Title
eng Izinto Ngezinto (ISIG_1885-07-01_i010)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Bulletin
SubType of Article
eng World News
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-07-01
Identifier
eng ISIG_1885-07-01_i010
Word Count
eng 709
Print Page
eng ISIG-1885-07-01_p007
Page Spread
eng 7.2-8.1
Start Page of Article
eng 7
End Page of Article
eng 8
Print Column
eng 2
eng 1
Coder
eng Sipile Nqiyama
EZALE KOLONI. LITI ipepa lase Kapa, kuko abantu aba 12 abadliwe i 5s. emnye ngokungahlauli irafu yezinja. E-DIKENI kona bakolisile ukudliwa i 3s. 6d. emnye ngenxa yerafu yezinja yi Town Council yakona. EZAKWA ADAM KOKO.— U Mr. W. E. Stanford wase Ngcobo, nguye oza kuba sesikundleni sika Mr. Chalmers. KUYAFUDUKWA NONTAKA.—Kubube kule nyanga ifileyo u Mr. R. Fielding, Iowa ubefude eyimantyi yakwa Kama. ' UKUFIKA KUKA J. J. IRVINE, ESQ.—Siyavuya ukuya ngokubuya kuka Mr. Irvine elubambeni Iwake, ebuya esapilile. EZASE MAMPONDWENI.—Kuvakala ukuba u Mdlangaso unxamele ukusinga pesheya kolwandle nabantu ahamba nabo. EZOCINGO.—Luti ucingo, u Mr. Sprigg wazise indawo yokuba u Lord Salisbury uwamkele umsebenzi wolaulo pesheya, endaweni ka Mr. Gladstone. LITI ipepa lakwa Komani, amapolisa amabini antsundu, awelwe ngabantsundu abatatu, adubule ngalompana mfutshane kodwa atsho pantsi. Wati um India wabetwa, wapangwa ; laze i Bulu labetwa kunene. EZOCINGO.—Kutiwa kuliwe ngama Baca nama Mpondo kutsha nje, kwafa ama Baca amabini yayinxwelera enye, kwaza kwafa ama Mpondo amahlanu. Kute xa imantyi yahlula lompi yayepa imbumbulu. INTLANGANISO yabafundisi bamablelo ngamahlelo iyakuba se Qonce, kula tyalike indala yama Wesile, ise Barkly Street, ngolwe Sine nolwe Sihlanu evekini, ngosuku lwe 2 nolwe 3 ku July lo sinaye. Isihlalo siya kupatwa ngu J. J. Irvine, Esq. UKUNGENISWA KWE PESHEYA KWE NCIBA.—Liti ipepa lase Mtata kubonakala ukuba endaweni yokutumela ama- lungu amabini e Palamente, mane awona angalungayo kuba abantu belozwe baninzi kakulu, bezintlobo ngentlobo. Inanamhla basacimba oma Bulu nabanye abamhlope ukuza kuma kweli lizwe. INGQAKAQA KWA GAGA, KUFUPI NE DIKE.—Sinosizi ukwazisa umntu wonke ukuba asikuko nako ukwanda kwengqakaqa kwa Gaga. Sekugula abantu aba 13, inkoliso ngabantwana. Onke amacebo okuyitintela ukuba ingaudi ayenziwa, Sebe miselwe namapolisa abobantu balo mandla, kwanendawo zokubongela kuyatembeka ukuba zobehle zibeko. Ububile omnye umntwana ngoku. LITI ipepa eliyi Natal Mercury kuko umkosi wama Bulu oli 150 owenze inkampu ngosuku lwe 5 ku June. Kutiwa kungokuba u Mnyamana esuke walwa no Oham, kwako abantu abafileyo. Nawo ama Bulu ebeke amnika umteto u Oham wokuba awushiye umhlaba wake, nokuba anikele inkomo zake. Ama Bulu lawo embandezela nje u Mnyamana kungokuba ewacasile kuwo lomhlaba wakwa Zulu. EZELIPEZULU. UCINGO LWEZIPILI NO SIR CHARLES WARREN.