Title
eng Imvo Zabantsundu (IMVO_1885-01-26_i024)
Found in Newspaper
Article Type
xho Editorial
Author of Article
eng Madubela, Joel J.
SubType of Article
eng Education
Language
Locations Mentioned
eng Entlambe
Date
2 December 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-01-26
Identifier
eng IMVO_1885-01-26_i024
Word Count
eng 2878
Print Page
eng IMVO-1885-01-26_p002
Page Spread
eng 2.4-3.2
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 3
Print Column
eng 4
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
UMANYANO ngemfundo yi- ntlanganiso yokuqala emiswe pakati ngabantsundu ngokwabo ngapandle koncedo olu Iwazekayo Iwaba Fundisi no Mantyi, uncedoke olo inangoku olusabafaneleyo abanye kubantu bakowetu. Lendawo ke akumatanda, iya kukolisa uninzi obelulindele ukuba amalinga awe- nziwa ngabantsundu ngokwabo se' sona sibonakalo simiyo sehambiselo pambili yabo. Inqubo yolu manya- no njengoko iboniswa njalo ezimise- Iweni zalo yile, ' ukunyamekela yo¬nke imicimbi esingisele emfundwe- ni, ezikuleni nakubo bonke abanye abapete imisebenzi yolohlobo, entsi- ngiselo yayo ikukulungiselela noku- pakamisa abantsundu; ukuxuma amasoko abo njengoluntu kwane- ntlalo yabo ipela.' Intlangano yo- kugqibela yelibandla ibise Debe e- kutwaseni kwenyanga nje ; yonga- nyelwe ngu Rev. ELIJAH MAKIWA- NE wase Rwarwa weblelo le Free Church, owayenyulelwe e-Bonga- melini bayo ngo July wonyaka odlu- lileyo, owenze inteto yentshayelelo njengokwesiko lentlanganiso leyo: ekunamhlanje esinovuyo ukuyane- kela uluntu. Lenteto siyifumene tina ingemnandi kodwa koko ine- mfundiso ngapezulu, sayeke singe- namatanda ukuba kuyakubabuyekeza abo boti bayilese. Eyona ndawo kuti iyenza iyole ngakumbi lenteto kukwazi ukuba ibalwe, pakati kwe- nto eninzi efundileyo entsundu, ngo- fanelweyo kukuyiteta, xa sikangele kwinto ayiyo sakukangela uhlobo awazikangela ngalo izinto ezisingi- sele kubantu bakowabo xa waye ngu Mhleli we Sigidimi Imvo zi¬ka Mr. MAKIWANE zibaluleke nga¬kumbi kuba zipatelele kulengxoxo ingaka ingemfundo yabantsundu, ingxoxo esekukade ixutyushwa ngo- bushushu obukulu nakuba ibe ivele- Iwa ngacalanye. Indawo yokokuba nakwabantsundu sekuko abangene kakulu ekucedululeni ingxoxo eziko- yo ngoku, bambalwa abebenokuyi- qonda; emakukunjulwe okokubana- bantsundu bazamela ukufika kwizi- gqibo ezifaneleyo nezindilekileyo pezu kwenyaniso abanazo. Abaci- ngayo siyakolwa tina, bayakutoma- lala kukubona abantsundu bezane- ka eluntwini imvo zabo. Ngapa¬ndle kokuya pi ngenteto asikuko no- kuba kuyasivuyisa ukulaneza ilizwe ngemvo zabantsundu (kuba u-Mr. MAKIWANE eteta zona) kwingxoxo ngengxoxo ezimayelana nabo ebezi- sand' ukuxonyelwa ameblo kwaku¬tshanje luluntu. Malungn Entlanganiso—Mhla lafika izwi lesandla senu, lokuba nindinyule ukuze ndi- be ngu Mongameli weliqela Lomanyano Nge¬mfundo, ndotuka, ndakatazeka. Ukuba la- lifike ndisenetuba lokwala ngapandle