngqika acela ngo Rev. W. Girdwood, obeyi Mantyi yawo elunge kunene, ekute emizameni yayo yandiswa imida ngoluhlobo:—Ngecala lase Node, watatyatwa ku Centane, wanyusa i Tutura, ngecala elinganeno wawolela pakati i Teko ; nge- cala lase Mpuma-langa, wawezwa i Nxaxo wakuma ngendlela ye nqwelo eme ku Kabakazi, wawolela pakati u Manyube (ihlati), i Ngqwara, i Gqunqe, Usizi, i Cebe, u Mcelwane, no Mcwetyana, ude use elwandle. Lonke ilizwe elipakati ko Kabakazi lowo ne Gqunqe limiwe ngamaqaba (Amajingqi). Lonke elipakati kwe Gqu- nqe ne Nxaxo, litabatela kwi tyolo lo Sizi use elwandle, ngenxa yemi- zamo ka Mr. Girdwood obeyi Mantyi, (obuyele ebufundisini ngoku) lamiselwa abantu base sikolweni bodwa. Kwabako imiteto yengqondo ngomiwo lalo mhlaba eyenziwayo ngu Mr. Girdwood, inkloko eyile:— 1. ' Ukuba umhlaba umiwe ngobufama, kungaxinanwa. Umntu azi- ketele indawo ayitandayo, aze anike isiqiniselo esibaliweyo sokuba: Uya kuwusebenza lomhlaba, enze izakiwo ezifanelekileyo, ize emva kweminyaka emitatu ufunyenwe engasebenzanga agxotwe.' 2. ' Kuya kubuko i Komiti yo Miwo, eyakubiza intlanganiso yabemi ngezinto ezimayelana no miwo, waye umntu angena kuma ngapandle kwemvume ye Ntlanganiso yo Miwo. Isibonda salomhlaba sinyulwa yintlanganiso, sihlale umnyaka omnye ebu bondeni.' Ngoku umhlaba sewupelile waketwa wagqitywa olungileyo, osekoyo ukufupi kukulu elwandle. Ngecala langase Ntshona-langa, umda watatwa endleleni wema nge Nciba—wawolela pakati amazantsi om Mnyama, awawela; watabata amazantsi e Gcuwa, awawela; wawolela pakati intili ka Masele, i Qombolo, no Nyumaga. Wonke lo umhlaba wanikwa Inkosikazi u Noposi, sewuxinene tu nga maqaba. Umhlaba otatela ku Mbombo- we-Mfene, utate induli zontatu ezise mantloko o Mbabane, ne Rwa- ntsana, opo i Nciba yenze impindo, umiwe ngu mbali walencwadi. I Tyityaba elihlala libuzwa, elise Koloni asinanto nalo. Ngako ke ubani wopaula ngale ngxelo endiyinike ngazo zonke inyaniso, ukuba tina asina mhlaba mkulu wokutimba, ukukulise abantu ezindaweni zabo, nje ngo waba Tembu, ne mokolo (morgens). Umhlaba awuko upelile, enye into impahla emfutshane ayilungi kakuhle. Manditi iyafa kanye (ngapandle kwendawo ezimbalwa) kulo lonke elitabatela ku Centane uye elwandle. Waye lomhlaba ufuna ukusetyenzwa kakulu nakowufumanayo uzele zipunzi, nemiti, ufuna ukumbiwa, nokuhlahlwa. Ngako ama Ngqika, nokuba ngubani, mabahlale apo bakona bangalahli indawo zabo ngokuva udumo lokuba: ' Kuko umhlaba obanzi— ovuliweyo kwa Gcaleka.' Akukonto injalo. Nge Tutura ne Teko elihlale libuzwa, manditi, nakuba isikolo sase Tutura sivuswe ngu Mr. Girdwood, nesikolo siko e Tako. Elo lizwe lonke limiwe nga maqaba lkakulu, selixinene nalo. Ndiyapela apa,