Title
eng Nyatelelani Pantsi Utywala (ISIG_1885-06-01_i009)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Langa
SubType of Article
eng Alcohol
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-06-01
Identifier
eng ISIG_1885-06-01_i009
Word Count
eng 430
Print Page
eng ISIG-1885-06-01_p008
Page Spread
eng 8.1
Start Page of Article
eng 8
Print Column
eng 1
Coder
eng Sipile Nqiyama
NKOSI YAM MHLELI WE-Sigidimi,—Kaundifakele lam nzwana ambalwa kwelo pepa lako. Ngenye imini nge Cawa, ngexesha lesibini, ndalandela. abantu abaninzi, ndangena kwindlu yecawa e Auckland. Ukungena kwam ndafika indlu izele ngabantu, amadoda, abafazi, abafana, intombi nabantwana bonko babekona kulontlanganiso. Ukungena kwam ndandingayiqondi lentlanganiso ukuba yeyantonina, kodwa emva kokuhlala kancinane ndaqonda ukuba lentlanganiso yeyabazili botywala. Kuqala, abantu abatsha bavuma ingoma emnandi ka Mr. Mountain. Emveni koko kwabizwa amagama amalungu. Emveni koko umgcini sihlalo wanika ilungelo kwabatanda ukuteta. Ewasuka inkosikazi etile, yateta amazwi amukulu, iwabekisa kulutsha, yati: ' Bantwana bam, bulelani u Tixo oninike uncedo olungaka, ngokutumela u Mr. Mountain pakati kwenu, nelungelo elikulu kangaka le Blue Ribbon. Mandinibalisele kancinane ngexesha endandilingana nani. Besihlala no makulu u Jwarha no Nobala, bebesila futi utywala, kodwa bebengavumi ukuba sisele tina, besiti asifuni ukuba nifunde. Sibuze, siti, bunantonina? Buti ukus'pendula ' Sifuna ukuba zeningaseli emizini yenu nakwenda.' Ndite ndakwenda bendigazanga ndasela, ndaqala ukububona ubunzima botywala; mna ndiyakwazi ukuteta ngabo ngenxa yokuba ndibufundile. Bendino nyana omkulu igama lingu George, wafunda ukusela, ubesiti xa avela etywaleni enxilile alike abete kakulu emnyango, nditi mna uzungalwapuli ucango Iwam, ati yena ndiya kulwapula. Ndakukumbula lo maxesha, ewe ndiyazazi iziqamo zabo, kodwa andizange ndibusele, andibufundanga kuma no bawo. Ngoku nina bantu batsha nifunda nakubazali benu ukunxila. Namhla ndiyavuya ndakubona abantu abatsha benoncedo olungaka. Ndiyambulela u Tixo ngentliziyo yam yonke ngalomsebenzi wenziwe ngu Mr. Mountain. Ndiswele imilomo eliwaka yokubulela. Akukonto yimbi bendizakuyiteta, kodwa bendizakuti bulelani u Tixo bantwana onitumele u Mr. Mountain. Ize nimtandazele. Yimfanelo yetu leyo. Mna nditi nokuba upina u Mr. Mountain, u Tixo makamsikelele, amnike amandla, nenkutalo engapezulu, ukuze abe noku- nceda abanye abantu njengati. Besisezintsizini, weza wasibonisa indlela yokupuma kwezontsizi. Ke bantwana ndiyapela apo, kodwa manditi kuni maze nitandaze, nitembeke, ningafumane nitwale igama le Ribbon yodwa, ukuze nime nqi kulomsebenzi.' Yahlala lentokazi itete inene zodwa. Kwesuka nabanye bateta. Emva koko kwesuka u Mgcini-sihlalo, wamema bonke abangaba bafuna ukungena kulomhlambi ukuba beze ngapambili, ndibone kusuka igqiza lisiya ngapambili linxiba imityana eluhlaza. Ndi- bone omnye umzali esuka ngobunxamo eputuma umntwana wake, banxitywe ke bobabini. Ke mna ndingumhlobo wenu nonke nina nifunda Isigidimi Samaxosa. Anikalazi ibizo lam, kodwa noko ndingumhlobo wenu omkulu, enye into ndiyanitanda. Nditi ke bantu bakowetu yenzani njalo. Lemisebenzi yotywala ihambisela pambili. Ndobuye ndinixeleie ngenye imini izinto endizibonileyo, andinaxesha namhla. Ukuba nifuna ukusela. selani i Tea, ne Kofu, Namasi. Yini- na ukuba nibe ngamakoboka ka Satana? Utywala lityatanga lika Satana abopa ngalo amagqoboka, ukuze akohlwe kukupakama. Nditi nam kunye nodade lowo wase Hala, 'Yelisani iziqamo, nyatelelani utywala pantsi kwenyawo zenu. Uhlanga lwakowetu luyatshabalala butywala, utywala ngumkokeli ka Satana, noko anicingi njalo nina.' Molweni nonke bantwana basemhlabeni. Igama lam ngu,