koku- yingenisa ekuxakekeni Ikomiti yenu ngendi- ba andivumanga. Kwandimangalisa uku. nyula umntu ongakange enze nto yokubonisa ukusifanela kwake esisihlalo, umntu obenge- ko pambili ezixoxweni zenu, obengabonaka- lisanga nkutalelo yokunyamekela imicimbi yolu Manyano. Ndakatazeka ndakucinga ngokungazilingani imfanelo ezilunge nesihla- lo enindicelele sona. Nangapandle koko ni- yazi nonke ukuba ixesha lam, asilelam ; uku¬ba ndinemfaneloendingefane ndizishiye, uku- ba ke ngoko lincinane ixesha endingati ngalo ndilungiselele amalungelo Elibandla Loma¬nyano. Emva kokutandabuza ndagqiba kweloku- ba ndingali. Akusento nokuba andizinge- nanga izizatu ezandibangela ukuba ndigqibe njalo. Mase ndisiti unyulo Iwam Iwandini- ka imbeko enkulu, nakuba Iwanditwalisa ukubuzeka okunzima. Ububele benu bundi¬ngene, ndiyanibulela ngabo. Ndiya kuku- funa ukuba nindinyamezele nindivele. Aku- nqweneleki ukuba ndide nditi ndiyakulinde- la ukuba nindixase xa sise zintlanganisweni naxa singapandle kwazo- Ndiyatemba uku¬ba intlanganiso zetu ziyakuba rnnandi, zibe nenzuzo; ukuba siyakufumana ukukutazwa emsebenzini wetu onzima, sifunde okuya ku¬ba luncedo ezikuleni zetu. Kulamazwi alandelayo andizi kuxoxa ngento enye. Ndiyakuti ngokufutshane ndikankanye ingxoxo ekuke kwangenwa ku ; zo kutshanje : ingxoxo ezinoluto olusingisel- kolumanyano. Ukuzikankanya kwam ndi- nga ndingacacisa okungati akuqondakalie andizi kuvelisa manceda. Ndinga kanjalo amalungu olu Manyano angayicinga imfa¬nelo yawo malunga nezizixoxo. Inteto yokuqala endiza kungena kuyo ye- singisele kubantu abatsha; inteto ekade ipe- twe ngabantu abazizihlobo zetu nabangezizo. Ndiyazi ukuba ndiza kuzifaka emalahleni; nokoke lenteto ixoxwa kangangokuba nditi kuyimfanelo yam ukunikumbuza kwase ntlo- ko, nokuba ndityile endikuqondayo malunga nayo. Kunjalo nje lengxoxo inkulu, inama- sebe amaninzi; amanye ingamasebe endi- ngekaboni bani ewaugena nakuba ekwamakulu nawo. Malunga nengxoxo le yabantu aba¬tsha zintatu indawana endinga ndingake ndizipate. Eyokuqala yeyokuba abantu abatsha, ngo- kukodwa aba balunge nolu Lumanyano Nge¬mfundo babanga ukuti bangangabelungu; ku¬tiwa esi sizukulwana sinyukayo silibele ukuba abantu balapa baluhlanga olupantsi. Ukusi- kumbuza oko esi sizukulwana sifike sibalise- Iwe ngamagama amakulu nemisebenzi emi- kulu yabelungu. Kufika kutetwengo Shakes- peare, no Milton, no Bacon, nabanye; kuze kukankanywe ololiwe neminye imisebenzi ebonisa inkutalo nobugcisa babelungu, kuze ke kubuzwe ukuba lilipina igama lase Maxo- seni elilingana nala magama : upina umsebe- nzi ongangalo. Kuti kusitshiwo kube kuva- kaliswa ukuba bekungeko nto yimbi ibe ingalindelekayo kakade, kuba Amangesi ane- minyaka emawaka mabini enokukanya (civilization) babe abantsundu balapa bese ngamabaribari, nabangati abananto kunaba- nye basaqingatise nje kodwa ekukanyeni— kuba aba kutiwa bafundile, kutetwa inteto nje