—U General Warren ubuyile kwelama Ngwato kuvumelene kwavana kakuhle no Khama inkosi yesosizwe. NGU Sechele inkosi ya Bakwena ote akuva into eyenziwe ngu Khama, wasel' ezinikela naye pantsi kolaulo lwapesheya, wade wakupa nomhlaba naye ukukupela idolopu za Mangesi. IMIVUZO ENIKWA KWABANTSUNDU E DAYIMANI.—Liti ipepa lakona, kunikwa iponti enesihlanu ngeveki (25s.), kwaba zifumanelayo ukudla, kodwa balale kwakwa mlungu wabo. IZIBANGO ZA BAROLONG.— Ati amapepa umfo ongu Mr. Justice Gregoroswski use Ntabazu (Thaba 'Nchu) siteta nje, upicota lomcimbi kanye wemihlaba ya Barolong ezifama kwelozwo lika Moroka. UKUGITYWA KUKA MR. DU TOIT.—Ati amapepa, u Mr. T. Melville Du Toit uke wacela indawo yokuba u Celliers akululwe ebukonxweni kuba engowazalelwa e Free State. Kodwa ke ugityiwe umfo lowo umcimbi usapicotwa. EZOCINGO.—Kuke kwako amarekwelase Transvaal okuba lemikosi yapesheya ikwela Bahlambeli iyanduluka kweli lizwe. Uti oke wabona ngawake amehlo ukuxela ama Bulu sel'hlanganisana kanjalo kweli cala lase Rooi Grond. LITI ipepa ekutiwa yi Friend ye Free State—Upi na ti Samuel Moroka P Lize ke lipendule liti, nanko e Moha- lieshoek, uke wabonwa k'ona, nangase Herschel. Kutiwa ubekisa kwa Mshweshwe, waye amkelwe kakuhle ngu Ludziya, okunye emtembise uncedo ebukosini bake, nangomhlaba wakowabo ukuba ezonto wozifumana. EZAPESHEYA KOLWANDLE. INQANAWA ekutiwa yi Spartan ize nendaba ezibonakalisa ukuba lise mehlo, pakati kwe England ne Russia. KUKO amare anteka izwe lonke ngoku okuba, ' Inkal'- ixing' etyeni, pakati kwe Russia ne England. KODWA ke ipepa eliyi Pall Mall Gazette liyayipikisa indawo yokumiswa kwemikosi evela e Dyeputa. KUMISWE kwindlu ye Bunga elikulu lamapakati yape- sheya (Commons) ngendawo yemikosi evela eSuakim ukuba make ilinde e Alexandria, kude kubonakale eyonanto iyiyo. KUTIWA ute u Bismark akubona ukuba, O! kufun'uku- viwana yi England ne Russia ngendawo ezikoyo, suka wapambanisa i France ne England e Dyeputa, waye ke efuna ukuba made kungaviwana. KUTIWA ama Russia ayayibanga indawo yokuba mabe nomntu wawo e Cabul, kanjalo kwawona akavumi ukuba umda wase Afghanistan maunqatyiswe, kwaye kunjalo nje esiti, angavana agqibane wona nenkosana zama Afghan. YONKE yona into ibonisa ndawonye, le yokuba kuko igqebeqe elingumlala pantsi elisontshwayo ngamanye ama komkulu lokumanyana abe ngacala nye, ayeke esenziwa ngu Bismark oyena mxoxi weso sikuni, exoxela ulaulo lwama Ngesi e Dyeputa. EZASE SOUDAN E DYEPUTA.—Imikosi yapesheya izaku- shenxiselwa e Wady Haifa nase Assousan. Yohlala apo kude kuzale i Nile, ize ke ngoko ibuyiswe ngomva kweza ndawo ikuzo ngoku. Kusaman'ukungena amaqela-qela ama Arab e Otao apo euzelwe inkampu, kwaye kubonakala ngoku ukuba kuko impawu zokuzitoba kwezizwe ezingase Soudau.