Title
eng Iveki (IMVO_1885-01-26_i023)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Bulletin
SubType of Article
eng News Summary
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-01-26
Identifier
eng IMVO_1885-01-26_i023
Word Count
eng 788
Print Page
eng IMVO_1885-01-26_p002
Page Spread
eng 2.2-2.3
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 2
eng 3
Coder
eng Sipile Nqiyama
ISIKOLO sase Ncemera sivulwa ngolwesi- Hlanu ngomhla wamashumi omatatu wale nyanga. Intsapo ilindelwe ukuba ifike ngo- losuku. UMBONISO wezilimo nento ezifuyiweyo wa¬se Ngqushwa uyakuba ngowa 25 Februarv lo uzayo. IMVULA ezimnandi siva ukuba zawa nge Cawa edlulileyo e-Rini nangase Bofolo nase zintabeni kwesisitili sase Qonce. Apa lisa- balele ngakunye. — UMFUNDISI webandla lase Wesile u-Rev. J. G. Wenyon, wase Durban, e-Natal ubube ngo 12 January. U-Mr. Wenyon yindodana entsha eyaya e-Natal ngenxa yokungapili ya- nikwa indawo e-Betelehem yase Free State. — LIYANCONYWA kunene ilanga e-Selem nge- zantsi kwe Rini. Iqora litshe kanye, seku- nqapazeka amanzi okuseza impahla. Ama- fama ayayisisa impahla yawo. INTLANGANISO zabafundisi bama Bandla ase Tshatshi (ebise Rini) nelase Wesile (ebi- se Bayi) zipele ekupeleni kweveki engapa- ya kwedlulileyo. U-MR. RUDLOFF, oyimantyi yase Lady¬smith e-Natal, ufumene isicelo ku Mabulu ami kwelakwa Zulu ukuba abe ngu Monga- meli wolaulo lwawo olutsha alumisayo. KUYAVUYISA ukuva ukuba e-Natal abantu balindele isivuno esihle nonyaka. ABANTU abavela kwindawo ngendawo za- ngapandle abafuna ukuya kumba uloliwe ku. soloko benze into yanye ukungena. Inkoliso inyuswa ngololiwe. INQWELO yamahashe yeposi esuka e-Kirn- berly, ngokunje e-Pretoria isand' ukumnka nalomlambo kutiwa ngoweNgwenya (Croco- dile). Yonke into ebikwele kuyo, ngapandle komqubi, ife yonke, naye lowo ngokwake useleye kufika ngehashe ukuya kubika e- Pretoria apo. ELASE Batenjini lelikankanyelwa imvula sifilenje tina apa. Kwakutshanje siva uku- ngati ike yana e-Xonxa. NGOBUSUKU bokuba kuse ingu Mvulo we- veki edlulileyo, okokuqala kwezinyanga, ke kwawa amatontsana nakuba engabanga nto. ISive omnye esiti yi parafine. NGOMHLA we 17 ku February ozayo, im¬pahla ese skiti e-Sidutyini iya kulilelwa yi- ntsimbi yefandesi, ingatanga ize ikutshwe ngabaniniyo pambi kweloxesha. AMAKULI amakulu matatu afike e Natal ngo 19th January evela e Madras (India). AMADODA amatatu asandukupangwa idayimani ezikwixabiso le £4,000 kufupi ne lase Dayimani. IZIHLOBO zika Chalisi (Charles Brown¬lee) zovuyiswa kukuva ukuba upilile, selesekubuyeni kuyo lenyanga. AMABANDLA ase Tshatshi nawase Wesile acele ukuba usuku Iwesi-Tatu Iwa 28 January, lumiselwe bucala ukuba lube lolokuzitoba pambi ko Yehova ngenxa yelilanga libandezeleyo. U MR. DANIEL MAZINYO wangase Monti obesakubase Gxulu ucela amehlo kubantu base Rafu ngoyise owemka kudala ekaya okuvakala ukuba ungakulomacala. INTLANGANISO yabafundisi base Wesile base Natal iqale ukuhlangana ngo 20 Iwalenyanga. U Rev. Frederick Mason esesihlalweni. U VAN ROOY ekutiwa wabulala u Bethell Awela Bahlambeli ubanjwe ngo 22 January. INOQAKAQA ibiAwa e Balini nase Qumra. KUKO amatshetshetshe okungati uloliwe oya e-Burghersdorp uya kuvulwa kuyo le¬nyanga izayo. U-REV. F. H. FISH webandla lase Tshatshi