kodwa. Ukuqondiswa kwesisimo kwe- nziwa ngobushushu obukulu nobuciko. Azi- zininzi izinto ezindimangalise njengenxam- leko, namandla, nemfundo ezicilelwa eku- boniseni esi simo. Ngapandle kwamazwi atetwa ekuhleni, ndikolwa ukuba akuko apa ongazaziyo indledlana ezisiteleyo ezisimilo si- tandabuzekayo abalinga ngazo abanye uku- bonisa ukuba uhlanga oluntsudu lupantsi kunolwa Mangesi. Eyona nto indimangali- sayo kukulinga ukubonisa indawo engagqibi luto. Ndiba mna bambalwa, ukuba bangaba bako, abantu abantsundu abakanyelayo, ukuba isizwe sase Mangesini sikulu : ukuba sikulu kunezizwe za Maxosa. Ukubako ko- bukrestu nokukanya ixesha elide kangaka bekungenakuba kungenzi sahlulo. Ndiko¬lwa ukuba ababaninzi abantsundu abangavu- miyo ukuba Amangesi ayazidlula nezinye ezimhlope intlanga. Angatandabuza umntu ukuba aya kuhlala enjalo na, nokuba asaya kuba nexesha elide enjalo; kodwa akuko ku- tandabuza ukuba ngemini ezidluleyo nangolu lwanamhla ngawo apambili. Tina bazalelwe pantsi kwe Nkosazana oko kuba pambili kwa- wo, oko kupakama kwawo asaneli kukuvuma nje kodwa ; sikuvuma sivuya siqayisa ngako, ngokukodwa kuba impembelelo yako ayi singise kwimisebenzi ebongekayo. Into ke yona ekufaneka ukuba ipaulwe emva kwako konke oku yile. Ukuba Ama¬ngesi atabate iminyaka emawaka mabini ukuza kufikelela kwesi simo akuso ngoku, akuko sizwe singabanako ukufikelela yinina ngexesha elifutshane kunelo ; Kunokuli- ndeleka na ukuba abantu abanala malungelo esiwanikwe ngabafuudisi nolaulo lwe Nkosa¬zana, bayakucota sngohlobo lwabantu ababe- ngenawo ; Ukuba umntu ugqibe iminyaka emashumi mabini esimba indlela, abahamba ngalo ndlela kulindeleke ukuba baya kugqiba iminyaka ekumashumi mabini na nabo ; Yo¬na elishumi ingalindelwa na ? Ewe kunga- ba asikokwase ngqondweni ukulindela ukuba isizwe siya kungena ekukanyeni ngexesha lesizukulwana esinye; kodwa kulungile na ukuteta ngohlobo lokungati kufuneka imi¬nyaka emawaka mabini nokuba kuse kuteni na ? Nangapandle koko eyona ndawo ingange- niyo kwesi sizukulwana sinyukayo yile yo- kungati wonke umntu omhlope ungapezulu nakubanina ontsundu. Bambalwa kwesi sizu. kulwana abakolwayo ukuba nabanina omhlo¬pe okwesi sika Kama ungapezulu kuka William Kama ; ukuba kweliya la Mamfengu bonke abamhlope bangapezu kwamadoda anjengo Feltman no Mazamisa, namanye ; ukuba e-Batenjini bonke abamhlope banga- pezulu ko Mawonga no Mankayi Rengqe, no Sigenu ; ukuba kwa Ngangelizwe bonke aba¬mhlope bangapezu ko Ngangelizwe ; ukuba koma Dutywa amadoda anjengo Sigidi anga- pantsi kwabo bonke abamhlope; ukuba u- Tiyo Soga ebengenamntu umhlope alingana naye. Ukuba abo babala o-Milton no Bacon namanye amagama amakulu bangaba bateta ukuti wonke umntu omhlope makanikwe imbeko ka Milton no Bacon bangaba basaya kuyifinca iminyaka emawaka mabini beshu- mayela kakulu, pambi kokuba bamcole ontsu¬ndu oya kubanika imbeko yalomagama. Kukade ndigqalisana nenteto