Title
eng Ama Bulu Kwela Maswazi (ISIG_1885-07-01_i005)
Found in Newspaper
Article Type
xho Editorial
SubType of Article
eng Politics
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-07-01
Identifier
eng ISIG_1885-07-01_i005
Word Count
eng 103
Print Page
eng ISIG-1885-07-01_p004
Page Spread
eng 4.2
Start Page of Article
eng 4
Print Column
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
AMA Bulu KWELA MASWAZI.—Liti ipepa eliyi Witness kuko indaba zase Swazini eziti u Kumkani wakona ubulele into eninzi yenkosi ezipantsi kwake ngenxa yempembelelo ye Jamana elingu Fells. Kutiwa ezo nkosi zisuke zawunikela kuma Bulu ase Transvaal umhlaba otile, kuba sel'ehlala kona, into ke leyo emtukutezele kunene ukumkani, ote naye kwatiwa makalumkele elakwa Dinizulu, ukupatwa apetwe ngako ngama Bulu. Kuko indawo yokuba ama Bulu ahlaba umkosi. Kutiwa ama 200 asinga emdeni, ngokumenywa ngu Mr. Osborn, ukuba ke kupindezelwe ku Mehlokazulu nezinye inkosi, kuba bebeke balingenela elozwe ngentimbo noliwo. Kanjalo kuko omnye umkosi oqwetywayo oya kuba ma 400, ukuze kuti kwakuhla into kona uhlale sewulungile.