Title
eng Imbali Ehlabayo (ISIG_1885-07-01_i004)
Found in Newspaper
Article Type
xho Editorial
Author of Article
eng Chalmers, A.John
SubType of Article
eng History
Language
Locations Mentioned
eng Grahamstown
Date
2 June 1885
Newspaper Code
eng ISIG_1885-07-01
Identifier
eng ISIG_1885-07-01_i004
Word Count
eng 834
Print Page
eng ISIG-1885-07-01_p004
Page Spread
eng 4.1-4.2
Start Page of Article
eng 4
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
KUMCOKELI WENDABA ZE ' SIGIDIMI' NKOSI.—Ndifuna ukukubikela into endibe ndisand' ukuyi- bona kulomzi. Imbangi zokuba ndikubalele zezi, ihlala sisiva kusitiwa abelungu abazipati kakuhle izicaka zabo. Kananjalo ndati ndazibalela izihlobo zalomfana ndiza kukubalisela ngaye, ndazixelela konke okwenzekileyo; ndati nakuba ndingazanga okukokwam ndizuze myalezo wokuti siyifumene incwadi yako, ndakoliswa kukuva ukuba zeza kubulela ku Mlungu owenze obu bubele bungaka kunyana wabo. Mandiqube ke. Kuko inene apa eligama lingu Mr. Edward Chapman, umfo ongena ityalike endiyipeteyo Ube nomfana obe sisicaka sake esibe sisula amahashe, sisebenza neminye imisebenzi yasekaya. Igama lalomfana lalingu '.Tim,'—undikohlile kodwa uyise,—kodwa wayeve- la e Xesi, kwa Gqadushe. Kubonakele kodwa ukuba lomfana akapile kakuhle, uyakohlela; ndive ngenye imini inkosi yake indibikela lento, ndaya ke ndambona lomfana, ndamfumana okunene engumntu ongati akapilile, kodwa ehamba. esebenza imisebenzi yake. Emva koko ndahlala ndimbona, ndamana nditeta naye : into ete yandimangalisa yimpato apetwe ngayo yinkosi yake, kuba ulungiselelwe igumbi endlwini ukuze angabi saya kulala xa kuhlwileyo emityinweni paya. Kananjalo wamana ukutunywa ku Dr. Greathead igqira elilunge kunene, lamana limseza amayeza. lnkosikazi yenza nayo imigudu engalibalekiyo ; kuba imenzele lomfana i flanen ezisitileyo ukuze angabetwa yingqele, yamana imzuzisa imihla ngemihla ukudla okuxa sayo, nentwana-ntwana ezininzi ezimnandi. Ndaqonda ke ukuba esi sicaka sipetwe njengomntwaua ozalelwe kulomzi. Zite zakuhamba inyanga kwabonakala ukuba esi sifo siya- kula, ndada ndati ngenye imini, uyabona ub'ufanele ukuya kwa Gqirashe ukuze ube ngumntu okangelwayo ngama gqira. Ute yena, andinakwenjenjalo kuba ndipetwe kakuhle apa. Ndayeka. Kute kwakuba inzuzu ndaza kubizwa ngom-Gqibelo weveki etile, xa liza kutshona ilanga, ukuba ndiye kwa Mr. Chapman. Ndiyile, kanti ndibizelwa lomfana. Ndite ndakungena egumbini lake ndamfumana elele ekoyini enepika elikulu. Ndite kwinkosi yake: ' Uqale ninina umkuhlane ukuba ngaka? ' Ute ' Emini nje, ebeke walinga ukusebenza namhla, ndati ndakumbona ukuba uyafa makaye kulala pantsi.' Ite ke inkosi kum, yiti: ' Eb'efanele ukuvuma ukuya e Hospitaleni.' Ubuzile umfana wati, ' Ngani? ' Ute, Ngokuba kulapo unokongiwa kakuhle.' Ute u Jim, ' Uti mandiye nini? ' Ite, ' Ungaya ngomso.' Ute, 'Ngomso asicawa yini?' Ite, ewe. Ute, ''Andinakuya ngomso kuko umntu endimkangeleyo ukuba eze ngomso.' Watsho wati, ' Ndizilindele izihlobo zam ukuba zize kunditabata ngenqwelo kuba ndibe ndizibalele njalo.' Ite inkosi ' Akusena kuhamba nganqwelo, ngokuba unepika kakulu, Kodwa ke akunanto hlala apo ukona.' Ipumile inkosi leyo, yandim ndedwa kaloku okoyo. Ndiqale ndateta, ndati, ' Ungena kuyipina ityalike apa? Ngubanina umfundisi wako apa? ' Ute, ' Ndingena kwe ka Mr. Helm, kodwa akandazi.' Ndite, ' Ub'ungengumntu weramente