ekutiwa zite- twa ngabantsundu ngokulingana kwabo na- bamhlope, umntu ke ofuna umongo nenyani- so yendawo ebangwa ngabantsundu uya ku. yifumana kulamazwi ndiwenzileyo. Kuka- bini kupela endike ndive omhlope eyipuma ngokusemhlotsheni lendawo yokuba akuko namnye umntu Omhlope ongade alinganiswe nontsundu ; kodwa kukafuti kona ndiqubisa- na nezenzo eziteta elozwi. Ndiqubisane na¬zo ngasese nakwindawo zasekuhleni; ezi- ntlanganisweni zokuxoxa isimo selizwe nezokuxoxa imicimbi yelizwi, nase mitanda- zweni. Kekaloku abantsundu bona bati na- kuba abamhlope befince iminyaka emawaka mabini benobukrestu nokukanya, bako aba- tile kwabantsundu abangatelekiswayo naba- mhlope ngapandle koloyiko. Akuko mata- nda ukuba kubantu abamhlope kuko amaga- ma amakulu; ukuba kuko amadoda enze- imisebenzi engekakangeleki kontsundu, ama- gama ampembelelo ingapezu koko baba aba- nye ingako. Into yona engavunywayo nga- bantu abatsha kukuti imbeko yamagama anjalo ifanele umntu wonke omhlope nge- sizatu sokuba emhlope. Kodwa ke andinge- ni kona engxoxweni yelipike. Ndibe ndifu- na ukubonisa nje kodwa apo ukoyo umongo walo, kuba kuko abawuposileyo ukuwuva baza bawuposa ukuwuxela. Make sidlulele kwenye indawo, eyona idluliseleyo ngokoyikeka ukutetwa le yokuba umsebenzi wabafundisi awubulelwa, ixabiso lawo aliqondwa. Yindawo le ekankanywa ngomsindo nokucapuka, evelisa amazwi eku- lusizi ukutetwa kwawo. Ndingade nditi ingapezulu nakule senditete ngayo, ifanele ukuba niyikangele ngentliziyo ezinyanisileyo. Okwangoku andizi kuyixoxa nayo; ndiza ku- kankanya amabalana atile akuyo. Ukuba bendiza kuyixoxa ndibe ndiza kupendula imibuzo yokuba bungakananina ubunyaniso obukoyo kwesisikalazo nezinye ezifana naso ? Ukuba sivela pina ? Liyintonina kanye izwi elitetwa ngabantu abancinine ? Lilungile alilungile Sinina? Into efanele ukwenziwa yintonina ? Kodwa ke mhlaumbi kuse kuya kwa nela ukuba ndivakalise mhlope ukuba akuyi- yo nene ukuba abantsundu abawubuleli uni- sebenzi wabafundisi, ukuba abalivumi ixabi- so lawo. Akuyiyo nene nokuba kutiwe baba ngoku bangapumelela ngapandle kwabafundi- si; kuba bafuna ukubakaba abafundisi nje- ngokuba umntu ekaba ilela angasenakunyu- kela pezulu ngayo. Kwezinyanga zidluleyo u-Mr. Joseph Moss wase Diamond Fields uke wafu- nda ipepa ilidal' ingxoxo eninzi, lazidala lifanele. Ndaba lusizi ukuba isiqingata salo sokuqala siyayicacisi kakuhle inteto yalo; mandingatsho nokuti ndandingangena kuma- zwi onke awatetayo. Nokoke waba nendawo azivelisayo ekwakufuneka becinge kunene ngazokubabangamalungu olu Manyano. Ngo- kusingcele kwelopepa lika Mr. Moss mande- nze amanqakwana amabini. Elokuqala lelo- kuba abanye abamhlope labanyanzelela pa- mbili ekucingeni ukuba abantsundu abasaba- funi abafundisi; elesibini lelokuba mna andi- mvelanga ukuba utsho u-Mr. Moss. Into endabona yona mna kulo yeyokuba uti na- kubafundisi ingapaulwa nangontsundu umntu into