no Rev. T. H. Wainman welase Wesile basi- nga kwela Bahlambeli, ukuya kuhambisa umsebesenzi wobufundisi kwimikosi ekwelo. E-BURGHERSDORP kunconywa ukuba ninzi kwenkumbi, noko bati into eluncedo kukuba kunye nokufika kwazo kufike nezintaka zi- tya zona. UMGCINI skiti sase Xonxa uyakalazelwa kanye ngabantu abakweso sitili ukuba lom¬sebenzi akawupete ngendlela yemfanelo. Umbaleli welase Komani oyindoda emhlope uyangqina naye ukuba okwenene kunjalo. EYASE Bolotwa impahla ese skiti iya kute- ngiswa ngolwe 14 ku February ozayo. IMA TYI yase Dutywa (u Major Bell) isa- piwe ixeshana lokupumla, okwangokunje ise Rini. EMVA ko April ixabiso lokutunyelwa kwe- ncwadi eziya e Transvaal, liya kutotyelwa ekubeni libe linye nelalapa e Koloni. U COLONEL CLARKE, Umpatiswa wa Komkulu e Lusutu, wenza ngako konke anako ukutshabalalisa amalinga okungeni- swa kwentengiso yotywala kwelo. KWIMIKOSI eyakwelaba Hlambeli, kuketwa kupela amadoda akwaziy o ukudubula. INDODA kwakwesisitili ebisand' ukubelwa inkabi ezimbini, yazifumana sezixeliwe, ate akubanjwa amasela lawo, zakuba zifunyenwe nezikumba, waxoliswa umninizo ngokunikwa i £16 ndawanye nezikumba ezo zake. E BURGHERSDORP kuko umfo ontsundu osand' ukudutyulwa lifama abati ngu Pelser, (igokusuka ahambe e mhlabeni wendoda leyo. NGENXA yezipazamiso eke zapazamisa ekumbiweni kwendlela le ka. loliwe iya e Burghersdorp, ezinje ngokufika kwe ngqakaqa, kwancipake abasebensi abantsundu ngoko; sekubonakala ububa uya kuba nokuqala ukuhamba u loliwe ngo March. E MOLTENO lite elinye ifama ngoAufiAa enye yegusha zalo ixeliwe yafihlwa ndaweni itile, layigalela ityefu kantike lotyefu iya kubulala isitoba samadoda antsundu, ama¬sela. NALO linconywa e Kokstad ukubalela apo bati akuseko nesibi esi. KUVAKALA ukungati kulama polisaase Rini kuza kutiwa kepu iqela elitile eliya kusiwa kwelama Bechuana. E-NYARA amafandesi empahlayase skiti aya kuba ngolwe 4 nolwe 6ku February ozayo. EMA MPONDWENI isicaka somfo abati ngu Mr. Cooper sisand' ukudubula inkosana yama Mpondo ebisiba iziqamo zenkosi yaso. Nokoke omnye lowo akadubulanga embona umnumzana lowo, ute kodwa ngokuva ira- shazo emitini waseledubula. E COLESBERG kuko umntu osand' ukufu- nyanwa, ete kanti kudala esifa yingqakaqa koko ufihliwe ngababo. AMA PORTUGUESE asand' ukunxamela uku- pambana nama Ngesi ngomkombe wama Ngesi owangena e-Bayini lase Madeira onenpahla owazitengesalo gapandle kokurafa ngokwesiko. INXALENYE yempahla ese skiti, e Elands- fontein, iya kutengiswa e Colesberg ngolwe 12 ku February lo uzayo. ITAPILE ngoku zihlile kakulu inxowa ima kwisheleni zontatu nane, kuse Colesberg apo siva ukuba kumanani emarke akwakutshanje inxowa imi Awishumi elini sheleni zone (14s). NGOKUMAYELANA nomcimbi anyukele wona u Sir Charles Warren, akukonto yona seyide yavakala, ngapandle kokubutana kwemikosi. KUMADODA omkosi lo use Ligwa babini abasebefile, omnye ubulewe ngamanzi, wa- tshona ebe quba, omnye yingozi yompu. KWOMKULU kwa Mqikela bekusand, ukubako intlanganiso enkulu kunene, ebekubizelwe kuyo izizwana ezininzi. Ezibini kuzo kutiwe ziyatinjwa komkulu ngenxa yokusuka zivumelane nesizwe ebekukade sibanga inkatazo, ke namhla ziyahlutwa nazo ubuzwe. E TOLENI, e Cumakala, kuyakubako ifandesi lempahla, ngomhla we 11 ku February.