Title
eng Umtshato Ka Rev. M.N. Mokone (ISIG_1885-06-01_i010)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Vulindlela
SubType of Article
eng Marriage
Language
Locations Mentioned
eng Pretoria
Date
24 January 1884
Newspaper Code
eng ISIG_1885-06-01
Identifier
eng ISIG_1885-06-01_i010
Word Count
eng 472
Print Page
eng ISIG-1885-06-01_p008
Page Spread
eng 8.1-8.2
Start Page of Article
eng 8
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
TSHAWE elihle lendaba zumanene, ndiyacela mnumzana nditi kaundi-fakele lomazwana ambalwa kwelo pepa lamunene autsundu akowetu. Into ngumtshato apa obuko, ka Rev. Magena Maake Mokone, umfo owazekayo kakulu kwelase Natala, Ndiyakolwa ukuba bonke ubanga- bamkeli be Sigidimi Sama-Xosa bayamazi ngegama. Ke umfo lowo ubesele nexesha elikulu kanye ebusokeni kwuse Natala apo ; apa ku uneminyaka ekufupi esitatwini. Manditi ke umfo lowo siyakolwa ukuba namhla makabe utshata ekufupi kwiminyaka e 31 nokuba ima 32. Ke utshate no Miss Mamapola Dorothea August, okupela ko mntwana ka Mr. David S. August, ubudala yiminyaka eyi 16 nenyanga ezilishumi. Kute mini laqalwa ukumenyezwa igama apa etyalikeni, yati iramente yake yutsho esilusizi isikalo, ngenxa yokuba umsebenzi uyifikele ngexesha elibi kakulu apa e Transvaal. Sendingati ke noko abakwenzileyo besingakulindele kanye tina, kuba elilizwe lisemva kakulu, kusesemnyameni kunye, akukabiko buramente. Kupela kusayilwa uburamente ngamagama; kusalindeleke kumaxesha ezayo uburamente benene. Situke kakulu malunga ne Cawa yokupeli egameni, ukubona abanye bepete iponti nganye, abanye isheleni ngantlanu, abanye inxowa zenqolowa. abanye inkabi zegusha, abanye amakwange ehangu, nenkuku, kwamana kuba njalo. Kute sukuyihlanganisa imali yaba leli nani £5 16s. 3d., ngapandle kwento ezihambayo. Lonto ke yabanga ukuba sibe nokuti nqa kakulu tina beli lizwe, kuba into enjalo besingakumbuli ukuba ingabu nokwenzeka kwaba bantu balapa ngenxa yobulukuni babo: kuba ngabantu aboniwayo ngama Bulu kwasebuncinaneni, batshoniswa kakulu etywaleni nase midanisweni. Ke u Rev. Mr. Mokone ndiyakolwa ukuba iminyaka mibini eyizama tempi ngelizwi le Nkosi; ezama amanxila, ehamba ebakupa ezinkantini, komidaniso. Ke okwenene ito i Nkosi yamnika amandla okuba kubeko abafumanayo ukuba bazame ukuzinikela emsebenzini we Nkosi; kuba sinokutembela kumazwi ati, ' Amatye la, i Nkosi inako ukuwaguqula abe lusapo ku Abraham ' ngenxa yezitembiso ezifun'ukubonakala kule Transvaal. Ndingati ke umtshato ube ngomhla we 6 ku January, 1885. Kwatshatisa u Rev. Frederick Thos. Nicolson walapa e Pretoria, ngokuti u Rev. Owen Watkins (i Chairman) angabiko, ke wati umtshato waya kwityalike yama Ngesi, bati ko abantu bafane boyinto nje, abamhlope nabantsundu, kutshatiswa ngexesha leshumi elinanye, kute ukuba kuqitywe kwayiwa endlwini ukuba batye idinala. Kwaye kuko u Mr. William Geel, ititshala yase Jamani, no Mr. Joseph Kanyanne, um-Vangeli wase Tshatshi. Kute ke kwakugqitywa ukudliwa, wesuka umfo wase Jamani lowo wanika isiya- lo kumyeni nomtshakazi, kute ukuq'iba zabopa inqwelo ukuya kulo ntombi, ngo 3 ukumka komhla, zaya kufika kona ekuseni sekukade zilindiwe. Kwasusela kwaoko ukuvuma kwada kwasa. Kute ukupuma kwelanga kwabonakala kuyimiqodi kwimimangwana yonke ukuza emtshatweni, kuba kaloku bekutshata intombi yesidwangube. Yati lomini yaba yimigcobo kunene. Yati into eyabantle, wati umsebenzi lowo wada waya ekupeleni kungubangako zipitipiti. Kwati ke ngemini elandelayo kwabotshwa ukuyiwa emakaya, safika umfundisi u Rev. Owen Watkins, no Rev. Geo. Wearind sebefikile, ke bate noko banokukalaza kuba umtshato ungabanga nakubalindela, kwabonakaliswa kubo ukuba bekungenxa yomzalikazi, kuba engapile kakuhle, unqwe- nele ukuba abone umtshato womntwana wake. Bate nabafundisi bavuya, babesebeyitengile yonke impahla yendlu, yayimpahla efanelekileyo kanye yonke. Mandipeze mnumzetu ndiliyilo; okunye kumhla- na ndilinga ukutabata usiba njengabanye abantu. Ndingowenu