eposisekileyo. Amadoda amada- la akuti abesiti akuva umfundisi esiti, ' Ba- wo wetu ose zulwini,' base belandela nabo besitsho; bebonisa ukuba bona bati umfu¬ndisi yinto yokulandelwa naxa yenza okuse caleni, okuyipazamisayo indlebe yomntu ontsundu. Kwangokunjalo sifumana benga- teti nto xa abafundisi bangena kumicimbi engapazamisi nto; nakumicimbi elunge no- mniniyo yedwa. Kekaloku ipepa lika Mr. Moss libonisa ukuba liko iqelana labantsundu eliti umfundisi angaboniswa naye kwezinye izinto; eliti nomntu ontsundu angakuvakalisa ukutandabuza kwake. Yiyo leyo ke into ete- twa nangabanye abantu abantsundu ; endi- ngati xa ndiyidibanisa namazwi esendiwe- nzile nditi kupela kwayo. Mhlaumbi kuyakufuneka ukuba ndibande- zele kakulu kwelokuba aba bantu batshoyo ababangi bukulu nokuti bayalingana nabo babonisana nabo. Abafundi-mapepa Ama- ngesi bayalazi ukuba lininzi kwenani labahle- li-mapepa nababaleli abakade beteta ngo Beaconsfield no Gladstone. Kodwake ngu- banina owaka wacinga ukuti ezimbitywana zabahleli zingaba zilingana nezo zikulu ziteta ngazo ? Lomsindo nokucapuka ababanako abanye akuvula umlomo umntu ontsundu anditsho ukuti ufanelekile. Anditandabuzi kona ukuba abantsundu bayawubulela umse- benzi abawenzelwayo nokuba abakafuni kwa- hlukana nabafundisi. Andiyitandabuzi ne¬ndawo yokuba liyanda iqela elicinga ukuba umfundisi angaboniswa. Make ndalate nenye into abati abantsundu ayiqondwa. U-Rulumeni uzibalela ukuba usesikundleni senkosi ya Maxosa; ozima- ntyi bati basendaweni yenkosana ; abafundi¬si bati basendaweni yabazali. Kekaloku ku- salungile oko. Kodwa kubonakala ukuba abanye baba inkosi ibisenza ngokutanda kwa¬yo ; ize inkosana zihambise eyazo intando kwezo ziqingata zazo ; aze umzali aqube o- kwake emzini wake. Abanye ke bati njengo- kuba bese sikundleni senkosi nesabazali ma- babe nalomagunya okuquba ukutanda kwabo kungeko ni enokubapazamisa. Abantu ke ababa inkosi nomzali bebengapazanyiswa baya posisa; kunjalonje elogunya labo alivu- nywa bani ongaba akenzi yona indawo yoku- zilungiselela inkonzo. Lento ate u-Captain Blyth no Mr. Levey bapumelela kakuhle ka- ngaka Pesheya kwe Nciba kungokuba benga- ngenanga ekubangeni amandla okuquba uku- tanda kwabo ngapandle kokupazamisa kuka- bani. Eyesitatu into elunge nabantu abatsha na- kuba, ilusizi, kungelula nokuyiqonda, ayina zindawo zitshisayo njengezi zimbini ndise ndizikankanyile. Ikwankulu nayo, kufune- ka ukuba niyicinge niyincipise ngangoko ni- nako. Kangangoko ndiyiqondayo ingatetwa ngoluhlobo—abantu abatsha abantsundu be- ma ngokukolekayo eziklasini ngelixesha abase Lovedale, e-Nxukwebe, e-Rini, nakweminye imizi elolohlobo. E-Lovedale apo bafunda namadodana amhlope bema ngokuncomeka- yo ngokukodwa xa umntu akumbula ukuba abantsundu baqala sebebadala, Abanye be¬ma ngokubukekayo nokuba umntu akayifa- kanga londawo yokusuka kwabo kade. Ke¬kaloku bati bakusishiya isikolo asalele