na? ' Ute, ' Hayi.' Ndite, ' Akulilo ikolwa na? ' Ute, ' Bendingelilo.' Ndite, ' Akumazina u Yesu? ' Ute, ' Ndimazi njekodwa ngokufunda ngaye encwadini.' Ndite, ' Akumazi na okokuba ngu Msindisi wako? ' Ndite ndakutsho wasuka wabeta isililo. Ndateta naye ke ngobuhlobo obukulu, ndamalatisa kulowo weza kufuna nokusindisa abalahlekileyo. Ndamana ndimenzela lamazwi enceba, ateta ngotando luka Yesu isihlobo saboni. Akapendulanga, kodwa ndiqonda ukuba ayamkelwa lamazwi ndiwatetayo, ngumntu onxanele amanzi obomi. Ndakugqiba nditandazile, ndamyaleza kulowo ungu Malusi olungileyo. Ndapuma ndakuba ndimbulisile. Ndite ndakungena egumbini lenkosi yake, ndati kuyo na- kwi nkosikazi, ' Ndibulela ukuba lomfana umyekile ahlale, andiqondi ukuba uyakubupumela obu busuku, ke ubufanele ukuya kubikela igqira Iona lokuxelela into okuyiyo.' Libiziwe kwa oko igqira, laxela kwa oko ukuba umfana lo upelile; lati nokuba limnike amayeza aliyi kunceda luto. Kanti okunene kunjalo, kuba xa kuza kulalwa, ute watmta kancinane, kanti kupela kwake oko ebanjwe yi nkosi yake ngengalo. Kute nge-Cawa kusasa ndaza kucelwa ukuba ndiye kumnc'waba. Ngalo cawa ndandishumayela kweyama Wesile kusasa, ndati ndakupuma etyalikeni ndaza kutatya- twa ngu Mr. Chapman ngenqwelana yake yamahashe. Kanti yonke into isel'ilungisiwe, ityeya yokufihla umzimba womfi igqityiwe. Sanduluka ke, indim, ingu Mr. Chapman nonyana wake, nabanye abafana, neqelana elincinane laba- ntu abantsundu. Emva kwenqwelo kanye eyayitwele isidumbu, bekubamba intwana ezincinane zamakwenkwana amabini aina Ngesi. Saya kufiba endaweni yokuncwaba. Ndawuhamhisa wonke umsebenzi, ndaposa amazwi kubantu ababeko ndibaxelela ukuba ngebesiti kwakufika amadodana namankazana avela kwindawo zangapandle, babase kuba fundisi ukuze bangabi nje ngezimvu ezingena malusi. Ndite ndakugqiba ndabona ezantwana zamakwenkwe zita- bata umhlaba ugezandla ziwuposa encwabeni, ndabuza ku Mr. Chapman ukuba zintwana zapina ezi? Ute, ' Ngama- kwenkwana entombi yomkuluwe wam, ib'ingamaqabane ka Jim la; akavumanga ukusala ekaya, ate makeze nawo noko kukude kangaka. Ndabona ukuba okunene esicaka besi- tandwa kulomzi nangumntwana. Ke, andilibali lemizamo ka Mr. Chapman. Zonke izinto uzilungisile kakuhle njengokungati ub'ezilungiselela unyana wake. Ub'engena mteto wokumnyanzela ukuba azenze, kuba ukuba eb'engena ntliziyo yokumpata kakuhle lo mntwana wakwa Xosa ub'enokusuka atumele ku Mantyi, ati,—Nanku umfana esifa, akanazihlobo, tuma amapolisa aze kumtwala aye kufela e Hospitaleni, angafeli endlwini yam. Ube nokuti akububa, atumele kwaku Mantyi ati,—Tuma amakonxwa aye kumba incwaba, aze kuwutwala lomzimba aye kuwuposa encwabeni elo. Ezonto akazenzanga, usuke wangati uncwaba namhla umntu webala lake, ozalana naye. Okukokwam andilibali. Ke enye indawo, nditi, kuhlala kusiza kulemizi mikulu abafana nentombi eziza kufuna imisebenzi. Abantu aba- njalo ngebesiza nencwadi ezivela kubafundisi babo, baze ke bazinike kubafundisi betyalike abalunge kuzo, zabantu abantsundu, ukuze baziwe ngabafundisi babo, baziwe nala- po basebenza kona. Ngapezu koko, njengokuba benama- lungelo okuliva nokulamkela ilizwi lika Tixo bebefanele kwangoku ukuzinikela kuye u Msindisi, kuba imini yokufa asililo ixesha lokuqala ukufuna uxolo. Ziko indawo eziziyalo kuyo lembali ndikubaliseleyo; andisokuzivelisa,—ngabom; kuba onendlebe zokuva, woziva, nonamehlo okubona, wozibona. Ndingowako,