Title
eng Imvo Zabantsundu (IMVO_1885-02-02_i031)
Found in Newspaper
Article Type
xho Editorial
SubType of Article
eng News Paper Summary
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-02-02
Identifier
eng IMVO_1885-02-02_i031
Word Count
eng 322
Print Page
eng IMVO_1885-02-02_p002
Page Spread
eng 2.4-2.5
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 4
eng 5
Coder
eng Sipile Nqiyama
ABO bangaba bakukatalele ukuzibekela indlebe zonke inqubeko zezinto zolaulo kwelilizwe bokumbula ngehambo eyaka yatatyatwa ngu Mr. DE WET umpati micimbi yaba Ntsundu, awasinga ngayo Pesheya kwe Nciba, awati ngayo, xa ungaba siteta kanye ngokwamazwi ake ufuna ukufumana eyona ndlela yokulaula. Ekwatike kodwa ngelishwa lingaqondi lona elonene, suka waquba ngendlela yempato ekunamhla esuke yadubula ngeziqamo ezoyikisayo. Wafika e-Batenjini wawumisa ngakumbi umda pakati kwe Cala ne Sidubu we gebu isiqendu esinobom kowase Cala waya kusingenisa kowase Sidutyini. Kwesisiqenduke senjiwenje kwaye kuko inkita yaba Tembu ababengondiyalwa kule igqitileyo yaba Tembu, ekungokoke bebengekati tsaka kanye ukuzitobela izinto njengoko sezimi ngako ngoku, yaye ikuba ingu Mr. LEVEY naye, lento bangati bate cwaka ngexesha abebepantsi kwempato yake, bequba imisebenzi yabo yemihla ngemihla. Kwayeke njengoko kusenjalo nangoku ulubo ingento ibiko oko bebesepantsi kwake. Kususelake ekumisweni ngakumbi kwomda, bakutshelwa caleni limbi; esisiqingata sesasuke saba yindawo yezipitipite nesikungo so kungendawo kwaba melene naso abaquba inkutalo bona. Kungoku imikondo yempahla ebiweyo seyisuke dzu iye kungena ko Mtingwevu no Nququ, ze bati abalandileyo bakufika kona basuke badutywe bahi- liziswe. Ngokuva ngendaba xa besikwelo seva ukuba abobantu xa- suke baxelelwa sekugqitywe kade, ukuba ke nina ngoku senilunge e- Sidutyini, abenzelwanga ntlanganiso yabo nabongameli abangabapati bona abakangelise kubo. Lontoke ngokwayo yesuke yabangela ukuba bemnke nenkolo ezifumana zavuka esitubeni nje, zokokuba bona aba- pantsi kwa mantye banikelwe kwi- nkosi yabo u MATANZIMA, abati uwise izwi lokokuba ziti zonke izi- kolo ziwelele koka Mr. LEVEY. Kwangapambili besesike safumana incwadi ezingayo lento, kodwake noko asayingena, ngokuti make sive ngokuhlutisayo ngapezulu koka ukuze sandule ukuyingena. Kuya- bonakala kona ukuba, ukuba lento yayite ukuziswa kwayo ebantwini yangeniswa nge Mantyi yabo Eyi- nkulu u Major ELLIOT wabacazela ka- kuhle pambi kwe mantyi zabo, nge- yiba ilizwe alingenanga nangentole kulenkatazo yale Ndemon yokuswe- leka kwe ntobeko ilapo, ebangelwe loluhlobo lwalenqubo. Kodwake konke akusenziwanga, nto yona ide yagqita nangapezulu ngobubi—kuba ababantu bankatazo inje bemi kude le nakulomzi wemantyi yabo. Siya- temba ke ukuba u Rulumente wozi- funa. abuye asibuyekeze asikangele isigqibo apange wagqiba ngaso.