nga- semva ontsundu, ade angamazi nalapo waya watshona kona uwabo lowo. Yiyo londawo ke ebangele ukuba ezinye izihlobo zetu zite- te ngokungati ziyancama ; zize intshaba zi- vuye. Yiyo lendawo ebangele ukuba abafu- ndileyo bafumane igama elibi kangaka, baze babizwe ngamagama okubasinekela. Umbu. zo ke ngowokuba imbangi yintonina, kuya kuncedwa ngantonina ? Imbangi yoku ingenjiwanje ukutetwa. Xa ababafana base sikolweni impembelelo aba- pantsi kwazo zibafikelela ngokupantse kwali- ngana, amabongo abo ayelelene; ziyafana izinto ezibakutazela ukuba bazame—isiqamo sipantse safana—into leyo ebifanele ukupau- Iwa ngapezu koku ipaulwe ngako. Kekaloku akupuma esikolweni lamadodana impembe- lelo akuzo ziyahluka kanye ; amandla okwa- hluka asentlalweni yabantu abadibana na¬bo. Njengokuba lendawo inkulu make ndi- nge ndiyayicacisa. (1) Into yokuqala yeyo¬kuba inkoliso yamadodana aya koma Love¬dale apuma engekakwazi ukuyifunda ngemi- blali incwadi ya Mangesi, nditeta ukuyilesa okungapandle kokulungiselela izifundo ze- klasi. Ati ke asupuma abe akasakubasaqubela pambili ; aze angabi namatuba okudibana nalemizekelo ibongekayo nengcingane ezivu- selelayo ezisezincwadini, ezibangela ukuba umntu azinikele emsebenzini, ade imihlali yake ayifumane koko kuzinikela. Nakuba ndingatsho ukuti imizamo yokafundisa el i- qela ingumsebenzi ocitakeleyo, mandilipume Iona elukuti akusemfanelweni ukubadela aba- ntsundu, ukuba ndamisa ngokuti, abaqubeli pa¬mbili, ngesizatu seliqela lipuma lingekakwa- zi ukuzifundela incwadi. (2) Kweyesibini indawo, bati aba bapuma sebegqitile kwixa- biso lenkwenkwe yesikula bafumane ukuba banedabi elindawo mbini emabalilwe elinga- pandle kokuba umntu wonke emelwe kuza- ma ukuze apile-— kufuneka belwe nezihlobo zabo ezingatandiyo ukuboniswa nto iposise- kileyo entlalweni yazo, baze batwale ukusi- nekelwa ngabamhlope ababahleka ngobumfe- ne, ukuzenza inkosazana elizim. (3) Kwa- ba bantu babarauleyo bambalwa abayimize- kelo yokulandelwa. (4) Enye indawo ne- yona ikwezipambili bambalwa abafumana amakosikazi aseleqonda ukuba impilo yalo mhlaba ayiyingoma yodwa, ayizizo nyembe- zi zodwa; amakosikazi angenweyo nawo yi- ntliziyo yokuqubela pambili engaba iko kwi- ndodana. Asikuko nokuba ndiyenza nkulu lendawo kuba ndiyazi impembelelo yomfazi ; kuba ndisiti abo baqeqesha intombi ngabona bantu singesibabulela ngokudluliseleyo. Ndi-ti sendiwadlulile lamazwi ndaqubisana nale nteto ka Smiles endicela uxolo ngokuyinge- nisa apa. Uti, ' Ngumfazi omisela intlalo yendlu, amandla okuhlala kakuhle kwabantu bonke asesandleni sake. Kokukona ngoko kufuneka ngokudluliseleyo ukuba aqeqeshe- Iwe kuso isidumo sokuzicwangcwisa kakuhle zonke izinto.' Ikaya 'ukuze libe yindawo evuyisayo, impembelelo yalo ibe yelungileyo, ngokukodwa kubantwana, kufuneka lizaliswe ngumoya wokonwaba, nokucokiseka, nota- ndo, nengqondo. Ukuze kube njalo kufune¬ka kuko umfazi olungelelanisayo, okuteleyo, ofundileyo,. Ndingade nditi ukonwaba no- kungonwabi endlwini ngumsebenzi womfazi. Akuko sizwe siyakuza sinyuke ngapandle ko. kuba kulungiswe amakaya aso ; akuko kaya linokulunga ngapandle komfazi. Umfazi ngo¬ko unga angaqeqeshelwa imfanelo zokupila.' ' Elona lungu lendlu lingenamsebeuzi ngape¬zu kwamanye ngumfazi ongakwaziyo ukupata indlu; ngumntu oyinkazana onqenayo.' Kwakule ncwadi ka Smiles u-Joseph Corbett wase Birmingham ubalisa imbali elusizi ya- kokwabo, imbali eyelele kwezininzi zalapa aze ati ukuyipeta kwake :—' Kangangoko ndibonileyo ukufundiswa kwamankazana ukuze apate umsebenzi wendlu, ukuze avelise ukucwayita nokonwaba, kungabangela uku. ba bungabi ngaka ububi namatyala ; angabi ngaka amadoda anxilayo nabantwana aba- ngatobeli bazali. Asikuko nokuba ndikwe- nza kukulu ukufundiswa komtinjana.' Isizatu sokuwangenisa lamazwi, kukuboni- Ba enye yendawo ezibangela ukuba beti abe- bequba ngokutembisayo esikuleni bangabi nampumelelo bakupuma; abonisa ukuba na- kwamanye amazwe abasifumeneyo esi sixa- kaniso sokungafundi kwamankazana abapu- melelanga; ukuba kude kwanjalo nase Ma- ngesini. Ndiwangenisa nang sizatu sokuba lento ikukufunda komtinjana ayikabonelwa nto siti bantsundu, isayekelelwe. Ndiba akuko ungakanyelayo ukuba ukuqeqeshwa komtinjana ontsundu ulungiselelwa impilo yomhlaba akukalinganiswa nokulinganiswa; ngapandle mhlaumbi kwemizi emitatu nokuba mine. Kuzo zonke ezinye indawo awufuma- ni mfundiso iwufaneleyo umtinjana ; lube ke udodana luya kuhambisa njanina ? (5) Ese- sihlanu isizatu salamadodana aduka akupu¬ma esikolweni kukuba intlalo yabantu aba¬ntsundu icasene nokukutala. Asikuko ko- dwa ukuba umntu ehlala nabakutiyileyo ukuhlala usebenza, abangateni kukucita ixe- sha lako nelabo; into engapezulu yile yoku¬ba xa ute wena wanyamezela wasebenza ku- ya kuvuka umkosi wezihlobo (?) ezize kuku. tya ! Aliqela amadodana afike atshona sesi sizatu. Kubako izihlobo ezicinga ukuyicela nokuba yintonina eziyibona kuwe ; ezinye zona seziwashiya namakaya azo zisiza kupila ngawe, kanti azisokuvuma kona ukusebenza. Ndike ndafumana isihlobo esitile sitenga izibane ngepeni ezine ; kodwa singekude no- mzi apo ezozibane zifumaneka ngepeni ezi- mbini kozitabata ngebokisi. Ndimalatise lendleko umhlobo lowo, wavuma naye, waza wandoyisa ngeliti angati eke watenga iboki- si zingungele kuye izihlobo, ati yena esagqi- be sinye zona zibe ubuncinane zigqibe zibini. Kwenye indawo ndabonisa umzalwana otile ukuba iparafini ayitenge ngegubu layo ukuze ibe lula, wavuma naye, waza kupuma kweli- ti kumhla kungaba umzi wonke awukuba sa- wazi umnyango we venkile kude kupele le yake. Ndiqinisekile ukuba aba nditeta nabo namhlanje bangavelisa ubungqina obuninzi bale nyaniso; nokuba baya kundivumela xa nditi 'ukucela,' asiyiyo into elihlazo kuti, into emtobayo umntu ; kuti tina lishishini elihle angangenayo kulo nopakame kangaka- nanina. (6) Kunjalonje inqwitela ezisingise eko- nakaliseni izimilo ezibeta kudodana zivutu- zela ngamandla Abantu abawakanyelayo amandla azo ngabangawaziyo; enditi ba¬nga bangahlala bengawazi. Ezindawo ndizibalileyo anditsho ukuti zi- kukupela kwezinto amelwe kukupumela kuzo umfana ontsundu abe omhlope zingengaka kuye, nokoke ziya kuyanela indawo endikuyo namhlanje. Endinga ndingalongeza leloku- ti, ndite emva kokupengulula ngenyameko, ndipengulula ndinamatuba amaninzi amahle okuyiqonda inyaniso, ndeza kugqiba kwelo- kuba ulutsha Iwakowetu ngabantu bokuve- Iwa ; ndamangaliswa kukuba libe ngaka iqela elipumele ezinqwitela ; ndabona ukuba aba¬fundisi basebenze umsebenzi oyinene. Isiva- nyo sinamandla oqwitela. Esam isimo asi- fananga nesamanye amadodana akowetu; azikolisanga kundifikelela inqwitela zoluhle- bo nditeta lona ; kodwa nditi ndakuyikango- la into abadlule kuyo abanye ndize kweliti akuko sizatu sokuncama. Ewe ekupengulu- leni kwam ndifumene ukuba amadodana amhlope ake aba sesicengeni salentlalo yetu akabanga nakuma onke; nokuba inani lawa- ti asilelelwa alilincinane. Ndinga ke kodwa akungebiko bani oya kucinga ukuba nditetelela abangazenziyo imfanelo zabo. Indoda imelwe kukwenza imfanelo zayo nokuba kupina. Ndibe ndi- cinga kodwa izimo zento ndingateteleli; ndi- funa kanjalo ukwalata eyona nto iyakulungi- swa ukuze kulungelelane. Ukuba lonto yi- ntlalo yasekaya yetu bantu bantsundu. Mhlaumbi abanye boyixoxa lendawo yentla- lo yasekaya. Inemfundiso ezinkulu kumntu oyingena kakuhle. Ezindawo zontatu ndizi- tetileyo mandiziqukumbele ngeliti imfanelo yamalungu alentlanganiso asikuko ukuxox- kodwa nokuba kulunge kangakananina ; kon ko kukuzinikela ngentliziyo emsebenzini opambi kwetu, ukusebenza amax' onke. ka- kuvuma ukuba, ' Umsebenzi awanele kuba yinto esimeleyo, koko yinto engumhlali. ' Ukuba, ' bubona bom bomntu, ongati uyi'- susile usapo luka Adam lube lubulewe.' . Kukuqonda nokwenza ezinyaniso okuya ku- ) gqiba inkani. Inxenye yalenteto iyole kunene yobonakala kwipepa letu elilande- layo. Yona iqala ngokuqwalasela Pakati kwezinto ezininzi ebelifanele ukumbulela ngazo u-Captain Blyth elase Mamfengwini, yinkatalo anayo yo¬kukatalela imicimbi eyelele emfundweni. Wati kamsinyane emva kokubuya kwa¬ke ukubuyela endaweni yake yobu Ma- ntyi Obukulu kwelase Mamfengwini, i- Titshala ezintsundu zalitumela elonene lidumileyo incwadi yovuyo lokuba ebu- yile, lencwadi ke siyifaka ngapantsi apa ke iyependula leyo, ekukuyo ke akuko- kwetu esiyifumanayo intsingiselo yompu- nga wenteto ka Captain Blyth kulamazwi anesidima esingakanana ati, ' Abantu abakulu sebehlalele ukudlula indawo za- boke zibe nentsapo yabo, eyotike ukuba ite yawakatalela amatuba okufumana imfundo ngoku asekoyo, kube kuya ku- yilungela, kodwake ekuyakuti ukuba ba¬te bayinyabela isipelo sabo sibe bububi obungenatemba nanto intle pakati kwa¬bo.' Yiyoleke impendulo njengoko injalo: